Zivakalise Ngentumekelelo Iindaba Ezilungileyo
“Emoyeni ke vuthani. Yibani ngamakhoboka kaYehova.”—ROMA 12:11.
1, 2. Sisiphi isimo sengqondo amaKristu azabalazela ukusigcina njengabashumayeli beendaba ezilungileyo?
UMFANA othile uvuye okosana ngenxa yomsebenzi asandul’ ukuwufumana. Ngosuku aqala ngalo emsebenzini, kuba ngathi umqeshi wakhe akasamniki imiyalelo. Ukhangele phambili kumsebenzi wokuqala aza kuwenza kwaye uzimisele ukuwenza. Ufuna ukuwenza ngeyona ndlela isemagqabini.
2 Ngendlela efanayo, thina maKristu sinokuzigqala njengabantu abasandul’ ukuqalisa emsebenzini. Ekubeni sinethemba lokuphila ngonaphakade, kuyafana nje nokuba sisandul’ ukuqalisa ukumsebenzela uYehova. Ngokuqinisekileyo uMdali wethu unemisebenzi emininzi asibekele yona eza kusigcina sixakekile kuse emaphakadeni. Kodwa olokuqala uthumo esilufumeneyo lolokuvakalisa iindaba ezilungileyo zoBukumkani bakhe. (1 Tesalonika 2:4) Siziva njani ngesi sabelo esivela kuThixo? Njengomfana, sifuna ukusiphumeza ngeyona ndlela isemagqabini, ngenzondelelo, ngovuyo—ewe, ngentumekelelo!
3. Yintoni efunekayo ukuze uphumelele njengomlungiseleli weendaba ezilungileyo?
3 Kuyavunywa ukuba, ukuzigcina uneso simo sengqondo esakhayo kunokuba lucelomngeni. Ukongezelela kubulungiseleli bethu, sinazo nezinye iimbopheleleko, ezinye zazo ezinokusiqoba emzimbeni nakwiimvakalelo. Ubukhulu becala, siyakwazi ukuzenza ezi zinto ngoxa sinikela ingqalelo eyaneleyo kubulungiseleli. Ukanti loo nto isenokuqhubeka ingumzamo. (Marko 8:34) UYesu wayigxininisa into yokuba ukuze siphumelele njengamaKristu kufuneka sizibhokoxe ngamandla.—Luka 13:24.
4. Amaxhala emihla ngemihla anokuyichaphazela njani indlela esizijonga ngayo izinto zokomoya?
4 Ekubeni sinezinto ezininzi esimele sizenze, kulula ukuba maxa wambi sizive sisoyisakala okanye sisindwa. “Amaxhala obomi” anokuyiminxa inzondelelo noxabiso lwethu ngemisebenzi yobuthixo. (Luka 21:34, 35; Marko 4:18, 19) Ngenxa yokungafezeki kwethu, sinokulushiya ‘uthando esasinalo kuqala.’ (ISityhilelo 2:1-4) Iinkalo ezithile zenkonzo yethu kuYehova zinokuba kukudlulisela nje usana kunina. IBhayibhile ilunikela njani ukhuthazo esilufunayo ukuze siqhubeke sizondelela ubulungiseleli bethu?
‘Njengomlilo Ovuthayo’ Ezintliziyweni Zethu
5, 6. Umpostile uPawulos waligqala njani ilungelo lakhe lokushumayela?
5 Ubulungiseleli esibuphathiswe nguYehova buxabiseke gqitha ukuba bungavunyelwa bube yinto nje yesiqhelo. Umpostile uPawulos wagqala ukushumayela iindaba ezilungileyo njengelungelo elikhulu, kwaye wayezigqala njengowayengakufanelekeli ukunikwa loo msebenzi. Wathi: “Mna mntu ungaphantsi nakoyena mncinane kubo bonke abo bangcwele, ndanikwa obu bubele bungasifanelanga, ukuze ndivakalise kuzo iintlanga iindaba ezilungileyo ezingobutyebi obungenakuqondwa bukaKristu nokuze ndenze abantu babone indlela elungiselelwa ngayo imfihlelo engcwele yona ebikade ifihliwe ukususela kwixesha elidlulileyo elingenammiselo ikuye uThixo, owadala zonke izinto.”—Efese 3:8, 9.
6 Isimo sengqondo esifanelekileyo uPawulos awayenaso ngobulungiseleli bakhe singumzekelo omhle kuthi. Kwincwadi yakhe eyayisiya kumaRoma, wathi: “Ndinentumekelelo yokuzivakalisa iindaba ezilungileyo.” Wayengenazintloni ngeendaba ezilungileyo. (Roma 1:15, 16) Wayenesimo sengqondo esilungileyo yaye enentumekelelo yokuphumeza ubulungiseleli bakhe.
7. Kwincwadi yakhe eyayisiya kumaRoma, yintoni uPawulos awalumkisa ngayo?
7 Umpostile uPawulos wayiqonda imfuneko yokuzigcina enenzondelelo, ngoko wabongoza amaKristu aseRoma esithi: “Musani ukutshivela emsebenzini wenu. Emoyeni ke vuthani. Yibani ngamakhoboka kaYehova.” (Roma 12:11) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukutshivela” linengcamango yokuba “linqenerha, ivila.” Ngoxa sisenokuba asitshiveli kubulungiseleli bethu, kufuneka sonke sizibeke esweni naziphi na iimpawu zokuqalisa kobuvila bokomoya size senze utshintsho olufanelekileyo kwisimo sengqondo sethu xa sizibona kuthi ezo mpawu.—IMizekeliso 22:3.
8. (a) Yintoni eyaba ngathi “ngumlilo ovuthayo” entliziyweni kaYeremiya, yaye kwakutheni? (b) Sisiphi isifundo esinokusifunda koko kwenzeka kuYeremiya?
8 Umoya kaThixo unako nawo ukusinceda xa sidimazekile. Ngokomzekelo, ngesinye isihlandlo umprofeti uYeremiya wazibona edimazekile kwaye wayecinga ngokuwuyeka umsebenzi wakhe wokuprofeta. Wade wathi ngoYehova: “Andisayi kumkhankanya, andisayi kuphinda ndithethe egameni lakhe.” Ngaba oku kwakubonisa intswelo enzulu yokomoya kuYeremiya? Akunjalo. Enyanisweni, ukomelela kukaYeremiya ngokomoya, ukumthanda kwakhe uYehova kunye nenzondelelo awayenayo ngenyaniso, zamnika amandla okuqhubeka eprofeta. Uyachaza: “Entliziyweni yam [ilizwi likaYehova laba] ngathi ngumlilo ovuthayo ovalelwe emathanjeni am; ndaza ndadinwa kukuzibamba, andakwazi ukukunyamezela oko.” (Yeremiya 20:9) Kuyinto engokwemvelo ukuba abakhonzi abathembekileyo bakaThixo badimazeke ngamathuba athile. Kodwa xa bethandaza kuYehova becela uncedo, uya kuzifunda iintliziyo zabo aze abathululele umoya wakhe oyingcwele ngesisa ukuba, njengoYeremiya, banelizwi lakhe ezintliziyweni zabo.—Luka 11:9-13; IZenzo 15:8.
“Musani Ukuwucima Umlilo Womoya”
9. Yintoni enokuthintela ukusebenza komoya oyingcwele kuthi?
9 Umpostile uPawulos wabongoza abaseTesalonika esithi: “Musani ukuwucima umlilo womoya.” (1 Tesalonika 5:19) Ewe, izenzo kunye nezimo zengqondo ezingqubana nemigaqo yobuthixo zinokuthintela ukusebenza komoya oyingcwele kuthi. (Efese 4:30) AmaKristu anamhlanje anikwe isabelo sokushumayela iindaba ezilungileyo. Eli lungelo silihlonela ngokunzulu. Ayisimangalisi ngoko into yokuba abo bangamaziyo uThixo bawudelele umsebenzi wethu wokushumayela. Kodwa xa umKristu ebutyeshela ngabom ubulungiseleli bakhe, oko kusenokuphumela ekucimeni umoya kaThixo oshukumisayo.
10. (a) Iimbono zabanye abantu zinokusichaphazela njani? (b) Yiyiphi indlela ephakamileyo yokugqala ubulungiseleli bethu evakaliswe kweyesi-2 kwabaseKorinte 2:17?
10 Abanye abangaphandle kwebandla lamaKristu basenokugqala ubulungiseleli bethu njengokusasazwa nje koncwadi. Bambi basenokuphazama ngokuthi siya kwindlu ngendlu kuba sincwase ukufumana iminikelo. Ukuba sivumela ezo mbono zingakhiyo ukuba ziphembelele izimo zengqondo zethu, oko kusenokusenza singabi nampumelelo ingako kubulungiseleli. Kunokuba sivumele loo ndlela yokucinga isichaphazele, masinamathele kwindlela uYehova noYesu ababugqala ngayo ubulungiseleli bethu. Umpostile uPawulos wayichaza loo ndlela iphakamileyo xa wathi: “Asingobathengisi belizwi likaThixo njengoko abantu abaninzi benjalo, kodwa sithetha ngokunyaniseka, phambi kwamehlo kaThixo, njengabathunywa bakaThixo, sikunye noKristu.”—2 Korinte 2:17.
11. Yintoni eyenza amaKristu okuqala ahlala enenzondelelo kwanaphantsi kwentshutshiso, yaye umzekelo wawo ufanele usichaphazele njani?
11 Kamsinya nje emva kokufa kukaYesu, abafundi bakhe ababeseYerusalem bajamelana nentshutshiso. Babesongelwa yaye beyalelwa ukuba bayeke ukushumayela. Sekunjalo, iBhayibhile ithi “bazaliswa ngumoya oyingcwele kwaye babelithetha ngenkalipho ilizwi likaThixo.” (IZenzo 4:17, 21, 31) Amazwi kaPawulos awayesiya kuTimoti kwiminyaka ethile kamva abonisa umoya omhle amaKristu afanele awulondoloze. UPawulos wathi: “UThixo akasinikanga moya wabugwala, kodwa owamandla nowothando nowengqondo ephilileyo. Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngobungqina obungeNkosi yethu, nangokuba libanjwa kwam ngenxa yayo, ndaweni yoko yiba nenxaxheba ekubandezelekeni ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo.”—2 Timoti 1:7, 8.
Yintoni Esimtyala Yona Ummelwane Wethu?
12. Sisiphi isizathu esiyintloko sokuba sishumayele iindaba ezilungileyo?
12 Ukuze sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo ngobulungiseleli bethu, simele sibe nentshukumisa elungileyo. Kutheni sishumayela? Isizathu esiyintloko sibonwa kumazwi omdumisi athi: “Nabanyanisekileyo bakho baya kukubonga [Yehova]. Baya kuthetha ngozuko lobukumkani bakho, nangamandla akho baya kuthetha, ukuba babazise oonyana babantu izenzo zakhe zamandla nozuko lobungangamsha bobukumkani bakhe.” (INdumiso 145:10-12) Ewe, sishumayela ukuze sidumise uYehova esidlangalaleni nokuze singcwalise igama lakhe kulo lonke uluntu. Kwanokuba bambalwa abasiphulaphulayo, ukusishumayela kwethu ngenzondelelo isigidimi sosindiso kuzisa indumiso kuYehova.
13. Yintoni esishukumisela ekubeni sixelele abanye ngethemba losindiso?
13 Kwakhona sishumayela kuba sibathanda abantu kwaye sifuna ukuphepha ityala legazi. (Hezekile 33:8; Marko 6:34) Amazwi awathethwa nguPawulos kwabo bangengomalungu ebandla lamaKristu anxibelelene nalo mba: “Ndinetyala kumaGrike nakumaBharbhari, kwizilumko nakwabangenangqiqo.” (Roma 1:14) UPawulos wayevakalelwa kukuba wayenetyala lokuvakalisa iindaba ezilungileyo kubantu, ekubeni kwakukukuthanda kukaThixo ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe.” (1 Timoti 2:4) Nanamhlanje, siyamthanda kwaye siziva sibophelelekile ngommelwane wethu. Ukuthanda kukaYehova uluntu kwamshukumisela ukuba athumele uNyana wakhe emhlabeni ukuze alufele. (Yohane 3:16) Eso yayisisenzo esinzulu sokuzincama. Sixelisa uthando lukaYehova xa sisandisa ixesha kunye nomgudu sixelela abanye ngeendaba ezilungileyo zosindiso olusekelwe kwidini likaYesu.
14. IBhayibhile ilichaza njani ihlabathi elingeyonxalenye yebandla lamaKristu?
14 AmaNgqina kaYehova agqala abanye abantu njengabasenokuba ngamalungu obuzalwana bamaKristu. Simele sishumayele ngenkalipho, kodwa inkalipho yethu asiyiyo eyokulwa nabantu. Ewe, iBhayibhile iyawasebenzisa amagama aqatha xa ithetha ngehlabathi ngokubanzi. Igama elithi “ihlabathi” lilodwa nje lisetyenziswa ngeligxekayo nguPawulos xa ethetha ‘ngobulumko behlabathi’ ‘nangeminqweno yehlabathi.’ (1 Korinte 3:19; Tito 2:12) Kwakhona uPawulos wakhumbuza amaKristu ase-Efese ukuba xa ayehamba “ngokwenkqubo yezinto yeli hlabathi” ‘ayefile’ ngokomoya. (Efese 2:1-3) La mabinzana kunye namanye afana nawo avisisana namazwi kampostile uYohane athi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.”—1 Yohane 5:19.
15. Ngokuphathelele abantu ngabanye abangengomalungu ebandla lamaKristu, yintoni esingayenziyo, yaye ngoba?
15 Noko ke, khumbula ukuba loo mazwi abhekisela kwihlabathi elizahlulayo kuThixo selilonke, kungekhona kubantu ngabanye. AmaKristu akabagwebi kusengaphambili abantu ngendlela abaza kusabela ngayo kumsebenzi wokushumayela. Akanaso isizinzi sokuchaza nabani njengebhokhwe. Akukokwethu ukuchaza okuya kwenzeka xa uYesu ezokwahlula “izimvu” “ezibhokweni.” (Mateyu 25:31-46) NguYesu umgwebi omiselweyo; thina asingobagwebi. Ngaphezu koko, amava aye abonisa ukuba abanye ababebandakanyeke kakhulu kweyona hambo yakha yambi baye basamkela isigidimi seBhayibhile, baguquka baza baba ngamaKristu aphila ubomi obucocekileyo. Ngenxa yoko, ngoxa singenakufuna ukunxulumana nabantu abathile, asilibazisi ukuthetha nabo ngethemba loBukumkani xa ithuba livela. IZibhalo zithetha ngabathile abathi, ngoxa bengakholwa, ‘baba notyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’ Ekugqibeleni baba ngamakholwa. (IZenzo 13:48) Ngaloo ndlela asinakuze simazi umntu onotyekelo olufanelekileyo de sibe sinikele ubungqina kuye—mhlawumbi kangangezihlandlo eziliqela. Ngenxa yoko, abo bangekasamkeli isigidimi sosindiso sibaphatha “ngobulali” ‘nangentlonelo enzulu,’ sinethemba lokuba abanye babo basenokusabela kwisigidimi sobomi.—2 Timoti 2:25; 1 Petros 3:15.
16. Sisiphi esinye sezizathu zokuba sifune ukuphucula ‘ubugcisa bokufundisa’?
16 Xa sibuphucula ubuchule bokufundisa, oko kuya kukhulisa intumekelelo yethu yokuvakalisa iindaba ezilungileyo. Ukuzekelisa: Umdlalo omnandi usenokungabangeli mdla kumntu ongakwaziyo ukuwudlala. Kodwa lowo ukwazi kakuhle ukuwudlala uyawunandipha. Ngokufanayo, amaKristu aphucula ‘ubugcisa bokufundisa’ avuya nangakumbi kubulungiseleli. (2 Timoti 4:2; Tito 1:9) UPawulos wacebisa uTimoti esithi: “Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto, uliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.” (2 Timoti 2:15) Sinokubuphucula njani ubuchule bethu bokufundisa?
17. Sinokulwakha njani ‘ulangazelelo’ ngolwazi lweBhayibhile, kwaye luya kuba yingenelo njani olo lwazi kubulungiseleli bethu?
17 Enye indlela kukungenisa ulwazi oluchanileyo olungakumbi. Umpostile uPetros uyasikhuthaza: “Njengeentsana ezisandul’ ukuzalwa, langazelelani ubisi olungangxengwanga lwelizwi, ukuze ngalo nikhulele elusindisweni.” (1 Petros 2:2) Usana olusempilweni luye lululangazelele ngokuzenzekelayo ubisi. Noko ke, kusenokufuneka umKristu alwakhe ‘ulangazelelo’ lolwazi lweBhayibhile. Oku kunokwenziwa ngokuhlakulela imikhwa emihle yokufundisisa. (IMizekeliso 2:1-6) Kufuneka umgudu nokuzeyisa ukuze sibe ngabafundisi abanobuchule beLizwi likaThixo, kodwa loo migudu iba nemivuzo. Uchulumanco olubangelwa kukuhlolisisa iLizwi likaThixo luya kusenza sizaliswe ngumoya kaThixo, sikulangazelele ukwabelana nabanye ngezinto esizifundayo.
18. Iintlanganiso zamaKrisu zinokusixhobisa njani ukuba siliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso?
18 Iintlanganiso zamaKristu zikwaphumeza indima ephambili ekulisebenziseni kwethu ngobuchule iLizwi likaThixo. Xa kufundwa iindinyana zeBhayibhile ebudeni bentetho yesidlangalala nezinye iingxubusho zeZibhalo, siya kuba senza kakuhle xa sihambisana nalowo ufundayo ngokutyhila kwezethu iiBhayibhile. Kububulumko ukuba sinikele ingqalelo kwiintlanganiso zethu, kuquka nezo zixubusha ngokukhethekileyo ngomsebenzi wethu wokushumayela. Singaze nje siyeye imiboniso, mhlawumbi sizivumele ukuba siphazanyiswe. Kwakhona, ukuzeyisa nokunikela ingqalelo kuyimfuneko. (1 Timoti 4:16) Iintlanganiso zamaKristu ziyalwakha ukholo lwethu, ziyasinceda ukuba sakhe ulangazelelo lweLizwi likaThixo, kwaye ziyasiqeqesha ukuba sibe nentumekelelo yokuvakalisa iindaba ezilungileyo.
Sinako Ukukholosa Ngenkxaso KaYehova
19. Kutheni kubalulekile ukuba nesabelo rhoqo kumsebenzi wokushumayela?
19 AmaKristu “azaliswe ngumoya” nanentumekelelo yokuvakalisa iindaba ezilungileyo azabalazela ukuba nesabelo rhoqo kubulungiseleli. (Efese 5:15, 16) Kuyinyaniso kona ukuba iimeko zabantu azifani, kwaye abantu abanakuchitha umlinganiselo ofanayo wexesha kulo msebenzi usindisa ubomi. (Galati 6:4, 5) Ukanti, mhlawumbi eyona nto ibaluleke ngaphezu kwexesha esiye salichitha kumsebenzi wokushumayela linani lezihlandlo esiye sithethe ngethemba lethu kwabanye. (2 Timoti 4:1, 2) Okukhona sishumayela, kokukhona siya kukuxabisa ukubaluleka kwalo msebenzi. (Roma 10:14, 15) Imfesane novelwano esinalo luya kukhula rhoqo xa sidibana nabantu abanyanisekileyo abancwinayo nabagcumayo nabaphelelwe lithemba.—Hezekile 9:4; Roma 8:22.
20, 21. (a) Nguwuphi umsebenzi esisamele siwenze? (b) UYehova uyixhasa njani imigudu yethu?
20 UYehova usiphathise iindaba ezilungileyo. Olu luthumo lokuqala esilunikwa nguye ‘njengabasebenzi abangamadlelane’ naye. (1 Korinte 3:6-9) Silangazelela ukuyiphumeza le mbopheleleko siyinikwe nguThixo ngomphefumlo uphela, kangangoko sinako. (Marko 12:30; Roma 12:1) Basekho abantu abanotyekelo oluhle nabalambele inyaniso kweli hlabathi. Mkhulu umsebenzi omele wenziwe, kodwa sinako ukukholosa ngenkxaso kaYehova njengoko sibuphumeza ngokuzeleyo ubulungiseleli bethu.—2 Timoti 4:5.
21 UYehova usinika umoya wakhe kwaye uyasixhobisa ‘ngekrele lomoya,’ iLizwi likaThixo. Ngoncedo lwakhe sinako ukuvula imilomo yethu “sinenkululeko yokuthetha ukuze siyazise imfihlelo engcwele yeendaba ezilungileyo.” (Efese 6:17-20) Ngamana kungathethwa ngathi oko umpostile uPawulos wakubhalela amaKristu aseTesalonika esithi: “Iindaba ezilungileyo esizishumayelayo azibangakho kuni ngantetho yodwa kodwa kwanangamandla nomoya oyingcwele nolweyiseko olunamandla.” (1 Tesalonika 1:5) Ewe, masizivakalise ngentumekelelo iindaba ezilungileyo!
Impinda Emfutshane
• Yintoni enokwenzeka kwinzondelelo yethu kubulungiseleli ngenxa yamaxhala obomi?
• Kungayiphi indlela ofanele umnqweno wethu wokuvakalisa iindaba ezilungileyo ube ‘njengomlilo ovuthayo’ ezintliziyweni zethu?
• Ziziphi izimo zengqondo ezingakhiyo esifanele siziphephe kubulungiseleli bethu?
• Ngokuqhelekileyo sifanele sibajonge njani abo singakholwa nabo?
• UYehova usinceda njani ukuba siqhubeke sinenzondelelo kumsebenzi wokushumayela?
[Imifanekiso ekwiphepha 9]
AmaKristu axelisa inzondelelo kaPawulos noYeremiya
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
Intumekelelo yethu kubulungiseleli ishukunyiswa kukuthanda uThixo nommelwane