Mika
Animelanga nikwazi na okububulungisa?
2 Kodwa niyakucaphukela okulungileyo,+ nithanda okubi.+
Nihluthula ulusu lwabantu bam nenyama emathanjeni abo.+
Njengento ephekwa embizeni,* njengenyama embizeni yokupheka.
4 Ngelo xesha baza kukhwaza uYehova becela uncedo,
Kodwa akazukubaphendula.
5 UYehova uthi ngabaprofeti abalahlekisa abantu bam,+
Abakhwaza besithi ‘Uxolo!’+ ngoxa beluma* ngamazinyo abo+
Kodwa besilwa nabo bangafaki nto emilonyeni yabo:
Ilanga liza kubatshonela abaprofeti,
Nemini ibe mnyama kubo.+
Kuza kufuneka bonke bogqume imilomo,*
Kuba kungekho mpendulo ivela kuThixo.’”
8 Mna ke, umoya kaYehova undenze ndanamandla,
Ngobulungisa nokomelela,
Ukuze ndimxelele uYakobi ngokungathobeli kwakhe, uSirayeli ngesono sakhe.
9 Ndicela nimamele, nina zintloko zendlu kaYakobi
Nani baphathi bendlu kaSirayeli,+
Abenyanya ubulungisa nabagoba yonke into ethe ngqo;+
10 Abakha iZiyon ngokuchitha igazi, iYerusalem ngendlela engeyoyabulungisa.+
Sekunjalo, bayama ngoYehova,* besithi:
“UYehova ukunye nathi.+
Akukho ntlekele iza kusehlela.”+