Kubalisa uMarko
7 AbaFarisi nabanye bababhali ababevela eYerusalem, baqokelelana beza kuYesu.+ 2 Yaye babona abanye babafundi bakhe besitya ngezandla ezingacocekanga,* oko kukuthi, ezingahlanjwanga. 3 (Kaloku abaFarisi nawo onke amaYuda abatyi bengazihlambanga ukuya kutsho engqinibeni izandla, ngokwesithethe sookhokho, 4 ibe xa bevela kwindawo ekuthengiswa kuyo, abatyi bengahlambanga. Kukho nezinye izithethe ezininzi abaye babambelela kuzo, ezinjengokuzifaka zitshone emanzini* iindebe, imiphanda nezitya zekopolo.)+ 5 Ngoko aba baFarisi nababhali bambuza uYesu bathi: “Kutheni abafundi bakho bengasigcini isithethe sookhokho bethu, kodwa besitya ngezandla ezingahlanjwanga?”+ 6 Wathi kubo: “UIsaya wayenyanisile xa waprofeta ngani bahanahanisindini,* njengokuba kubhaliwe kwathiwa, ‘Aba bantu bandihlonipha nje ngomlomo, kodwa iintliziyo zabo zikude lee kum.+ 7 Bandikhonzela ilize, kuba bafundisa imithetho yabantu, beyenza ngathi yimithetho kaThixo.’+ 8 Niwushiyile umthetho kaThixo, nabambelela kwisithethe sabantu.”+
9 Waphinda wathi kubo: “Niwubekela ecaleni ngobuchule umthetho kaThixo ukuze nigcine isithethe senu.+ 10 Ngokomzekelo, uMoses wathi, ‘Mhloniphe utata wakho nomama wakho,’+ waphinda wathi, ‘Nabani na othuka utata wakhe okanye umama wakhe makabulawe.’+ 11 Kodwa nina nithi, ‘Ukuba umntu uthi kutata wakhe okanye kumama wakhe: “Nantoni na endinayo ebinokukunceda iyikorbhane (oko kukuthi, isipho esinikelwe kuThixo),”’ 12 anibi samvumela amenzele nantoni na utata wakhe okanye umama wakhe.+ 13 Nilenze layinto engenamsebenzi ilizwi likaThixo ngenxa yezithethe zenu enizifundisayo.+ Ibe zininzi izinto ezinjengale enizenzayo.”+ 14 Ngoko waphinda wababiza aba bantu, wathi kubo: “Nonke mamelani nize nicacelwe yile nto:+ 15 Akukho nto esuka ngaphandle engena emntwini enokumngcolisa; kodwa umntu ungcoliswa zizinto eziphuma emlonyeni wakhe.”+ 16 *——
17 Emva kokuba uYesu emkile ebantwini waza wangena endlini, abafundi bakhe bambuza ngalo mzekelo.+ 18 Wathi kubo: “Kanti nani anikacacelwa? Anazi na ukuba akukho nto esuka ngaphandle engena emntwini enokumngcolisa, 19 ekubeni ingangeni entliziyweni yakhe, kodwa ingena emathunjini akhe ize iphume?” Emva koko wathi konke ukutya kucocekile. 20 Waphinda wathi: “Umntu ungcoliswa yinto ephuma entliziyweni yakhe.+ 21 Kaloku entliziyweni yomntu+ kuphuma iingcinga ezimbi, ukuziphatha kakubi ngesondo,* ubusela, ukubulala, 22 ukukrexeza,* ukunyoluka, izenzo ezimbi, ukuqhatha, ukuziphatha ngokungenazintloni,* umona,* ukunyelisa, ikratshi nobudenge. 23 Zonke ezi zinto zimbi ziphuma entliziyweni yomntu, ibe zizo ezimngcolisayo.”
24 UYesu wemka apho, waya kummandla waseTire naseSidon.+ Apho wafika wangena endlini, engafuni ukwaziwa ukuba ulapho, kodwa abantu bamazi ukuba ulapho. 25 Ngoko nangoko umfazi owayenentombi encinci eyayinedemon weva ngaye, waya kuye, wafika waqubuda ezinyaweni zakhe.+ 26 Lo mfazi wayengumGrike, wesizwe samaSirofenike;* ibe wayemcenga ukuba ayikhuphe loo demon entombini yakhe. 27 Kodwa wathi kuye: “Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala, kuba akulunganga ukuthatha isonka sabantwana, usiphose ezinjaneni.”+ 28 Kodwa wamphendula wathi: “Kunjalo mhlekazi, kodwa ke neenjana eziphantsi kwetafile zitya iimvuthuluka zabantwana abancinci.” 29 Ngoko uYesu wathi kuye: “Ngenxa yale nto uyithethileyo, hamba; idemon iphumile entombini yakho.”+ 30 Wagoduka, wafika umntwana elele ebhedini, idemon iphumile kuye.+
31 UYesu wemka kummandla waseTire, wadlula eSidon waya kuLwandle LwaseGalili, enqumla kummandla waseDekapoli.*+ 32 Bamzisela umntu ongevayo nothintithayo,+ baza bamcenga ukuba ambeke isandla. 33 Wamsusa ebantwini, wafaka iminwe yakhe ezindlebeni zakhe, watshica, waza emva koko wachukumisa ulwimi lwakhe.+ 34 Wajonga ezulwini, wancwina ngamandla waza wathi kuye: “Efatha,” oko kukuthi, “Vuleka.” 35 Zavuleka iindlebe zakhe,+ lwakhululeka nolwimi lwakhe, waza wathetha ngendlela eqhelekileyo. 36 Ngoko wabayala abantu ukuba bangaxeleli mntu,+ kodwa okukhona wayebayala, kokukhona babethetha.+ 37 Babemangaliswe kakhulu abantu,+ besithi: “Yonke imisebenzi yakhe mihle. Wenza kwanabantu abangevayo beve, nabangathethiyo bathethe.”+