Kubalisa uLuka
9 UYesu wabiza abapostile bakhe abayi-12, wabanika amandla negunya lokoyisa zonke iidemon+ nelokuphilisa izifo.+ 2 Wabathuma ukuba bayokushumayela uBukumkani bukaThixo baze baphilise abantu abagulayo, 3 waza wathi kubo: “Ze ningaphathi nto endleleni, ningaphathi ntonga, nabhegi yakutya, nasonka namali;* ningaphathi nampahla yakutshintsha.+ 4 Nawuphi na umzi onamkelayo, hlalani kuwo de nimke kuloo ndawo.+ 5 Xa abantu benganamkeli, ze nithi xa niphuma kweso sixeko nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu, ukuze loo nto ibe bubungqina bokuba abanamkelanga.”+ 6 Baphuma ke, bawuhamba wonke loo mmandla, besiya kwiilali ngeelali, beshumayela iindaba ezilungileyo yaye bephilisa kuyo yonke indawo.+
7 Ngoko uHerode,* owayelawula loo ngingqi, weva ngayo yonke into eyenzekayo, ibe wayebhideke kakhulu kuba abantu babesithi uYohane uvusiwe,+ 8 kodwa abanye babesithi nguEliya, abanye besithi kuvuswe omnye wabaprofeti bakudala.+ 9 UHerode wathi: “Ndamnqumla intloko nje uYohane.+ Ngubani ke lo ndiva ezi zinto ngaye?” Ngoko wayefuna ukumbona.+
10 Bathi bakubuya abapostile babalisela uYesu yonke into ababeyenzile.+ Ngoko wabathatha waya nabo kwindawo engenabantu kwisixeko ekuthiwa yiBhethesayida.+ 11 Kodwa bathi abantu bakuyazi loo nto, bamlandela. Wabamkela ngobubele waza wabashumayeza ngoBukumkani bukaThixo, waphilisa nabagulayo.+ 12 Kwathi kwakuba semalanga, beza kuye abapostile abayi-12, bathi: “Yithi aba bantu mabahambe baye kwiilali ezikufutshane ukuze balale khona bafumane nokutya, kuba ikude le ndawo.”+ 13 Kodwa wathi kubo: “Bapheni ngokwenu ukutya.”+ Bathi: “Sinezonka nje ezihlanu neentlanzi ezimbini, ngaphandle kokuba ufuna sihambe siyokubathengela ngokwethu ukutya bonke aba bantu.” 14 Kwakukho malunga namadoda ayi-5 000. Emva koko wathi kubafundi bakhe: “Bahlaliseni babe ngamaqela abantu abamalunga ne-50.” 15 Bayenza loo nto, babahlalisa phantsi bonke. 16 Wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wajonga ezulwini wathandaza.* Emva koko waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, bona bazinika abantu. 17 Ngoko ke bonke batya bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskithi eziyi-12 zamaqhekeza ashiyekileyo.+
18 Ngenye imini, xa uYesu wayethandaza endaweni engenabantu, abafundi bakhe beza kuye, wababuza wathi: “Abantu bathi ndingubani?”+ 19 Bathi kuye: “Bathi unguYohane umBhaptizi, kodwa abanye bathi unguEliya, kanti abanye bathi kuvuke omnye wabaprofeti.”+ 20 Ngoko ke wathi kubo: “Nina, nithi ndingubani?” UPetros wathi: “UnguKristu kaThixo.”+ 21 Emva koko, wabayala kabukhali ukuba bangayixeleli mntu loo nto,+ 22 kodwa wathi: “UNyana womntu umele eve iintlungu ezininzi aze adelelwe ngabadala, ngababingeleli abaziintloko nangababhali, abulawe,+ aze avuswe ngosuku lwesithathu.”+
23 Emva koko, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Nabani na ofuna ukundilandela, makazincame,+ athwale isibonda sakhe sokungcungcutheka* yonke imihla, aze aqhubeke endilandela.+ 24 Kuba nabani na ofuna ukusindisa ubomi bakhe uza kulahlekelwa bubo, kodwa nabani na olahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam uza kubusindisa.+ 25 Nyhani ke, kunceda ngantoni ukuba umntu afumane ihlabathi lonke, kodwa azenzakalise okanye alahlekelwe bubomi bakhe?+ 26 Kaloku nabani na oneentloni ngam nangamazwi am, noNyana womntu uza kuba neentloni ngaye xa efika ekuzuko lwakhe, olukaTata nolweengelosi ezingcwele.+ 27 Ndiyaniqinisekisa ukuba, kubantu abemi apha, kukho abangazukufa de baqale babubone uBukumkani bukaThixo.”+
28 Kwathi ke, malunga neentsuku ezisibhozo emva kokuba ethethe la mazwi, wahamba noPetros noYohane noYakobi esiya kuthandaza entabeni.+ 29 Njengokuba wayethandaza, ubuso bakhe batshintsha nempahla yakhe yakhazimla. 30 Kwathi kusenjalo, kwabonakala amadoda amabini encokola naye, uMoses noEliya. 31 Ayenobuqaqawuli ibe ethetha ngokumka kwakhe okwakusele kuza kwenzeka eYerusalem.+ 32 Ngoko uPetros nabo wayekunye nabo babesozela kakhulu, kodwa ukuphaphama kwabo babona uzuko lukaYesu+ nolwamadoda amabini awayeme naye. 33 Athi la madoda mabini xa eza kuhamba, uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kuyasivuyisa ukuba lapha. Ngoko masimise iintente zibe ntathu, eyakho, ekaMoses nekaEliya.” UPetros wayengaziva ukuba uthini. 34 Uthe esathetha, kwavela ilifu labogquma, baza boyika. 35 Emva koko kwavakala ilizwi+ kwelo lifu, lisithi: “Lo nguNyana wam endimkhethileyo.+ Mmameleni.”+ 36 Lathi lisathetha elo lizwi, babona uYesu sele eyedwa. Ibe kwagqitha ixesha bengaxeleli mntu ngento ababeyibonile.+
37 Ngemini elandelayo, xa bebuya entabeni, badibana nabantu abaninzi.+ 38 Kwakukho enye indoda kwaba bantu eyayikhwaza isithi: “Mfundisi, ndicela uzojonga unyana wam, kuphela kwakhe.+ 39 Usuka ahlaselwe yidemon, atsho ngesikhalo, imjule phantsi axhuzule, alephuze namagwebu, agruzuke, ibe kuba nzima ukuba mayiphume kuye. 40 Bendicenga abafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa khange bakwazi.” 41 UYesu wathi: “Owu sizukulwanandini singenalukholo nesijijekileyo,+ kufuneka ndihlale nani de kube nini? Koda kube nini ndininyamezele? Zisa unyana wakho apha.”+ 42 Ithe le nkwenkwe xa isiza, idemon yayijula phantsi yaza yayixhuzulisa ngamandla. Kodwa uYesu wayingxolisa le demon, wayiphilisa inkwenkwe waza wayibuyisela kutata wayo. 43 Wonke umntu wamangaliswa yindlela anamandla ngayo uThixo.
Bathe besamangalisiwe zizo zonke izinto awayezenza, wathi kubafundi bakhe: 44 “Ndimameleni kakuhle nize niwakhumbule la mazwi, kuba uNyana womntu uza kujikelwa aze anikelwe ebantwini.”+ 45 Babengayiqondi le nto ayithethayo. Yayifihliwe kubo, ibe babesoyika ukumbuza.
46 Emva koko abafundi bakhe baphikisana ngokuba ngubani oyena mkhulu phakathi kwabo.+ 47 Eyazi into esentliziyweni yabo, uYesu wathatha umntwana omncinci, wammisa ecaleni kwakhe, 48 waza wathi kubo: “Nabani na owamkela lo mntwana mncinci egameni lam, wamkela nam; ibe nabani na owamkela mna, wamkela naLowo undithumileyo.+ Kuba lowo uziphatha njengomncinci phakathi kwenu nonke nguye omkhulu.”+
49 UYohane wathi: “Mfundisi, sibone umntu ekhupha iidemon egameni lakho, sazama ukumnqanda, kuba akanguye omnye wethu.”+ 50 Kodwa uYesu wathi kuye: “Myekeni, kuba nabani na onganichasiyo ungakuni.”
51 Njengokuba zazisondela iintsuku zokuba anyuselwe ezulwini,+ wazimisela ukuya eYerusalem. 52 Ngoko wathuma abafundi bakhe ukuba bahambe kuqala. Bahamba ke bayokumlungiselela kwiilali zamaSamariya. 53 Kodwa awazange amamkele,+ kuba wayesiya eYerusalem. 54 Xa abafundi bakhe uYakobi noYohane+ bayibonayo le nto, bathi: “Nkosi, awufuni sibize umlilo ezulwini, ubatshabalalise?”+ 55 Kodwa wajika wabanqanda. 56 Ngoko baya kwenye ilali.
57 Bathi besesendleleni, badibana nomnye umntu, waza wathi kuYesu: “Ndiza kukulandela naphi na apho uya khona.” 58 Kodwa uYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma neentaka zineendlwane, kodwa yena uNyana womntu akanayo nendawo le yokufihla intloko.”+ 59 Emva koko wathi komnye: “Yiba ngumlandeli wam.” Loo mntu wathi: “Nkosi, ndicela undivumele ndiqale ndiyokungcwaba utata.”+ 60 Kodwa wathi kuye: “Bayeke abafileyo bangcwabe abafileyo,+ wena hamba uyokushumayela ngoBukumkani bukaThixo kuyo yonke indawo.”+ 61 Nomnye wathi: “Nkosi, ndiza kukulandela, kodwa qala undivumele ndiyokuvalelisa kwabo basendlini.” 62 UYesu wathi kuye: “Nabani na obamba ikhuba aze ajonge ngasemva,+ akabufanelekelanga uBukumkani bukaThixo.”+