Musa Ukuvumela Amandla Akho Abe Bubuthathaka
Ngenxa yamagumbi ali-16 angangeni manzi eyayinawo, inqanawa yodidi iTitanic yayigqalwa njengengenakuzika. Kuhambo lwayo lokuqala ngowe-1912, yayithwele malunga nesiqingatha samaphenyane okuhlangula afunekayo. Inqanawa yangqubeka kwintaba yomkhenkce yaza yazika, nto leyo eyasuba ubomi babantu abali-1 500.
UKUMKANI u-Uziya owayesoyika uThixo weYerusalem yamandulo wayengumphathi-mkhosi okrelekrele. Ngoncedo lukaYehova, wazoyisa iintshaba zakhe olunye emva kolunye. “Laduma igama [likaUziya], lada laya kude, ngokuba wancedwa ngokubalulekileyo, wada womelela.” Kodwa ke “yaphakama intliziyo yakhe . . . ngokuba wenza ubumenemene kuYehova uThixo wakhe.” Ngenxa yokuphakama kwakhe u-Uziya, wabethwa ngeqhenqa.—2 Kronike 26:15-21; IMizekeliso 16:18.
Ezi ngxelo zimbini zisifundisa ukuba amandla, xa engasetyenziswa ngobulumko, ukuthozama, nokuthobeka, ngokulula angaba bubuthathaka okanye imiqobo. Oku kubalulekile, kuba ngandlel’ ithile, ngamnye wethu unomlinganiselo othile wamandla, okanye iziphiwo, yaye sifuna zibe yingenelo nomthombo wovuyo kuthi nakwabanye, ingakumbi kuMdali wethu. Eneneni, kufuneka sisisebenzise ngokuzeleyo nasiphi na isiphiwo esinaso esisinikwe nguThixo kodwa kwangaxeshanye sisilawule ukuze sihlale siyingenelo.
Ngokomzekelo, umntu owuthandayo umsebenzi wakhe ngokulula angasijika isiphiwo anaso sibe bubuthathaka ngokuthi abe likhoboka lomsebenzi. Umntu olumkileyo akunakuba lula ngaye ukuba abhanxwe okanye aqhathwe, kodwa unokulumka ukusa kwinqanaba lokuba angaze enze zigqibo. Nobuchule luphawu oluhle, kodwa xa ubani egabadela, abugatye ubuthathaka bobuntu, umphumo unokuba yimeko ekungekho buhlobo kuyo, engqongqo ekungekho lonwabo kuyo. Ngoko khawunqumame ucinge ngawakho amandla. Ngaba uwalawula kakuhle? Ngaba ayintsikelelo kwabanye? Ngaphezu koko, ngaba uwasebenzisela ukuzukisa uYehova, onguMthombo waso “sonke isipho esilungileyo”? (Yakobi 1:17) Ukuze kube njalo, makhe siqwalasele imizekelo embalwa yamandla anokuba bubuthathaka, okanye imiqobo, xa engalawulwa.
Wasebenzise Ngobulumko Amandla Akho Engqiqo
Ingqondo ekrelekrele ngokuqinisekileyo isisipho esilungileyo. Sekunjalo, inokuba bubuthathaka ukuba ibangela ukuzithemba ngokugqithiseleyo okanye ibangela ukuba sizicingele gqitha, ingakumbi ukuba abanye basincoma ngokugqithiseleyo okanye bayasizukisa. Okanye sinokuba nembono yeenkcuba-buchopho ngeLizwi likaThixo nangeempapasho ezifundisiswayo ezisekelwe eBhayibhileni.
Ukuzithemba ngokugqithiseleyo kunokubonakala ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, xa ubani onengqondo ekrelekrele efumana isabelo sentetho kwibandla lobuKristu, mhlawumbi intetho yesidlangalala okanye intetho kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, usenokungalungiseleli de kube ngumzuzu wokugqibela, mhlawumbi ade angathandazeli nentsikelelo kaYehova. Kunokuba enjenjalo, uthembela kulwazi olukuvimba wakhe nakubuchule anabo bokuthetha engasebenzisi lwandlalo lubhaliweyo. Ubuchule bemvelo bunokukufihla ukungakhathali kwakhe kangangexesha elithile, kodwa ngaphandle kwentsikelelo kaYehova ezeleyo, unokungenzi nkqubela ingako ngokomoya, mhlawumbi ingabikho kwaukubakho. Okunjani kona ukudlala ngesiphiwo!— IMizekeliso 3:5, 6; Yakobi 3:1.
Ubani onengqondo ekrelekrele unokuba nembono yeenkcuba-buchopho ngeBhayibhile nangeencwadi zokufundisisa iBhayibhile. Noko ke, ulwazi olunjalo “luyakhukhumalisa,” lusibangela ukuba sikhukhumale njengebhaloni; ‘alulwakhi’ ulwalamano lothando lobuKristu. (1 Korinte 8:1; Galati 5:26) Kwelinye icala, umntu wokomoya, kungakhathaliseki ukuba ukrelekrele kangakanani na, ngalo lonke ixesha uthandazela aze akholose ngomoya kaThixo. Amandla akhe aba yingenelo ngakumbi njengoko ekhula eluthandweni, ekuthobekeni, elwazini nasebulumkweni—kwaye yonke loo nto uyenza ngendlela elungeleleneyo.—Kolose 1:9, 10.
Ubuchule bunokuba bubuthathaka ukuba ngenxa yabo sibonisa ukuzigwagwisa, nto leyo ebonisa ukungathozami. Umntu onesiphiwo—nabo nabaphi na abo bamzukisayo—unokulibala ukuba uYehova “akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo,” enoba banesiphiwo. (Yobhi 37:24) “Bunabathozamileyo ubulumko,” litsho njalo iLizwi likaThixo. (IMizekeliso 11:2) Umpostile uPawulos, nangona wayekrelekrele kakhulu yaye enemfundo ethe kratya, wathi kumaKorinte: “Mna, xa ndathi ndeza kuni, bazalwana, andizanga ngakugqithisela kwantetho okanye kwabulumko . . . ndafika kuni ndibuthathaka ibe ndisoyika kwaye ndingcangcazela kakhulu; yaye intetho yam noko ndakushumayelayo kube kungengamazwi eyiselayo obulumko kodwa bekungokubonakaliswa komoya namandla, ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, kodwa lube semandleni kaThixo.”—1 Korinte 2:1-5.
Umntu osisilumko ngokwenene akakhohliswa yimbono yehlabathi yobukrelekrele, okanye yindlela eliyichaza ngayo impumelelo. Ngoko kunokuba asebenzise isiphiwo sakhe ukuze azukiswe ngabantu okanye ukuze aziqwebele ubutyebi behlabathi, unika Lowo wamnika ubomi nobuchule bakhe okona kulungileyo. (1 Yohane 2:15-17) Ukuze enjenjalo ubeka izilangazelelo zoBukumkani kwindawo yokuqala ebomini bakhe, esiba ‘njengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi.’ Ngenxa yentsikelelo kaYehova, kungekhona iziphiwo zakhe zemvelo, “konke akwenzayo kophumelela.”—INdumiso 1:1-3; Mateyu 6:33.
Vumela UbuKristu Bongeze Amandla Akho
Bona ngokwabo, ubuKristu bunentabalala yamandla yaye iintanda-bulumko zehlabathi azinto yanto xa zithelekiswa nawo. Ngokomzekelo, ukuphila ngendlela yobuKristu kwenza abayeni namakhosikazi alunge ngakumbi, abamelwane abalungileyo, nabaqeshwa abalungileyo—abantu abanyanisekileyo, abanentlonelo, abanoxolo nabakhutheleyo. (Kolose 3:18-23) Ukongezelela, xa amaKristu eqeqeshelwa ukuthetha nokufundisa, oko kubangela ukuba abe nobuchule bokunxibelelana. (1 Timoti 4:13-15) Ngoko ke, akumangalisi ukuba amaKristu efunwa ngabaqeshi bawo ukuze bawanike iimbopheleleko ezingakumbi nokuwanyusela ngokwezikhundla. Kodwa namandla anjalo anokusetyenziswa kakubi ukuba ubani akalumkanga. Ukunyuselwa okanye ukuthenjiswa ngomnye umsebenzi olingayo kunokuthetha ukuzinikela kwinkampani, ukungabikho rhoqo kwiintlanganiso zamaKristu, okanye ukuncama ixesha elibalulekileyo ebelinokuchithwa nentsapho.
EOstreliya umdala ongumKristu noyintloko-ntsapho, owayeneshishini eliphumelelayo, “wayenokuba sesingawothiyo umlilo isinhanha,” njengoko kudla ngokutshiwo. Ukanti akazange asivumele eso silingo sokuba ngophumelelayo kule nkqubo yezinto. “Ndandifuna ukuchitha ixesha elingakumbi kunye nentsapho yam nakubulungiseleli bobuKristu,” watsho njalo. “Ngoko savumelana nenkosikazi yam ukuba ngobulumko ndilinciphise ixesha endilichithela kumsebenzi wempangelo. Yintoni enokubangela ukuba ndisebenze iintsuku ezintlanu ngeveki xa kungeyomfuneko ukwenjenjalo?” wongezelela. Ngokwenza uhlengahlengiso oluthile olucingisiswe kakuhle ebomini bakhe, lo mdala wafumanisa ukuba wayesenako ukunyamekela intsapho yakhe ngoxa esebenza iintsuku ezintathu okanye ezine ngeveki. Ekuhambeni kwexesha, wamenyelwa ukuba nesabelo kwamanye amalungelo enkonzo, njengokukhonza kwiKomiti yeHolo yeNdibano nakwiofisi yolawulo yendibano yesithili. Ngenxa yokuba esetyenziswe kakuhle, amandla akhe amzisela yena nentsapho yakhe uvuyo nolwaneliseko.
Ukuba Nembono Elungeleleneyo Ngamalungelo
Amadoda angamaKristu akhuthazwa ukuba azabalazele ukufumana amalungelo enkonzo ebandleni. “Ukuba nawuphi na umntu uzabalazela isikhundla sobuveleli [okanye ukuba sisicaka solungiselelo], unqwenela umsebenzi omhle.” (1 Timoti 3:1) Ngokufanayo namandla asele ekhankanyiwe, ukukulungela ukwamkela iimbopheleleko kufuna ukulungelelaniswa nokuba nengqiqo. Akukho bani kufuneka athabathe izabelo ezininzi kangangokuba ade aphelelwe luvuyo enkonzweni kaYehova. Ewe, uyancomeka wona umoya wentumekelelo, eneneni uyimfuneko, kuba uYehova akabathandi abantu abanesimo sengqondo sokuzibandeza; kodwa ukuba nentumekelelo kufanele kubonise ukuthozama nokuba ‘nengqondo ephilileyo.’—Tito 2:12; ISityhilelo 3:15, 16.
Ukuthantamisa kukaYesu, ukuqonda, nokuba nolwazelelelo ngabanye kwenza ukuba nabona bantu baphantsi bakhululeke xa bekunye naye. Ngokufanayo namhlanje, abantu bayakhululeka xa bekunye nabo bamandla abo iluvelwano nenkathalo. Kwibandla lamaKristu, abadala abanjalo abanobubele nabangenekayo ‘bazizipho ezingabantu’ ezixabiseke kakhulu. ‘Bayindawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; banjengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo.’—Efese 4:8; Isaya 32:2.
Kodwa abadala kufuneka balungelelanise ixesha abalichithela ekuncedeni abanye kunye nentswelo yabo yofundisiso lobuqu, ukucamngca, umthandazo, nobulungiseleli basesidlangalaleni. Ngokuzenzekelayo, abadala abatshatileyo kufuneka babe nexesha abalichitha neentsapho zabo, yaye bafanele bangeneke ngakumbi kuzo.
Amabhinqa Anesidima—Intsikelelo Engummangaliso
Njengabadala abanobuchule, amabhinqa acinga ngezinto zokomoya nawo aluncedo kwintlangano kaYehova. Ngokuqhelekileyo, amabhinqa anesiphiwo sokuba nomdla kwabanye abantu—phawu olo aluxabisileyo uYehova nakhuthaza ukuba sibe nalo. Umpostile uPawulos wabhala esithi, siphose ‘iliso, kungekhona kwizilangazelelo zobuqu kwimibandela nje yethu, kodwa nakwizilangazelelo zobuqu kuleyo yabanye.’ (Filipi 2:4) Ukanti, ezi ‘zilangazelelo zobuqu’ zisikelwe umda, kuba akakho umKristu ofuna ukuba ‘ngugqada-mbekweni kwimicimbi yabanye abantu’; okanye ofanele abe ngumhlebi.—1 Petros 4:15; 1 Timoti 5:13.
Amabhinqa anazo nezinye iziphiwo ezininzi. Ngokomzekelo, inkosikazi engumKristu inokuba nesiphiwo sokuba krelekrele ngakumbi kunomyeni wayo. Sekunjalo, “umfazi onesidima” omoyikayo uYehova, uya kumhlonela umyeni wakhe aze asebenzise iziphiwo anazo ukuze aphelelise umyeni wakhe, angakhuphisani naye. Yaye endaweni yokuba ammonele okanye amthiye, umyeni olumkileyo nothobekileyo uya kuwaxabisa amandla enkosikazi yakhe aze abe nemihlali ngenxa yawo. Uya kumkhuthaza ukuba azisebenzise ngokuzeleyo iziphiwo anazo ukuze akhe indlu yakhe ancede nabantwana bakhe ‘boyike uYehova,’ njengoko naye esenza. (IMizekeliso 31:10, 28-30; Genesis 2:18) Abayeni namakhosikazi athozame nathobeke ngolo hlobo ayaphumelela emitshatweni ezukisa uYehova ngokwenene.
Ukulawula Ubuntu Obunempembelelo Enamandla
Ubuntu obunempembelelo enamandla obusekelwe ebulungiseni nasekwenzeni ukuthanda kukaYehova ngomphefumlo uphela bunokuba yingenelo xa buxutywe nokuthozama nokuthobeka. Ukanti, busenokuba bubuthathaka ukuba bubangela ubani alawule okanye oyikise abanye. Oku kuyinyaniso ngakumbi kwibandla lobuKristu. AmaKristu afanele akhululeke xa endawonye, kuquka naxa ephakathi kwabadala bebandla.—Mateyu 20:25-27.
Ngenxa yoko, nabadala bafanele bakhululeke xa bendawonye. Yaye xa behlangene ndawonye, ngumoya oyingcwele, kungekhona amandla obuntu, ofanele uphembelele izigqibo abazenzayo. Eneneni, umoya oyingcwele unokuba nempembelelo nakuwuphi na umdala, kuquka noyena umncinane okanye oyena uthuleyo. Ngoko abo banobuntu obunempembelelo enamandla ngakumbi, kwanaxa bevakalelwa kukuba bachanile, bafanele bakwazi ukulawula amandla abo ngokufunda ukuba nobuchule bokuyekelela, ngaloo ndlela ‘bebonisa imbeko’ kwabanye abadala. (Roma 12:10) INtshumayeli 7:16 iyalumkisa: “Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiseleyo; yini na ukuba uziphanzise?”
UYehova, onguMthombo waso “sonke isipho esilungileyo,” ulungelelanisa amandla akhe angummangaliso nemfezeko yakhe egqibeleleyo. (Yakobi 1:17; Duteronomi 32:4) Yaye unguMfundisi wethu! Ngoko masifunde kuye size sizibhokoxe, ekuphuculeni iziphiwo zethu zemvelo, okanye amandla, nasekuzisebenziseni ngobulumko, ngokuthozama nangothando. Enjani yona intsikelelo esiya kuba yiyo kwabanye!
[Imifanekiso ekwiphepha 27]
Ukukhula ngokomya kuxhomekeke ekufundisiseni ngomthandazo nasekwayameni ngoYehova
[Umfanekiso okwiphepha 29]
Ukuba nomdla wobuqu kwabanye nokuthozama kuyintsikelelo
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 26]
Courtesy of The Mariners’ Museum, Newport News, VA