Eyesithathu KaYohane
1 Kubhala mna, indoda enkulu.* Ndibhalela uGayo endimthanda kakhulu.
2 Mzalwana wam endimthandayo, ndithandazela ukuba izinto zihlale zikuhambela kakuhle, uze ube sempilweni, njengokuba kunjalo ngoku. 3 Ndavuya kakhulu xa kwafika abazalwana, bandixelela ngendlela osabambelele ngayo enyanisweni.+ 4 Ayikho into endivuyisa* ngathi yile: ukuva ukuba abantwana bam basabambelele enyanisweni.+
5 Mzalwana wam endimthandayo, izinto ozenzela abazalwana ongabazi nokubazi,+ zibonisa ukuba uthembekile. 6 Bayibalise ebandleni indlela obubaphethe kakuhle ngayo.* Ndicela ukuba xa behamba ubalungiselele ngendlela evuyisa uThixo.+ 7 Kuba bahamba beshumayela ngenxa yegama likaThixo, bengathathi nantoni na kubantu beentlanga.+ 8 Thina ke simele sibenzele ububele abantu abanjalo,+ ngaloo ndlela siyabancedisa kumsebenzi wabo wokushumayela ngenyaniso.+
9 Ndibhalele ibandla ileta, kodwa uDiyotrefe, othanda ukuzigqatsa,+ akayihloniphi nantoni na esuka kuthi.+ 10 Ngoko ke, xa ndifika apho, ndiza kuzibhenca zonke izinto ezimbi azithetha ngathi, engcolisa amagama ethu.+ Akoneli nayileyo. Ude angafuni nokubamkela ngembeko abazalwana,+ ezama ukubanqanda nokubagxotha ebandleni abo bafuna ukubamkela.
11 Mzalwana wam endimthandayo, ungazilinganisi izinto ezimbi, kodwa linganisa ezilungileyo.+ Umntu owenza izinto ezilungileyo uphuma kuThixo.+ Kodwa owenza ezimbi akanalukholo kuThixo.+ 12 UDemetriyo yena kuthethwa kakuhle ngaye ngumntu wonke, ibe ubambelele enyanisweni. Kangangokuba nathi siyayingqina loo nto ngaye, ibe uyazi nawe ukuba sithetha inyani.
13 Zininzi kona izinto ebendifuna ukukuxelela zona, kodwa andifuni kuzibhala phantsi. 14 Ndithemba ukuba ndiza kukubona kungekudala, sithethe sijongene.
Kwanga unganoxolo.
Bayabulisa abahlobo bakho. Nawe ndibulisele kuye ngamnye kubahlobo bam.