Kubalisa uMarko
10 UYesu wemka waya kwimimandla ekwimida yakwaYuda phesheya kweYordan, kwaphinda kweza abantu abaninzi kuye. Nabo wabafundisa, njengoko wayeqhele ukwenza.+ 2 Kweza nabaFarisi bezokumlinga, bembuza ukuba kusemthethweni na ukuba indoda iqhawule umtshato nomfazi wayo.+ 3 Wabaphendula wathi: “Wathini uMoses kuni?” 4 Bathi: “UMoses wayivuma into yokuba indoda inike umfazi isatifiketi sokuqhawula umtshato ukuze yahlukane naye.”+ 5 Kodwa uYesu wathi kubo: “Wanibhalela lo mthetho ngenxa yenkani yenu.+ 6 Kodwa kwasekuqaleni, ‘uThixo wabadala baba yindoda nomfazi.+ 7 Yiloo nto indoda iza kumshiya utata nomama wayo,+ 8 baze babe nyama-nye,’+ ukuze bangabi saba babini, kodwa babe ngumntu omnye.* 9 Ngoko ke, abo uThixo abadibanise ngedyokhwe, makungabikho mntu ubahlukanisayo.”+ 10 Xa besendlini, abafundi bakhe bambuza ngale nto. 11 Wathi kubo: “Nabani na oqhawula umtshato nomfazi wakhe aze atshate omnye, uyakrexeza,*+ ibe uyamona, 12 yaye ukuba umfazi uqhawula umtshato nomyeni wakhe aze atshate nenye indoda, uyakrexeza.”*+
13 Abantu bazisa abantwana abancinci kuye, ukuze ababeke izandla aze abathandazele, kodwa abafundi bakhe babangxolisa.+ 14 Wathi esakuyibona loo nto uYesu, wacaphuka, wathi kubo: “Bayekeni abantwana beze kum, sanukubanqanda, kuba uBukumkani bukaThixo bobabantu abafana nabo.+ 15 Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na ongabamkeli njengomntwana omncinci uBukumkani bukaThixo, soze angene kubo.”+ 16 Wabawola aba bantwana waza wabasikelela, ebabeka izandla.+
17 Wathi uYesu xa ehamba, kweza kuye enye indoda ibaleka, yaguqa ngamadolo phambi kwakhe, yambuza isithi: “Mfundisi Olungileyo, yintoni endimele ndiyenze ukuze ndifumane ubomi obungunaphakade?”+ 18 UYesu wathi kuyo: “Kutheni usithi ndilungile? Mnye kuphela umntu olungileyo, nguThixo.+ 19 Uyazi ukuba imiyalelo ithi: ‘Uze ungabulali,+ uze ungakrexezi,*+ uze ungebi,+ uze ungangqini ubuxoki,+ uze ungaqhathi,+ mhloniphe utata wakho nomama wakho.’”+ 20 Le ndoda yathi kuye: “Mfundisi, ndaqala ukuzenza ezi zinto ndisengumntwana.” 21 UYesu wayijonga, wayithanda, waza wathi kuyo, “Kukho into enye eshotayo: Hamba uyokuthengisa yonke into onayo, uze loo mali uyinike amahlwempu, utsho ube nobutyebi ezulwini; emva koko, uze kum, ube ngumlandeli wam.”+ 22 Kodwa yakhathazeka yile mpendulo, yaza yahamba ibuhlungu, kuba yayinezinto ezininzi.+
23 UYesu wabhekabheka waza wathi kubafundi bakhe: “Kuza kuba nzima nyhani ngabantu abanemali ukungena eBukumkanini bukaThixo!”+ 24 Yabamangalisa loo nto abafundi bakhe. Waza uYesu wathi kubo: “Bahlobo bam,* kunzima kakhulu ukungena eBukumkanini bukaThixo! 25 Kungalula ukuba inkamela ingene emngxunyeni wenaliti kunokuba isityebi singene eBukumkanini bukaThixo.”+ 26 Le nto yabamangalisa nakakhulu baza bathi kuye:* “Ngubani ke onokusindiswa?”+ 27 Ebathe ntsho emehlweni, uYesu wathi kubo: “Ebantwini ibonakala ingenakwenzeka le nto, kodwa kuThixo yonke into ingenzeka.”+ 28 UPetros wathi kuye: “Sishiye zonke izinto zethu, sakulandela.”+ 29 UYesu wathi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, akukho mntu ushiye ikhaya lakhe, abantakwabo, oodadewabo, umama wakhe, utata wakhe, abantwana bakhe okanye amasimi akhe ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo+ 30 ongazukufumana ngokuphindwe kayi-100 izindlu, abantakwabo, oodadewabo, oomama, abantwana, amasimi kunye neentshutshiso+ ngoku, nobomi obungunaphakade kwihlabathi elizayo.* 31 Kodwa abaninzi abangabokuqala baza kuba ngabokugqibela baze abokugqibela babe ngabokuqala.”+
32 UYesu nabafundi bakhe benyuka besiya eYerusalem, uYesu ehamba phambili, yaza yabamangalisa le nto abafundi bakhe, kodwa bona abantu ababebalandela boyika. UYesu waphinda wabizela abapostile bakhe abayi-12 ecaleni, wabaxelela izinto ezazisele ziza kumehlela:+ 33 “Jongani! Ngoku siya eYerusalem, ibe uNyana womntu uza kunikelwa kubabingeleli abaziintloko nababhali. Baza kuwisa isigwebo sokuba makabulawe, bamnikele kubantu beentlanga, 34 ibe aba bantu baza kuhlekisa ngaye, bamthufele, bamkatse kanobom, bambulale, kodwa uza kuvuka emva kweentsuku ezintathu.”+
35 UYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi,+ baya kuye baza bathi: “Mfundisi, sifuna usenzele nantoni na esiyicelayo kuwe.”+ 36 Wathi kubo: “Nifuna ndinenzele ntoni?” 37 Bathi kuye: “Sicela ukuhlala ecaleni kwakho kuzuko lwakho, omnye ngasekunene, omnye ngasekhohlo.”+ 38 UYesu wathi kubo: “Aniyazi le nto niyicelayo. Ningakwazi na ukusela kwindebe endisela kuyo, okanye nikulungele na ukubhaptizwa ngale ndlela ndibhaptizwa ngayo?”+ 39 Bathi kuye: “Ewe singakwazi.” UYesu wathi kubo: “Niza kusela kwindebe endisela kuyo, ibe niza kubhaptizwa ngendlela endibhaptizwa ngayo.+ 40 Kodwa ayindim ogqibayo ukuba ngubani ohlala ekunene okanye ekhohlo kwam; kuza kuhlala abo kulungiselelwe bona.”
41 Bathi bakuyiva loo nto abanye abafundi abalishumi, yabacaphukisa kakhulu le nto yenziwe nguYakobi noYohane.+ 42 Kodwa uYesu wababizela kuye waza wathi: “Niyazi ukuba abalawuli* beentlanga babatsalisa nzima abantu, ibe babalawula ngegqudu.+ 43 Mayingenzeki loo nto phakathi kwenu; kodwa nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu mayibe nguye osebenzela abanye,+ 44 yaye nabani na ofuna ukuba ngoyena uphambili phakathi kwenu, makabe likhoboka lenu. 45 Kuba noNyana womntu akezanga ukuze asetyenzelwe, kodwa uzele ukuba ibe nguye osebenzayo,+ aze anikele ngobomi bakhe ukuze kuhlawulelwe abaninzi.”+
46 Bafika ke eYeriko. Kodwa wathi xa ephuma apho nabafundi bakhe neqela elikhulu labantu, wabe uBhartimeyu (unyana kaTimeyu), owayengaboni nowayecela izinto ebantwini, ehleli ecaleni kwendlela.+ 47 Wathi akuva ukuba nguYesu, umNazarete, wakhwaza wathi: “Yesu, Nyana kaDavide,+ ndenzele inceba!”+ 48 Aba bantu bamngxolisa besithi makathule, kodwa wakhwaza kakhulu esithi: “Nyana kaDavide, ndenzele inceba!” 49 Ngoko uYesu wema, wathi: “Mbizeni.” Bambiza loo mntu ungaboniyo, besithi kuye: “Yiba nesibindi! Phakama; uyakubiza.” 50 Ngoko nangoko, wakhulula isambatho sakhe sangaphezulu, waxhuma wema ngeenyawo, waya kuYesu. 51 UYesu wathi kuye: “Ufuna ndikwenzele ntoni?” Lo mntu ungaboniyo wathi kuye: “Mfundisi,* ndenze ndiphinde ndibone.” 52 UYesu wathi kuye: “Hamba. Ukholo lwakho lukuphilisile.”+ Ngoko nangoko waphinda wabona,+ waza wamlandela.