Kubalisa uYohane
12 Ngosuku lwesithandathu ngaphambi kwePasika, uYesu waya eBhethani, apho wayehlala khona uLazaro,+ lo wayemvuse ekufeni. 2 Apho bamenzela isidlo sangokuhlwa, inguMarta obalungiselela ukutya,+ yena uLazaro ehleli etafileni kunye noYesu. 3 UMariya wathatha ioli enuka kamnandi emalunga nehafu yelitha,* inadusi yodidi, ebiza imali eninzi, wayigalela ezinyaweni zikaYesu, waza wazosula ngeenwele zakhe. Kwanuka kamnandi indlu yonke.+ 4 Kodwa uYudas Skariyoti,+ ongomnye wabafundi bakaYesu, owayesele eza kumjikela, wathi: 5 “Bekutheni ukuze le oli inuka kamnandi ingathengiswa ngeedenariyo* eziyi-300, ize loo mali inikwe amahlwempu?” 6 Wayengatsho kuba ecingela amahlwempu, kodwa watsho kuba elisela, ibe igcinwa nguye ibhokisi yemali, eyiba naloo mali. 7 UYesu wathi: “Myekeni andiqhole, ngaphambi kokuba ndingcwatywe.+ 8 Kaloku aza kusoloko ekho amahlwempu,+ kodwa mna andizukusoloko ndikunye nani.”+
9 Kwathi kusenjalo, amaYuda amaninzi eva ukuba uYesu wayelapho, aya kuye, efuna ukubona noLazaro, lo wayemvuse ekufeni.+ 10 Ababingeleli abaziintloko benza iqhinga lokubulala naloo Lazaro, 11 kuba amaYuda amaninzi ayesiya kuYesu ngenxa yakhe, aze amkholelwe.+
12 Ngosuku olulandelayo, abantu abaninzi ababeye ethekweni, beva ukuba uYesu wayesiza eYerusalem. 13 Ngoko bathatha amasebe emithi yesundu, bamkhawulela bekhwaza besithi: “Msindise! Usikelelwe lowo uza egameni likaYehova,*+ uKumkani kaSirayeli!”+ 14 Wathi uYesu akufumana inkonyane ledonki, wakhwela kulo,+ kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: 15 “Sukoyika ntombi yaseZiyon. Jonga! Nanko ukumkani wakho esiza, ekhwele inkonyane ledonki.”+ 16 Ekuqaleni abafundi bakhe babengaziqondi ezi zinto, kodwa emva kokuba uYesu ezukisiwe,+ bakhumbula ukuba ezi zinto zenzekileyo, zezi kanye zibhaliweyo ngaye.+
17 Abantu ababekho xa uYesu wathi uLazaro makaphume engcwabeni,*+ emvusa ekufeni, abazange bayeke ukuxelela abanye ngaloo nto.+ 18 Ngoko abantu beza kuye kuba bevile ukuba wenze loo mmangaliso. 19 AbaFarisi bathetha bodwa besithi: “Niyabona ukuba soyisiwe. Jongani! Ihlabathi lonke liyamlandela.”+
20 Kwakukho namaGrike phakathi kwabo bantu babeze kwelo theko, bezokukhonza. 21 Wona aya kuFilipu,+ owayengowaseBhethesayida yaseGalili, amcela esithi: “Mhlekazi, sifuna ukubona uYesu.” 22 UFilipu waya kuxelela uAndreya, baza bahamba bobabini baya kuxelela uYesu.
23 UYesu wathi kubo: “Lifikile ixesha lokuba uNyana womntu azukiswe.+ 24 Ndiyaniqinisekisa ukuba, ukuba ukhozo lwengqolowa aluweli emhlabeni luze lufe, luhlala lulukhozo nje olunye; kodwa ukuba luyafa,+ luthwala ingqolowa eninzi. 25 Nabani na obuthandayo ubomi bakhe, uyabutshabalalisa, kodwa nabani na obucaphukelayo ubomi bakhe+ kweli hlabathi, uza kubukhusela ngonaphakade.+ 26 Ukuba nabani na ufuna ukundisebenzela, makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo.+ UTata uza kumsikelela nabani na ondisebenzelayo. 27 Ndikhathazeke kakhulu,+ ndingathini kodwa? Tata, ndisindise kweli xesha lentlungu.+ Kodwa ke, bendizele loo nto emhlabeni. 28 Tata, lizukise igama lakho.” Emva koko, kwavakala ilizwi+ liphuma ezulwini lisithi: “Ndilizukisile, ibe ndiza kuphinda ndilizukise.”+
29 Abantu ababelapho baliva baza bathi bekududuma. Abanye bathi: “Ibiyingelosi, ithetha naye.” 30 UYesu wathi kubo: “Eli lizwi livakele ukuze lincede nina, hayi mna. 31 Ngoku uThixo uyaligweba eli hlabathi; ibe umlawuli weli hlabathi+ uza kugxothwa.+ 32 Kanti ke mna, xa ndixhonywa,+ ndiza kutsalela kum zonke iintlobo zabantu.” 33 Ezi zinto wazithetha kuba efuna ukubaxelela indlela aza kufa ngayo.+ 34 Emva koko, aba bantu bathi: “Seva eMthethweni ukuba uKristu uza kuphila ngonaphakade.+ Utsho njani ke wena ukuba uNyana womntu uza kubethelelwa?+ Ngubani lo Nyana womntu uthetha ngaye?” 35 UYesu wathi kubo: “Ukukhanya akuzukuba phakathi kwenu ixesha elide. Hambani ngoku kusakhanya, ukuze ningoyiswa bubumnyama; nabani na ohamba ebumnyameni akaziboni ukuba uya phi.+ 36 Zikholelweni nize nizenze izinto ezifundiswa kukukhanya, ngoku kusekhona emhlabeni, ukuze nibe ngoonyana bokukhanya.”+
Emva kokuba etshilo wahamba wayokubazimela. 37 Nangona wayenze imimangaliso emininzi phambi kwabo, babengakholwa kuye. 38 Loo nto yawangqina eyinyani amazwi omprofeti uIsaya, athi: “Yehova,* ngubani oye wazikholelwa izinto esizithethayo?+ Ingubani oye wawabona amandla* kaYehova?”*+ 39 Isizathu sokuba bangakholwa kukuba uIsaya waphinda wathi: 40 “Uye wabavala amehlo, wazenza lukhuni iintliziyo zabo, ukuze bangaboni ngamehlo, bangaze beve nangeendlebe, ukuze neentliziyo zabo zingacacelwa yeyona nto ndiyithethayo, ziguquke, ndize ndibaphilise.”+ 41 UIsaya wazithetha ezi zinto ngoKristu kuba walubona uzuko lwakhe, waza wathetha ngaye.+ 42 Nangona kunjalo, abantu abaninzi, kwanabalawuli babemkholelwa,+ kodwa beyifihla loo nto ngenxa yokoyika abaFarisi, ukuze bangagxothwa kwindlu abakhonzela kuyo;*+ 43 kuba babekhetha ukuzukiswa ngabantu kunokuba bathandwe nguThixo.+
44 UYesu wakhwaza wathi: “Nabani na ondikholelwayo, akakholelwa mna ndodwa, kodwa ukholelwa naLowo undithumileyo;+ 45 ibe nabani na ondibonayo, ubona naLowo undithumileyo.+ 46 Ndizokuba kukukhanya ehlabathini,+ ukuze wonke umntu ondikholelwayo angahlali ebumnyameni.+ 47 Ukuba nabani na uyaziva izinto endizifundisayo, aze angazenzi, andimgwebi; kuba andizelanga kuligweba ihlabathi, kodwa ndizokulisindisa.+ 48 Ikho into emgwebayo umntu ongandamkeliyo nongazihoyiyo izinto endizithethayo. Uza kugwetywa zizinto endizithethayo ngomhla wokugqibela. 49 Kaloku izinto endizithetha kuni azisuki kum, kodwa nguTata ondiyalele ukuba ndithethe njani, okanye ndithini.+ 50 Ndiyazi ukuba ukuthobela imiyalelo yakhe kuthetha ubomi obungunaphakade.+ Ngoko ndithetha kuphela izinto uTata athe mandizithethe.”+