Ibali Lobomi
Uxabiso Ngesabelo Endaba Naso Kulwando Emva Kwemfazwe
NGOKUBALISWA NGUFILIP S. HOFFMANN
Kusandul’ ukuphela IMfazwe Yehlabathi II ngoMeyi 1945. Ngaloo Disemba, uNathan H. Knorr, owayesongamela umsebenzi wokushumayela wamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke, watyelela eDenmark ehamba nonobhala wakhe oneminyaka engama-25 ubudala, uMilton G. Henschel. Kwaqashwa iholo enkulu eyayiza kusetyenziselwa utyelelo esasilulindele ngolangazelelo. Kuthi thina baselula, intetho kaMzalwan’ uHenschel yayivuyisa ngokukhethekileyo, ekubeni wayelingana nathi ngeminyaka yaye umxholo wentetho yakhe wawusithi: “Khumbula UMdali Wakho Ozukileyo Ngemihla Yobufana Bakho.”—INtshumayeli 12:1.
EBUDENI bolo tyelelo, safumanisa ukuba kwakusenziwa amalungiselelo achulumancisayo ekuhambiseleni phambili umsebenzi wokushumayela ehlabathini lonke yaye nathi sasinokuba nenxaxheba kuwo. (Mateyu 24:14) Ngokomzekelo, eUnited States kwaqaliswa isikolo esitsha sokuqeqesha amadoda namabhinqa aselula ukuze aye kumsebenzi wobuvangeli basemazweni. UMzalwan’ uKnorr wagxininisa esithi ukuba simenyiwe, siya kufumana “itikiti lokuya kuphela” yaye ngekhe sazi ukuba siya kwabelwa phi. Sekunjalo, abanye bethu babhalisa.
Ngaphambi kokuba ndibalise amava am emva kweMfazwe Yehlabathi II, makhe ndiqale ndibalise ngokuzalwa kwam ngowe-1919. Kwakukho iziganeko eziliqela ezachaphazela ubomi bam ngaphambi nasemva kwemfazwe.
Ukufumana Inyaniso YeBhayibhile Kumntwan’ Ophume Ecaleni
Xa uMama wayekhulelwe mna—umntwana wakhe wokuqala—wathandaza esithi ukuba ndiyinkwenkwe, kwanga ndingaba ngumvangeli. Umntakwabo wayenguMfundi weBhayibhile, njengoko amaNgqina kaYehova ayebizwa njalo ngoko, kodwa amalungu entsapho yakhe ayemgqala njengophume ecaleni. Ikhaya lethu lalikufuphi neCopenhagen, yaye xa aBafundi beBhayibhile babeneendibano zaminyaka le, uMama wayemema uMalume uThomas, owayehlala qelele, ukuze ahlale nathi. Ngowe-1930 ulwazi lwakhe olumangalisayo lweBhayibhile nendlela awayeqiqa ngayo kwenza uMama weyiseka waza wanguMfundi weBhayibhile.
UMama wayeyithanda iBhayibhile. Elandela umyalelo okwiDuteronomi 6:7, wandifundisa mna nodade wethu ‘ekuhlaleni kwakhe endlwini yakhe, nasekuhambeni kwakhe ngendlela, nasekulaleni kwakhe, nasekuvukeni kwakhe.’ Ekuhambeni kwexesha, ndaqalisa ukushumayela kwindlu ngendlu. Ndandithanda ukuthetha ngemibandela enjengokungafi komphefumlo nesihogo, eyayifundiswa ziicawa. Ndandikwazi ukutyhila iBhayibhile ndize ndibonise ukuba iimfundiso ezinjalo azichananga.—INdumiso 146:3, 4; INtshumayeli 9:5, 10; Hezekile 18:4.
Intsapho Yethu Iyamanyana
Emva kwendibano eCopenhagen ngowe-1937, kwakufuneka abantu ababeza kuncedisa okwexeshana kwindawo yokuthula iincwadi yeofisi yesebe lamaNgqina kaYehova eDenmark. Ndandisandul’ ukugqiba ukufunda kwikholeji yezifundo zorhwebo yaye ndandingenambopheleleko, ngoko ndavuma ukuncedisa kuloo ndawo yokuthula iincwadi. Xa umsebenzi waphela apho, ndacelwa ukuba ndincedise kwiofisi yesebe. Kungekudala emva koko, ndalishiya ikhaya ndaza ndafudukela kwisebe laseCopenhagen, nangona ndandingekabhaptizwa. Ukunxulumana imihla ngemihla namaKristu aqolileyo kwandinceda ndenza inkqubela ngokomoya. Kunyaka olandelayo, ngoJanuwari 1, 1938, ndafuzisela uzahlulelo lwam kuYehova uThixo ngokubhaptizwa emanzini.
NgoSeptemba 1939, kwaqalisa IMfazwe Yehlabathi II. Kwandula ke, ngoAprili 9, 1940, imikhosi yaseJamani yathimba iDenmark. Ekubeni abantu baseDenmark babenenkululeko enkulu, sasikwazi ukuqhubeka nomsebenzi wethu wokushumayela.
Kwandula ke kwenzeka eyona nto ivuyisayo. UTata waba liNgqina elikhutheleyo nelinyanisekileyo, nto leyo eyenza ukuba sonwabe njengentsapho. Ngoko ke, xa mna nabanye abane baseDenmark, samenyelwa kwiklasi yesibhozo yeSikolo saseGiliyadi, iyonke intsapho yakowethu yandikhuthaza. Esi sikolo esathabatha iinyanga ezintlanu, esaqalisa ngoSeptemba 1946, saqhutyelwa kwisakhiwo esihle esingaphandle kweSouth Lansing kwilizwekazi laseNew York.
Uqeqesho LwaseGiliyadi Nasemva Kwalo
IGiliyadi yavula amathuba okufumana abahlobo abatsha abahle. Ngenye ingokuhlwa xa mna noHarold King osuka eNgilani sasihambahamba kwizakhiwo, sathetha ngendawo esasinokuthunyelwa kuyo emva koqeqesho lwethu. UHarold wathi: “Andicingi ukuba ndandiwabona okokugqibela amawa amhlophe aseDover.” Wayenyanisile, kodwa kwathabatha iminyaka eli-17 ngaphambi kokuba aphinde awabone loo mawa, yaye emine nesiqingatha kuloo minyaka wayichitha kwintolongo yaseTshayina evalelwe yedwa!a
Emva kokuba siphumelele kule klasi, ndathunyelwa eTexas, eUnited States, ukuze ndibe ngumveleli ohambahambayo, ndityelela amabandla amaNgqina kaYehova ukuze ndiwancede ngokomoya. Ndamkelwa ngezandla ezishushu. Kubazalwana baseTexas, kwakubangel’ umdla ukuba nomfana waseYurophu osandul’ ukuvela kwiSikolo saseGiliyadi. Kodwa emva kweenyanga ezisixhenxe kuphela ndiseTexas, ndabizelwa kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York. Apho uMzalwan’ uKnorr wandabela umsebenzi waseofisini, ukuze ndifunde indlela umsebenzi owenziwa ngayo kwamanye amasebe. Kwandula ke, xa ndabuyela eDenmark, kwafuneka ndisebenzise oko ndandikufundile, ndiqiniseka ukuba yonke into yayisenziwa ngendlela efanayo naseBrooklyn. Injongo yoku yayikukuba amasebe asehlabathini lonke asebenze ngendlela efanayo nephumelelayo. Kamva, uMzalwan’ uKnorr wandithumela eJamani.
Ukusebenzisa Ulwalathiso Kumasebe
Xa ndafika eWiesbaden, eJamani, ngoJulayi 1949, izixeko ezininzi zaseJamani zazisengamabhodlo. Abo babekhokela kumsebenzi wokushumayela yayingamadoda awayetshutshiswe ukususela ngexesha uHitler awaqala ngalo ukulawula ngowe-1933. Amanye ayevalelwe kwiintolongo nakwiinkampu zoxinaniso iminyaka esibhozo ukuya kwelishumi okanye engaphezulu! Ndasebenza nabakhonzi bakaYehova abanjengaba iminyaka emithathu enesiqingatha. Umzekelo wabo obalaseleyo undikhumbuza amazwi ombhali-mbali ongumJamani uGabriele Yonan, owabhala wathi: “Ngaphandle komzekelo weli qela lamaKristu athembekileyo phantsi kolawulo lozwilakhe weNational Socialist, besiya kuthandabuza enoba—emva kweAuschwitz nokuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo—bekunokwenzeka kusini na ukuzizalisekisa iimfundiso zikaYesu zobuKristu.”
Umsebenzi endandiwenza kwelo sebe wawufana nalowo ndandiwenza eDenmark: ukuqalisa indlela entsha, nefanayo yokusingatha imibandela yentlangano. Kungekudala emva kokuba abazalwana baseJamani beqondile ukuba olo hlengahlengiso lwalungagxeki umsebenzi wabo—kodwa kwakufike ixesha lokuba amasebe ahlukahlukeneyo nekomkhulu asebenzisane kunye—bavuya yaye babonakalisa umoya omhle wentsebenziswano.
Ngowe-1952 kwafika ileta evela kwiofisi kaMzalwan’ uKnorr, eyayisithi mandiye kwisebe laseBern, eSwitzerland. Ndabelwa ukuba ndibe ngumveleli wesebe apho, ekuqaleni kukaJanuwari 1, 1953.
Ukufumana Olunye Uvuyo ESwitzerland
Kungekudala emva kokufika eSwitzerland, ndadibana noEsther ebudeni bendibano, yaye kungekudala saganana. NgoAgasti 1954, uMzalwan’ uKnorr wathi mandize eBrooklyn, apho ndaboniswa umsebenzi omtsha novuyisayo. Ekubeni inani lalandile yaye neeofisi zamasebe ehlabathi zisiya zisiba nkulu, kwaqaliswa ucwangciso olutsha. Umhlaba wawahlulwe wangamacandelo, yaye ngalinye laliza kuba nomveleli wecandelo. Ndanikwa amacandelo amabini: iYurophu nommandla waseMeditera.
Kungekudala emva kotyelelo olufutshane eBrooklyn, ndabuyela eSwitzerland ndaza ndalungiselela umsebenzi wokutyelela wamacandelo. Mna noEsther satshata, yaye saya kusebenza kunye kwiofisi yesebe eSwitzerland. Kuhambo lwam lokuqala ndaya kumakhaya abavangeli basemazweni nakwisebe laseItali, eGrisi, eCyprus, amazwe akuMbindi Mpuma nakunxweme lwaseMntla Afrika,naseSpeyin nasePortugal—amazwe ali-13 xa ewonke. Emva kokutyelela eBern, ndaqhubeka nohambo lwam ndisiya kuwo onke amazwe aseYurophu entshona kwalawo ayelawulwa yiSoviet. Ebudeni bonyaka wethu wokuqala sitshatile, ndandingekho ekhaya iinyanga ezintandathu, ndinceda abazalwana bethu abangamaKristu.
Ukutshintsha Kweemeko
Ngowe-1957, uEsther wafumanisa ukuba ukhulelwe, yaye ekubeni isebe lalingalungiselelwanga abazali abanabantwana, sagqiba kwelokuba sifudukele eDenmark, apho uTata wasivumela ukuba sihlale naye. UEsther wayenyamekela intombi yethu, uRakel, notata, ngoxa ndandincedisa kumsebenzi weofisi yesebe entsha eyayisandul’ ukwakhiwa. Ndandingumqeqeshi kwiSikolo Sobulungiseleli Sobukumkani sabaveleli bebandla yaye ndaqhubeka ndingumveleli wecandelo.
Umsebenzi wecandelo wawusenza ubani ahambe ixesha elide, okubuhlungu kukuba oko kwakuthetha ukuba intombi yethu yayingandiboni ithuba elide. Oko kwaba nemiphumo. Ngenye imini ndachitha ixesha ndiseParis, apho saseka isebe elincinane lokushicilela. UEsther noRakel beza ngololiwe beze kundibona yaye bafikela eGare du Nord. Mna noLéopold Jontès ovela kwisebe saya kubakhawulela apho. URakel wama ecaleni kwesiporo, wajonga kuLéopold, wandula wajonga kum, wabuyela kuLéopold, waza waziphosa kuLéopold, wamanga!
Kwenzeka enye inguqulelo enkulu xa ndandineminyaka engama-45 ubudala, kuba ndayishiya inkonzo yexesha elizeleyo ukuze ndifumane umsebenzi wengqesho ndize ndixhase intsapho yam. Ngenxa yamava endandinawo njengomlungiseleli wamaNgqina kaYehova, ndakwazi ukufumana umsebenzi wokuba ngumphathi kwindawo yokuthumela izinto kwamanye amazwe. Emva kokuba ndisebenzele le nkampani inye malunga neminyaka esithoba yaye uRakel sele egqibile esikolweni, sagqiba kwelokuba sisabele kukhuthazo lokufudukela apho kukho imfuneko enkulu yabashumayeli boBukumkani.
Ndikhangela amathuba omsebenzi eNorway, ndabuza kwiziko lemisebenzi enoba ndandinokuwufumana kusini na. Andizange ndifumane impendulo entle. Kwakungekho themba lingako kwindoda eneminyaka engama-55 ubudala. Sekunjalo, ndaqhagamshelana neofisi yesebe eOslo ndaza ndaqasha indlu kufuphi nedolophu yaseDrøbak, ndinethemba lokuba umsebenzi uza kuzivelela. Ngenene wazivelela, ndaza ndakwazi ukuba kwinkonzo yoBukumkani endandiyithanda eNorway.
Awona maxesha amnandi kwakuxa inkoliso ebandleni lethu yayisiya emntla ukuya kusebenza umhlaba ongabelwanga bani. Sasiqasha izindlu kwindawo yokumisa iintente, yaye suku ngalunye sasityelela iifama ezazigqagqene kwiintaba ezintle. Kwakumnandi kakhulu ukuxelela aba bantu banobubele ngoBukumkani bukaThixo. Sahambisa iincwadi ezininzi, kodwa amabuyelo kwakufuneka alinde de kube ngunyaka olandelayo. Sekunjalo, abantu abazange basilibale! UEsther noRakel basakhumbula ixesha laxa sasibuyela saza samkelwa njengamalungu entsapho awagqityelwa kudala. Emva kweminyaka emithathu eNorway, sabuyela eDenmark.
Ulonwabo Lobomi Bentsapho
Kungekudala uRakel waganwa nguNiels Højer, umlungiseleli wexesha elizeleyo onenzondelelo. Emva kokutshata kwabo, uNiels noRakel baqhubeka njengoovulindlela de baba nabantwana. UNiels uye wangumyeni olungileyo nobawo omhle, enomdla wokwenene kwintsapho yakhe. Ngenye intsasa wahamba nonyana wakhe ngebhayisekile esiya elunxwemeni ukuya kubukela ukuphuma kwelanga. Ummelwane wabuza le nkwenkwe ukuba babesenza ntoni apho. Yaphendula yathi: “Besithandaza kuYehova.”
Kwiminyaka embalwa kamva, mna noEsther sabukela abazukulwana bethu ababini abadala bebhaptizwa, uBenjamin noNadja. Phakathi kwabo babebukele kwakukho uNiels, owasuka nje wema phambi kwam saza sajongana. Wandijonga waza wathi, “Amadoda okwenene akakhali.” Sekunjalo, kungekudala sakhala sibambene. Hayi indlela ekonwabisa ngayo ukuba nomkhwenyana onokuhleka uze ulile naye!
Sisalungelelanisa Iimeko
Saphinda sasikelelwa xa mna noEsther sacelwa ukuba sibuyele kwiofisi yesebe eDenmark. Noko ke, ngelo xesha kwakusenziwa amalungiselelo okwakha izakhiwo ezikhulu ngakumbi zesebe laseHolbæk. Ndaba nelungelo lokongamela umsebenzi wokwakha, wonke owawusenziwa ngabasebenzi bokuzithandela abangahlawulwayo. Phezu kwabo nje ubusika obuqhaqhazelisa amazinyo, ekupheleni kowe-1982, lo msebenzi wawusele ugqityiwe, yaye sonke sasikuvuyela ukufudukela kwizakhiwo ezikhulu neziphuculiweyo!
Kungekudala ndenza umsebenzi waseofisini, nto leyo eyayindanelisa, ngoxa uEsther wayephendula iingcingo. Noko ke, ekuhambeni kwexesha kwafuneka enziwe utyando lwenyonga, yaye kunyaka onesiqingatha kamva, wenza utyando lwesingxobo senyongo. Phezu kwabo nje ububele obabonakaliswa ngamalungu esebe, sagqiba kwelokuba kuya kuba kuhle ukuba sihambe. Safudukela kwibandla intombi yethu nentsapho yayo eyayikulo.
Namhlanje impilo kaEsther inkenenkene. Sekunjalo, ndingatsho ngokwenene ukuba kuyo yonke iminyaka yenkonzo yethu, ebinenguqulelo ezininzi, ebendixhasa yaye eliqabane lokwenene. Phezu kwayo nje impilo eya isiba mbi, sobabini sisenenxaxheba entle kumsebenzi wokushumayela. Xa ndicingisisa ngobomi bam, ngombulelo ndikhumbula amazwi omdumisi athi: “Owu Thixo, undifundise ukususela ebutsheni bam.”—INdumiso 71:17.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona IMboniselo, (yesiNgesi) kaJulayi 15, 1963, iphepha 437-42.
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Ndithula iincwadi kwisebe laseJamani elisakhiwayo ngowe-1949
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Abantu endandisebenza nabo babequka amaNgqina anjengala awayevela kwiinkampu zoxinaniso
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Ndikunye noEsther namhlanje nangemini yomtshato wethu eBern eBheteli, ngo-Oktobha 1955