Ukuthiywa Ngaphandle Kwesizathu
“Bandithiya ngaphandle kwesizathu.”—YOHANE 15:25.
1, 2. (a) Kutheni ibothusa nje abanye into yokugculelwa kwamaKristu, kodwa kutheni kungamele kusimangalise nje thina oko? (b) Yiyiphi ingcamango yegama elithi “intiyo” esiza kuyihlolisisa kweli nqaku? (Bona umbhalo osemazantsi.)
AMANGQINA KAYEHOVA azabalazela ukuphila ngokuvisisana nemilinganiselo eseLizwini likaThixo. Ngenxa yoko, anconywa kakhulu emazweni amaninzi. Kodwa maxa wambi ayagxekwa. Ngokomzekelo, elinye igosa laseburhulumenteni kwisixeko saseSt. Petersburg, eRashiya, lathi: “AmaNgqina kaYehova ayechazwa kuthi njengehlelo elisebenza ngokufihlakeleyo nelidume ngokubulala abantwana kwanamanye amalungu alo.” Kodwa emva kokuba eli gosa lisebenze namaNgqina kaYehova ekulungiseleleni indibano yawo yezizwe ngezizwe, lathi: “Mna ndiwabona engabantu abaqhelekileyo, abasoloko bencumile . . . Anoxolo nobuntu, kwaye athandana gqitha.” Longezelela lathi: “Eneneni andazi ukuba kutheni abantu bexoka kangaka nje ngawo.”—1 Petros 3:16.
2 Abakhonzi bakaThixo abavuyi xa betyholwa ngobuxoki ngokuba bangabenzi bobubi, kodwa ayibamangalisi into yokuba abantu bathethe kakubi ngabo. UYesu wabalumkisa abalandeli bakhe wathi: “Ukuba ihlabathi linithiyile, niyazi ukuba liye lathiya mna ngaphambi kokuba lithiye nina. . . . Oku kukuze lizalisekiswe ilizwi elibhaliweyo eMthethweni wabo elithi, ‘Bandithiya ngaphandle kwesizathu.’”a (Yohane 15:18-20, 25; INdumiso 35:19; 69:4) Ngaphambilana wayethe kubafundi bakhe: “Ukuba abantu babize umnini-ndlu ngokuthi nguBhelezebhubhe, kukangakanani na abaya kubiza abo bendlu yakhe ngolo hlobo?” (Mateyu 10:25) AmaKristu ayayiqonda into yokuba ukugculelwa kwawo kuyinxalenye ‘yesibonda sentuthumbo’ aye asamkela njengoko engabalandeli bakaKristu.—Mateyu 16:24.
3. Baye batshutshiswa ngomkhamo ongakanani abanquli bokwenyaniso?
3 Ukutshutshiswa kwabanquli bokwenyaniso kususela mandulo, kwixesha “lika-Abheli olilungisa.” (Mateyu 23:34, 35) Abatshutshiswanga nje yimbinana yabantu ngezihlandlo ezimbalwa ezahlukahlukeneyo. UYesu wathi abalandeli bakhe babeza “kuthiywa ngabantu bonke” ngenxa yegama lakhe. (Mateyu 10:22) Ukungqina oku, nompostile uPawulos wabhala wathi bonke abakhonzi bakaThixo—kuquka ngamnye wethu—bafanele bakulindele ukutshutshiswa. (2 Timoti 3:12) Siyintoni isizathu soko?
Umthombo Wentiyo Engekho Sikweni
4. IBhayibhile iwutyhila njani umthombo wayo yonke intiyo engekho sikweni?
4 ILizwi likaThixo lityhila ukuba ukususela ekuqaleni, bekukho umphembeleli ongabonakaliyo wale ntiyo. Khawucinge nje ngokubulawa ngenkohlakalo kwendoda yokuqala yokholo, uAbheli. IBhayibhile ithi umntakwabo owambulalayo, onguKayin, “waphuma kulowo ungendawo,” uSathana uMtyholi. (1 Yohane 3:12) UKayin wabonisa isimo sengqondo esifana nesikaSathana, waza ngaloo ndlela uMtyholi wamsebenzisela ukuphumeza iinjongo zakhe ezingendawo. Kwakhona iBhayibhile isichazela ngokuhlasela kukaSathana ngenkohlakalo uYobhi kunye noYesu Kristu. (Yobhi 1:12; 2:6, 7; Yohane 8:37, 44; 13:27) Incwadi yeSityhilelo iwuchaza ngokucacileyo umthombo wentshutshiso yabalandeli bakaYesu, isithi: “UMtyholi uya kuhlala ephosa bambi benu entolongweni ukuze nivavanywe ngokupheleleyo.” (ISityhilelo 2:10) Ewe, nguSathana umthombo wayo yonke intiyo engekho sikweni nxamnye nabantu bakaThixo.
5. Siyintoni isizathu sokuba uSathana abathiye abanquli bokwenyaniso?
5 Siyintoni isizathu sokuba uSathana abathiye abanquli bokwenyaniso? Kwiyelenqe lakhe lekratshi nelokuzingca, uSathana uye wacel’ umngeni “uKumkani kanaphakade,” uYehova uThixo. (1 Timoti 1:17; 3:6) Umi ngelithi uThixo ungqwabalala kwizidalwa zakhe yaye akukho nasinye kuzo esimkhonza uYehova ngokusuk’ entliziyweni, kodwa zimkhonza kuphela ngenxa yengenelo yokuzingca. USathana uthi ukuba unokuvunyelwa avavanye abantu, unokubenza bonke bayeke ukukhonza uThixo. (Genesis 3:1-6; Yobhi 1:6-12; 2:1-7) Ngokunyelisa kwakhe uYehova njengomlawuli onengcinezelo, olixoki, nowoyisakeleyo, uSathana uzibanga yena engumlawuli obhetele. Ngoko, umsindo wakhe nxamnye nabakhonzi bakaThixo uphenjelelwa kukufuna kwakhe ukunqulwa.—Mateyu 4:8, 9.
6. (a) Sibandakanyeke njani ngokobuqu kwimbambano yolongamo lukaYehova? (b) Ukuqonda kwethu le mbambano kusinceda njani sigcine ingqibelelo? (Bona ibhokisi ekwiphepha 16.)
6 Ngaba uyayibona indlela le mbambano ebuchaphazela ngayo ubomi bakho? Njengomkhonzi kaYehova, kusenokwenzeka ukuba uye waphawula ukuba ngoxa ukwenza ukuthanda kukaThixo kufuna umgudu onyanisekileyo, kodwa kuneengenelo ezigqithiseleyo. Noko ke, kuthekani ukuba iimeko ebomini bakho zenza kube nzima, okanye kube buhlungu, ukuqhubeka uthobela imithetho nemimiselo kaYehova? Yaye kuthekani ukuba kubonakala kungekho zingenelo uzifumanayo? Ngaba uya kugqiba kwelokuba akuyomfuneko ukuqhubeka ukhonza uYehova? Okanye ngaba uthando ngoYehova noxabiso ngeempawu zakhe ezibalaseleyo luya kukushukumisela ukuba uqhubeke uhamba ngeendlela zakhe zonke? (Duteronomi 10:12, 13) Ngokuvumela kwakhe uSathana ukuba asizisele ubunzima, uYehova unike ngamnye wethu ithuba lokuziphendulela kucelomngeni lukaSathana.—IMizekeliso 27:11.
“Xa Abantu Beningcikiva”
7. Liliphi elinye iqhinga alisebenzisayo uMtyholi ukuzama ukusenza siyeke ukukhonza uYehova?
7 Ngoku makhe sihlolisise elinye lamaqhinga awasebenzisayo uSathana kule mbambano—izigculelo zakhe zobuxoki. UYesu wambiza uSathana ngokuba ‘nguyise wobuxoki.’ (Yohane 8:44) Igama lakhe elinguMtyholi, elithetha “uMhlebi,” limchaza njengalowo unkqenkqeza phambili ekuhlebeni uThixo, ilizwi lakhe elilungileyo, negama lakhe elingcwele. UMtyholi usebenzisa izinyeliso ezifihlakeleyo, izimangalo zobuxoki, nobuxoki obuphandle ekuceleni kwakhe umngeni ulongamo lukaYehova, nasekunyeliseni kwakhe abakhonzi abanyanisekileyo bakaThixo. Ngokwenza la maNgqina agculelwe, wenza kube nzima ngakumbi ukunyamezela isilingo esiqatha.
8. USathana wamgculela njani uYobhi, yaye oko kwaba nawuphi umphumo?
8 Khawucinge nje ngoko kwehlela uYobhi, ogama lakhe lithetha “Ixhoba Lentiyo.” USathana akaphelelanga nje ekutshabalaliseni imfuyo, abantwana, kwanempilo kaYobhi, kodwa wamenza wabonakala njengomoni owayesohlwaywa nguThixo. Nangona wayehlonelwa kakhulu, kodwa ngoku uYobhi wayecekiswa kwanazizalamane nabahlobo bakhe abasenyongweni. (Yobhi 19:13-19; 29:1, 2, 7-11) Ukongezelela, esebenzisa abathuthuzeli bobuxoki, uSathana wazama ‘ukumtyumza ngamazwi uYobhi,’ emkwekwa ngelokuba wenze isono esinzulu, waza kamva wamgxeka ngokungqalileyo njengomenzi-bubi. (Yobhi 4:6-9; 19:2; 22:5-10) Kumele ukuba kwamdimaza gqitha oko uYobhi!
9. UYesu wenziwa njani wabonakala engumoni?
9 Njengoko elumela ngokubalaseleyo ulongamo lukaYehova, uNyana kaThixo waba lixhoba eliyintloko lentiyo kaSathana. Xa uYesu wayesemhlabeni, uSathana wayefuna ukumngcolisa ngokomoya abonakale njengomoni, njengoko wenzayo kuYobhi. (Isaya 53:2-4; Yohane 9:24) Abantu babembiza ngokuba linxila nedla-kudla yaye babesithi “unedemon.” (Mateyu 11:18, 19; Yohane 7:20; 8:48; 10:20) Wamangalelwa ngobuxoki ngokuba uyanyelisa. (Mateyu 9:2, 3; 26:63-66; Yohane 10:33-36) Oku kwamkhathaza gqitha uYesu, kuba wayesazi ukuba kwakusisigculelo kuYise. (Luka 22:41-44) Ekugqibeleni, uYesu wabethelelwa njegesaphuli-mthetho esiqalekisiweyo. (Mateyu 27:38-44) Ngenxa yokugcina kwakhe ingqibelelo ngokupheleleyo, uYesu ‘wachaswa ngaboni.’—Hebhere 12:2, 3.
10. Abasaseleyo kubathanjiswa baye baba ngawo njani amaxhoba kaSathana namhlanje?
10 Namhlanje, abaseleyo kubalandeli abathanjisiweyo bakaKristu ngokufanayo nabo bathiyiwe nguMtyholi. USathana uchazwa ‘njengommangaleli wabazalwana bakaKristu, obamangalela imini nobusuku phambi koThixo wethu.’ (ISityhilelo 12:9, 10) Ukususela ekugxothweni kwakhe ezulwini waza waphoswa emhlabeni, uSathana uye waqinisa ngamandla ekunyeliseni abazalwana bakaKristu. (1 Korinte 4:13) Kwamanye amazwe, baye banyeliswa njengehlelo eliyingozi, njengoko kwakunjalo nangamaKristu enkulungwane yokuqala. (IZenzo 24:5, 14; 28:22) Njengoko kubonisiwe ekuqaleni, baye batyatyekwa ngezimangalo zobuxoki. Sekunjalo, “ngozuko nehlazo, ngengxelo embi nengxelo entle,” abazalwana abathanjisiweyo bakaKristu, bexhaswa ngamaqabane abo “ezinye izimvu,” baye ngokuthobeka bazimisela ‘ukugcina imiyalelo kaThixo nokwenza umsebenzi wokungqinela uYesu.’—2 Korinte 6:8; Yohane 10:16; ISityhilelo 12:17.
11, 12. (a) Sisenokuba yintoni esinye isizathu sokugculelwa kwamaKristu? (b) UmKristu usenokubandezeleka ngaziphi iindlela ngokungekho sikweni ngenxa yokholo lwakhe?
11 Kambe ke, asilulo lonke ugculelo olufunyanwa ngabakhonzi bakaThixo ‘olungenxa yobulungisa.’ (Mateyu 5:10) Ezinye iingxaki zibangelwa kukungafezeki kwethu. Akunanzuzo nganto ‘ukunyamezela ukumpakazwa ngenxa yesono esisenzileyo.’ Kodwa ukuba umKristu “ngenxa yesazela kuThixo, unyamezela izinto ezibuhlungu aze abandezeleke ngokungekho sikweni, kukholekile oko” emehlweni kaYehova. (1 Petros 2:19, 20) Ziziphi iimeko ezinokwenza sinyamezele ubunzima obunjalo?
12 Abanye baye baphathwa kakubi ngenxa yokwala kwabo ukubandakanyeka kwizithethe zemingcwabo ezingavisisaniyo neZibhalo. (Duteronomi 14:1) Ulutsha lwamaNgqina luye lwanyeliswa kanobom ngenxa yokunamathela kwalo kwimilinganiselo kaYehova yokuziphatha. (1 Petros 4:4) Abanye abazali abangamaKristu baye bamangalelwa ngobuxoki “njengabangakhathaliyo” okanye “abaxhaphaza” abantwana babo ngenxa yokubafunela kwabo unyango lwezamayeza olungasebenzisi gazi. (IZenzo 15:29) AmaKristu aye alahlwa zizalamane nangabamelwane bawo ngenxa nje yokuba ngabakhonzi bakaYehova. (Mateyu 10:34-37) Bonke abo banjalo balandela ekhondweni labaprofeti nelikaYesu lokubandezeleka ngokungekho sikweni.—Mateyu 5:11, 12; Yakobi 5:10; 1 Petros 2:21.
Ukunyamezela Ukugculelwa
13. Yintoni enokusinceda singahexi ngokomoya xa sigculelwa ngokuqatha?
13 Xa sigculelwa ngokuqatha ngenxa yokholo lwethu, sisenokudimazeka, njengoko kwaba njalo ngomprofeti uYeremiya, size sivakalelwe kukuba asinakuqhubeka sikhonza uThixo. (Yeremiya 20:7-9) Yintoni enokusinceda singahexi ngokomoya? Kukuzama ukuyijonga imeko okuyo ngendlela uYehova ayijonga ngayo. Ubagqala abo bahlala benyanisekile xa bevavanywa njengaboyisileyo, kungekhona amaxhoba. (Roma 8:37) Khawube nomfanekiso-ngqondweni wabo baye balumela ngokuqinileyo ulongamo lukaYehova phezu kwako nje ukuhlaselwa kwabo ngolunya nguMtyholi—amadoda namabhinqa anjengoAbheli, uYobhi, umama kaYesu uMariya, nabanye ababethembekile mandulo, kwanabo sikhonza nabo namhlanje. (Hebhere 11:35-37; 12:1) Khawucinge nje ngendlela abayigcina ngayo ingqibelelo. Ngamana nathi singalithelela elo hlokondiba lamadoda namabhinqa athembekileyo aye ngokholo lwawo aloyisa ihlabathi.—1 Yohane 5:4.
14. Umthandazo onyanisekileyo unokusomeleza njani ukuze sihlale sithembekile?
14 Ukuba ‘iingcamango zethu eziphazamisayo ziba ninzi ngaphakathi kwethu,’ sinokuthandaza ngokunyanisekileyo kuYehova, yaye uya kusithuthuzela aze asomeleze. (INdumiso 50:15; 94:19) Uya kusinika ubulumko bokujamelana nesilingo aze asincede sinikel’ ingqalelo kwimbambano enkulu yolongamo lukaYehova, nengoyena nobangela uphambili wokuthiywa ngokungekho sikweni kwabakhonzi bakhe. (Yakobi 1:5) Kwakhona unokusinika “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda.” (Filipi 4:6, 7) Olu xolo lukaThixo lusenza sizole yaye sibe nenzondelelo, singabi namathandabuzo okanye sibe noloyiko xa sivavanywa ngokuqatha. Ngomoya wakhe, uYehova unokusomeleza ukuze sikwazi ukujamelana naso nasiphi na isilingo asivumelayo ukuba sisifikele.—1 Korinte 10:13.
15. Yintoni enokusinceda singabi nomsindo xa sibandezeleka?
15 Yintoni enokusinceda singabacaphukeli abo basithiya ngaphandle kwesizathu? Khumbula ukuba ezona ntshaba zethu ziphambili nguSathana kunye needemon. (Efese 6:12) Nangona abanye abantu besenokusitshutshisa ngabom, kodwa abona baninzi kwabo bachase abantu bakaThixo benziwa kukungazi okanye baphenjelelwe ngabanye. (Daniyeli 6:4-16; 1 Timoti 1:12, 13) UYehova unqwenela ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Timoti 2:4) Enyanisweni, abanye ababekade bengabachasi ngoku bangabazalwana bethu abangamaKristu ngenxa yokuphawula kwabo ihambo yethu entle. (1 Petros 2:12) Ukongezelela koko, sinokufunda okuthile kumzekelo kaYosefu, unyana kaYakobi. Nangona uYosefu wabandezeleka gqitha ngenxa yabantakwabo, akazange abazonde. Ngoba? Ngenxa yokuba wayiqonda into yokuba uYehova wayefak’ isandla kuloo meko, wayenza yavisisana nokuzaliseka kwenjongo Yakhe. (Genesis 45:4-8) Ngokufanayo uYehova unokwenza nakuphi na ukubandezeleka kwethu ngokungekho sikweni kuphumele ekuzukisweni kwegama lakhe.—1 Petros 4:16.
16, 17. Kutheni singafanele sikhathazeke ngemigudu yabachasi yokufuna ukuphazamisa umsebenzi wokushumayela?
16 Asifanele sikhathazeke xa abachasi bebonakala bephumelela okwethutyana ekuphazamiseni ukuhambela phambili kweendaba ezilungileyo. Ngoku uYehova ugungqisa iintlanga ngomsebenzi wokushumayela owenziwa emhlabeni wonke, yaye izinto ezinqwenelekayo ziyaqhubeka zingena. (Hagayi 2:7) UKristu Yesu, uMalusi Olungileyo, wathi: “Izimvu zam ziyaliphulaphula ilizwi lam, kwaye ndiyazazi, zona ziyandilandela. Ndizinika ubomi obungunaphakade, . . . kungekho namnye uya kuzixhwila esandleni sam.” (Yohane 10:27-29) Iingelosi ezingcwele nazo zibandakanyekile kwisivuno esikhulu sokomoya. (Mateyu 13:39, 41; ISityhilelo 14:6, 7) Ngoko ayikho into enokuthethwa okanye yenziwe ngabachasi enokuphazamisana nenjongo kaThixo.—Isaya 54:17; IZenzo 5:38, 39.
17 Ngokufuthi, xa sichaswa isikhuni sibuya nomkhwezeli. Kwenye ingingqi yaseAfrika, kwasasazwa ubuxoki obuninzi nxamnye namaNgqina kaYehova, kwada kwathiwa angabanquli bakaMtyholi. Ngenxa yesi sizathu, uGrace wayejikela emva kwendlu aze azimele sihlandlo ngasinye amaNgqina etyelela ekhayeni lakhe. Ngenye imini umfundisi wecawa yakhe waphakamisa enye yeempapasho zethu waza waxelela amarhamente ukuba angayifundi kuba yayiza kuwenza alahle unqulo lwawo. Oku kwamenza uGrace wanomdla wokufun’ ukwazi isizathu soko. Xa amaNgqina ephinda etyelela, kunokuba azimele wancokola nawo waza wathabatha enye yeempapasho zawo. Waqhutyelwa isifundo seBhayibhile, waza wabhaptizwa ngowe-1996. Ngoku uGrace ulisebenzisela ixesha lakhe ukufuna abanye abasenokuba baxelelwe ubuxoki ngokuphathelele amaNgqina kaYehova.
Qinisa Ukholo Lwakho Ngoku
18. Kutheni kufuneka someleze ukholo lwethu ngaphambi kokufika kovavanyo, yaye sinokukwenza njani oko?
18 Ekubeni uSathana enokusihlasela nangaliphi na ixesha, kubalulekile ukuba siqinise ukholo lwethu ngoku. Sinokukwenza njani oku? Enye ingxelo evela kwilizwe ababetshutshiswa kulo abantu bakaYehova ithi: “Le yona into izicacele: Eyokuba abo banemikhwa emihle yokomoya noxabiso olunzulu ngenyaniso yeBhayibhile ababi nangxaki yokuhlala beqinile xa kufika uvavanyo. Kodwa abo bathi ‘ngexesha elilungileyo’ bangayi rhoqo kwiintlanganiso nakwinkonzo yasentsimini, baze balalanise kwimibandela nje emincinane, badla ngokuwa xa bejamelene novavanyo ‘oluqatha.’” (2 Timoti 4:2) Ukuba kukho iinkalo ekusafuneka uphucule kuzo, yenza umzamo wokwenjenjalo ngaphandle kokulibazisa.—INdumiso 119:60.
19. Ukugcina ingqibelelo kwabakhonzi bakaThixo xa bethiywa ngokungekho sikweni kufeza yiphi indima?
19 Ukugcina ingqibelelo kwabanquli bokwenyaniso xa behlaselwa ngentiyo nguSathana kububungqina bokuba uYehova unegunya yaye uyakufanelekela ukuba ngumongami onobulungisa. Ukuthembeka kwabo kuyayivuyisa intliziyo kaThixo. Nangona abantu besenokubagculela, kodwa yena lowo wongamileyo ngaphezu komhlaba nezulu “akanazintloni ngabo, ukuba abizwe ngokuba unguThixo wabo.” Enyanisweni, xa sibhekisa kubo bonke abo banyanisekileyo, singatsho ukuthi: “Ihlabathi lalingabafanelanga.”—Hebhere 11:16, 38.
[Umbhalo osemazantsi]
a EZibhalweni, igama elithi “intiyo” lineentsingiselo eziliqela. Maxa wambi, libhekisela nje ekuthandeni kancinane. (Duteronomi 21:15, 16) Kwakhona “intiyo” isenokubhekisela ekwenyanyeni into kodwa kungekho zinjongo zakuyonakalisa, ngaphandle nje kokuyiphepha ngenxa yokuyicekisa. Kodwa ke, igama elithi “intiyo” likwabhekisela nakubutshaba obunzulu ngokugqithiseleyo obudla ngokuhamba nenqala. Siza kuxubusha ngaloo ntsingiselo yeli gama ke kweli nqaku.
Ngaba Unokucacisa?
• Siyintoni isizathu sokuthiywa ngokungekho sikweni kwabanquli bokwenyaniso?
• USathana walusebenzisa njani ugculelo ukuzama ukwaphula ingqibelelo kaYobhi nekaYesu?
• UYehova usomeleza njani ukuze siyixhathise ngokuqinileyo intiyo kaSathana?
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 16]
Babeyiqonda Eyona Mbambano Yokwenene
Elinye iNgqina likaYehova eUkraine, apho umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani wawuvaliwe ngaphezu kweminyaka engama-50, lathi: “Asifanele siphelele nje ngokujonga indlela abantu abawaphatha ngayo amaNgqina kaYehova. . . . Abasemagunyeni abaninzi babesenza nje umsebenzi wabo. Xa kutshintshwa urhulumente, yayitshintsha nendlela abasiphatha ngayo abasemagunyeni, kodwa thina sasingatshintshi. Sasiqonda ukuba owona mthombo wobunzima esasibufumana uchaziwe eBhayibhileni.
“Asizange sizigqale njengamaxhoba amsulwa engcinezelo yabantu. Into eyasinceda sanyamezela kukuyiqonda kwethu ngokucacileyo imbambano eyaveliswa kumyezo wase-Eden—imbambano ephathelele ilungelo likaThixo lokulawula. . . . Sasibandakanyeke kwimbambano eyayingenakuthanani nje nezilangazelelo zabantu kuphela kodwa eyayibandakanya izilangazelelo zoMongami wendalo iphela. Sasiyiqonda ngokucacileyo loo mbambano. Oku kwasomeleza kwaza kwasenza sakwazi ukugcina ingqibelelo yethu kwanaxa iimeko zazinzima ngokugqithiseleyo.”
[Umfanekiso]
UVictor Popovych, owabanjwa ngowe-1970
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Ngubani owayengunobangela wokugculelwa kukaYesu?
[Imifanekiso ekwiphepha 15]
UYobhi, uMariya, nabakhonzi bakaThixo banamhlanje, abanjengoStanley Jones, baye balumela ngokuqinileyo ulongamo lukaYehova