Levitikus
25 ENtabeni YaseSinayi uYehova waqhubeka wathi kuMoses: 2 “Yithi kumaSirayeli, ‘Xa nithe ekugqibeleni nafika kwilizwe endininika lona,+ nimele niliphumze ilizwe nize nibe nesabatha kuYehova.+ 3 Intsimi yakho uza kuyityala imbewu iminyaka emithandathu, uthene intsimi yakho yeediliya iminyaka emithandathu, uze uqokelele imveliso yelizwe.+ 4 Kodwa ngonyaka wesixhenxe, kufanele kubekho isabatha, ukuphumla okupheleleyo kwelizwe, isabatha kuYehova. Intsimi yakho ufanele ungayityali mbewu, nentsimi yakho yeediliya ungayitheni. 5 Umele ungasivuni isityalo esiye sazikhulela ngenxa yeenkozo eziye zasala xa bekuvunwa, neediliya zentsimi yakho engathenwanga uze ungaziqokeleli. Kufanele kubekho unyaka wokuphumla okupheleleyo kwelizwe. 6 Noko ke, ungakutya ukutya okuye kwavela elizweni xa bekuqhubeka isabatha, oko kutya kungatyiwa nguwe, ngamakhoboka namakhobokazana akho, ngumqeshwa wakho, abantu basemzini abahlala nawe, 7 nkqu nezilwanyana zakho zasekhaya nezilwanyana zasendle eziselizweni lakho zingatya. Yonke imveliso yelizwe ingatyiwa.
8 “‘Uza kubala iminyaka esixhenxe eziisabatha, iminyaka esixhenxe ephindwe kasixhenxe, zize iintsuku zaloo minyaka isixhenxe yeesabatha ziyokufikelela kwiminyaka eyi-49. 9 Emva koko, ngenyanga yesixhenxe ngosuku lweshumi enyangeni leyo, uza kuvuthela uphondo ngesandi esikhulu. Ngemini Yokuhlawulela,+ umele uluvuthele luvakale kulo lonke ilizwe lenu. 10 Nimele niwujonge unyaka we-50 njengongcwele kuThixo nize nazise bonke abahlali belizwe ukuba kukho inkululeko.+ Loo nyaka uza kuba nguNyaka Wenkululeko* kuni, yaye ngamnye uza kubuyela elifeni lakhe ibe ngamnye kuni ufanele abuyele kwintsapho yakhe.+ 11 Lo nyaka we-50 uza kuba nguNyaka Wenkululeko* kuni. Anizukutyala mbewu okanye nivune zityalo zizikhuleleyo ngenxa yembewu eye yasala yaye anizukuqokelela neediliya zamasimi eediliya angathenwanga.+ 12 Kuba lo nguNyaka Wenkululeko.* Ufanele ube ngcwele kuni. Ningatya kuphela izinto ezizikhulelayo.+
13 “‘Ngalo Nyaka Wenkululeko,* ngamnye kuni ufanele abuyele elifeni lakhe.+ 14 Ukuba uthengisela omnye umntu, okanye uthenga kuye, nize ningaqhathani.+ 15 Xa uthenga umhlaba komnye umntu, ufanele ubale iminyaka eye yadlula emva koNyaka Wenkululeko.* Yena ufanele alibeke ixabiso ngokweminyaka eshiyekileyo yokulima.+ 16 Ukuba kusashiyeke iminyaka emininzi, unokulinyusa ixabiso lawo, yaye ukuba kusele iminyaka embalwa, ufanele alihlise ixabiso lawo, kuba ukuthengisela izihlandlo oza kuvelisa ngazo izilimo. 17 Akukho mntu phakathi kwenu ufanele aqhathe omnye,+ yaye nifanele nimoyike uThixo wenu,+ kuba ndinguYehova uThixo wenu.+ 18 Xa niyenza imiyalelo yam nize nizigcine izigwebo zam, niza kuhlala nikhuselekile elizweni.+ 19 Ilizwe liza kuvelisa iziqhamo zalo,+ ibe niza kutya nihluthe nize nihlale kulo nikhuselekile.+
20 “‘Kodwa ukuba nithi: “Siza kutya ntoni ngonyaka wesixhenxe ukuba asimele sityale imbewu okanye siqokelele izilimo?”+ 21 Ndiza kuthumela intsikelelo yam ngonyaka wesithandathu, ibe umhlaba uza kuvelisa izilimo eziza kunithwala iminyaka emithathu.+ 22 Emva koko niza kuyityala imbewu ngonyaka wesibhozo, ibe niza kutya izilimo zexesha elidluleyo de kube ngunyaka wesithoba. Niza kutya izilimo zexesha elidluleyo zide zibe ziyafumaneka ezonyaka wesithoba.
23 “‘Umhlaba ungaze uthengiselwe umntu ube ngowakhe ngonaphakade,+ kuba umhlaba ngowam.+ Nina ningabantu basemzini nabahambi kum.+ 24 Wonke umhlaba olilifa lenu nifanele niwunike ilungelo lokuphinda uthengwe.
25 “‘Ukuba umntakwenu uye waba lihlwempu waza wathengisa inxalenye yelifa lakhe, umhlawuleli azalana naye ngokusondeleyo makeze aze ayithenge kwakhona loo nto ayithengisileyo umntakwabo.+ 26 Ukuba umntu akanamhlawuleli kodwa uba nezinto aze akwazi ukuphinda ayithenge, 27 loo mntu ufanele abale iminyaka eye yadlula ukususela oko walithengisayo ilifa, ukuze azi ixabiso lalo aze abuyisele imali eshiyekileyo kumntu alithengise kuye. Emva koko angabuyela elifeni lakhe.+
28 “‘Kodwa ukuba umntu akanandlela yakulithenga, ilifa awalithengisayo liza kuhlala likumntu owalithengayo de kufike uNyaka Wenkululeko.*+ Emva koko liza kubuyiselwa kuye ngoNyaka Wenkululeko* aze abuyele elifeni lakhe.+
29 “‘Ukuba umntu uthengise indlu esesixekweni esibiyelwe ngodonga, uza kuqhubeka kangangonyaka enalo ilungelo lokuphinda ayithenge ukususela ngexesha awayithengisa ngalo. Uza kuba nelungelo lokuphinda ayithenge+ kude kuphele unyaka. 30 Kodwa ukuba ayithengwanga kwakhona de waphela unyaka, loo ndlu isesixekweni esibiyelwe ngodonga iza kuqhubeka ililifa lomntu owayithengayo ngonaphakade kuzo zonke izizukulwana zakhe. Ayifanele ibuyiselwe ngoNyaka Wenkululeko.* 31 Kodwa izindlu ezikwiidolophana ezingabiyelwanga ngodonga zifanele zijongwe njengeziyinxalenye yentsimi yelizwe. Zifanele zihlale zinalo ilungelo lokuphinda zithengwe, yaye zifanele zibuyiselwe ngoNyaka Wenkululeko.*
32 “‘AbaLevi baza kuhlala benelungelo lokuphinda bazithenge izindlu zabo ezikwizixeko zabo.+ 33 Xa umLevi engaphindi ayithenge indlu yakhe eye yathengiswa kwisixeko sabo, iza kubuyiselwa ngoNyaka Wenkululeko,*+ kuba izindlu ezisezixekweni zabaLevi zililifa labo phakathi kwamaSirayeli.+ 34 Ngaphezu koko, umhlaba olidlelo+ ojikeleze izixeko zabo awunakuthengiswa, kuba ulilifa eliza kuhlala ilelabo.
35 “‘Ukuba umntakwenu ohlala kufutshane kuwe uba lihlwempu yaye akasakwazi ukuziphilisa, ufanele umhoye,+ kanye ngendlela ubuza kwenza ngayo kumntu wasemzini nomhambi.+ Loo nto iza kumgcina ephila. 36 Sukuthatha nzala kuye okanye wenze inzuzo ngaye.+ Umele umoyike uThixo wakho,+ ibe umntakwenu uza kuqhubeka ephila kunye nawe. 37 Umele ungayizalisi imali omboleke yona+ okanye ufune inzuzo ngokutya omnike kona. 38 NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphe kwilizwe laseYiputa,+ ndaninika ilizwe laseKanan, ukuze nibone ukuba ndinguThixo wenu.+
39 “‘Ukuba umntakwenu ohlala kufutshane uba lihlwempu kuze kufuneke azithengise kuwe,+ uze ungamnyanzeli ukuba asebenze njengekhoboka.+ 40 Ufanele aphathwe njengomqeshwa,+ njengomhambi. Ufanele akusebenzele de ibe nguNyaka Wenkululeko.* 41 Emva koko uza kukushiya, yena nabantwana* bakhe, abuyele kubantu bakowabo. Ufanele abuyele kwilifa lootatomkhulu bakhe.+ 42 Kuba bangamakhoboka am endiwakhuphe kwilizwe laseYiputa.+ Bafanele bangazithengisi ngendlela ekuthengiswa ngayo ikhoboka. 43 Uze ungamphathi kabuhlungu,+ yaye umele umoyike uThixo wakho.+ 44 Ikhoboka nekhobokazana lakho malivele kwiintlanga ezikufutshane nani. Ningalithenga kuzo ikhoboka nekhobokazana. 45 Kwakhona ningawathenga amakhoboka kubantu basemzini abahlala nani,+ nakwiintsapho zabo ezikunye nani yaye aza kuba lilifa lenu. 46 Ningawadlulisela koonyana benu ukuze ahlale elilifa labo. Ningawasebenzisa njengabasebenzi benu, kodwa abazalwana benu abangamaSirayeli nimele ningabaphathi kabuhlungu.+
47 “‘Kodwa ukuba umntu wasemzini okanye umhambi okunye nani uye wasisityebi waza umntakwenu ongumSirayeli walihlwempu, aze azithengise kumntu wasemzini okanye kumhambi osekuhlaleni, okanye kwilungu lentsapho lomntu wasemzini, 48 uza kuhlala enalo ilungelo lokuphinda athengwe nasemva kokuba ezithengisile. Omnye wabantakwabo unokumthenga,+ 49 okanye umntakwabotata wakhe, okanye unyana womntakwabotata wakhe, okanye nasiphi na isizalwana sakhe esisondeleyo,* nawuphi na umntu kubantu bakowabo, angamthenga kwakhona.
“‘Okanye ukuba uye wasisityebi, angazithenga ngokwakhe.+ 50 Ufanele abale kunye nomthengi lowo, basusele kunyaka wokuzithengisa kwakhe bayokutsho kuNyaka Wenkululeko,*+ imali yokuzithengisa kwakhe iza kulingana nenani laloo minyaka.+ Iintsuku zokusebenza kwakhe ziza kujongwa ngokufanayo nezomntu oqeshiweyo.+ 51 Ukuba isemininzi iminyaka, ufanele abhatale imali elingana naloo minyaka ishiyekileyo. 52 Kodwa ukuba kushiyeke iminyaka embalwa ngaphambi kokuba kufike uNyaka Wenkululeko,* ufanele azibalele aze azibhatalele ngokweminyaka eshiyekileyo. 53 Ufanele aqhubeke engumsebenzi oqeshiweyo unyaka nonyaka, yaye ufanele uqiniseke ukuba akamphathi kabuhlungu.+ 54 Kodwa, ukuba akakwazi ukuzithenga kwakhona ngezi ndlela, uza kukhululeka ngoNyaka Wenkululeko,*+ yena nabantwana* bakhe abakunye naye.
55 “‘Kaloku amaSirayeli ngamakhoboka am. Angamakhoboka am endiye ndawakhupha kwilizwe laseYiputa.+ NdinguYehova uThixo wenu.