Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoAgasti 11
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khetha kwiZaziso ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Iindaba Zobuthixo. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8, bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo ka-Agasti 15 noVukani! kaSeptemba 8. Kumboniso ngamnye la maphephancwadi afanele ahanjiswe omabini, nangona kuthethwa ngephephancwadi elinye. Kwenye yezi ntshumayelo, bonisa indlela yokusingatha amazwi okuthintela incoko athi “Ndixakekile.”—Bona incwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 19.
15 imiz: “Xelisa Ukulunga KukaYehova.”a Cela abaphulaphuli babalise amava amafutshane abonisa indlela ukwenzela abantu ububele okuye kwayivula ngayo indlela yokunikela ubungqina. Lincome ibandla ngemigudu eye yenziwa ukuze kuncedwe amanye amakholwa.
20 imiz: “Iintsikelelo Zobuvulindlela.”b Sebenzisa imibuzo elungiselelweyo. Cela uvulindlela omnye okanye ababini ukuba bagqabaze ngeentsikelelo abaye bazifumana ngokuba ngoovulindlela. Khankanya ukuba nabani na onomdla wokuba nguvulindlela angayifumana kunobhala ifomu.
Ingoma 11 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 18
12 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Xubusha “Ucwangciso Olutsha Losuku Olukhethekileyo Lwendibano.” Yazisa umhla olandelayo wendibano ekhethekileyo, uze ubabongoze bonke ukuba babekho. Ukuba indibano iza kuba kwiinyanga ezizayo, khankanya ukuba abo bafuna ukubhaptizwa bafanele bazise umveleli owongamelayo.
15 imiz: “Umsebenzi Ohlaziyayo.”c Lungiselela kusengaphambili ukuba abavakalisi ababini okanye abathathu bagqabaze ngendlela obubahlaziya ngayo ubulungiseleli bamaKristu.
18 imiz: “Masigcine Iindawo Zethu Zokunqulela Zikwimeko Entle.”d (Isiqendu 1-5) Sebenzisa imibuzo elungiselelweyo. Xa uxubusha isiqendu sesi-3 nesesi-4, chaza amalungiselelo enziwe ebandleni okucoca iHolo yoBukumkani. Ungaquka naziphi na izinto ezifuna ingqalelo. Lincome ibandla ngemigudu yalo yokuyigcina ikwimeko entle indawo yonqulo lokwenyaniso.
Ingoma 114 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 25
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Ngaba singazama ukufikelela incopho entsha yabavakalisi ngoAgasti? Khumbuza abavakalisi ukuba banike abaveleli beSifundo Sencwadi Sebandla abakuso ingxelo yenkonzo yasentsimini ka-Agasti. Abaveleli besifundo sencwadi bafanele baqinisekise ukuba umntu ngamnye oseqeleni labo uyifakile ingxelo ukuze zonke iingxelo zibe sezibaliwe ngoSeptemba 6. Bafanele baqinisekise ukuba naziphi na iingxelo zonyaka wenkonzo ebezingakhange zifakwe zidluliselwa kunobhala. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8, yiba nemiboniso emibini eyahlukeneyo ebonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaSeptemba 1, noVukani! kaSeptemba 8. Kumboniso ngamnye, afanele ahanjiswe omabini la maphephancwadi, nangona kuthethwa ngephephancwadi elinye. Yenza umboniso womzali nonyana okanye nentombi ekwishumi elivisayo belungiselela umsebenzi wamaphephancwadi. Bahlolisisa intshumayelo nganye ecetyisiweyo ngaphambi kokuba benze umboniso.
15 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.
20 imiz: Qweba Inkalipho Yokushumayela. (1 Tes. 2:2) Intetho nengxubusho nabaphulaphuli. Chaza isizathu sokuba abanye besoyika ukuthetha nabanye ngesigidimi soBukumkani. Oku kunjalo nkqu nakwabo bebeshumayela iminyaka emininzi. Balisa amanye amava afumaneka kwiMboniselo kaDisemba 1, 1999, iphepha 25, ekaDisemba 15, 1999, iphepha 25 neka-Aprili 1, 1996, iphepha 31. Cela abaphulaphuli ukuba bagqabaze ngendlela abaye bayiqweba ngayo inkalipho ukuze babe nesabelo ekushumayeleni iindaba ezilungileyo xa beziva besoyika. Qukumbela ngokhuthazo olusekelwe kwinqaku elikwiMboniselo kaDisemba 15, 1999, iphepha 23-4 oluthetha ngokucela amandla kuYehova.
Ingoma 125 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 1
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khumbuza abavakalisi kwakhona ukuba bangenise naziphi na ingxelo ezisaseleyo zenkonzo yasentsimini ka-Agasti, okanye naziphi na iingxelo zeenyanga ezidluleyo. Chaza uncwadi oluza kuhanjiswa ngoSeptemba. Chaza inkqubela yomhlaba ongabelwanga bani. Yazisa amalungiselelo ebandla enkonzo yasentsimini kaSeptemba. Lungiselela kusengaphambili ukuba umvakalisi omnye okanye ababini babalise amava abaye bawanandipha ukuza kuthi ga ngoku.
15 imiz: Ngaba Uyazigcina Izithembiso Zakho Zokubuyela? Intetho nengxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwiMboniselo kaSeptemba 15, 1999, iphepha 10-11, ngaphantsi komxholo othi “Ezinye Iindlela Zokugcina Izithembiso.” Xa sifumana abantu ababonisa umdla kubulungiseleli bethu, sidla ngokulungiselela ukuba iqhutywe ngelinye ixesha ingxubusho. Ngaba sibuyela ngokuthembeka njengoko besithembisile? Xubusha imigaqo yeBhayibhile efanele isikhuthaze ukuze sigcine izithembiso. Cela abaphulaphuli babalise amava abonisa indlela abasikelelwa ngayo ngokubuyela ngokukhawuleza.
20 imiz: “Masigcine Iindawo Zethu Zokunqulela Zikwimeko Entle.”e (Isiqendu 6-12) Sebenzisa imibuzo elungiselelweyo. Bonisa ukubaluleka kokulungisa iHolo yoBukumkani, uquke nebhokisi ekwiphepha 5. Chaza imeko yeHolo yoBukumkani yenu, uze ukhankanye nawaphi na amalungiselelo okuyilungisa okanye okuyiphucula.
Ingoma 41 nomthandazo wokuqukumbela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
d Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
e Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.