Duteronomi
18 “Ababingeleli abangabaLevi naso sonke isizwe sabaLevi asizukuba nasabelo samhlaba okanye lifa kwaSirayeli. Baza kutya iminikelo eyenzelwa uYehova emlilweni, elilifa lakhe.+ 2 Ngoko abamele babe nelifa kunye nabantakwabo. NguYehova ilifa labo, njengoko ebaxelele.
3 “Nazi izinto abantu abamele bazinike ababingeleli: Wonke umntu owenza umbingelelo nokuba kungenkunzi yenkomo okanye ngegusha, umele anike umbingeleli umkhono, imihlathi nolusu. 4 Nimele ninike umbingeleli isivuno senu sokuqala sokutya okuziinkozo, iwayini yenu entsha, ioli yenu noboya bokuqala obuchetywe kwimihlambi yenu yeegusha.+ 5 UYehova uThixo wenu uye wakhetha uLevi noonyana bakhe kuzo zonke izizwe zenu ukuze bahlale besebenzela uYehova.+
6 “Kodwa ukuba umLevi uyemka kwesinye sezixeko zakwaSirayeli ahlala kuso,+ kuba enqwenela ukuya kwindawo ekhethwe nguYehova,*+ 7 angasebenza apho egameni likaYehova uThixo wakhe, njengabo bonke abantakwabo, abaLevi abahlala apho phambi koYehova.+ 8 Umele afumane ukutya okulinganayo nokwabo,+ ukongeza kwimali aye wayifumana xa ethengisa izinto zakhe ezililifa.
9 “Xa ningenile kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu, nize ningalinganisi izinto ezenyanyekayo ezenziwa ziintlanga ezilapho.+ 10 Makungabikho mntu kuni obingelela* ngonyana wakhe okanye intombi yakhe emlilweni,+ kungabikho mntu uvumisayo,+ owenza imilingo,+ ochaza ikamva ngokuvumisa,+ othakathayo,+ 11 othakathayo, oya egqirheni+ okanye kumntu ochaza izinto kwangaphambili,+ okanye obuza ebantwini abafileyo.+ 12 Kuba nabani na ozenzayo ezi zinto uyenyanyeka kuYehova, yaye kungenxa yezi zinto le nto uYehova uThixo wenu ezigxotha ezi ntlanga phambi kwenu. 13 Nimele ningabi natyala kuYehova uThixo wenu.+
14 “Ezi ntlanga enoxutha ilizwe lazo ziqhele ukumamela abantu abenza imilingo+ nabavumisayo,+ kodwa uYehova uThixo wenu akafuni niyenze loo nto. 15 UYehova uThixo wenu uza kukhetha phakathi kwenu umprofeti ofana nam. Nimele nimmamele.+ 16 Nanicele loo nto kuYehova uThixo wenu eHorebhe ngemini ibandla elalihlanganisene ngayo,+ nisithi, ‘Mayingabi sithi abava ilizwi likaYehova uThixo wethu, yaye masingaphindi siwubone lo mlilo umkhulu, ukuze singafi.’+ 17 Emva koko uYehova wathi kum, ‘Bathethe kakuhle. 18 Ndiza kukhetha umprofeti ofana nawe phakathi kwabo+ yaye ndiza kumxelela into amakayithethe,+ aze yena abaxelele yonke into endimyalele yona.+ 19 Nakanjani ndiza kumphendulisa umntu ongawamameliyo amazwi am aza kuwathetha loo mprofeti egameni lam.+
20 “‘Ukuba kukho umprofeti oye wazigqatsa wathetha egameni lam ndingamthumanga okanye wathetha egameni labanye oothixo, umele afe.+ 21 Kodwa ke nisenokucinga le nto: “Siza kuyazi njani ukuba akayithunywanga nguYehova le nto ayithethayo?” 22 Xa loo mprofeti ethetha egameni likaYehova ize loo nto ebeyithetha ingenzeki, ebengathunywanga nguYehova. Loo mprofeti ebezigqatsa. Nize ningamoyiki.’