Yobhi
31 “Ndenze isivumelwano namehlo am.+
Ngoko ndingayenza njani into yokuncwasa enye intombi?*+
2 Ebeza kundenza ntoni ke uThixo?
Liliphi ilifa ebendiza kulifumana kuSomandla?
3 Akazukufumana ntlekele na umenzi-bubi?
Abazukufikelwa ziingxaki na abo benza izinto ezenzakalisayo?+
Ukhona na umntu endakha ndamqhatha?+
7 Ukuba iinyawo zam ziyaphuma endleleni,+
Okanye intliziyo yam ilandela amehlo am,+
Okanye kukho into engcolise izandla zam,
8 Imbewu endiyihlwayelayo ke mayityiwe ngomnye umntu,+
Nento endiyityalayo mayincothulwe.*
9 Ukuba ndiye ndancwasa omnye umfazi,+
Ndalalela+ emnyango kwammelwane,
10 Umfazi wam makagubele enye indoda,
Ndiza kuphendula ndithini xa efuna ndicacise?+
15 Abadalwanga nguye na, njengam?+
Asibunjwanga nguye sonke na ngaphambi kokuba sizalwe?*+
16 Ukuba bendingavumi ukuwanika izinto azifunayo amahlwempu,+
Okanye ndakhathaza umhlolokazi;+
17 Ukuba bendisitya ndedwa,
Ndivimbe iinkedama;+
18 (Kuba ukususela ebutsheni bam bendinjengotata kwiinkedama,
Ndanceda nabahlolokazi ukususela ebuntwaneni bam.)*
19 Ukuba bendidla ngokubona nabani na esifa yingqele ngenxa yokungabi nampahla,
Okanye ihlwempu lingenanto yokunxiba;+
Njengokuba lizifudumeza ngoboya beegusha zam;
21 Ukuba bendiyigxotha inkedama,+
Xa idinga uncedo lwam kwigeyithi yesixeko;+
22 Mayiqhawuke yonke ke ingalo yam,
Yophuke engqinibeni.
23 Kuba bendisoyika ukohlwaywa nguThixo,
Ibe bendingakwazi ukumelana nozuko lwakhe.
25 Ukuba bendivuyiswa kukuba sisityebi+
Ngenxa yokuba ndinezinto ezininzi;+
26 Ukuba bendisithi xa ndibona ukuqaqamba kwelanga,
Okanye ukukhazimla kwenyanga,+
27 Intliziyo yam itsaleleke kuzo,
Ndize ndiphuze isandla sam ndizikhonza;+
28 Bendiya kuba ndenze isono esifanele isohlwayo sabagwebi,
Kuba bendiya kuba ndimkhanyele uThixo wokwenene.
34 Ngaba ndakha ndoyika ukuba baza kuthini abantu,
Okanye ndoyika ukudelelwa ngabantu beminye imizi,
Bendenza ndithule, ndoyike nokuphuma phandle?
35 Akwaba bekukho umntu onokundimamela!+
Bendiza kuyisayinela phantsi le nto ndiyithethayo.
USomandla makandiphendule!+
Akwaba ummangaleli wam ebezibhale phantsi izinto andityhola ngazo!
36 Bendiza kuzithwala emagxeni am,
Ndizibeke entloko ngathi sisithsaba.
37 Bendiza kumxelela yonke into endiyenzileyo;
Bendiza kuba nesibindi sokuma phambi kwakhe okwenkosana.
38 Ukuba bendinokumangalelwa ngumhlaba wam,
Ndililelwe yimijelo yawo;
39 Ukuba nditye isivuno sawo ndingasihlawulelanga,+
Okanye ndabashiya bengenanto abanikazi bawo;+
40 Makukhule ameva endaweni yengqolowa,
Nokhula olunukayo endaweni yerhasi.”
Aphela apha ke amazwi kaYobhi.