INtshumayeli
3 Yonke into inexesha layo elimisiweyo,+ nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwamazulu: 2 kukho ixesha lokuzalwa+ nexesha lokufa;+ kukho ixesha lokutyala nexesha lokuncothula oko bekutyaliwe;+ 3 kukho ixesha lokubulala+ nexesha lokuphilisa;+ kukho ixesha lokudiliza nexesha lokwakha;+ 4 kukho ixesha lokulila+ nexesha lokuhleka;+ kukho ixesha lokwenza isijwili+ nexesha lokudloba;+ 5 kukho ixesha lokulahla amatye+ nexesha lokubuthela amatye ndawonye;+ kukho ixesha lokuwola+ nexesha lokuyeka ukuwola;+ 6 kukho ixesha lokufuna+ nexesha lokulahlekelwa; kukho ixesha lokugcina nexesha lokulahla;+ 7 kukho ixesha lokukrazula+ nexesha lokuthunga;+ kukho ixesha lokuthi cwaka+ nexesha lokuthetha;+ 8 kukho ixesha lokuthanda nexesha lokuthiya;+ kukho ixesha lemfazwe+ nexesha loxolo.+ 9 Unangenelo yiphi umenzi ngoko akusebenzele nzima?+
10 Ndiwubonile umsebenzi athe uThixo wawunika oonyana babantu ukuba bazixakekise ngawo.+ 11 Yonk’ into uyenze yantle ngexesha layo.+ Kwanexesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo,+ ukuze uluntu lungaze luwufumane umsebenzi uTHIXO oyinyaniso awenzileyo ukususela ekuqaleni kuse ekupheleni.+ 12 Ndiyazi ukuba akukho nto ilunge ngakumbi kulo kunokuba nemihlali nokwenza okulungileyo ebudeni bokudla kwalo ubomi;+ 13 kwanokuba wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima.+ Sisipho sikaThixo eso.+
14 Ndiyazi ukuba yonk’ into ayenzayo uTHIXO oyinyaniso, iya kuba yeyexesha elingenammiselo.+ Akukho kongeza nakunciphisa kuyo;+ kuba nguTHIXO oyinyaniso ngokwakhe oyenzileyo,+ ukuze abantu bamoyike.+
15 Oko kukhoyo, bekusele kukho, oko kuza kubakho kungqineke ukuba kwakukho;+ yaye uTHIXO oyinyaniso+ ufuna oko kusukelwayo.+
16 Yaye ngokubhekele phaya ndabona phantsi kwelanga indawo yokusesikweni apho kwakukho ubungendawo nendawo yobulungisa apho kwakukho ubungendawo.+ 17 Ndathi mna entliziyweni yam:+ “UTHIXO oyinyaniso uya kugweba ilungisa nongendawo,+ ngokuba kukho ixesha layo yonke imicimbi, nangokuphathelele wonke umsebenzi apho.”+
18 Ndathi mna, entliziyweni yam ngokubhekisele koonyana boluntu uTHIXO oyinyaniso uza kubakhetha, ukuze bazibone ngokwabo ukuba bazizilo.+ 19 Siyafana isiphelo soonyana boluntu nesiphelo sesilo.+ Njengoko kunjalo ukufa kwaso, kunjalo nokufa kwabo;+ yaye zonke zinomoya omnye,+ khon’ ukuze kungabikho kongama komntu kunesilo, ngokuba yonk’ into ingamampunge. 20 Zonke ziya ndaweni nye.+ Zonke zavela eluthulini,+ yaye zonke zibuyela eluthulini.+ 21 Ngubani na ke ngoko owaziyo ukuba umoya woonyana babantu unyukela phezulu; uze wona umoya wesilo wehlele ezantsi emhlabeni?+ 22 Yaye ndabona ukuba akukho nto ilunge ngakumbi kunokuba umntu abe nemihlali ngemisebenzi yakhe,+ kuba kusisabelo sakhe oko; ngenxa yokuba uya kungeniswa ngubani na ukuba akhangele oko kuya kubakho emva kwakhe?+