Yintoni Ayikholelwayo?
AMANGQINA KAYEHOVA akholelwa kuThixo uSomandla, uYehova, uMdali wamazulu nomhlaba. Ubukho bezinto eziyilwe ngendlela emangalisayo kwindalo iphela esingqongileyo ngokusengqiqweni bubonisa ukuba zonke ezi zinto ziveliswe nguMdali okrelekrele ngendlela ephakamileyo nonamandla. Kanye njengokuba izinto ezenziwe ngamadoda namabhinqa zibonisa iimpawu zawo, zinjalo ke nezo zenziwe nguYehova uThixo. IBhayibhile isixelela ukuba “iimpawu zakhe ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo.” Kwakhona, ngaphandle kwelizwi okanye amazwi, “amazulu avakalisa uzuko lukaThixo.”—Roma 1:20; INdumiso 19:1-4.
Abantu abazibumbi izitya zodongwe okanye benze oomabonwakude neekhompyutha bengenanjongo. Umhlaba nendalo yawo ezizityalo nezilwanyana zimangalisa ngakumbi. Ukumila komzimba womntu oneeseli zawo ezizizigidi ngezigidi kuyinto esingenakuyiqonda kwaphela—kwanobuchopho esicinga ngabo bumangalisa ngokungathethekiyo! Ukuba abantu banenjongo ekuyileni kwabo izinto ezincinane ngokwentelekiso, ngokuqinisekileyo uYehova uThixo wayenenjongo ngendalo yakhe eyoyikekayo! IMizekeliso 16:4 ithi: “Yonk’ into uYehova uyenzele injongo yakhe.”
UYehova wawenza ngenjongo lo mhlaba, njengoko wachazayo kwisibini sokuqala esingabantu: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba . . . , nibe nobukhosi kwiintlanzi zolwandle nakwizidalwa eziphaphazelayo emazulwini nakuzo zonke izidalwa eziphilayo ezinambuzelayo emhlabeni.” (Genesis 1:28) Ngenxa yokuba singazange sithobele, esi sibini sasilela ukuzalisa umhlaba ngeentsapho ezingamalungisa ezaziya kuthi ngothando ziwunyamekele umhlaba nezityalo nezilwanyana zawo. Kodwa ukusilela kwaso akuyenzi injongo kaYehova isilele. Kumawaka eminyaka kamva, kwabhalwa kwathiwa: ‘UThixo, uMyili womhlaba akawudalelanga ilize, wawubumba ukuba umiwe.’ Awuyi kutshatyalaliswa, kodwa “umhlaba umi kude kube ngunaphakade.” (Isaya 45:18; INtshumayeli 1:4, Appleyard’s Version) Injongo kaYehova ngomhlaba iza kuzaliseka: “Icebo lam liya kuma, yaye yonk’ into endiyoliswa yiyo ndiya kuyenza.”—Isaya 46:10.
Ngenxa yoko, amaNgqina kaYehova akholelwa ukuba umhlaba uya kuhlala ngonaphakade yaye bonke abantu, abaphilayo nabafileyo, abaya kuhambisana nenjongo kaYehova yomhlaba omhle nonabemi, basenokuphila kuwo ngonaphakade. Bonke abantu bakuzuza njengelifa ukungafezeki kuAdam noEva yaye, ngenxa yoko bangaboni. (Roma 5:12) IBhayibhile isixelela oku: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” “Abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke.” “Umphefumlo owonayo—kuya kufa wona.” (Roma 6:23; INtshumayeli 9:5; Hezekile 18:4, 20) Ngoko ke banokuphila njani kwakhona ukuze bafumane iintsikelelo zasemhlabeni? Banokuphila kuphela ngedini lentlawulelo likaKristu Yesu, kuba wathi: “Ndim uvuko nobomi. Lowo ubonisa ukholo kum, nokuba uyafa, uya kubuyela ebomini.” “Bonke abo bakumangcwaba enkumbulo balive ilizwi lakhe baze baphume.”—Yohane 5:28, 29; 11:25; Mateyu 20:28.
Kuya kwenzeka njani oku? Oku kucaciswe ‘kwiindaba ezilungileyo zobukumkani,’ uYesu awaqalisa ukuzivakalisa ngoxa wayesemhlabeni. (Mateyu 4:17-23) Kodwa namhlanje amaNgqina kaYehova ashumayela iindaba ezilungileyo ngendlela ebalasele ngakumbi.
[Isicangca esikwiphepha 13]
OKO AMANGQINA KAYEHOVA AKUKHOLELWAYO
Inkolelo IZibhalo Ezixhasa Oko
IBhayibhile iliLizwi 2 Tim. 3:16, 17;
likaThixo yaye iyinyaniso 2 Pet. 1:20, 21; Yoh. 17:17
IBhayibhile inokuthenjwa Mat. 15:3; Kol. 2:8
ngakumbi kunesithethe
Igama likaThixo nguYehova INdu. 83:18; Isa. 26:4; 42:8;
UKristu nguNyana kaThixo Mat. 3:17; Yoh. 8:42; 14:28;
yaye ungaphantsi Kuye Yoh. 20:17; 1 Kor. 11:3; 15:28
UKristu waba ngowokuqala Kol. 1:15; ISityhi. 3:14
kwindalo kaThixo
UKristu wafela kwisibonda Gal. 3:13; IZe. 5:30
somthi, kungekhona emnqamlezweni
Ubomi bobuntu bukaKristu Mat. 20:28; 1 Tim. 2:5, 6;
kwahlawulwa ngabo intlawulelo 1 Pet. 2:24
yabantu abathobelayo
Idini elinye likaKristu lalanele Roma 6:10; Heb. 9:25-28
UKristu wavuswa ekufeni nje- ngomntu 1 Pet. 3:18; Roma 6:9;
wokomoya ongenakufa ISityhi. 1:17, 18
UKristu ukho ngokomoya Yoh. 14:19; Mat. 24:3;
Ngoku siphila ‘kwixesha lesiphelo’ Mat. 24: 3-14; 2 Tim. 3:1-5;
UBukumkani phantsi kukaKristu Isa. 9:6, 7; 11:1-5;
buya kulawula umhlaba Dan. 7:13, 14; Mat. 6:10
ngobulungisa noxolo
UBukumkani buzisa iimeko INdu. 72:1-4;
ezintle zokuphila emhlabeni ISityhi. 7:9, 10, 13-17; 21:3, 4
Umhlaba awunakuze utshatyalaliswe INtshu. 1:4; Isa. 45:18;
okanye ungabi nabemi INdu. 78:69
UThixo uza kutshabalalisa le nkqubo ISityhi. 16:14, 16; Zef. 3:8;
ikhoyo yezinto kwidabi Dan. 2:44; Isa. 34:2; 55:10, 11
laseHar–Magedon
Abangendawo baya Mat. 25:41-46; 2 Tes. 1:6-9
kutshatyalaliswa ngonaphakade
Abantu akholiswayo ngabo Yoh. 3:16; 10:27, 28; 17:3;
uThixo baya kuzuza Marko 10:29, 30
ubomi obungunaphakade
Inye kuphela indlela esa ebomini Mat. 7:13, 14; Efe. 4:4, 5
Ukufa kwabantu kubangelwa Roma 5:12; 6:23
sisono sika-Adam
Umphefumlo womntu awuphili xa esifa Hez. 18:4; INtshu. 9:10;
Isihogo lingcwaba Yobhi 14:13; ISityhi. 20:13, 14
eliqhelekileyo loluntu
Ithemba labafi luvuko 1 Kor. 15:20-22;
Ukufa okwabangelwa nguAdam 1 Kor. 15:26; ISityhi. 21:4;
kuza kuphela Isa. 25:8
Ngumhlambi omncinane Luka 12:32; ISityhi. 14:1, 3;
wabali-144 000 kuphela oya 1 Kor. 15:40-53; ISityhi. 5:9, 10
ezulwini ukuze ulawule noKristu
Abali-144 000 bazalwa ngokutsha 1 Pet. 1:23; Yoh. 3:3;
njengoonyana bokomoya bakaThixo ISityhi. 7:3, 4
Umnqophiso omtsha wenziwa Yer. 31:31; Heb. 8:10-13
noSirayeli wokomoya
Ibandla likaKristu lakhelwe Efe. 2:20; Isa. 28:16;
phezu kwakhe Mat. 21:42
Imithandazo imele ibhekiswe Yoh. 14:6, 13, 14;
kuYehova kuphela ngoKristu 1 Tim. 2:5
Imifanekiso eqingqiweyo Eks. 20:4, 5; Lev. 26:1;
ayifanele isetyenziswe ekunquleni 1 Kor. 10:14; INdu. 115:4-8
Ukusebenzelana nemimoya Dut. 18:10-12; Gal. 5:19-21;
kufanele kuphetshwe Lev. 19:31
USathana ungumlawuli 1 Yoh. 5:19; 2 Kor. 4:4;
ongabonakaliyo wehlabathi Yoh. 12:31
UmKristu akafanele abe 2 Kor. 6:14-17;11:13-15;
nenxaxheba kumaqela kazwelonke Gal. 5:9; Dut. 7:1-5
UmKristu ufanele azigcine Yak. 4:4; 1 Yoh. 2:15;
ahlukile ehlabathini Yoh. 15:19; 17:16
Yonke imithetho yabantu Mat. 22:20, 21;
engangqubaniyo nemithetho 1 Pet. 2:12; 4:15
kaThixo ifanele ithotyelwe
Ukungenisa igazi emzimbeni Gen. 9:3, 4; Lev. 17:14;
ngomlomo okanye ngemithambo IZe. 15:28, 29
kuchasene nemithetho kaThixo
Imithetho yeBhayibhile engokuziphatha imele ithotyelwe 1 Kor.
6:9, 10; Heb. 13:4; 1 Tim. 3:2;IMize. 5:1-23
Ukugcinwa kwesabatha Dut. 5:15; Eks. 31:13;
kwayalelwa kumaSirayeli Roma 10:4; Gal. 4:9, 10;
kuphela yaye kwaphela Kol. 2:16, 17
noMthetho kaMoses
Udidi lwabefundisi nezibizo Mat. 23:8-12; 20:25-27;
ezikhethekileyo konke oko akufanelekanga Yobhi 32:21, 22
Umntu akazange azivelele Isa. 45:12; Gen. 1:27;
kodwa wadalwa Mat. 19:4
UKristu wasimisela umzekelo 1 Pet. 2:21; Heb. 10:7;
esifanele siwuxelise ekukhonzeni uThixo Yoh. 4:34; 6:38
Ukubhaptizwa ngokuntywiliselwa Marko 1:9, 10; Yoh. 3:23;
ngokupheleleyo emanzini kufuzisela uzahlulelo IZe. 19:4, 5
Ngovuyo amaKristu anikela Roma 10:10; Heb. 13:15;
ubungqina kuwonke wonke ngenyaniso engokweZibhalo Isa. 43:10-12
[Umfanekiso okwiphepha 12]
UMHLABA . . . wadalwa nguYehova . . . ukuze umntu awunyamekele . . . umiwe ngonaphakade