15 Impendulo ezolileyo iphelisa umsindo,+
Kodwa ilizwi elirhabaxa liyawunyusa.+
2 Ulwimi lwezilumko lulusebenzisa kakuhle ulwazi,+
Kodwa umlomo wezidenge umpompoza ubuyatha.
3 Amehlo kaYehova akuyo yonke indawo,
Ajonge abenzi-bubi nabalungileyo.+
4 Ukuzola kolwimi ngumthi wobomi,+
Kodwa amazwi agqwethiweyo ayakhathaza.
5 Isidenge asiyihloniphi ingqeqesho katata waso,+
Kodwa isilumko siyavuma xa silungiswa.+
6 Endlini yelungisa kukho ubutyebi obuninzi,
Kodwa imveliso yomenzi-bubi imzisela iingxaki.+
7 Imilebe yezilumko isasaza ulwazi,+
Kodwa intliziyo yesidenge ayiyenzi loo nto.+
8 Umbingelelo wabenzi-bubi uyenyanyeka kuYehova,+
Kodwa uyawuthanda umthandazo wamalungisa.+
9 UYehova uyayicaphukela indlela yomenzi-bubi,+
Kodwa uyamthanda lowo ufuna ubulungisa.+
10 Ingqeqesho ibonakala imbi kumntu oshiya indlela elungileyo,+
Kodwa nabani na osicaphukelayo isohlwayo uza kufa.+
11 UYehova ulibona kakuhle ingcwaba nendawo yentshabalalo.+
Kukangakanani ke ngeentliziyo zabantu!+
12 Umntu osileyo akamthandi umntu omlungisayo.+
Akazukufuna cebiso kwizilumko.+
13 Intliziyo evuyayo imenza adlamke umntu,
Kodwa intliziyo ebuhlungu iyamdimaza.+
14 Intliziyo enokuqonda ifuna ulwazi,+
Kodwa umlomo wezidenge waneliswa bubuphukuphuku.+
15 Yonke imihla yomntu osentlungwini mibi,+
Kodwa onentliziyo evuyayo uhlala enetheko.+
16 Kubhetele ukuba nezinto ezimbalwa usoyika uYehova+
Kunokuba sisinhanha esinamaxhala.+
17 Kubhetele ukutya imifuno apho kukho uthando+
Kunokutya inkomo etyetyisiweyo apho kukho inzondo.+
18 Umntu okhawulezayo ukuba nomsindo uvusa ingxabano,+
Kodwa ongakhawuleziyo ukucaphuka uyayiphelisa.+
19 Indlela yevila injengothango lwameva,+
Kodwa eyamalungisa injengohola wendlela othe tyaba.+
20 Unyana osisilumko uyamvuyisa utata wakhe,+
Kodwa umntu osisidenge uyamdelela umama wakhe.+
21 Ubudenge buyamvuyisa umntu ongayisebenzisiyo ingqondo,+
Kodwa umntu ocingayo uya ngqo phambili.+
22 Amacebo aphelela emoyeni xa kungacetyiswana,
Kodwa ininzi into ephunyezwayo xa bebaninzi abacebisi.+
23 Umntu uyavuya xa ephendule kakuhle,+
Ibe alisemnandi nje ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!+
24 Umntu osebenzisa ingqondo unyuka kwindlela esa ebomini,+
Emenza akuphephe ukwehlela engcwabeni.+
25 UYehova uza kuyichitha indlu yabanekratshi,+
Kodwa uza kuwukhusela umda womhlolokazi.+
26 UYehova uyawenyanya amaqhinga omenzi-bubi,+
Kodwa amazwi amnandi asulungekile kuye.+
27 Owenza ingeniso ngamaqhinga uyizisela iingxaki indlu yakhe,+
Kodwa okucaphukelayo ukunyotywa uza kuqhubeka ephila.+
28 Intliziyo yelungisa iyacingisisa ngaphambi kokuba iphendule,+
Kodwa umlomo wabenzi-bubi ukhupha izinto ezimbi.
29 UYehova ukude lee kubenzi-bubi,
Kodwa uyawuva umthandazo wamalungisa.+
30 Amehlo aqaqambileyo avuyisa intliziyo;
Ingxelo entle iyawahlaziya amathambo.+
31 Umntu osamkelayo isohlwayo esinika ubomi
Uhlala phakathi kwezilumko.+
32 Nabani na ongayifuniyo ingqeqesho uyabucaphukela ubomi bakhe,+
Kodwa osamkelayo isohlwayo ufumana ubulumko.+
33 Ukoyika uYehova kufundisa ubulumko,+
Ibe ngaphambi kozuko kukho ukuthobeka.+