Yiba Nenkalipho Njengoko Intlangulo Isondela
“Ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova.”—YEREMIYA 1:19.
1, 2. Kutheni intsapho yabantu ifuna ukuhlangulwa?
INTLANGULO! Elinjani ukuthuthuzela igama! Ukuhlangulwa kuthetha ukusindiswa, ukukhululwa kwimeko embi, engonwabisiyo. Oku kuquka ingcamango yokuziswa kwimeko elunge ngakumbi, neyonwabisayo.
2 Hayi indlela intsapho yabantu eyifuna ngamehlo amnyama ngayo intlangulo enjalo ngoku! Kuyo yonke indawo abantu basindwa yaye batyhafiswa ziingxaki ezinzima—ezoqoqosho, ezentlalo, ezingokwasemzimbeni, ezingokwasengqondweni nezingokweemvakalelo. Inkoliso yabo ayanelisekanga yaye iphoxwa yindlela ihlabathi eliqhuba ngayo ibe ingavuya ukuba izinto zingabhetele.—Isaya 60:2; Mateyu 9:36.
“Amaxesha Amanqam Ekunzima Ukuqhubana Nawo”
3, 4. Kutheni intlangulo ifuneka ngakumbi ngoku?
3 Ekubeni le nkulungwane yama-20 iye yathwaxwa kakhulu ziimbandezelo kunayo nayiphi na enye, intlangulo ifuneka ngakumbi ngoku kunanini na ngaphambili. Namhlanje, bangaphezulu lee kwiwaka lesigidi abantu abahlwempuzeke gqitha, ibe elo nani landa ngezigidi ezingama-25 minyaka le. Nyaka ngamnye bamalunga nezigidi ezili-13 abantwana abafa ngenxa yokungondleki okanye ngenxa yezinye izizathu ezinxibelelene nobuhlwempu—bangaphezu kwama-35 000 ngosuku! Ibe izigidi zabantu abadala zifa ngaphambi kwexesha ngenxa yezifo ezahlukahlukeneyo.—Luka 21:11; ISityhilelo 6:8.
4 Iimfazwe nezidubedube ziye zabangela ukubandezeleka okungathethekiyo. Incwadi ethi Death by Government ithi iimfazwe, ungquzulwano lobuzwe nolonqulo, nokubulawa kwabantu abaninzi ngoorhulumente babo ziye “zasuba ubomi babantu abangaphezu kwezigidi ezingama-203 kule nkulungwane.” Ihlabela mgama isithi: “Abantu abafileyo basenokuba malunga nezigidi ezingama-360. Uluntu luba ngathi lutshatyalaliswa kuKufa Okumnyama. Ibe ngokwenene kunjalo, kodwa ngubhubhani weGunya, kungekhona oweentsholongwane.” Umbhali uRichard Harwood wathi: “Iimfazwe zabantu bamandulo zeenkulungwane ezidlulileyo beziyimilo nje emincinane ngokwentelekiso.”—Mateyu 24:6, 7; ISityhilelo 6:4.
5, 6. Yintoni eyenza ixesha lethu libe nobunzima kangaka?
5 Into eyongezelela kwiimeko ezicinezelayo zeminyaka yakutshanje kukwanda kolwaphulo-mthetho olunogonyamelo, ukuziphatha kakubi nokuwohloka kwentsapho. Owayesakuba nguNobhala Wemfundo eUnited States uWilliam Bennett wathi kwiminyaka engama-30 abemi baseUnited States baye banda ngama-41 ekhulwini, kodwa ulwaphulo-mthetho olunogonyamelo lwande ngama-560 ekhulwini, ukuzalwa kwemigqakhwe kwande ngama-400 ekhulwini, uqhawulo-mtshato lwande ngama-300 ekhulwini, yaye ukuzibulala kwabakwishumi elivisayo kulinganiselwa kuma-200 ekhulwini. UNjingalwazi weYunivesithi iPrinceton uJohn DiIulio, Omnci., walumkisa ngolwando “lwabaphangi, ababulala, bahlasele, badlwengule, bakhuthuze, baqhekeze baze babangele izidubedube ekuhlaleni. Abakoyiki ukubanjwa, intlungu yokuvalelwa entolongweni, okanye ukukhathazwa sisazela.” Kwelo lizwe, ukubulalana kwabantu kungunobangela wesibini kwabaphambili bokufa kwabo baphakathi kweminyaka eli-15 ukusa kweli-19 ubudala. Ibe abantwana abangakumbi abangaphantsi kweminyaka emine ubudala bayafa ngenxa yokuxhatshazwa kunokubulawa zizifo.
6 Ulwaphulo-mthetho nogonyamelo olunjalo alupheleliselwanga kuhlanga olunye. Inkoliso yamazwe inikela ingxelo efanayo. Okufak’ isandla koku kukwanda kokusetyenziswa ngokungekho mthethweni kweziyobisi ezonakalisa izigidi zabantu. ISydney Morning Herald yaseOstreliya yathi: “Ukuthengiswa kweziyobisi okungekho mthethweni kumazwe ngamazwe kuye kwaba lishishini lesibini kwawona anemali ehlabathini lilandela urhwebo lwezixhobo.” Omnye uthunywashe lugonyamelo nokuziphatha kakubi ngoku okugqugqisayo kumabonwakude. Kumazwe amaninzi, xa umntwana efikelela kwiminyaka eli-18 ubudala, uba sele ebone amashumi amawaka ezenzo zogonyamelo kumabonwakude kunye nenyambalala yezenzo zokuziphatha kakubi. Oku kuyimpembelelo enkulu eyonakalisayo, ekubeni ubuntu bethu buyilwa koko sondla ngako iingqondo zethu.—Roma 12:2; Efese 5:3, 4.
7. Isiprofeto seBhayibhile siye sazixela kusengaphambili njani iimeko ezimbi ezikhoyo?
7 Ngokuchanileyo isiprofeto seBhayibhile salixela kwangaphambili eli khondo loyikekayo leziganeko zenkulungwane yethu. Sathi kuza kubakho iimfazwe zomhlaba wonke, oobhubhane bezifo, ukunqongophala kokutya nokwanda kokuchas’ umthetho. (Mateyu 24:7-12; Luka 21:10, 11) Kwaye xa siqwalasela isiprofeto esibhalwe kweyesi-2 kuTimoti 3:1-5, kufana nokuphulaphula iindaba zemihla ngemihla. Sichaza ixesha lethu ‘njengemihla yokugqibela’ yaye sichaza abantu ‘njengabazithandayo, abathandi bemali, abangathobeli bazali, abanganyanisekanga, abangenawo umsa wemvelo, abangenakuzeyisa, iindlobongela, abakhukhumele yinkqayiso, abathandi beziyolo kunokuba ngabathandi bakaThixo.’ Linjalo kanye ihlabathi namhlanje. Kunjengokuba uWilliam Bennett wavumayo: “Kukho imiqondiso emininzi yokuba . . . impucuko iyonakala.” Kude kwathiwa impucuko yaphela ngemfazwe yehlabathi yokuqala.
8. Kwakutheni ukuze uThixo azise uMkhukula ngomhla kaNowa, ibe oku kudibana njani nomhla wethu?
8 Imeko yanamhlanje ide yambi nangaphezu kwemeko yomhla woMkhukula kaNowa, xa “ihlabathi lalizele lugonyamelo.” Ngelo xesha, abantu babengafuni ukuguquka kwiindlela zabo ezitenxileyo. Ngaloo ndlela, uThixo wathi: “Ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa.” UNogumbe waliphelisa elo hlabathi linogonyamelo.—Genesis 6:11, 13; 7:17-24.
Ayikho Intlangulo Evela Ebantwini
9, 10. Kutheni singafanele sikhangele ebantwini ukuze sifumane intlangulo?
9 Ngaba imigudu yabantu inokusihlangula kwezi meko zimbi? ILizwi likaThixo liyaphendula: “Musani ukukholosa ngamanene, ngonyana womntu, yena ungenalo usindiso.” “Akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.” (INdumiso 146:3; Yeremiya 10:23) Amawaka eminyaka yembali aye awangqina eyinyaniso loo mazwi. Abantu baye bazama zonke iinkqubo zobupolitika, zoqoqosho nezentlalo abanokucinga ngazo, kodwa iimeko ziya zisiba mbi. Ukuba abantu bebenaso isicombululo, ngesibonakala ngoku. Kunoko, enyanisweni ‘umntu ugunyazele umntu, kwaba kubi kuye.’—INtshumayeli 8:9; IMizekeliso 29:2; Yeremiya 17:5, 6.
10 Kwiminyaka embalwa edluleyo, owayesakuba ngumcebisi wokhuseleko lwesizwe kwelaseUnited States uZbigniew Brzezinski wathi: “Isigqibo esingaphephekiyo salo naluphi na uhlolisiso olunyanisekileyo lotyekelo lwehlabathi sikukuba isiphithiphithi kwezentlalo, udushe lwezobupolitika, iingxaki zoqoqosho nokungquzulana kwamazwe zisenokunwenwa okomlilo wedobo.” Walek’ umsundulo ngelithi: “Ukungabikho kocwangco emhlabeni kuyabaphehluzelisa abantu.” Loo ndlela yokuqikelela iimeko zehlabathi ide yayinyaniso ngakumbi namhlanje. Ligqabaza ngeli xesha logonyamelo olwandileyo, inqaku lomhleli leRegister yaseNew Haven, eConnecticut, lavakalisa oku: “Kubonakala ngathi sihambele phambili gqitha ukuba singema.” Ewe, ukubhanga kweli hlabathi akunakuthintelwa, kuba isiprofeto sale “mihla yokugqibela” sikwathi: “Abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ukususela kokubi ukusa kokubi ngakumbi, belahlekisa yaye belahlekiswa.”—2 Timoti 3:13.
11. Kutheni iimeko eziya zisiba mbi zingayi kubuyiswa umva yimigudu yabantu?
11 Abantu abanakuziguqula ezi zinto kuba uSathana ‘unguthixo wale nkqubo yezinto.’ (2 Korinte 4:4) Ewe, “ihlabathi liphela lilele emandleni alowo ungendawo.” (1 Yohane 5:19; bona noYohane 14:30.) Ngokufanelekileyo iBhayibhile ithetha oku ngemihla yethu: “Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo omkhulu, esazi ukuba unesihlandlo esifutshane sexesha.” (ISityhilelo 12:12) USathana uyazi ukuba ulawulo lwakhe nehlabathi lakhe sele ziza kuphela, ngoko ‘unjengengonyama egqumayo, efuna ukuqwenga uthile.’—1 Petros 5:8.
Intlangulo Isemnyango—Koobani?
12. Isondela koobani intlangulo?
12 Iimeko eziya zisiba nzima ngakumbi emhlabeni zibubungqina obubonakalayo bokuba inguqu enkulu—eneneni, intlangulo ezukileyo—isemnyango! Koobani? Intlangulo iyasondela kwabo banikela ingqalelo kwizilumkiso nabathabatha amanyathelo afanelekileyo. Eyoku-1 kaYohane 2:17 ibonisa oko kumele kwenziwe: “Ihlabathi [inkqubo kaSathana yezinto] liyadlula yaye kunjalo nangomnqweno walo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—Bona neyesi-2 kaPetros 3:10-13.
13, 14. UYesu wayibethelela njani imfuneko yokuhlala sivukile?
13 UYesu waxela kwangaphambili ukuba ibutho labantu elonakeleyo lanamhlanje kungekudala liya kushenxiswa ngexesha lenkathazo ‘ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.’ (Mateyu 24:21) Kungoko walumkisa esithi: “Nikelani ingqalelo kuni ngokwenu ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe kukuzingxala ngokutya nokusela kakhulu namaxhala obomi, ize ngequbuliso loo mini inifikele ngephanyazo njengomgibe. Kuba iya kubazela bonke abo bahleliyo phezu kobuso bawo wonke umhlaba. Hlalani nivukile, ngoko, lonke ixesha nisenza isikhungo ukuze niphumelele ekubalekeni zonke ezi zinto zimiselwe ukubakho.”—Luka 21:34-36.
14 Abo ‘banikela ingqalelo’ baze ‘bahlale bevukile’ baya kufuna ukuthanda kukaThixo baze bakwenze. (IMizekeliso 2:1-5; Roma 12:2) Aba ngabo baya ‘kuphumelela ekubalekeni’ intshabalalo eza kuziswa kwinkqubo kaSathana kungekudala. Ibe banokuba nentembelo epheleleyo yokuba baya kuhlangulwa.—INdumiso 34:15; IMizekeliso 10:28-30.
UMhlanguli Oyintloko
15, 16. Ngubani uMhlanguli oyintloko, ibe kutheni siqinisekile ukuba imigwebo yakhe iya kuba yeyobulungisa?
15 Ukuze abantu bakaThixo bahlangulwe, uSathana nayo yonke inkqubo yakhe yezinto esehlabathini kufuneka ashenxiswe. Oku kufuna umthombo wentlangulo onamandla angaphaya kwawabantu. Loo mthombo nguYehova uThixo, uMongami Ophakamileyo, uMdali onamandla onke wendalo emangalisayo. UnguMhlanguli oyintloko: “Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim.”—Isaya 43:11; IMizekeliso 18:10.
16 UYehova unamandla, ubulumko, okusesikweni nothando ngomlinganiselo opheleleyo. (INdumiso 147:5; IMizekeliso 2:6; Isaya 61:8; 1 Yohane 4:8) Ngoko xa egweba, sinokuqiniseka ukuba izenzo zakhe ziya kuba zezobulungisa. UAbraham wabuza: “Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?” (Genesis 18:24-33) UPawulos wathi: “Ngaba kukho okungekho sikweni kuThixo? Ngamana kungangaze kube njalo oko!” (Roma 9:14) UYohane wabhala: “Ewe, Yehova Thixo, onguSomandla, ziyinyaniso yaye zibubulungisa izigqibo zakho zesigwebo.”—ISityhilelo 16:7.
17. Abakhonzi bakaYehova bamandulo baye bayivakalisa njani intembelo yabo kumadinga akhe?
17 Xa uYehova ethembisa ngentlangulo, akayi kusilela ukwenza oko. UYoshuwa wathi: “Akuwanga zwi phantsi, emazwini onke alungileyo awawathethayo uYehova.” (Yoshuwa 21:45) USolomon wathi: “Akwaphalala nalinye ilizwi kuwo onke amazwi akhe alungileyo, awawathethayo.” (1 Kumkani 8:56) Umpostile uPawulos wathi uAbraham “akazange axengaxengiswe kukuswela ukholo, . . . eyiseke ngokuzeleyo ukuba oko [uThixo] akuthembisileyo wayekwazi kanjalo ukukwenza.” NoSara ngokufanayo “[uThixo] wambalela ekuthini uthembekile lowo wayethembisile.”—Roma 4:20, 21; Hebhere 11:11.
18. Kutheni abakhonzi bakaYehova namhlanje benokuba nentembelo yokuba baza kuhlangulwa?
18 Ngokungafaniyo nabantu, uYehova unokuthenjwa ngokupheleleyo, akuthethileyo uyakwenza. “Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo.” (Isaya 14:24) Ngoko xa iBhayibhile isithi “uYehova uyakwazi ukubahlangula esilingweni abantu abanozinikelo lobuthixo, kodwa ukubekela abantu abangengomalungisa imini yomgwebo ukuze banqunyulwe,” sinokuba nentembelo epheleleyo yokuba oko kuya kwenzeka. (2 Petros 2:9) Kwanaxa besongelwa ngentshabalalo ziintshaba ezinamandla, abakhonzi bakaYehova baba nenkalipho ngenxa yesimo sakhe sengqondo, awasibonakalisa komnye wabaprofeti bakhe: “Baya kulwa nawe, bangabi nakukweyisa, ngokuba ndinawe ukuba ndikuhlangule; utsho uYehova.”—Yeremiya 1:19; INdumiso 33:18, 19; Tito 1:2.
Ukuhlangulwa Kwabantu Mandulo
19. UYehova wamhlangula njani uLote, yaye oko kufana njani nexesha lethu?
19 Sinokukhuthazeka gqitha ngokuphinda sihlole ezinye zezenzo zikaYehova zangaphambili zokusindisa abantu. Ngokomzekelo, uLote “wayexhwalekiswe kakhulu” bubungendawo baseSodom naseGomora. Kodwa uYehova wasinikel’ ingqalelo “isikhalo” esasinxamnye nezo zixeko. Ngexesha elifanelekileyo, wathumela abathunywa ukuba babongoze uLote nentsapho yakhe ukuba baphume kuloo mmandla ngoko nangoko. Waba yintoni umphumo? UYehova “wamhlangula uLote olilungisa,” ‘wafinyeza izixeko iSodom neGomora zaba luthuthu.’ (2 Petros 2:6-8; Genesis 18:20, 21) Namhlanje ngokufanayo, uYehova uzinikel’ ingqalelo izikhalo eziphathelele ubungendawo obumanyumnyezi beli hlabathi. Xa abathunywa bakhe bale mihla bewugqibile umsebenzi wabo ongxamisekileyo wokunikela ubungqina kangangoko afunayo, uya kuthabatha inyathelo nxamnye neli hlabathi aze ahlangule abakhonzi bakhe njengoko wenzayo kuLote.—Mateyu 24:14.
20. Chaza indlela uYehova awamhlangula ngayo uSirayeli wamandulo eYiputa.
20 KwiYiputa yamandulo izigidi zabantu bakaThixo zenziwa amakhoboka. UYehova wathetha oku ngabo: ‘Ukukhala kwabo ndikuvile, ndiyawazi umvandedwa wabo. Ndihlile ke, ndize kubahlangula.’ (Eksodus 3:7, 8) Noko ke, emva kokukhulula abantu bakaThixo, uFaro watshintsha isigqibo sakhe waza wawasukela enomkhosi wakhe onamandla. AmaSirayeli abonakala evingceleke kuLwandle Olubomvu. Kodwa uMoses wathi: “Musani ukoyika; misani, nilubone usindiso lukaYehova aya kunenzela lona namhla.” (Eksodus 14:8-14) UYehova walwahlula phakathi uLwandle Olubomvu, ibe amaSirayeli asaba. Imikhosi kaFaro yawasukela, kodwa uYehova wasebenzisa amandla akhe lwaza ‘lwawagubungela ulwandle; azulumbeka njengelothe emanzini angangamsha.’ Emva koko, uMoses wahlabela ingoma yovuyo kuYehova esithi: “Ngubani na onjengawe, wena uvethe ubungcwele, woyikekayo ezindumisweni, wenzayo ngokubalulekileyo?”—Eksodus 15:4-12, 19.
21. Abantu bakaYehova bahlangulwa njani kuma-Amon, amaMowabhi nabakwaSehire?
21 Ngesinye isihlandlo, iintlanga ezaziziintshaba ezingama-Amon, amaMowabhi nabakwaSehire (amaEdom) zasongela ngokutshabalalisa abantu bakaYehova. UYehova wathi: “Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini ngenxa yale ngxokolo [yotshaba] inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe le asiyeyenu, yekaThixo. . . . Le . . . asiyeyenu; zimiseni nime, nilubone usindiso lukaYehova onani.” UYehova wabahlangula abantu bakhe ngokubangela isiphithiphithi kumkhosi wotshaba lwaza lwaxabelana lodwa.—2 Kronike 20:15-23.
22. UYehova wamhlangula njani ngokungummangaliso uSirayeli kuma-Asiriya?
22 Xa iGunya Lehlabathi laseAsiriya lalihlasela iYerusalem, uKumkani uSaneribhe wagculela uYehova ngokuthi kubantu ababephezu kodonga: “Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe [endiwoyisileyo] olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?” Kubakhonzi bakaThixo wathi: “Makanganikhohlisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova.” Emva koko uHezekiya wathandaza ngokusuka entliziyweni ecela intlangulo, “zazi zonke izikumkani zehlabathi ukuba wena unguYehova wedwa.” UYehova wabulala amajoni aseAsiriya ali-185 000, baza abakhonzi bakaThixo bahlangulwa. Kamva, xa uSaneribhe wayenqula uthixo wakhe wobuxoki, oonyana bakhe bambulala.—Isaya, isahluko 36 nesama-37.
23. Yiyiphi imibuzo efuna iimpendulo ngokuphathelele intlangulo namhlanje?
23 Ngokuqinisekileyo sinokukhalipha xa sibona indlela uYehova aye wabahlangula ngayo ngokumangalisayo abantu bakhe mandulo. Kuthekani ngemihla yethu? Yiyiphi imeko eyingozi abakhonzi bakhe abathembekileyo abaya kuhlangabezana nayo efuna intlangulo yakhe engummangaliso? Kutheni engekabahlanguli de kube ngoku? Aya kuzaliseka njani amazwi kaYesu athi: “Njengoko ezi zinto ziqala ukubakho, yimani nkqo nize niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba intlangulo yenu iyasondela”? (Luka 21:28) Ibe baya kuhlangulwa njani abakhonzi bakaThixo abasele befile? Inqaku elilandelayo liza kuhlolisisa le mibuzo.
Imibuzo Yempinda
◻ Kutheni ifuneka kakhulu kangaka nje intlangulo?
◻ Kutheni singafanele sikhangele ebantwini ukuze sihlangulwe?
◻ Intlangulo isondela koobani?
◻ Kutheni sinokuba nentembelo kwintlangulo kaYehova?
◻ Yiyiphi imizekelo elukhuthazo yentlangulo yamandulo?
[Picture On Page 10]
UAbraham wayephakathi kwabo babenentembelo epheleleyo kuYehova