Kubalisa uLuka
23 Baphakama bonke abo bantu baninzi, basa uYesu kuPilato.+ 2 Bammangalela+ besithi: “Lo mntu simfumene efundisa uhlanga lwethu ukungathobeli urhulumente, esithi masingayibhatali irhafu kuKesare,+ esitsho nokuba yena unguKristu ukumkani.”+ 3 UPilato wathi kuye: “Unguye na uKumkani wamaYuda?” Wamphendula wathi: “Nawe utsho.”+ 4 UPilato wathi kubabingeleli abaziintloko nakwabo bantu: “Akanatyala lo mntu.”+ 5 Kodwa baqhubeka besithi: “Uqhwaya udushe ngezinto azifundisa abantu kulo lonke ilizwe lakwaYuda, ukususela eGalili ukuza kutsho apha.” 6 Bakutsho, uPilato wabuza ukuba uYesu ngowaseGalili na. 7 Emva kokuva ukuba wayevela kwindawo elawulwa nguHerode,+ wamthumela kuye, kuba naye wayeseYerusalem ngezo ntsuku.
8 UHerode wavuya kakhulu akubona uYesu. Kwakukudala efuna ukumbona, kuba ininzi into awayeyivile ngaye,+ ibe wayefuna ukumbona esenza ummangaliso. 9 Ngoko wambuza imibuzo emininzi, kodwa uYesu akazange amphendule.+ 10 Kodwa ababingeleli abaziintloko nababhali babemane bephakama, bemmangalela ngamandla. 11 Emva koko, uHerode namajoni akhe bamgezela,+ bahlekisa ngaye+ ngokumnxibisa isambatho esinombala ogqamileyo, waza wambuyisela kuPilato. 12 Ngaloo mini uHerode noPilato baba ngabahlobo, kuba ngaphambi koko babeziintshaba.
13 UPilato wabiza ababingeleli abaziintloko, abalawuli nabantu, 14 wathi kubo: “Nizise lo mntu kum kuba nisithi uqhwaya udushe. Nani niyazibonela, ndiye ndambuza imibuzo phambi kwenu, kodwa andimboni enetyala.+ 15 NoHerode akafumananga tyala kuye, kuba naku embuyisele kuthi; niyabona nani, akenzanga nto ifunisa ukuba abulawe. 16 Ngoko ke ndiza kumohlwaya,+ ndimkhulule.” 17 *—— 18 Kodwa bonke abo bantu bakhwaza besithi: “Bulala lo mntu, usikhululele uBharabhas!”+ 19 (Le ndoda yayivalelwe ejele ngenxa yokuqhwaya udushe esixekweni, nokubulala.) 20 UPilato waphinda wathetha nabo, kuba wayefuna ukumkhulula uYesu.+ 21 Ngoko bakhwaza besithi: “Makaye esibondeni! Makaye esibondeni!”*+ 22 UPilato wathi kubo okwesithathu: “Ngoba? Yintoni embi ayenzileyo lo mntu? Andibonanga nto ifunisa ukuba abulawe; ngoko ndiza kumohlwaya, ndimkhulule.” 23 Baqhubeka bekhwaza, besithi makabulawe;* wanikezela ke uPilato.+ 24 Ngoko wagqiba ekubeni mayenziwe le nto bayifunayo. 25 Wayikhulula le ndoda babeyifuna, eyayivalelwe ejele ngenxa yokuqhwaya udushe nokubulala, kodwa wamnikezela kubo uYesu ukuze abulawe ngokwesicelo sabo.
26 Xa babesiya kubulala uYesu, babamba uSimon waseKirene, owayezihambela evela kwenye ilali, basithwalisa yena isibonda sokungcungcutheka,* waza wahamba emva kwakhe.+ 27 Wayelandelwa ngabantu abaninzi, kukho nabafazi ababezibetha esifubeni besentlungwini, bemlilela. 28 UYesu wabajonga, wathi: “Sanukundililela zintombi zaseYerusalem. Zilileleni nina nabantwana benu;+ 29 kuba, jongani! kuza imihla ekuza kuthiwa ngayo, ‘Bonwabile abafazi abangakwazi kuba nabantwana, abafazi abangazalanga nabangazange bancancisa!’+ 30 Abantu baza kuthi ezintabeni, ‘Siweleni!’ bathi kwiinduli, ‘Sigqumeleleni!’+ 31 Ukuba benza ezi zinto kumthi ofumileyo, kobeka phi ke xa womile?”
32 Kwakukho namanye amadoda amabini azizaphuli-mthetho awayesiya kubulawa kunye naye.+ 33 Bakufika kwindawo ekuthiwa yindawo yoKakayi,+ bambethelela apho nezo zaphuli-mthetho, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo.+ 34 Kodwa uYesu wathi: “Tata baxolele, kuba abayazi le nto bayenzayo.” Benza namaqashiso ukuze bahlulelane ngeempahla zakhe.+ 35 Abantu bema babukela. Kodwa bona abalawuli babehlekisa ngaye,* besithi: “Wabasindisa abanye; makazisindise ke naye ukuba unguKristu kaThixo, Lowo Ukhethiweyo.”+ 36 Namajoni ayehlekisa ngaye, emnika iwayini emuncu,+ 37 esithi: “Ukuba unguKumkani wamaYuda, zisindise.” 38 Phezu kwentloko yakhe kwakukho umbhalo othi: “Lo nguKumkani wamaYuda.”+
39 Esinye sezaphuli-mthetho ezazixhonywe naye, samgezela+ sisithi: “Andithi unguKristu? Zisindise ke, usindise nathi!” 40 Kodwa esinye sasingxolisa sisithi: “Akumoyiki na wena uThixo, ekubeni nawe ufumene isigwebo esifanayo? 41 Sisifanele thina esi sigwebo, kuba sigwetyelwe amatyala ethu; kodwa yena lo mntu akenzanga nto.” 42 Emva koko sathi: “Yesu, uzundikhumbule xa useBukumkanini bakho.”+ 43 UYesu wathi kuso: “Ndiyakuthembisa namhlanje, uza kuba nam eParadesi.”+
44 Ngoku kwakumalunga nentsimbi ka-12 emini,* kodwa kwaba mnyama elizweni lonke, de kwamalunga nentsimbi yesithathu emva kwemini,*+ 45 kuba ilanga layeka ukukhanya; yasuka yakrazuka phakathi+ ikhethini ekwindawo engcwele.+ 46 UYesu wakhwaza kakhulu esithi: “Tata, ndiwuyekela ezandleni zakho umoya wam.”+ Emva koko wafa.+ 47 Emva kokubona ezi zinto zenzekileyo, igosa lomkhosi lamzukisa uThixo, lisithi: “Nyhani, lo mntu ebelilungisa.”+ 48 Xa abantu ababezokubukela ukubulawa kwakhe babona ezi zinto, bagoduka bezibetha isifuba. 49 Bonke abantu ababemazi babemele kude. Nabafazi ababehamba naye ukusuka eGalili babelapho, bezibona ezi zinto.+
50 Kwakukho noYosefu, ilungu leNkundla Ephakamileyo YamaYuda, owayeyindoda elungileyo nelilungisa.+ 51 (Le ndoda zange ilivotele iqhinga labo lokubulala uYesu.) YayiyeyaseArimathiya, isixeko samaYuda, ibe yayilindele uBukumkani bukaThixo. 52 Yaya kuPilato, yacela umzimba kaYesu. 53 Yawothula umzimba wakhe,+ yawusongela ngelinen yodidi, yaza yawubeka engcwabeni* elalombiwe eliweni,+ nelingazange lisetyenziswe. 54 Ngoku yayisele ilusuku lokulungiselela iSabatha,+ ibe iSabatha+ yayisele iza kuqalisa. 55 Balandela ke abafazi ababesuka noYesu eGalili, bajonga ukuba ubekwe phi umzimba wakhe,+ 56 baza emva koko bagoduka ukuze balungise izinto zokuqhola umzimba neeoli ezinuka kamnandi. Kodwa ke, baphumla ngeSabatha+ njengokuba uMthetho usitsho.