Eyokuqala KaYohane
3 Ndlela le asithanda ngayo uTata,+ side sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo!+ Ibe ke singabo. Yiloo nto ihlabathi lingasazi.+ Alisazi kuba alimazi naye.+ 2 Bazalwana endibathandayo, ngoku singabantwana bakaThixo,+ kodwa ayikabonakaliswa indlela esiza kuba yiyo.+ Siyazi ukuba xa ebonakaliswa siza kufana naye, ngenxa yokuba siza kumbona njengokuba enjalo. 3 Bonke abantu abaneli themba kuye bayazicoca,+ kuba naye ucocekile.
4 Bonke abantu abaqhubeka besona bophula umthetho, yaye isono sikukophula umthetho. 5 Niyazi nokuba yena wabonakaliswa ukuze asuse izono zethu,+ yaye akukho sono kuye. 6 Wonke umntu omanyene naye akaqhubeki esona;+ nabani na oqhubeka esona akamazi yaye akanalo ukholo kuye. 7 Bantwana abancinci, ningavumeli nabani na anilahlekise; nabani na owenza izinto ezilungileyo ulilungisa, njengokuba noYesu elilungisa. 8 Umntu oqhubeka esona ufuze uMtyholi, kuba uMtyholi wona kwasekuqaleni.+ Wazela loo nto kanye uNyana kaThixo, ukuba azokutshabalalisa imisebenzi kaMtyholi.+
9 Wonke umntu ozelwe nguThixo akaqhubeki esona,+ kuba imbewu Yakhe ikubantu abanjalo, yaye abanakuqhubeka besona, kuba bazelwe nguThixo.+ 10 Nantsi indlela ababonakala ngayo abantwana bakaThixo nabantwana bakaMtyholi: Nabani na ongaqhubeki esenza ubulungisa akaphumi kuThixo, kuyafana ke nangalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.+ 11 Kuba lo ngumyalelo enawuvayo kwasekuqaleni, wokuba sithandane;+ 12 singabi njengoKayin, owafuza uMtyholi, wabulala umntakwabo.+ Kwakutheni ukuze ambulale? Kwakungenxa yokuba izenzo zakhe zazingalunganga,+ zabe ezomntakwabo zilungile.+
13 Mayinganimangalisi bazalwana, into yokuba ihlabathi linicaphukela.+ 14 Siyazi ukuba thina besifana nje nabafileyo ngenxa yezono zethu,+ kodwa ngoku siyaphila, kuba siyabathanda abazalwana.+ Umntu ongenalo uthando uyafana nje nomntu ofileyo.+ 15 Nabani na ocaphukela umzalwana wakhe ungumbulali,*+ ibe niyazi kuba akukho mbulali uza kufumana ubomi obungunaphakade.+ 16 Ngoku siyazi ukuba luyintoni uthando, ngenxa yalowo wancama ubomi bakhe, ebuncamela thina;+ ngoko ke nathi simele sibancamele ubomi bethu abazalwana bethu.+ 17 Kodwa ke, ukuba umntu unezinto, aze xa ebona umzalwana wakhe edinga, angafuni kumnceda, angatsho njani ke loo mntu ukuba uyamthanda uThixo?+ 18 Bantwana abancinci, masingathandi nje ngomlomo,+ kodwa masithande ngezenzo+ nangenyaniso.+
19 Yiloo nto ke eza kubonisa ukuba sikwicala lenyaniso, ibe siza kuqiniseka ukuba uThixo uyasithanda. 20 Nokuba iintliziyo zethu ziyasigweba, masikhumbule ukuba uThixo mkhulu kuneentliziyo zethu, ibe wazi yonke into.+ 21 Bazalwana endibathandayo, ukuba iintliziyo zethu azisigwebi, sinenkululeko yokuthetha phambi koThixo;+ 22 ibe nantoni na esiyicelayo kuye siyayifumana,+ kuba siyayithobela imiyalelo yakhe, ibe senza izinto ezimvuyisayo. 23 Umyalelo wakhe uthi, masibe nokholo egameni loNyana wakhe uYesu Kristu,+ size sithandane,+ njengokuba wasiyalelayo. 24 Ngaphezu koko, nabani na oyithobelayo imiyalelo kaThixo uhlala emanyene naye, ibe noThixo umanyene naloo mntu.+ Umoya asinike wona, usinceda sazi ukuba umanyene nathi.+