Yoshuwa
14 Nali ilifa elafunyanwa ngamaSirayeli kwilizwe lakwaKanan, elahlulahlulwa nguEleyazare umbingeleli, uYoshuwa unyana kaNun neentloko zezindlu zooyise zezizwe zakwaSirayeli.+ 2 Izizwe ezisithoba ezinehafu+ zalifumana iIifa lazo ngamaqashiso,+ kanye njengokuba uYehova wayeyalele ngoMoses. 3 Ezinye izizwe ezibini ezinehafu, uMoses wayezinike ilifa kwelinye icala* leYordan,+ kodwa abaLevi akazange abanike lifa.+ 4 Inzala kaYosefu yayibalwa njengezizwe ezibini,+ esakwaManase nesakwaEfrayim;+ bona abaLevi abazange babelwe mhlaba, ngaphandle kwezixeko+ zokuhlala namadlelo emihlambi yabo yeegusha neyeenkomo.+ 5 Ngoko amaSirayeli alahlulahlula ilizwe, kanye njengokuba uYehova wayemyalele uMoses.
6 Emva koko amadoda akwaYuda aya kuYoshuwa eGiligali,+ waza uKalebhi+ unyana kaYefune umKenizi wathi kuye: “Uyazi kakuhle into eyathethwa nguYehova+ kuMoses umntu kaThixo wokwenene+ ngawe nam eKadeshe-bharneya.+ 7 Ndandineminyaka eyi-40 xa uMoses umkhonzi kaYehova wandithuma eKadeshe-bharneya ukuba ndiyokuhlola ilizwe,+ ibe ndabuya nengxelo entle.+ 8 Nangona abantakwethu endandihambe nabo baye baboyikisa abantu, mna ndamlandela ngentliziyo yam yonke* uYehova uThixo wam.+ 9 Ngaloo mini uMoses wafunga wathi: ‘Ilizwe ezinyathele kulo iinyawo zakho ndiza kulinika wena noonyana bakho libe lelenu ngonaphakade, kuba uye wamlandela uYehova uThixo wam ngayo yonke intliziyo yakho.’+ 10 UYehova uye wandigcina ndiphila+ le minyaka iyi-45 ukususela oko uYehova wamthembisayo uMoses xa amaSirayeli ayehamba entlango.+ Ngokwesithembiso sakhe+ ndisaphila nanamhlanje, yaye ngoku ndineminyaka eyi-85. 11 Ndisenamandla nanamhlanje njengala mini wandithuma ngayo uMoses. Amandla am asenjeya, yaye ndiyilungele imfazwe neminye imisebenzi. 12 Ngoko ke ndinike lo mmandla weentaba uYehova awawuthembisayo ngala mini. Nangona wevayo ukuba kulo mmandla kukho ama-Anaki+ anezixeko ezikhulu nezikhuselekileyo,+ ngokuqinisekileyo uYehova uza kuba nam,+ yaye ndiza kuwagxotha kanye njengokuba uYehova wayethembisile.”+
13 Ngoko uYoshuwa wamsikelela uKalebhi unyana kaYefune, wamnika iHebron ukuba ibe lilifa lakhe.+ 14 Yiloo nto iHebron ililifa likaKalebhi unyana kaYefune umKenizi kude kube namhlanje, kuba wamlandela uYehova uThixo kaSirayeli ngentliziyo yakhe yonke.+ 15 Igama leHebron yayikade iyiKiriyati-arbha+ (uArbha wayengoyena mntu ubalulekileyo phakathi kwama-Anaki). Emva koko zaphela iimfazwe kwelo lizwe.+