INtshumayeli
3 Yonke into inexesha layo,
Ixesha lento nganye eyenzekayo phantsi kwamazulu:
2 Ixesha lokuzalwa nexesha lokufa;
Ixesha lokutyala nexesha lokuncothula into ebityaliwe;
3 Ixesha lokubulala nexesha lokuphilisa;
Ixesha lokudiliza nexesha lokwakha;
4 Ixesha lokulila nexesha lokuhleka;
Ixesha lokwenza isijwili nexesha lokudanisa;*
5 Ixesha lokulahla amatye nexesha lokubutha amatye;
Ixesha lokwanga nexesha lokuyeka ukwanga;
6 Ixesha lokufuna nexesha lokuncama;
Ixesha lokugcina nexesha lokulahla;
7 Ixesha lokukrazula+ nexesha lokuthunga;
Ixesha lokuthi cwaka+ nexesha lokuthetha;+
8 Ixesha lokuthanda nexesha lokucaphukela;+
Ixesha lemfazwe nexesha loxolo.
9 Ufumana ntoni umntu ngokusebenza kwakhe nzima?+ 10 Ndiwubonile umsebenzi uThixo awunike oonyana babantu ukuze bahlale bexakekile. 11 Yonke into uyenze yantle* ngexesha layo.+ Ude wabeka ukuphila ngonaphakade entliziyweni yabo; kodwa abantu soze bawazi apho uqala khona nalapho uphela khona umsebenzi kaThixo wokwenene.
12 Ndifikelele kwisigqibo sokuba ayikho into ebalungele ngaphezu kokuvuya nokwenza okulungileyo ngoxa besaphila,+ 13 kwanokuba wonke umntu ufanele atye, asele aze onwabe ngenxa yokusebenza kwakhe nzima. Sisipho sikaThixo eso.+
14 Ndiye ndafumanisa ukuba yonke into ayenzayo uThixo wokwenene iya kuhlala ngonaphakade. Akukho nto inokongezwa nenokuncitshiswa kuyo. UThixo wokwenene uyenze ngaloo ndlela, ukuze abantu bamoyike.+
15 Nantoni na eyenzekayo ibisele yenzekile, nento eza kubakho yayikhe yakho;+ kodwa uThixo wokwenene ufuna oko kuleqwayo.*
16 Nantsi enye into endiye ndayibona phantsi kwelanga: Endaweni yokusesikweni* kwakukho ububi, nasendaweni yobulungisa kwakukho ububi.+ 17 Ngoko ndathi entliziyweni yam: “UThixo wokwenene uza kugweba ilungisa nomenzi-bubi,+ kuba yonke into inexesha layo.”
18 Ndaphinda ndathi entliziyweni yam uThixo wokwenene uza kubavavanya oonyana babantu, aze ababonise ukuba bayafana nezilwanyana, 19 kuba kukho isiphelo sabantu nesiphelo sezilwanyana; isiphelo sabo siyafana nesazo.+ Ukufa kwabo kuyafana nokufa kwazo; ibe umoya wabo nomoya wazo mnye.+ Ngoko umntu akazodluli nganto izilwanyana, kuba yonke into ililize. 20 Konke nje kuya ndaweni nye.+ Konke kwavela eluthulini,+ ibe konke kubuyela eluthulini.+ 21 Ngubani owaziyo ukuba umoya wabantu unyukela phezulu, uze owezilwanyana wehlele ezantsi emhlabeni?+ 22 Yaye ndabona ukuba akukho nto ilunge ngaphezu kokuba umntu azonwabise ngomsebenzi wakhe,+ ngenxa yokuba ngumvuzo wakhe lowo;* kuba ngubani onokumbonisa into eza kwenzeka xa engasekho?+