Ngaba AmaKristu Afanele Abe Nekhwele?
IKHWELE—ngaba luphawu amaKristu afanele aluhlakulele? NjengamaKristu, sikhuthazwa ukuba ‘siphuthume uthando,’ yaye sixelelwa ukuba “uthando alunakhwele.” (1 Korinte 13:4; 14:1) Kwelinye icala, sikwaxelelwa ukuba “uYehova . . . nguThixo onekhwele” yaye siyalelwa ukuba sibe “ngabaxelisa uThixo.” (Eksodus 34:14; Efese 5:1) Kutheni ingathi oku kuyaphikisana?
Kungenxa yokuba igama lesiHebhere nelesiGrike aguqulelwe ngokuthi “ikhwele” eBhayibhileni aneentsingiselo ezahlukahlukeneyo. Asenokuba nentsingiselo entle okanye embi, kuxhomekeke kwindlela loo magama asetyenziswe ngayo. Ngokomzekelo, igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ikhwele” linokuthetha “ukufuna ukuzinikela ngokupheleleyo; ukunganyamezeli usukuzwano; inzondelelo; ukuvakalelwa ngento; ikhwele [lobulungisa okanye elisisono]; ukuba nomona.” Igama lesiGrike eliguqulelwe ngale ndlela linentsingiselo efanayo. La magama anokubhekisela ekubeni neemvakalelo ezingentle ubani aba nazo ngomntu acinga ukuba ukhuphisana naye okanye obonakala ephumelela kunaye. (IMizekeliso 14:30) Kwakhona la magama asenokubhekisela kuphawu oluhle esilunikwe nguThixo—ukufuna ukukhusela lowo simthandayo engozini.—2 Korinte 11:2.
Umzekelo Obalaseleyo
UYehova ungowona mzekelo ubalaseleyo ekubonakaliseni ikhwele elifanelekileyo. Iinjongo zakhe zinyulu yaye zicocekile, zibangelwa ngumnqweno wokufuna ukukhusela abantu bakhe ekonakaleni ngokomoya nangokuziphatha. Ngokuphathelele abantu bakhe bamandulo, ngokufuziselayo ebhekisela kubo njengeZiyon, wathi: “Ndiza kuba nekhwele ngeZiyon, ikhwele elikhulu, yaye ndiza kuba nekhwele ngayo ngomsindo omkhulu.” (Zekariya 8:2) Njengoko ubawo onothando esoloko ekuphaphele ukukhusela abantwana bakhe engozini, uYehova ukuphaphele ukukhusela abakhonzi bakhe kwiingozi zokoqobo nezokomoya.
Ukuze akhusele abantu bakhe, uYehova ulungiselele iLizwi lakhe, iBhayibhile. Ibakhuthaza ukuba bahambe ngobulumko yaye inemizekelo emininzi yabo benjenjalo. KuIsaya 48:17, sifunda oku: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe, Lowo ukubangela unyathele endleleni ofanele uhambe ngayo.” Hayi indlela okuvuyisa ngayo ukwazi ukuba ikhwele lakhe limenza ukuba asinyamekele aze asilondoloze! Ukuba ebengenalo ikhwele elifanelekileyo, besiya kubandezeleka kwiingozi ezininzi ngenxa yokungabi namava. UYehova akakhe alibonakalise ikhwele ngendlela yokuzingca.
Ngoko ke, yintoni umahluko phakathi kwekhwele lobuthixo nekhwele elingafanelekanga? Ukuze siwufumane, makhe siqwalasele umzekelo kaMiriyam noFinehasi. Phawula oko kwakubaphembelela.
UMiriyam NoFinehasi
UMiriyam wayengudadeboMoses noAron emdala kubo, bona beziinkokeli zamaSirayeli ebudeni beMfuduko. Ngoxa amaSirayeli ayesentlango, uMiriyam wammonela umntakwabo uMoses. Ingxelo yeBhayibhile ithi: “UMiriyam noAron bathetha nxamnye noMoses ngenxa yomfazi womKushe awayemthabathile . . . Bathi: ‘UYehova uthethe ngoMoses yedwa na? Akathethanga nangathi na?’” Kuyabonakala ukuba, uMiriyam wayekhokela ekuvukeleni uMoses, kuba uYehova wohlwaya uMiriyam, kungekhona uAron, ngeqhenqa iveki yonke ngenxa yokungahloneli.—Numeri 12:1-15.
Yintoni eyaphembelela uMiriyam ukuba avukele uMoses? Ngaba yayikukuxhalabela unqulo lokwenyaniso nomnqweno wokukhusela amanye amaSirayeli engozini? Kubonakala kungenjalo. Kubonakala ukuba uMiriyam wavumela umnqweno ombi wokufuna uzuko negunya elingakumbi wakhula entliziyweni yakhe. Njengomprofetikazi kwaSirayeli, wayehlonelwa gqitha ngabantu, ingakumbi amabhinqa. Yayinguye owayewakhokela ngoxa ayevuma ingoma emva kokuba amaSirayeli esindiswe ngokungummangaliso kuLwandle Olubomvu. Noko ke, ngoku, kusenokuba uMiriyam wayecinga ukuba uza kulahlekelwa luzuko awayenalo ngenxa yomntu awayecinga ukuba usukuzana naye, umfazi kaMoses. Ephenjelelwe likhwele lokuzingca, waqhwaya uqhushululu esilwa noMoses, lowo wayenyulwe nguYehova.—Eksodus 15:1, 20, 21.
Kwelinye icala, izenzo zikaFinehasi zaphenjelelwa yinto eyahlukileyo. Kungekudala ngaphambi kokungena kwiLizwe Lesithembiso, xa uSirayeli wayemise iintente kumaThafa akwaMowabhi, amabhinqa amaMowabhi namaMidiyan alukuhla amadoda amaninzi amaSirayeli ekuziphatheni okubi nakunqulo-zithixo. Ukuze kuhlanjululwe inkampu kuze kupheliswe umsindo kaYehova ovuthayo, abagwebi bakwaSirayeli bayalelwa ukuba babulale amadoda awayekreqile. Inenjongo yokuziphatha kakubi, inkosana yakwaSimeyon uZimri eqaqadekile weza nebhinqa elingumMidiyan elinguKozibhi enkampini “naphambi kwamehlo endibano yonke yoonyana bakaSirayeli.” Ngoko nangoko uFinehasi wathabatha amanyathelo. Enekhwele, okanye inzondelelo ngonqulo lukaYehova nokugcina inkampu ihlambulukile ekuziphatheni okubi, wawabulala loo mahenyu ententeni yawo. Wanconywa ‘ngomsindo wakhe obangelwa likhwele’ “engalunyamezelanga usukuzwano” nxamnye noYehova. Inyathelo likaFinehasi elikhawulezileyo lasithintela isibetho esasesibulele abantu abangama-24 000, yaye uYehova wamvuza ngokwenza naye umnqophiso wobubingeleli owawuya kuhlala kumnombo wakhe ixesha elingenasiphelo.—Numeri 25:4-13; The New English Bible.
Wawuyintoni umahluko phakathi kwezi ndlela zimbini zokubonakaliswa kwekhwele? UMiriyam wavukela umntakwabo ngenxa yekhwele lokuzingca, ngoxa, uFinehasi, wenza okusesikweni ngenxa yekhwele lobuthixo. NjengoFinehasi, nakuthi kubakho amaxesha xa kunyanzelekile ukuba sithethe okanye sithabathe inyathelo elithile ukukhusela igama likaYehova, unqulo lwakhe nabantu bakhe.
Ikhwele Elingafanelekanga
Noko ke, ngaba kunokwenzeka ukuba ubani abe nekhwele elingafanelekanga? Kunjalo kanye. Leyo yinto eyenzekayo kumaYuda ngenkulungwane yokuqala. Benekhwele bawulondoloza uMthetho kaThixo nezithethe zabo. Kwimigudu yabo yokukhusela uMthetho, baqulunqa imimiselo enobugocigoci eyabeka umthwalo onzima phezu kwabantu. (Mateyu 23:4) Engakwazi okanye engazimisele ukwamkela ukuba uThixo uye wamisela izinto zokwenene endaweni yoMthetho kaMoses owawusisithunzi sazo, ikhwele labo elingafanelekanga labenza babacaphukela ngokukrakra abalandeli bakaYesu Kristu. Umpostile uPawulos, naye owayekhe wanekhwele elinyanisekileyo kuMthetho ngendlela engafanelekanga, wabonisa ukuba abantu ababethethelela uMthetho ‘babenenzondelelo [ikhwele] kuThixo; kodwa kungekhona ngokolwazi oluchanileyo.’—Roma 10:2; Galati 1:14.
KwanamaYuda amaninzi awaba ngamaKristu ayekufumanisa kunzima ukuyiphelisa le nzondelelo ingafanelekanga yoMthetho. Emva kohambo lwesithathu lobuvangeli, uPawulos wanikela ingxelo kwiqumrhu elilawulayo lenkulungwane yokuqala ngokuguqulwa kwabantu beentlanga. Ngelo xesha, amawaka amaKristu angamaYuda ‘onke ayenenzondelelo ngoMthetho.’ (IZenzo 21:20) Oku kwakuyiminyaka emva kokuba iqumrhu elilawulayo liye lamisela ukuba amaKristu eeNtlanga angoluswa. Imibandela enokuthanani nokugcina uMthetho yayibangela imbambano ebandleni. (IZenzo 15:1, 2, 28, 29; Galati 4:9, 10; 5:7-12) Engaqondi indlela uYehova aqhubana ngayo nabantu bakhe ngoku, wambi amaKristu angamaYuda anyanzelisa iimbono zawo, egxeka abanye.—Kolose 2:17; Hebhere 10:1.
Ngoko ke, simele siwuphephe umgibe wokuthi ngekhwele sikhusele iingcamango okanye iindlela zethu zokwenza izinto ezingasekelwanga ngokuqinileyo kwiLizwi likaThixo. Sifanele samkele ukukhanya okutsha okufumaneka kwiLizwi likaThixo ngejelo uYehova alisebenzisayo namhlanje.
Yiba Nekhwele NgoYehova
Noko ke, ikhwele lobuthixo lifanelekile kunqulo lokwenyaniso. Xa sibonakala sizixhalabise ngokugqith’ emgceni ngokulondoloza isidima okanye amalungelo ethu, ukuba nekhwele lobuthixo kuya kusinceda ukuba sibe nekhwele ngoYehova. Ikhwele elinjalo lisenza ukuba sifune indlela zokuvakalisa inyaniso ngaye, sithethelela iindlela zakhe nabantu bakhe.
UAkiko, umlungiseleli wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova, wagxothwa okomshologu ngumninimzi owayengawuqondi umthetho kaThixo ngegazi. Ngobuchule uAkiko wathethelela iLizwi likaThixo, wade wachaza iingxaki zonyango ezinxulumene notofelo-gazi. Ngenxa yomnqweno onyanisekileyo wokufuna ukuthetha ngoYehova, wayiguqulela incoko koko wayecinga ukuba sesona sizathu esibangela ukuba elo bhinqa limchase—ukungakholelwa kwalo ukuba uMdali ukho. UAkiko waqiqa nalo mninimzi ngendlela indalo eyixhasa ngayo inkolelo yokuba kukho uMdali. Ukuluthethelela ngenkalipho ukholo lwakhe akuzange kuphumele nje ekupheliseni ikhethe elingenasizathu esibambekayo kodwa nakwisifundo seBhayibhile kunye nelo bhinqa. Namhlanje loo mninimzi owayecaphukile ungumkhonzi kaYehova.
Ikhwele elifanelekileyo, okanye inzondelelo, ngonqulo lokwenyaniso lusinyanzelela ukuba sihlale siphaphile size sixhakamfule onke amathuba okuthetha ngokholo lwethu nokuluthethelela emsebenzini, esikolweni, ezivenkileni naxa sihambile. Ngokomzekelo, uMidori uyaqiniseka ukuba uthetha ngokholo lwakhe nabo asebenza nabo. Omnye awayesebenza naye oneminyaka engama-40 ubudala wathi wayengafuni ukuba nanto yakwenza namaNgqina kaYehova. Kamva, ebudeni benye incoko, eli bhinqa lakhalaza ngentombi yalo eyayiqalisa ukuba nemikhwa emibi. UMidori walibonisa incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo,a yaye wathi angaqhubela intombi yalo isifundo kule ncwadi. Kwaqaliswa isifundo, kodwa unina wayengabikho kuloo ngxubusho. UMidori wagqiba kwelokuba abonise eli bhinqa ividiyo ethi Jehovah’s Witnesses—The Organization Behind the Name.b Oku kwacombulula izinto ezininzi awayengaziqondi kakuhle. Echukunyiswe koko wakubonayo, wathi: “Ndifuna ukuba njengamaNgqina kaYehova.” Nalo lafunda kunye nentombi yalo iBhayibhile.
Ikhwele elifanelekileyo lamkelekile kwibandla lamaKristu. Likhuthaza umoya ofudumeleyo wothando nolwazelelelo luze lusenze sikwazi ukuxhathisa izinto eziphazamisayo eziya kwenzakalisa abazalwana bethu ngokomoya, njengokuhleba okwenzakalisayo nokucinga njengabawexuki. Ikhwele lobuthixo lisenza sixhase izigqibo zabadala, abathi maxa wambi bakufumanise kufanelekile ukohlwaya abenzi bobubi. (1 Korinte 5:11-13; 1 Timoti 5:20) Ebhala ngekhwele awayenalo ngamanye amakholwa ebandla laseKorinte, uPawulos wathi: “Ndiyanikhweletela ngekhwele lobuthixo, kuba ngokobuqu ndanithembisa ukunitshatisela kwindoda enye ukuze ndininikele ninjengentombi enyulu kuKristu.” (2 Korinte 11:2) Ngoko ke, nathi ikhwele esinalo lisenza senze konke okusemandleni ukuze sigcine imfundiso inyulu, size sikhusele bonke abasebandleni ngokomoya nangokuziphatha.
Ewe, ukuba nekhwele elifanelekileyo—ikhwele lobuthixo—kuyimpembelelo entle kwabanye. Ikhwele elinjalo liyamkholisa uYehova yaye lifanele libe yinxalenye yeempawu ezibonakala kumaKristu namhlanje.—Yohane 2:17.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
b Ipapashwe ngamaNgqina kaYehova.
[Imifanekiso ekwiphepha 29]
Izenzo zikaFinehasi zazibangelwa likhwele lobuthixo
[Imifanekiso ekwiphepha 30]
Wuphephe umgibe wekhwele elingafanelekanga
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
Ikhwele lobuthixo lisenza sithethe nabanye ngokholo lwethu size sibathande abazalwana bethu