Eyokuqala KaPetros
2 Ngoko yahlukanani nabo bonke ububi,+ ukuxoka, ukuhanahanisa,* umona nokuhlebana. 2 Njengeentsana ezisanda kuzalwa,+ nqwenelani ubisi olungaxutywanga lwelizwi, ukuze nikhule nize nisindiswe,+ 3 kuba niye nazibonela ngokwenu ukuba iNkosi inobubele.
4 INkosi ililitye eliphilayo abangazange balifune abantu,+ kodwa lakhethwa nguThixo kuba lixabisekile kuye.+ Xa nisondela kuyo, 5 nani njengamatye aphilayo niba yindlu eyakhiwa ngumoya kaThixo+ ukuze nibe liqela lababingeleli abangcwele, ninikele imibingelelo nikhokelwa ngumoya kaThixo,+ aze ayamkele ngoYesu Kristu.+ 6 Kuba sithi iSibhalo: “Jonga! Ndibeka ilitye elikhethiweyo eZiyon, ilitye lekona elisisiseko nelixabisekileyo, yaye bonke abo bakholwayo kulo abasoze baphoxeke.”*+
7 Nini abamxabisileyo kuba ningamakholwa; kodwa kwabo bangakholwayo, “ilitye elalingafunwa ngabakhi+ liye laba lilitye lekona eliyintloko,”+ 8 ibe liye laba “lilitye elikhubekisayo nolwalwa olubenza babe nomsindo abantu.”+ Bakhubeka kuba bengalithobeli ilizwi. Yiloo nto kakade emele ibehlele abantu abanjalo. 9 Kodwa nina “niluhlanga olukhethiweyo, ababingeleli basebukhosini,+ isizwe esingcwele, abantu bakhe abakhethileyo,+ ukuze nishumayele kuyo yonke indawo ngeempawu ezimangalisayo”*+ zaLowo wanikhuphayo ebumnyameni waza wanifaka ekukhanyeni kwakhe okumangalisayo.+ 10 Kuba nanikhe anabi ngabantu bakaThixo, kodwa ngoku ningabo;+ naningenzelwanga nceba, kodwa ngoku niyenzelwe.+
11 Bazalwana endibathandayo, ekubeni ningabantu basemzini+ nabaphambukeli bokwexeshana,+ ndiyanicela ukuba niyiphephe iminqweno yemizimba enesono elwa nani.+ 12 Hlalani niziphethe kakuhle phakathi kwabantu beentlanga,+ ukuze nokuba banityhola ngokwenza izinto ezimbi, bazibonele ngokwabo imisebenzi yenu emihle,+ baze bamzukise uThixo xa ezokuhlola.
13 Ngenxa yeNkosi wathobeleni onke amagunya amiselwe ngabantu.+ Thobelani ookumkani,+ kuba bakwizikhundla eziphezulu, 14 okanye nithobele abalawuli, kuba bathunywe ngukumkani ukuba bohlwaye abenzi-bubi, baze bancome abenza izinto ezilungileyo.+ 15 Kaloku uThixo uthanda ukuba, ngokwenza kwenu izinto ezintle, nibavale umlomo abantu abangayisebenzisiyo ingqondo bethetha izinto ezingekhoyo.+ 16 Yibani ngabantu abakhululekileyo,+ ningayisebenzisi kakubi inkululeko yenu ngokwenza* izinto ezimbi,+ kodwa yisebenziseni njengamakhoboka kaThixo.+ 17 Yibani nembeko kumntu wonke,+ thandani bonke abazalwana,+ yoyikani uThixo,+ nihloniphe nokumkani.+
18 Izicaka mazithobele iinkosi zazo ngokupheleleyo,+ hayi kuphela nje ezo zilungileyo nezinobubele, kodwa kwanezo zingqwabalala. 19 Kaloku uThixo uyamthanda umntu ozama ngandlela zonke ukuba nesazela esicocekileyo phambi kwakhe, enyamezela ubunzima nezinto ezibuhlungu nangona engenzanga nto.+ 20 Kuba kunceda ngantoni ukunyamezela kwakho xa ubethelwa isono osenzileyo?+ Kodwa uThixo uyamthanda umntu onyamezela ubunzima ngenxa yokuba enze izinto ezilungileyo.+
21 Kaloku, nabizelwa loo nto, kuba noKristu waphathwa kabuhlungu ngenxa yenu,+ enishiya nomzekelo enimele nizame ngandlela zonke ukuwulandela.+ 22 Akazange one,+ engazange aqhathe mntu.+ 23 Xa wayethukwa,+ akazange aphindise. Xa wayephathwa kakubi,+ akazange aqalekise,+ kodwa wathembela kuLowo ugweba+ ngobulungisa. 24 Wazithwala izono zethu+ ngomzimba wakhe esibondeni,*+ ukuze sife esonweni* size siphilele ubulungisa. Yaye “niye naphiliswa ngamanxeba akhe.”+ 25 Kuba naninjengeegusha ezilahlekayo,+ kodwa ngoku nibuyele kumalusi+ okhusela ubomi benu.