Kubalisa uLuka
17 UYesu wathi kubafundi bakhe: “Ziza kuhlala zikho izinto ezenza abantu bone. Kodwa uza kuthi shu umntu obangela ukuba bone! 2 Ngekubhetele ukuba ebebotshelelwe ilitye elikhulu lokuguba entanyeni waza watshoniswa enzulwini yolwandle, kunokuba enze omnye waba bancinci aphelelwe lukholo.+ 3 Lumkani. Ukuba umzalwana wakho uyona, mlumkise+ yaye ukuba uyaguquka, mxolele.+ 4 Nokuba ukona kasixhenxe ngemini aze azokucela uxolo kasixhenxe, esithi, ‘Ndixolele,’ umele umxolele.”+
5 Abapostile bathi kwiNkosi: “Sincede sibe nokholo olungaphezu kolu sinalo.”+ 6 INkosi yathi: “Ukuba nje ninokholo olulingana nokhozo lwemostade, ninokuthi kulo mthi wamaqunube, ‘Ncothuka uyokutyaleka elwandle!’ ibe ubuza kunithobela.+
7 “Ngubani kuni onokuthi xa ikhoboka lakhe libuya ekwaluseni okanye emasimini athi kulo, ‘Khawuleza uhlale phantsi uzokutya’? 8 Ayinakwenzeka loo nto, kodwa angathi, ‘Nxiba ifaskoti uze undenzele ukutya, ndihoye de ndigqibe ukutya nokusela, wakugqiba nawe ungatya usele.’ 9 Akazukulincoma elo khoboka, kuba lenze into ebelimele ukuba liyenzile kakade, andithi? 10 Nani ke, xa nenze yonke into ebenimele ukuba niyenzile, yithini: ‘Singamakhoboka nje thina. Senze umsebenzi ebesimele ukuba siwenzile kakade.’”+
11 UYesu wayehamba esiya eYerusalem, edlula phakathi kweSamariya neGalili. 12 Wathi xa engena kwenye ilali, wadibana namadoda alishumi awayenesifo seqhenqa, kodwa amela kude kuye.+ 13 La madoda akhwaza athi: “Yesu, Mfundisi, senzele inceba!” 14 Uthe akuwabona, wathi kuwo: “Hambani niye kubabingeleli.”+ Athi esesendleleni, aphiliswa.+ 15 Yathi enye yawo yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya, ikhwaza izukisa uThixo. 16 Yawa ngobuso ezinyaweni zikaYesu, imbulela. Le ndoda yayingumSamariya.+ 17 UYesu wathi: “Andithi kuphiliswe abalishumi? Baphi ke abanye abasithoba? 18 Yile ndoda yolunye uhlanga kuphela na eye yabuya izokuzukisa uThixo?” 19 Waza wathi kuyo: “Phakama uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”+
20 AbaFarisi bambuza ukuba buza kufika nini uBukumkani bukaThixo.+ Wabaphendula wathi: “UBukumkani bukaThixo abuzukuza ngendlela ebonakala kumntu wonke; 21 nabantu abazukuthi, ‘Nabu apha!’ okanye, ‘Nabuya phaya!’ Kuba, Jongani! uBukumkani bukaThixo buphakathi kwenu.”+
22 Emva koko wathi kubafundi bakhe: “Kuza imihla eniza kunqwenela ngayo ukuba uNyana womntu ebephakathi kwenu, kodwa abe engekho. 23 Nabantu baza kuthi kuni, ‘Nanku apha!’ okanye, ‘Nankuya phaya!’ Ze ningaleqeki emva kwabo.+ 24 Kuba kanye njengokuba umbane ulenyeza usuka kwelinye icala usiya kwelinye esibhakabhakeni, buza kuba njalo nobukho+ boNyana womntu.+ 25 Kodwa umele kuqala eve iintlungu aze ajikelwe sesi sizukulwana.+ 26 Ngapha koko, ubukho* boNyana womntu+ buza kuba njengemihla kaNowa:+ 27 abantu babesitya, besela, amadoda etshata nabafazi betshatiswa, de kwaba yimini awangena ngayo uNowa emkhombeni,+ wafika uMkhukula, wabatshabalalisa bonke.+ 28 Kwakunjalo nangemihla kaLote:+ abantu babesitya, besela, bethenga, bethengisa, betyala, besakha. 29 Kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwanetha umlilo nesalfure uvela ezulwini waza wabatshabalalisa bonke.+ 30 Kuza kuba njalo nangemini abonakala ngayo uNyana womntu.+
31 “Ngaloo mini, umntu ophezu kwendlu onezinto ezisendlini, makangehli ayokuzithatha, nomntu osemasimini makangabi sabuyela kwizinto azishiye ngasemva. 32 Khumbulani umfazi kaLote.+ 33 Nabani na ofuna ukusindisa ubomi bakhe uza kulahlekelwa bubo, kodwa lowo ulahlekelwa bubo uza kuphinda abufumane.+ 34 Ndithi kuni, ngobo busuku abantu ababini baza kube belele kunye; omnye athathwe kodwa omnye ashiywe.+ 35 Kuza kube kukho abafazi ababini beguba kunye; omnye athathwe kodwa omnye ashiywe.” 36 *—— 37 Ngoko bathi: “Ziza kwenzeka phi ezi zinto Nkosi?” Wathi kubo: “Apho kukho isidumbu, ziya kudibana apho iinkozi.”*+