Numeri
14 Emva koko ibandla lonke lenza isijwili, abantu bakhala ubusuku bonke.+ 2 Onke amaSirayeli akhalaza, egxeka uMoses noAron,+ esithi: “Akwaba sasifele eYiputa, okanye sivele sifele kule ntlango! 3 Kutheni uYehova esizise kweli lizwe ukuze sibulawe ngekrele?+ Abafazi nabantwana bethu baza koxuthwa.+ Akungconwanga sibuyele eYiputa ke?”+ 4 Axelelana le nto: “Masizikhetheleni umntu oza kusikhokela, sibuyeleni eYiputa!”+
5 Athi akutsho, uMoses noAron baqubuda emhlabeni, lonke ibandla lamaSirayeli libukele. 6 UYoshuwa+ unyana kaNun noKalebhi+ unyana kaYefune, ababeyokuhlola ilizwe, bazikrazula iimpahla zabo, 7 baza bathi kulo lonke ibandla lamaSirayeli: “Ilizwe ebesiye kulihlola, lilizwe elihle kakhulu.+ 8 Ukuba uYehova uyakholwa sithi, nakanjani uza kusisa kwela lizwe ligcwele ubisi nobusi, asinike lona.+ 9 Kufuneka nje ningamjikeli uYehova, yaye sanukuboyika abantu bela lizwe+ kuba siza kubathi nqwam nqwam.* Akukho nto ibakhuselayo ibe uYehova ukunye nathi,+ sanukuboyika.”
10 Kodwa ke, lonke ibandla lalizimisele ukubabetha ngamatye.+ Kwasuka kwabonakala uzuko lukaYehova ententeni yokuhlangana, lwabonwa ngabo bonke abantu bakwaSirayeli.+
11 Emva koko uYehova wathi kuMoses: “Kuza kude kube nini aba bantu bendidelela?+ Kuza kude kube nini bengakholwa kum nangona ndibenzela imimangaliso* emininzi kangaka?+ 12 Ngoku ndicinga ukubabetha ngesifo esingubhubhani, ndibatshabalalise, ndize wena ndikwenze uhlanga olukhulu nolunamandla kunabo.”+
13 Kodwa uMoses wathi kuYehova: “Laa maYiputa owabakhupha kuwo abantu bakho ngamandla akho, aza kuyiva loo nto,+ 14 aze athethe ngayo nabemi beli lizwe. Nabo sebevile ukuba uphakathi kwamaSirayeli+ yaye aye akubona wena Yehova ngamehlo awo.+ UnguYehova, ilifu lakho liphezu kwawo, kwaye emini uwakhokela uselifini, uze ebusuku uwakhokele usemlilweni.+ 15 Ukuba ubabulala bonke aba bantu, nakanjani iintlanga eziluvileyo udumo lwakho ziza kuthi: 16 ‘UYehova uye wohluleka ukubangenisa kwilizwe ebebafungele ukuba uza kubanika lona, yiyo loo nto ebabulalele entlango.’+ 17 Ndiyakucela Yehova, wenze acace ukuba makhulu amandla akho njengokuba wathembisayo xa wathi: 18 ‘UYehova ongakhawuleziyo ukucaphuka, ophuphuma luthando olungagungqiyo,+ oxolela isono nesiphoso, kodwa ongasoze angamohlwayi umntu owonileyo. Wohlwaya oonyana ngenxa yesono sootata babo, wohlwaya nesizukulwana sesithathu nesesine.’+ 19 Ndiyakucela ubaxolele aba bantu kuba unothando olungagungqiyo, njengokuba ubusoloko ubaxolela ukususela eYiputa kude kube ngoku.”+
20 Emva koko uYehova wathi: “Xa usitsho ke, ndiyabaxolela.+ 21 Kodwa ke ndiphila nje, wonke umhlaba uza kugcwaliswa luzuko lukaYehova.+ 22 Kodwa bonke abantu abalubonayo uzuko lwam nemimangaliso*+ endayenza eYiputa nasentlango, sekunjalo baqhubeka bendidelela+ kwada kwakalishumi, bengalimameli ilizwi lam,+ 23 soze balibone ilizwe endalifungela ootata babo. Nangoku, akukho nomnye kwabo bandidelelayo oza kulibona.+ 24 Kodwa ngenxa yokuba uKalebhi+ isicaka sam eye wohluka kwabanye waza waqhubeka endilandela ngentliziyo yakhe yonke, nakanjani na ndiza kumsa kwilizwe ebeyokulihlola, ize inzala yakhe ihlale kulo.+ 25 Ngenxa yokuba ama-Amaleki namaKanan+ ehlala entlanjeni,* ngomso phindelani entlango nihambe ngendlela egqitha kuLwandle Olubomvu.”+
26 Emva koko uYehova wathi kuMoses noAron: 27 “Kuza kude kube nini eli bandla labenzi bubi lindikhalazela?+ Ndiyivile indlela amaSirayeli andikhalazela ngayo.+ 28 Uze uthi kuwo, ‘uYehova uthi: “Ndiphila nje, yonke laa nto beniyithetha, ndiza kuyenza!+ 29 Niza kufela kule ntlango.+ Wonke umntu owabhaliswayo eneminyaka eyi-20 ukuya phezulu, uza kufela kule ntlango, nonke nina baye bandikhalazela.+ 30 Akukho nomnye kuni oza kungena kwilizwe endafungayo ukuba niza kuhlala kulo,+ ngaphandle kukaKalebhi unyana kaYefune noYoshuwa unyana kaNun.+
31 “‘“Abantwana benu ebenisithi baza kuxuthwa,+ ngabo abaza kungena, balazi ilizwe eniye analifuna.+ 32 Kodwa nina niza kufela kule ntlango. 33 Oonyana benu baza kuba ngabelusi entlango iminyaka eyi-40,+ yaye baza kuva ubunzima ngenxa yokungathembeki kwenu, nide nife nonke.+ 34 Ekubeni ilizwe nalihlola ngeentsuku eziyi-40,+ usuku luza kumela unyaka, usuku lumele unyaka. Ngoko leyo yiminyaka eniza kuva ngayo ubunzima ngenxa yezono zenu, iminyaka eyi-40,+ nitsho nazi ukuba kwenzeka ntoni kumntu olwa nam.*
35 “‘“Mna Yehova ndikuthethile oku. Nantsi into endiza kuyenza kweli bandla labenzi-bubi abaye baqokelelana, bendikhalazela. Baza kuphelela kule ntlango, bafele kuyo.+ 36 Amadoda awayethunywe nguMoses ukuba ayokuhlola ilizwe, aza abuya abangela lonke ibandla ukuba limkhalazele ngenxa yezinto ezimbi awazithethayo ngelo lizwe,+ 37 loo madoda athetha izinto ezimbi ngelo lizwe, uYehova uza kuwabulala ngesibetho.+ 38 Kodwa uYoshuwa unyana kaNun noKalebhi unyana kaYefune, ababehamba nabo babeyokuhlola ilizwe, bona abazukufa.”’”+
39 Uthe uMoses akuthetha la mazwi kuwo onke amaSirayeli, abantu benza isijwili esikhulu. 40 Ngaphezu koko, bavuka ekuseni bazama ukunyuka intaba besithi: “Sonile, kodwa ke ngoku sikulungele ukunyuka siye kulaa ndawo uYehova wayethethe ngayo.”+ 41 Kodwa uMoses wathi: “Kutheni nigqitha ngapha kwento uYehova ayithethileyo? Ayizukuphumelela le nto niyenzayo. 42 Sanukunyuka kuba uYehova akahambi nani; yaye niza koyiswa ziintshaba zenu.+ 43 Ama-Amaleki namaKanan anilindile,+ aza kunibulala ngekrele. UYehova akazukuba kunye nani, kuba niye nayeka ukumlandela uYehova.”+
44 Sekunjalo, benyuka ngenkani+ kodwa ke ityeya yesivumelwano kaYehova ayizange imke enkampini, noMoses akazange emke.+ 45 Ngoko ama-Amaleki namaKanan awayehlala kuloo ntaba, ehla, abaxabela bathi saa bada bayokufika eHorma.+