Mika
6 Khanimamele into ayithethayo uYehova.
Phakamani, mangalani ezintabeni,
Iinduli mazilive ilizwi lenu.+
2 Mamelani nina zintaba, isimangalo sikaYehova,
Nina ziseko zomhlaba eziluqilima;+
Kuba uYehova umangalelene nabantu bakhe,
Uza kuxoxa emangalela uSirayeli:+
3 “Yintoni le ndinenze yona bantu bam?
Ndinidike ngantoni?+
Ndityholeni.
4 Kuba ndanikhupha kwilizwe laseYiputa,+
Ndanikhulula endlini yobukhoboka;+
Ndathumela uMoses, uAron noMiriyam ukuba banikhokele.+
5 Ndiyanicela bantu bam, khumbulani into eyacetyiswa nguKumkani uBhalaki wakwaMowabhi,+
Nendlela uBhileham unyana kaBhehore awamphendula ngayo,+
Into eyenzeka eShitim+ ukuyokutsho eGiligali,+
Ukuze nizazi izenzo zikaYehova zobulungisa.”
6 Ndiza kuya ndiphethe ntoni phambi koYehova?
Ndiza kuqubuda ndiphethe ntoni phambi koThixo ophezulu?
Ngaba ndiza kuya ndiphethe iminikelo etshiswayo,
Amathole anonyaka ezelwe?+
Ngaba ndiza kunikela ngonyana wam olizibulo ngenxa yokungathobeli kwam,
Ndinikele ngesiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono sam?+
8 Ukuxelele, mntundini, okulungileyo.
Yintoni ke uYehova ayifunayo kuwe?
9 Ilizwi likaYehova liyakhwaza esixekweni;
Izilumko ziza kuloyika igama lakho.
Yiveni intonga nalowo uyimiseleyo.+
10 Ngaba kusekho ubutyebi obufunyenwe ngokwenza izinto ezimbi endlini yomenzi-bubi,
Nomlinganiselo we-efa* ongaphelelanga nowenyanyekayo?
12 Kuba izityebi zaso zithanda ubundlobongela,
Nabemi baso bathetha ubuxoki;+
Ulwimi lwabo luyaqhatha emlonyeni wabo.+
Izinto enizama ukuzibalekisa, azizukukhuseleka,
Nezinto enikwazileyo ukuzibalekisa, ndiza kuvumela iintshaba zizitshabalalise.
15 Niza kutyala imbewu, kodwa anizukuvuna.
Niza kuxovula iminquma, kodwa anizukuyisebenzisa ioli.
Niza kwenza newayini entsha, kodwa anizukuyisela.+