Amagama Akwenza Ube Nomfanekiso Ngqondweni Xa Ufunda IBhayibhile—Ngaba Uyawaqonda?
UMFANEKISO unokuchazwa ngamagama aliwaka kodwa igama elinye okanye amabini angakwenza ube nomfanekiso ngqondweni wento ekuthethwa ngayo. IBhayibhile inamagama okanye amabinzana amaninzi akwenza ube nomfanekiso ngqondweni wento ekuthethwa ngayo.a Ngokomzekelo, kwiNtshumayelo yaseNtabeni nje kuphela, uYesu wasebenzisa amagama awahlukahlukeneyo angama-50 akwenza ube nomfanekiso ngqondweni wezinto awayethetha ngazo.
Kutheni ufanele ube nomdla kula mabinzana? Esinye sezizathu kukuba, ukuwaqonda kakuhle kuya kulwenza lubangele umdla ufundo lwakho lweBhayibhile kuze kukwenze ulixabise iLizwi likaThixo. Ukongezelela koko, ukuba uwaqonda kakuhle amagama akwenza ube nomfanekiso ngqonweni uya kusazi kakuhle nesigidimi seBhayibhile. Enyanisweni, ukungawaqondi la mabinzana akuyi kukwenza udideke nje kuphela kodwa kuya kukwenza ufikelele kwizigqibo ezingafanelekanga.
Ukuqonda La Magama Akwenza Ube Nomfanekiso Ngqondweni
La magama athelekisa izinto ezimbini. Into yokuqala ethelekiswayo kuthiwa ngumxholo ize ke le ithelekiswa nayo kuthiwe ngumfanekiso. Kukho neenkalo ofana ngazo umxholo nomfanekiso. Ukuze uqonde eyona nto ithethwa ngala mabinzana akwenza ube nomfanekiso ngqondweni kufuneka ubone uze uqonde nganye kwezi zinto zintathu.
Maxa wambi, kunokuba lula ukuwuqonda umxholo nomfanekiso. Kodwa kusenokungabikho lula ukuqonda iinkalo ezifana ngazo. Yintoni eya kukunceda uziqonde kakuhle ezi nkalo zifana ngazo? Izihlandlo ezininzi impendulo ifumaneka kumongo okanye kwisahluko eso.b
Ngokomzekelo, uYesu wathi kwibandla laseSardesi: “Ukuba akuvuki, ngokuqinisekileyo ndiya kukufikela njengesela.” Kule ndinyana uYesu wayefanisa ukuza kwakhe (umxholo) nokuza kwesela (umfanekiso). Kodwa ezi zinto zimbini zifana ngantoni? Umongo uyasinceda siziqonde. UYesu wahlabela mgama esithi: “Akusayi kulazi konke konke ilixa endokufikela ngalo.” (ISityhilelo 3:3) Ngoko ke, wayengathethi ngenjongo yokuza kwakhe. Wayengathethi ukuba weyezele ukuza kuba. Kunoko, apha kufaniswa ukuza kwesela nokufika kwakhe okungalindelwanga.
Maxa wambi, amagama akwenza ube nomfanekiso ngqondweni ekuthethwe ngawo kwenye indinyana yeBhayibhile anokukunceda uqonde amanye afana nawo asetyenziswe kwenye indinyana. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wasebenzisa amazwi afana nalawo asetyenziswa nguYesu esithi: “Kuba nazi kakuhle ukuba imini kaYehova iza kanye njengesela ebusuku.” (1 Tesalonika 5:2) Umongo acatshulwe kuwo amazwi kaPawulos awuyichazi kakuhle into efana ngayo imini kaYehova nokuza kwesela. Noko ke, ukuthelekisa le ndinyana namazwi kaYesu akwiSityhilelo 3:3 kunokukunceda uqonde eyona nto yayithethwa nguPawulos. Lo mfanekiso ngqondweni ukhumbuza amaKristu ukuba afanele ahlale ephaphile ngokomoya!
Amagama Akwenza Ube Nomfanekiso Ngqondweni Asifundisa NgoThixo
Akakho umntu onokuzazi kakuhle iinkalo ezahlukeneyo zobuntu namandla kaSomandla. Kumaxesha amandulo, uKumkani uDavide wathi ‘ubukhulu bukaYehova abuphengululeki.’ (INdumiso 145:3) Emva kokuba eye wondela izinto ezidalwe nguThixo uYobhi wathi: “Khangela! Ezi zinto yimiphetho yeendlela zakhe, yaye kukusebeza kuphela okuviweyo kuvela kuye! Kodwa ngubani onokubonisa ukuyiqonda indudumo yakhe enamandla?”—Yobhi 26:14.
Nakuba kunjalo, iBhayibhile ikwenza ube nomfanekiso ngqondweni okwenza ukwazi ukuziqonda, ngendlela elinganiselweyo, iimpawu zikaThixo ezibalaseleyo. UYehova uchazwa njengoKumkani, uMmisi-mthetho, uMgwebi, iNdoda Yemfazwe—kucace mhlophe ukuba ufanele ahlonelwe. Uphinda achazwe njengoMalusi, uMcebisi, uMfundisi, uBawo, uMphilisi kunye noMsindisi—umntu othandeka ngokwenene. (INdumiso 16:7; 23:1; 32:8; 71:17; 89:26; 103:3; 106:21; Isaya 33:22; 42:13; Yohane 6:45) Ukufaniswa kukaThixo nayo nganye yezinto ezichazwe ngasentla kukwenza ube nomfanekiso ngqondweni wohlobo lomntu alulo uThixo. Ukuba ebechazwe kusetyenziswa amazwi amaninzi, uThixo ebengenakuqondwa ngendlela aqondakala ngayo xa echazwa ngale ndlela yokusebenzisa la mabinzana akwenza ube nomfanekiso ngqondweni wakhe.
Kwakhona iBhayibhile ifanisa uThixo nezinto ezingaphiliyo. Uchazwa ‘njengeLiwa likaSirayeli,’ “ingxondorha,” ‘negwiba.’ (2 Samuweli 23:3; INdumiso 18:2; Duteronomi 32:4) UYehova ufana njani nezi zinto? Njengokuba ilitye elikhulu lingagungqi yaye lingenakushukunyiswa, naye uYehova unokuba nguMkhuseli wakho ongagungqiyo.
Incwadi yeNdumiso inentaphane yamagama akwenza ube nomfanekiso ngqondweni weenkalo ezahlukeneyo zobuntu bukaYehova. Ngokomzekelo INdumiso 84:11 ithi uYehova “ulilanga nekhaka” ngenxa yokuba enguMthombo wokukhanya, ubomi, amandla nokhuseleko. Kwelinye icala, INdumiso 121:5 ithi “uYehova ungumthunzi wakho ngasekunene kwakho.” Kanye njengokuba umthunzi unokukukhusela kwingqatsini yelanga, uYehova unokubakhusela abakhonzi bakhe kwiintlekele, abanike ukhuseleko olufana nomthunzi ngaphantsi “kwesandla” okanye “amaphiko” akhe.—Isaya 51:16; INdumiso 17:8; 36:7.
Amagama Akwenza Ube Nomfanekiso Ngqondweni Wobuntu BukaYesu
IBhayibhile isoloko isithi uYesu “nguNyana kaThixo.” (Yohane 1:34; 3:16-18) Abanye abantu abangengomaKristu bakufumanisa kunzima ukuyiqonda le nto, ekubeni uThixo engenaye umfazi wokoqobo yaye engengomntu ofana nathi. Kucacile ukuba uThixo akazali unyana ngendlela abazala ngayo abantu. Ngoko ke, eli binzana lisetyenziselwe ukuze lisinike umfanekiso ngqondweni wento ekuthethwa ngayo apha. Lenzelwe ukunceda umfundi aqonde ukuba ulwalamano lukaYesu noThixo lufana nolo lonyana ongumntu kunye noyise. Liphinda ligxininise ukuba uYesu wabufumana kuYehova ubomi bakhe, njengoko wayedalwe nguye. Ngendlela efanayo, umntu wokuqala, uAdam, naye kuthiwa ‘ngunyana kaThixo.’—Luka 3:38.
UYesu wasebenzisa amagama akwenza ube nomfanekiso ngqondweni xa wayechaza indima yakhe ekuzalisekeni kwenjongo kaThixo. Ngokomzekelo, wathi: “Mna ndingumdiliya wenyaniso, yaye uBawo ngumlimi.” UYesu wafanisa abafundi bakhe namasebe omdiliya. (Yohane 15:1, 4) Sifunda ntoni apha? Ukuze aqhubeke evelisa iziqhamo amasebe omdiliya kufuneka ahlale emiliselwe emthini. Kuyafana ke nangabafundi bakaKristu, kufuneka nabo bahlale bemanyene naye. UYesu wathi: “Ngaphandle kwam aninakwenza nto konke konke.” (Yohane 15:5) Kanye njengokuba umlimi elindele ukuba umdiliya uvelise isiqhamo, noYehova ulindele ukuba abo bamanyene noKristu bavelise isiqhamo elukholeweni.—Yohane 15:8.
Qiniseka Ukuba Uyaziqonda Iinkalo Ofana Ngazo Umxholo Nomfanekiso
Asiyi kuba nomfanekiso ngqondweni ochanileyo ukuba asiziqondi iinkalo ofana ngazo umxholo nomfanekiso. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngamazwi akumaRoma 12:20 athi: “Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya; ukuba lunxaniwe, lunike into yokusela; kuba ngokwenza oku woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.” Ngaba la malahle uwafumba phezu kwentloko yomntu ukuze uziphindezele? Asiyi kucinga kanjalo ukuba siyiqonda kakuhle into ekuthethwa ngayo. Lo mfanekiso ngqondweni usekelwe kwindlela eyayisetyenziswa kudala xa kunyityilikiswa intsimbi. Intsimbi yayitshiswa ngamalahle. Le nkqubo yayinyibilikisa intsimbi ize yahlule leyo isulungekileyo. Ngendlela efanayo, ukumenzela ububele umntu kuya kusitshintsha isimo sengqondo sakhe kuze kuvelise iimpawu zakhe ezintle.
Ukuyiqonda kakuhle into ethethwa ngamagama akwenza ube nomfanekiso ngqondweni akupheleli nje ekukhanyiseleni ingqondo yethu kodwa kuchukumisa nentliziyo. Siyabuva ubunzima besono xa sifaniswa netyala. (Luka 11:4) Kodwa xa uYehova esixolela aze alicime ityala ebesinokubekwa lona, siziva sikhululekile! Xa kusithiwa ‘ugubungela’ okanye ‘azicime’ izono zethu—ngokungathi wosula isileyiti—siyaqinisekiswa ukuba akayi kusisa ematyaleni ngenxa yezo zono kwixesha elizayo. (INdumiso 32:1, 2; IZenzo 3:19) Kuthuthuzela ngokwenene ukwazi ukuba uYehova angacima izono ezibomvu aze azihlambe zibe mhlophe njengekhephu!—Isaya 1:18.
La ngamagama nje ambalwa akwenza ube nomfanekiso ngqondweni xa ufunda iLizwi likaThixo iBhayibhile. Xa ufunda iBhayibhile, waqaphele la magama. Ziphe ixesha ukuze ubone iinkalo ezifanayo uze ucamngce ngazo. Ukwenjenjalo kuya kukunceda uziqonde uze uzixabise iZibhalo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ibinzana elithi “amagama akwenza ube nomfanekiso ngqondweni” elisetyenziswe apha libhekisela kuzo zonke izigaba zentetho—izafobe, izafaniso nezinye.
b I-Insight on the Scriptures, epapashwe ngamaNgqina kaYehova, inengcombolo enokukunceda uqonde iinkalo ofana ngazo umxholo nomfanekiso.
[Ibhokisi ekwiphepha 13]
Indlela Anceda Ngayo Amagama Akwenza Ube Nomfanekiso Ngqondweni
Anceda ngeendlela eziliqela. Ingongoma ekunzima ukuyiqonda inokufaniswa nento ekulula ukuyiqonda. Kunokusetyenziswa amagama aliqela akwenza ube nomfanekiso ngqondweni ukuze kuchazwe iinkalo ezahlukeneyo zento enye. Izifundo ezibalulekileyo zinokubethelelwa xa zifundiswa kanje okanye zenziwe zibangele umdla ngakumbi.
[Ibhokisi ekwiphepha 14]
Zazi Iinkalo Ezahlukeneyo Zala Magama Akwenza Ube Nomfanekiso Ngqondweni
IGAMA ELIKWENZA UBE NOMFANEKISO NGQONDWENI: “Niyityuwa yomhlaba.” (Mateyu 5:13)
UMXHOLO: Nina (Abafundi bakaYesu)
UMFANEKISO: Ityuwa
INTO OFANA NGAYO UMXHOLO NOMFANEKISO KULE NDINYANA: Ukulondoloza
ISIFUNDO: Abafundi babenesigidimi esasiza kulondoloza ubomi babantu abaninzi.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 15]
“UYehova ngumaLusi wam. Andiyi kuswela nto.”—INDUMISO 23:1