KwabaseGalati
5 UKristu wasikhulula ukuze sibe naloo nkululeko. Ngoko ke yimani ningagungqi,+ ningazivumeli ukuba niphinde ningene phantsi kwedyokhwe yobukhoboka.+
2 Mna Pawulos ndithi kuni, ukuba niyoluka, uza kube akanincedanga nganto uKristu.+ 3 Kwakhona ndikhumbuza wonke umntu owolukayo ukuba, kuza kufuneka awuthobele wonke uMthetho.+ 4 Nina nizama ukuba ngamalungisa ngokuthobela umthetho,+ nimshiyile uKristu, nabushiya nobubele bakhe. 5 Ngenxa yomoya oyingcwele nangenxa yokholo lwethu, silindele ukuba ngamalungisa. 6 Xa simanyene noKristu, ukoluka nokungoluki akubalulekanga,+ kodwa into ebalulekileyo kukuba nokholo, uqhutywa luthando.
7 Benibaleka kakuhle.+ Ngubani ke ngoku onenze nayeka ukuthobela inyaniso? 8 Olo hlobo lwemfundiso alusuki kulowo unibizayo. 9 Igwele elincinci liyibilisa yonke intlama.+ 10 Ndiqinisekile ukuba nina nimanyene neNkosi,+ anizukucinga ngenye indlela, kodwa nabani na onisokolisayo+ uza kufumana isohlwayo esimfaneleyo. 11 Bazalwana, ukuba ndisashumayela ukuba abantu boluke, kutheni ke ndisatshutshiswa? Ukuba bekunjalo, isibonda sokungcungcutheka*+ besiza kuyeka ukuba sisikhubekiso. 12 Akwaba la madoda azama ukunisokolisa, ebenokuzithena.*
13 Bazalwana nabizelwa kwinkululeko, kodwa sanukuyithatha njengethuba lokwenza izinto ezifunwa yimizimba yenu enesono,+ kodwa omnye makabe likhoboka lomnye kuba nithandana.+ 14 Kuba uMthetho xa uwonke uzalisekiswa* ngomyalelo omnye othi: “Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”+ 15 Kodwa ukuba niyagrenyana, niqwengane,+ lumkani ningenzakalisani.+
16 Ndithi kuni, Qhubekani nikhokelwa ngumoya kaThixo,+ ibe anizukuzenza izinto ezifunwa yimizimba yenu enesono.+ 17 Kuba izinto ezifunwa ngumzimba onesono zilwisana nomoya kaThixo, yaye umoya kaThixo ulwisana nomzimba onesono; kuba ezi zinto azidibani, ukuze ningazenzi izinto enifuna ukuzenza.+ 18 Ngaphezu koko, ukuba nikhokelwa ngumoya kaThixo, anikho phantsi komthetho.
19 Izinto ezenziwa ngumzimba onesono zibonakala kakuhle. Kukuziphatha kakubi ngesondo,*+ ukungcola, ukuziphatha ngokungenazintloni,*+ 20 ukukhonza izithixo, ukusebenzelana nemimoya,+ ubutshaba, iingxabano, ikhwele, ukugqajukelwa ngumsindo, ukungavani, ukwahlukanisa abantu, ukulandela abantu, 21 umona, ukunxila,+ iipati ezingalawulekiyo nezinto ezinjengezi.+ Ndiyanilumkisa ngezi zinto, njengokuba ndandinilumkisile ukuba abantu abazenzayo, abazukubufumana uBukumkani BukaThixo.+
22 Kwelinye icala isiqhamo somoya luthando, uvuyo, uxolo, umonde, ububele, ukulunga,+ ukholo, 23 ukululama* nokukwazi ukuzibamba.*+ Akukho mthetho othi mazingenziwa ezi zinto. 24 Abo ke bangabakaKristu Yesu bazibulele* iinkanuko neminqweno yemizimba yabo enesono.+
25 Ukuba sikhokelwa ngumoya kaThixo, masiqhubeke sikufuna ukukhokelwa nguwo.+ 26 Masingaziphakamisi,+ singakhuphisani nabanye abantu,+ singamonelani.