Ngaba Uza Kuhlala Unengqibelelo?
“Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!”—YOBHI 27:5.
1, 2. Nguwuphi umsebenzi wokwakha esimele siwenze, ibe yiyiphi imibuzo esiza kuyihlolisisa?
YIBA nomfanekiso-ngqondweni wakho ujonga iplani yendlu. Iyakuchukumisa indlela entle ngayo le plani. Uvuyiswa nakukucinga ngendlela wena nentsapho yakho eniza kuhlala kamnandi ngayo kule ndlu. Kodwa ke, ngaba akuvumi ukuba ukubona loo plani kwanokucinga ngayo akunakukwenzela nto ngaphandle kokuba uyakhe loo ndlu, uhlale kuyo uze uyiphathe kakuhle?
2 Ngokufanayo, sinokuyijonga ingqibelelo njengophawu olubaluleke gqitha oluya kunceda thina nabo sibathandayo. Kodwa ukuyithanda ingqibelelo akusayi kusinceda nganto ngaphandle kokuba siyayakha size njengamaKristu sihlale sinayo. Namhlanje, ukwakha indlu kubiza imali eninzi. (Luka 14:28, 29) Ngokufanayo, ukwakha ingqibelelo kuthatha ixesha yaye kufuna senze umgudu, kodwa asinakuzisola emva kokuba sikwenzile oko. Ngoko makhe sihlolisise le mibuzo mithathu: Sinokwenza njani ukuze sibe ngabantu abanengqibelelo? Sinokuhlala njani sinengqibelelo njengamaKristu? Yintoni enokwenziwa ukuba umntu ukhe akayigcina ingqibelelo?
Sinokwenza Njani Ukuze Sibe Ngabantu Abanengqibelelo?
3, 4. (a) UYehova usinceda ngaziphi iindlela ukuba sakhe ingqibelelo? (b) Sinokuyakha njani ingqibelelo, njengoko uYesu wasimisela umzekelo?
3 Kwinqaku elidluleyo sifundile ukuba uYehova usinike ilungelo lokukhetha enoba siza kuba ngabantu abanengqibelelo kusini na. Kodwa okuvuyisayo kukuba, akasishiyanga enyanyeni kulo mba. Usifundisa indlela yokwakha olu phawu luxabisekileyo, aze asinike umoya wakhe oyingcwele ngesisa, osinceda senze oko asifundisa kona. (Luka 11:13) Ude abakhusele ngokomoya abo benza umgudu wokuhamba ngengqibelelo.—IMize. 2:7.
4 UYehova uye wasifundisa njani ukuze sihlale sinengqibelelo? Ngaphezu kwako konke, usifundise ngokuthumela uNyana wakhe, uYesu, emhlabeni. UYesu wamthobela ngokugqibeleleyo. “Wazithoba kwada kwasa ekufeni.” (Fil. 2:8) Kuyo yonke into awayeyenza, uYesu wathobela uYise wasezulwini kwanaxa kwakunzima. Wathi kuYehova: “Makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.” (Luka 22:42) Kuya kuba kuhle ukuba ngamnye wethu azibuze oku, ‘Ngaba nam ndithobela ngolo hlobo?’ Ngokwenza umgudu wokuthobela sineenjongo ezintle, siya kuhlala sinengqibelelo. Khawucinge nje ngezinye iimeko apho ukuthobela kubaluleke ngokukhethekileyo.
5, 6. (a) UDavide wakubethelela njani ukubaluleka kokuhlala sinengqibelelo kwanaxa singabonwa ngabanye abantu? (b) Namhlanje luluphi ucelomngeni ajamelene nalo amaKristu xa ewodwa?
5 Simele simthobele uYehova kwanokuba sisedwa. Umdumisi uDavide wathetha ngokubaluleka kokuba nengqibelelo ngezihlandlo awayeyedwa ngazo. (Funda INdumiso 101:2.) Njengoko wayengukumkani, uDavide wayesoloko ephakathi kwabantu. Ngaphandle kwamathandabuzo, amaxesha amaninzi wayeba kunye namakhulu, nkqu namawaka abantu. (Thelekisa INdumiso 26:12.) Ukugcina ingqibelelo ngezihlandlo ezinjalo kwakubalulekile, kuba kaloku ukumkani kwakufuneka amisele abantu bakhe umzekelo omhle. (Dut. 17:18, 19) Noko ke, uDavide wayeqonda ukuba kwanaxa eyedwa—‘ngaphakathi endlwini yakhe’—kwakufuneka aqhubeke ehamba ngengqibelelo. Kuthekani ke ngathi?
6 KwiNdumiso 101:3, uDavide uthi: “Andiyi kubeka nantoni na yobutshijolo phambi kwamehlo am.” Namhlanje maninzi amathuba okubeka izinto zobutshijolo phambi kwamehlo ethu, ingakumbi xa sisedwa. Ukusebenzisa i-Internet kuye kwaba lucelomngeni kwabaninzi xa kufikwa kulo mba. Kulula ukuhendelwa ekujongeni izinto ezingamanyala. Kodwa ngaba ukwenjenjalo kubonisa ukumthobela uThixo owaphefumlela uDavide ukuba abhale loo mazwi? Izinto ezingamanyala ziyingozi, kuba ziphemba iminqweno engafanelekanga neyokubawa, zonakalisa izazela, ziqhekeza imitshato zize zithobe izidima zabo bonke abantu ababandakanyekileyo.—IMize. 4:23; 2 Kor. 7:1; 1 Tes. 4:3-5.
7. Nguwuphi umgaqo onokusinceda sihlale sinengqibelelo enoba sisedwa?
7 Kambe ke, eneneni akakho umkhonzi kaYehova oyedwa. UBawo wethu usoloko esijonge ngothando. (Funda INdumiso 11:4.) Cinga nje ngendlela uYehova amele ukuba uvuya ngayo xa ekubona uxhathisa isilingo! Xa usenjenjalo, uthobela isilumkiso sikaYesu esicacileyo esikuMateyu 5:28. Yenza umgudu wokungaze ujonge imifanekiso enokukuhendela ekubeni wenze okuphosakeleyo. Musa ukuthengisa ngengqibelelo yakho exabisekileyo ukuze wenze iintloni zokubukela okanye ufunde izinto ezingamanyala!
8, 9. (a) Yacelwa umngeni njani ingqibelelo kaDaniyeli namaqabane akhe? (b) AmaKristu aselula namhlanje amvuyisa njani uYehova namanye amaKristu?
8 Enye indlela esinokuhlala ngayo sinengqibelelo, kukuthobela uYehova xa siphakathi kwabantu abangakholwayo. Cinga nje ngoDaniyeli namaqabane akhe amathathu. Bathi besengabantwana, bathinjelwa eBhabhiloni. Apho, ephakathi kwabantu abangakholwayo ababengazi nowathwethwa ngoYehova, la maHebhere mane anyanzelwa ukuba atye ukutya okwakusalelwa nguMthetho kaThixo. Ngokulula nje la makhwenkwe ayenokwenza isingxengxezo sokwaphula loo mthetho. Ngapha koko, ayengazi kubonwa ngabazali bawo, ngabanye abantu abadala nangababingeleli xa esenza loo nto. Ngubani owayeza kuwabona? NguYehova. Ngoko ema eqinile aza amthobela nakuba ayephantsi kwengcinezelo nengozi enjalo.—Dan. 1:3-9.
9 Ehlabathini lonke, amaNgqina kaYehova aselula alandela loo mzekelo wokubambelela kwimilinganiselo uThixo ayibekele amaKristu yaye ayala ukunikezela kwingcinezelo yoontanga eyingozi. Nina baselula xa nisala ukusebenzisa iziyobisi, ukuba nogonyamelo, ukuthuka, ukuziphatha kakubi nokwenza ezinye izinto eziphosakeleyo, nithobela uYehova. Xa nisenjenjalo, nihlala ninengqibelelo. Niyazinceda, yaye nivuyisa uYehova namanye amaKristu!—INdu. 110:3.
10. (a) Ziziphi iimbono eziphosakeleyo eziphathelele uhenyuzo nezikhokelele ekubeni abanye abantwana balahlekane nengqibelelo yabo? (b) Ukuba nengqibelelo kunokusinceda siziphathe njani xa kufikwa kwingozi yohenyuzo?
10 Simele sithobele nakwindlela esisebenzisana ngayo nabantu besini esahlukileyo. Siyazi ukuba iLizwi likaThixo liyakuchasa ukuhenyuza. Noko ke, ngokulula isimo sengqondo sokuthobela sinokutshintsha sibe kukuyekelela. Ngokomzekelo, abanye abantwana baye benza isini emlonyeni okanye ezimpundu okanye baphululana amalungu esini, besithi oko akukubi kangako kuba eneneni ‘asikokwenza iintlobano zesini.’ Aba bantwana bayalibala—okanye basenokuba bakubetha ngoyaba—ukuba igama eliseBhayibhileni elithetha ukuhenyuza liquka zonke ezo zenzo ziphosakeleyo umntu anokususwa kubudlelane ngenxa yazo.a Okubi nakakhulu kukuba, abakukhathalele ukubaluleka kokuba nengqibelelo. Ekubeni sizabalazela ukuhlala sinengqibelelo, asikhangeli indlela yokuzithethelela. Asizami ukudlalela kufutshane nesono kangangoko sinako ngenjongo yokuba singohlwaywa. Asinikeli ingqalelo ubukhulu becala kwindlela esiya kohlwaywa ngayo ngeso senzo. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kuthi, kukwenza oko kuya kukholisa uYehova size sikuphephe oko kuya kumenza buhlungu. Kunokufuna ukubona ukuba sinokusondela kangakanani na esonweni, siya kumela kude kuso size ‘sisabe kuhenyuzo.’ (1 Kor. 6:18) Xa sisenjenjalo sibonisa ukuba singabantu abanengqibelelo yokwenene.
Sinokuhlala Njani Sinengqibelelo?
11. Kutheni isenzo ngasinye sokuthobela sibalulekile? Yenza umzekelo.
11 Ingqibelelo siyakha ngokuthobela, ngoko sinokuyilondoloza ngokubambelela kwikhondo lokuthobela. Isenzo nje esinye sokuthobela sisenokubonakala singenamsebenzi. Kodwa ngokuhamba kwexesha eso senzo sinokusakhela udumo oluhle lwengqibelelo. Ngokomzekelo: Isitena esinye sisenokubonakala singabalulekanga, kodwa xa sibeka izitena ezininzi kakuhle, sinokwakha indlu entle. Ngoko xa siqhubeka sithobela, siya kuhlala sinengqibelelo.—Luka 16:10.
12. UDavide wawumisela njani umzekelo wokuba nengqibelelo kwanaxa wayephethwe kakubi nangokungekho sikweni?
12 Ukuba nengqibelelo kwethu kubonakala ngakumbi xa sinyamezele ubunzima, ukuphathwa kakubi okanye okungekho sikweni. Cinga ngomzekelo oseBhayibhileni kaDavide. Esengumfana, wanyamezela ukutshutshiswa ngukumkani owayefanele amele igunya likaYehova. Noko ke, uKumkani uSawule, wayengasathandwa nguYehova ibe wayemmonela uDavide owayesathandwa nguThixo. Sekunjalo, uSawule waqhubeka enegunya kangangexesha elithile ibe wasebenzisa umkhosi wakwaSirayeli ukuba usukele uDavide. UYehova wakuvumela oku kungekho sikweni ukuba kuqhubeke kangangeminyaka ethile. Ngaba uDavide wamcaphukela uThixo? Ngaba wagqiba kwelokuba akuyomfuneko ukunyamezela? Wenza okwahlukileyo koko. Waqhubeka emhlonela ngokunzulu uSawule njengonyuliweyo kaThixo, engavumi ukuziphindezelela kuye kwanaxa ithuba lalivela.—1 Sam. 24:2-7.
13. Sinokuhlala njani sinengqibelelo ukuba siye sakhathazwa okanye soniwa?
13 Umzekelo kaDavide unamandla ngendlela engathethekiyo kuthi namhlanje! Siyinxalenye yebandla labantu abangafezekanga elisehlabathini lonke, yaye nabani na okulo usenokusiphatha ngokungekho sikweni okanye angathembeki. Kambe ke, sisikelelekile kuba kwixesha esiphila kulo abantu bakaYehova abasayi kuze bonakaliswe bonke. (Isa. 54:17) Sekunjalo, siya kuthini xa omnye umntu esikhathaza okanye esidanisa? Xa simcaphukela loo mKristu, ingqibelelo yethu kuThixo inokuba sengozini. Indlela abanye abenza ngayo izinto ayinakuze ibe sisingxengxezo sokucaphukela uThixo wethu okanye esokushiya ikhondo lethu lokuthembeka. (INdu. 119:165) Ukunyamezela izilingo kuya kusinceda ukuba sihlale sinengqibelelo.
14. Abantu abanengqibelelo balwamkela njani utshintsho olwenzeka entlanganweni nakwiimfundiso ezithile?
14 Enye indlela esinokuhlala ngayo sinengqibelelo, kukuphepha ukukhangela iimpazamo kwabanye nokuthanda ukugxeka. Kambe ke oko, kuthetha ukunyaniseka kuYehova. Ngoku uyabasikelela abantu bakhe ngakumbi kunangaphambili. Unqulo olunyulu aluzange nanini na ngaphambili emhlabeni lube nenkqubela ngendlela oluyiyo ngoku. (Isa. 2:2-4) Xa kusenziwa uhlengahlengiso kwindlela ezicaciswa ngayo iindinyana zeBhayibhile ezithile okanye kwindlela ezenziwa ngayo izinto, sifuna ukwenza ngokuvisisana noko. Kuyasivuyisa ukubona ukuba ukukhanya kokomoya kuyanda. (IMize. 4:18) Ukuba sifumanisa ukuba kunzima ukulwamkela olo tshintsho, siya kucela uYehova ukuba asincede ukuze siyiqonde ingongoma yalo. Okwangoku, siqhubeka sithobela size sihlale sinengqibelelo.
Kuthekani Ukuba Umntu Akayigcini Ingqibelelo?
15. Ngubani okuphela komntu onokususa ingqibelelo yakho?
15 Lo mbuzo usenza sicingisise, akunjalo? Njengoko sifundile kwinqaku elingaphambili, ingqibelelo ibaluleke ngokupheleleyo. Ukuba asinayo, asisayi kuba nolwalamano noYehova yaye asisayi kuba nalo nethemba lokwenene. Khumbula ukuba: Mnye kuphela umntu kwindalo yonke onokususa ingqibelelo yakho. Loo mntu nguwe. UYobhi wayeyiqonda kakuhle loo nto. Wathi: “Ndide ndibhubhe andiyi kuyisusa kum ingqibelelo yam!” (Yobhi 27:5) Ukuba uzimisele kwinto efanayo uze uhlale usondele kuYehova, akusayi kuze uphulukane nengqibelelo yakho.—Yak. 4:8.
16, 17. (a) Ukuba umntu wenze isono esinzulu, yintoni angamele ayenze? (b) Umele enze ntoni?
16 Sekunjalo, abanye bayasilela ukuhlala benengqibelelo. Kanye njengokuba kwakusenzeka ngoxa abapostile babesaphila, abanye benza izono ezinzulu. Ukuba oko kuye kwenzeka nakuwe, ngaba umele uphelelwe lithemba? Akuyomfuneko ukuba kube njalo. Yintoni onokuyenza? Masiqale ngokuhlolisisa oko ungamele ukwenze. Abantu banomkhwa wokusifihla isono abasenzileyo kubazali, kwamanye amaKristu okanye kubadala. Noko ke, iBhayibhile isikhumbuza oku: “Okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela, kodwa okuvumayo aze akushiye uya kwenzelwa inceba.” (IMize. 28:13) Abo bazama ukufihla izono zabo benza impazamo enkulu, kuba ayikho into efihlakeleyo kuThixo. (Funda amaHebhere 4:13.) Abanye bade bazame ukuphila ubomi obumbaxa, besenza ngathi bakhonza uYehova ngoxa besenza izono ezinzulu. Ukuphila ngolo hlobo akubonisi ukuba nengqibelelo—eneneni, kusisichasi sokuba nengqibelelo. UYehova akalwamkeli unqulo lwabantu abafihla izono ezinzulu. Ngokwahlukileyo, uhanahaniso olunjalo luyamcaphukisa.—IMize. 21:27; Isa. 1:11-16.
17 Xa umKristu esenza isono esinzulu, kucacile oko amele akwenze. Umele acele uncedo kubadala abangamaKristu. UYehova wenze ilungiselelo lokunyanga abo bagula kakhulu ngokomoya. (Funda uYakobi 5:14.) Ungaze uvumele ukoyika isohlwayo okanye ukulungiswa kukuthintele ekufuneni unyango lokomoya. Ngapha koko, ngaba umntu olumkileyo ebeya kuvumela nje iintlungu zokomzuzwana zenaliti okanye zotyando zimenze angafuni ukunyanga isigulo esibeka ubomi bakhe esichengeni?—Heb. 12:11.
18, 19. (a) Umzekelo kaDavide ubonisa njani ukuba umntu unokuphinda abe nayo ingqibelelo? (b) Wena uzimisele ukwenza ntoni ngokuphathelele ingqibelelo yakho?
18 Ngaba likho ithemba lokuchacha ngokupheleleyo? Ngaba umntu unokuphinda abe nengqibelelo xa ebephulukene nayo? Khawuphinde ucinge ngomzekelo kaDavide. Wenza isono esinzulu. Wabawela umfazi wenye indoda, wakrexeza naye waza wenza iyelenqe lokuba iqabane lakhe elimsulwa libulawe. Kunokuba nzima ukucinga ukuba uDavide wayeyindoda enengqibelelo ngelo xesha, akunjalo? Kodwa ngaba imeko yakhe yayinganiki themba? UDavide wayefanelwe sisohlwayo esiqatha ibe wasifumana. Noko ke, ukuguquka kwakhe ngokunyanisekileyo kwabangela ukuba uYehova amenzele inceba. UDavide wancedwa seso sohlwayo waza waphinda wanengqibelelo ngokuthobela uThixo waza waqhubeka esenjenjalo. UDavide waphila ngokuvisisana noko kubhalwe kwiMizekeliso 24:16: “Ilungisa lisenokuwa kasixhenxe, yaye ngokuqinisekileyo liya kuvuka.” Waba yintoni umphumo woko? Khawuve oko uYehova wakuxelela uSolomon ngoDavide emva kokufa kwakhe. (Funda eyoku-1 yooKumkani 9:4.) UThixo wakhumbula uDavide njengendoda enengqibelelo. Eneneni, uYehova unokubacoca aboni abaguqukayo nakwizono ezinzulu.—Isa. 1:18.
19 Eneneni, ukuze ube ngumntu onengqibelelo ufanele uthobele uqhutywa luthando. Nyamezela ngokunyaniseka, yaye ukuba uqutyulwa sisono esinzulu, guquka ngokupheleleyo. Kaloku ingqibelelo ixabiseke ngendlela engathethekiyo! Ngamana ngamnye kuthi angazimisela kanye njengoDavide owathi: “Ke mna, ndiya kuhamba engqibelelweni yam.”—INdu. 26:11.
[Umbhalo osemazantsi]
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Unokuba nayo njani ingqibelelo?
• Ziziphi iindlela onokuhlala ngazo unengqibelelo?
• Kunokwenzeka njani ukuba uphinde ube nengqibelelo?
[Ibhokisi ekwiphepha 8]
‘INTLE INTO ELIYENZILEYO’
Lawo ngamazwi awathethwa libhinqa elalineenyanga ezintlanu likhulelwe xa lalibhekisela kububele nakwingqibelelo yomntu elingamaziyo. Lalikwivenkile ethengisa ikofu, ibe emva kweeyure limkile apho laphawula ukuba lishiye isipaji salo. Eso sipaji sasinee-R16 000, mali leyo engaphezulu kwaleyo lalidla ngokuyiphatha. Kamva xa laligqabaza kwiphephandaba lasekuhlaleni lathi: “Ndandixheleke gqitha.” Noko ke, eso sipaji safunyanwa lelinye ibhinqa eliselula, laza ngokukhawuleza lakhangela umnini-so. Lathi lakungamfumani, lasisa kwisikhululo samapolisa yaye amapolisa akhangela aza afumana eli bhinqa likhulelweyo. Linombulelo ongazenzisiyo lathi, “Intle ngokwenene into eliyenzileyo.” Kwakutheni ukuze eli bhinqa liselula lenze umgudu ongaka wokusa imali kumniniyo? Ngokutsho kwephephandaba, eli bhinqa liliNgqina likaYehova lathi, “lifundiswe lunqulo elikhuliswe ngalo ukuba libe nengqibelelo.”
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Abantwana banokuhlala benengqibelelo xa bevavanywa
[Umfanekiso okwiphepha 10]
UDavide wakha wasilela ukuba nengqibelelo, kodwa waphinda waba nayo