Nehemiya
10 Naba ke abantu ababa ngamangqina ngokubeka izitampu zabo kwesi sivumelwano:+
NguNehemiya umlawuli,* unyana kaHakaliya,
NoZedekiya, 2 uSeraya, uAzariya, uYeremiya, 3 uPashure, uAmariya, uMalekiya, 4 uHatushe, uShebhaniya, uMaluke, 5 uHarim,+ uMeremoti, uObhadiya, 6 uDaniyeli,+ uGineton, uBharuki, 7 uMeshulam, uAbhiya, uMiyamin, 8 uMahaziya, uBhilegayi noShemaya; ngababingeleli ke abo.
9 AbaLevi: NguYeshuwa unyana ka-Azaniya, uBhinuwi woonyana bakaHenadadi, uKademiyeli,+ 10 nabantakwabo uShebhaniya, uHodiya, uKelita, uPelaya, uHanan, 11 uMikha, uRehobhi, uHashabhiya, 12 uZakure, uSherebhiya,+ uShebhaniya, 13 uHodiya, uBhani noBheninu.
14 Iinkokheli zabantu: NguParoshe, uPahati-mowabhi,+ uElam, uZatu, uBhani, 15 uBhuni, uAzegadi, uBhebhayi, 16 uAdoniya, uBhigevayi, uAdin, 17 uAtere, uHezekiya, uAzure, 18 uHodiya, uHashum, uBhetsayi, 19 uHarifi, uAnatoti, uNebhayi, 20 uMagepiyashe, uMeshulam, uHezire, 21 uMeshezabheli, uTsadoki, uYaduwa, 22 uPelatiya, uHanan, uAnaya, 23 uHosheya, uHananiya, uHashubhi, 24 uHaloheshe, uPileha, uShobheki, 25 uRehum, uHashabhena, uMahaseya, 26 uAhiya, uHanan, uAnan, 27 uMaluke, uHarim noBhahana.
28 Bonke abanye ababingeleli, abaLevi, oonogada basegeyithini, iimvumi, abasebenzi basetempileni* nabo bonke abantu ababezishiyile izizwana zamazwe abo ukuze balandele uMthetho woThixo wokwenene,+ bekunye nabafazi babo, oonyana babo neentombi zabo, bonke abo babesele beqabukile, 29 bafunga kunye nabantakwabo, amadoda adumileyo, besithi mabaqalekiswe ukuba abawulandelanga uMthetho woThixo wokwenene, owadluliselwa ngoMoses umkhonzi kaThixo wokwenene, befunga nokuba baza kuyithobela yonke imiyalelo kaYehova iNkosi yethu, izigwebo nemithetho yakhe. 30 Soze sinikise ngeentombi zethu kwizizwana zeli lizwe, singasoze sithathele noonyana bethu iintombi zazo.+
31 Ukuba izizwana zisithengisela impahla nalo lonke uhlobo lokutya ngomhla weSabatha, asizukuthenga kuzo ngeSabatha+ okanye ngemini engcwele.+ Asizukulima ngonyaka wesixhenxe,+ ibe siza kuwacima onke amatyala.+
32 Sazibophelela ukuba ngamnye wethu uza kunikela ngesithathu seshekele* nyaka ngamnye kumsebenzi owenziwa kwindlu* yoThixo wethu,+ 33 ukuze kwenziwe isonka esibekwa etafileni,+ umnikelo wokutya,+ umnikelo otshiswayo owenziwa qho ngeSabatha+ nasekuthwaseni kwenyanga,+ amatheko amiselweyo,+ izinto ezingcwele, iminikelo yesono+ yokuhlawulela uSirayeli nawo wonke umsebenzi wendlu yoThixo wethu.
34 Senza namaqashiso okumisela amaxesha izindlu zababingeleli, ezabaLevi nezabantu ezimele zizise ngawo iinkuni kwindlu yoThixo wethu qho ngonyaka, ukuze kwenziwe imibingelelo kwisibingelelo sikaYehova uThixo wethu, njengokuba kubhaliwe eMthethweni.+ 35 Siza kuzisa isivuno sokuqala neziqhamo zokuqala zalo lonke uhlobo lomthi kwindlu kaYehova, unyaka nonyaka,+ 36 sizise namazibulo oonyana bethu nawemfuyo yethu,+ namazibulo eenkomo, iigusha neebhokwe, njengokuba kubhaliwe eMthethweni. Siza kuwazisa endlini yoThixo wethu, kubabingeleli abasebenza endlini yoThixo wethu.+ 37 Siza kuzisa nomgrayo wokuqala,+ iminikelo yethu, isiqhamo salo lonke uhlobo lomthi,+ iwayini entsha namafutha,+ sizinike ababingeleli, bazise koovimba bendlu* yoThixo wethu,+ sinikele nangesishumi somhlaba wethu kubaLevi,+ kuba ngabo abaqokelela izishumi zesivuno kuzo zonke izixeko esilima kuzo.
38 Umbingeleli, unyana ka-Aron, umele abekho xa abaLevi benikwa izishumi; ibe abaLevi bafanele banikele ngesishumi sezo zishumi endlini yoThixo wethu,+ kumagumbi oovimba.* 39 Kaloku amaSirayeli noonyana babaLevi bamele bayizise koovimba* iminikelo yabo+ yokutya, eyewayini entsha neyamafutha,+ apho zigcinwa khona izinto ezisetyenziswa kwindawo engcwele, nalapho bakhoyo ababingeleli, oonogada basegeyithini neemvumi. Soze siyeke ukuyikhathalela indlu yoThixo wethu.+