Daniyeli
9 Ngonyaka wokuqala kaDariyo+ unyana ka-Ahaswerosi ophuma kumaMedi, nowaba ngukumkani wobukumkani* bamaKhaledi;+ 2 kanye ngaloo nyaka, mna Daniyeli, ndafunda iincwadi* ndaza ndaqonda inani leminyaka yokutshatyalaliswa kweYerusalem,+ uYehova awalixelela umprofeti uYeremiya, oko kukuthi iminyaka eyi-70.+ 3 Ndajonga kuYehova uThixo wokwenene, ukuze ndimcenge ngomthandazo, ngokungatyi,+ ngokunxiba amalaphu okwenza ingxowa nangokuzigalela ngothuthu. 4 Ndathandaza kuYehova uThixo wam, ndivuma izono zethu. Ndathi:
“Owu yhini Yehova Thixo wokwenene, omkhulu nomangalisayo, osigcinayo isivumelwano sakhe, nobathanda ngokungagungqiyo+ abo bamthandayo nabathobela imithetho yakhe,+ 5 siye sakona, senza izinto ezingafanelekanga, senza izinto ezimbi saza asathobela;+ yaye siye asahamba ngemiyalelo yakho nangezigwebo zakho. 6 Khange sibamamele abakhonzi bakho abangabaprofeti,+ abathetha egameni lakho kookumkani bethu, kwiinkosana zethu, kookhokho bethu nakubo bonke abantu belizwe. 7 Njengokuba kubonakala namhlanje, wena Yehova unobulungisa, kodwa thina sogqunywe lihlazo, amadoda akwaYuda, abemi baseYerusalem, nabo bonke abantu bakwaSirayeli, abahlala kufuphi nabo bahlala kude, kuwo onke amazwe obasasazele kuwo ngenxa yokungathembeki.+
8 “Owu Yehova, thina, ookumkani bethu, iinkosana zethu nookhokho bethu, sihlazekile, kuba sikonile. 9 Kwanga ungasenzela inceba Yehova Thixo wethu, usixolele+ kuba siye asakuthobela.+ 10 Siye asalithobela ilizwi lakho Yehova Thixo wethu ngokungayilandeli imithetho yakho owasibekela yona ngabakhonzi bakho, abaprofeti.+ 11 Onke amaSirayeli aye awophula uMthetho wakho, awalithobela ilizwi lakho, wada wathulula phezu kwethu isiqalekiso esifungelweyo, esibhalwe kuMthetho kaMoses umkhonzi kaThixo wokwenene,+ kuba simonile Yena. 12 Uye wayenza into awayithethayo xa wayesilumkisa,+ elumkisa nabalawuli bethu ababesilawula,* ngokusizisela intlekele enkulu eYerusalem, ekungazange kubekho injengayo phantsi kwamazulu.+ 13 Yonke le ntlekele isifikele,+ kanye njengokuba kubhaliwe kuMthetho kaMoses. Sekunjalo asizicengezelanga kuYehova* uThixo wethu ngokuhambela kude kwisiphoso sethu,+ size siqonde ukuba unenyaniso.*
14 “Ngoko uYehova wahlala ebukele waza wayizisa phezu kwethu intlekele, kuba uYehova uThixo wethu ulilungisa kuyo yonke imisebenzi ayenzileyo. Sekunjalo, thina asilithobelanga ilizwi lakhe.+
15 “Ngoko ke Yehova Thixo wethu, wena owakhupha abantu bakho kwilizwe laseYiputa ngesandla esomeleleyo+ waza wazenzela igama de kwanamhlanje,+ sikonile yaye senze izinto ezimbi. 16 Owu Yehova, ngokwazo zonke izenzo zakho zobulungisa,+ ndicela ungawukhupheli kwisixeko sakho iYerusalem, intaba yakho engcwele, umsindo wakho nobushushu bakho. Kuba ngenxa yeziphoso zethu nezookhokho bethu, iYerusalem nabantu bakho bayinto yokuhlekisa kubo bonke abo bayijikelezileyo.+ 17 Yhini Thixo wethu, khawumamele umthandazo womkhonzi wakho nezicelo zakhe, uze ukhanyise ubuso bakho kwingcwele yakho+ etshabaleleyo,+ ngenxa yegama lakho Yehova. 18 Khawuvule indlebe Thixo wam, uze uve! Ndicela uwavule amehlo akho uze ubone intlungu esikuyo, thina nesixeko esibizwa ngegama lakho; kuba asikuceli ngenxa yezenzo zethu zobulungisa, kodwa ngenxa yenceba yakho enkulu.+ 19 Sicela usive Yehova. Sicela usixolele+ Yehova. Sicela usimamele uze usincede Yehova! Sicela ungalibazisi, ngenxa yegama lakho, yhini Thixo wam, kuba isixeko sakho nabantu bakho babizwa ngegama lakho.”+
20 Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam nesabantu bakowethu amaSirayeli, ndicela inceba kuYehova uThixo wam ngenxa yentaba yakhe engcwele,+ 21 ewe ndithe ndisathandaza njalo, kwathi gqi indoda enguGabriyeli,+ leya ndandiyibone embonweni ngaphambili,+ yeza kum ndidinwe ndiyimfe. Ifike kum malunga nexesha lokwenziwa kweminikelo yangokuhlwa esisipho. 22 Yandenza ndaqonda, yathi:
“Owu Daniyeli, ndize kukuqiqisa ukuze uqonde. 23 Uthe usaqala ukucela, kwaphuma ilizwi, ngoko ke ndize kukuchazela ngalo, kuba ungumntu oxabiseke kakhulu.*+ Ngoko ke mamelisisa le nto ndiza kuyithetha uze uwuqonde umbono.
24 “Babekelwe iiveki eziyi-70* abantu bakowenu nesixeko sakowenu esingcwele,+ zokuba kupheliswe ububi, kucinywe nesono,+ size sihlawulelwe isiphoso,+ kubekho ubulungisa obuza kuhlala buhleli,+ uvalwe ngci umbono nesiprofeto,*+ ithanjiswe neNgcwele yeeNgcwele.* 25 Ufanele wazi uze uqonde ukuba, ukususela ekuphumeni kwelizwi lokuba ilungiswe ize yakhiwe kwakhona iYerusalem+ ukuya kutsho kuMesiya*+ iNkokheli,+ iza kuba ziiveki eziyi-7, neeveki eziyi-62.+ Iza kulungiswa, yakhiwe kwakhona, ibe nendawo kawonke-wonke nomsinga wamanzi, kodwa yonke loo nto, iza kwenziwa ngamaxesha obunzima.
26 “Emva kweeveki eziyi-62, uMesiya uza kubulawa+ engenanto.+
“Yaye isixeko nendawo engcwele ziza kutshatyalaliswa ngabantu benkokheli ezayo.+ Ibe iza kupheliswa ngumkhukula. Kuza kubakho imfazwe kuyo de kube sekupheleni; kaloku kugqitywe kwelokuba itshatyalaliswe.+
27 “Loo nkokheli iza kusiqinisa isivumelwano nabaninzi, esiza kusebenza kangangeveki enye; yaye ekupheleni kwehafu yaloo veki, iza kuyiphelisa imibingelelo neminikelo esisipho.+
“Kumaphiko ezinto ezinezothe kuza kube kuhleli lowo utshabalalisayo;+ yaye ziza kwenzeka izinto ekugqitywe kuzo ngalowo utshabaleleyo, de kufike intshabalalo.”