14 Umfazi osisilumko ngokwenene, uyayakha indlu yakhe,+
Kodwa osisidenge uyichitha ngezandla zakhe.
2 Ohamba ngendlela elungileyo woyika uYehova,
Kodwa onamaqhinga uyamdelela.
3 Intonga yekratshi isemlonyeni wesidenge,
Kodwa imilebe yezilumko iza kuzikhusela.
4 Apho kungekho zinkomo indawo ezityela kuyo iyacoceka,
Kodwa amandla enkunzi yenkomo enza kubekho isivuno esininzi.
5 Ingqina elithembekileyo alixoki,
Kodwa ingqina lobuxoki lisoloko lixoka.+
6 Umgxeki ubufuna ancame ubulumko,
Kodwa yena umntu oqondayo ulufumana lula ulwazi.+
7 Hlalela kude kumntu osisidenge,
Kuba soze ufumane bulumko emilebeni yakhe.+
8 Ubulumko bomntu bumenza ayiqonde indlela yakhe,
Kodwa izidenge ziqhathwa bubudenge bazo.+
9 Izidenge zihlekisa ngetyala lazo,+
Kodwa wona amalungisa akulungele ukuxolelana.
10 Intliziyo iyabazi ubukrakra bayo,
Ibe akakho omnye umntu onokuva uvuyo lwayo.
11 Indlu yabenzi-bubi iza kutshatyalaliswa,+
Kodwa intente yamalungisa iza kusikeleleka.
12 Kukho indlela ebonakala ilungile emntwini,+
Kodwa sibe isiphelo sayo ikukufa.+
13 Umntu usenokuhleka kodwa ibe intliziyo yakhe ibuhlungu,
Nokuvuya kwakhe kunokuphela sele kuyintlungu.
14 Umntu onentliziyo enamaqhinga uza kuvuna imiphumo yeendlela zakhe,+
Nomntu olungileyo uvuna umvuzo wezinto azenzileyo.+
15 Umntu ongalumkanga ukholelwa yonke into,
Kodwa olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.+
16 Isilumko sihlala sithe qwa size siyiphephe inkathazo,
Kodwa sona isidenge asikhathali ibe sizithembe kakhulu.
17 Okhawuleza abe nomsindo wenza izinto zobudenge,+
Kodwa umntu osebenzisa ingqondo uyacatshukelwa.
18 Abantu abangalumkanga baza kufumana ilifa lobudenge,+
Kodwa bona abanengqondo bathiwa jize ngolwazi.
19 Abenzi-bubi baza kuqubuda phambi kwabalungileyo,
Nabo bakhohlakeleyo baza kuqubuda ezigeyithini zamalungisa.
20 Ihlwempu licatshukelwa kwanangummelwane walo,+
Kodwa sona isityebi sinabahlobo abaninzi.+
21 Umntu odelela ummelwane wakhe uyona,
Kodwa uyavuya omenzela ububele olihlwempu.+
22 Abazukubhadula na abo baceba ukwenza ububi?
Kodwa abo baceba ukwenza okulungileyo, abantu baza kuthembeka kubo baze babathande ngokungagungqiyo.+
23 Kukho umvuzo kulo lonke uhlobo lomsebenzi onzima,
Kodwa umntu othetha angenzi uza kuba lihlwempu.+
24 Izilumko zithiwa jize ngobutyebi;
Kodwa zona izidenge zitya ubudenge bazo.+
25 Ingqina elithetha inyani lisindisa ubomi,
Kodwa eliqhathayo lisoloko lixoka.
26 Umntu omoyikayo uYehova uthembela ngaye ngokupheleleyo,+
Ibe abantwana bakhe baza kukhuseleka.+
27 Ukoyika uYehova kungumthombo wobomi,
Kuyamsindisa umntu kwimigibe yokufa.
28 Abantu abaninzi bamzisela uzuko ukumkani,+
Kodwa umlawuli ongenabantu akanto yanto.
29 Umntu ongakhawuleziyo ukucaphuka usisilumko,+
Kodwa okhawuleza acaphuke udiza ubudenge bakhe.+
30 Intliziyo ezolileyo ibubomi emzimbeni,
Kodwa umona ukukubola emathanjeni.+
31 Umntu oqhatha ihlwempu uthuka uMenzi walo,+
Kodwa lowo uliphatha ngobubele ihlwempu uyamzukisa.+
32 Umenzi-bubi uza kuwiswa zizenzo zakhe,
Kodwa ilungisa liza kukhuselwa kukungasoleki kwalo.+
33 Ubulumko buthe cwaka entliziyweni yomntu oqondayo,+
Kodwa buyazazisa emntwini osisidenge.
34 Ubulungisa buyaluphakamisa uhlanga,+
Kodwa sona isono siyaluhlazisa.
35 Ukumkani uyasithanda isicaka esilumkileyo,+
Kodwa siyamcaphukisa eso senza okuziintloni.+