Ukukhonza Ngokunyaniseka Nentlangano KaYehova
“Kulowo unyanisekileyo uya kwenza ngokunyaniseka.”—2 SAMUWELI 22:26, NW.
1, 2. Yiyiphi eminye yemizekelo yokunyaniseka esisenokuyibona sonke ebandleni?
NGENYE ingokuhlwa umdala othile wayelungiselela intetho awayeza kuyinikela kwiintlanganiso zamaKristu. Usenokuba wayefuna ukunqumama akhe aphumle; kodwa waqhubeka elungiselela, efuna imizekelo nemizekeliso yeZibhalo enokufikelela iintliziyo ize ikhuthaze umhlambi. Ngengokuhlwa yezo ntlanganiso, abazali ababini abadinwe bayimfe abakwakwelo bandla bebenokukuvuyela ukuphumla ekhaya ngaloo ngokuhlwa; kodwa, ngomonde balungisa abantwana babo baze baye ezintlanganisweni. Emva kweentlanganiso, iqela lamaKristu lixubusha ngentetho yalo mdala. Omnye udade unqwenela ukukhe ayichaphazele into yokuba lo mzalwana mnye wakha wamkhubekisa; kodwa, enehlombe uthetha ngenye yeengongoma aye wazikhankanya. Ngaba uyayibona into ezifana ngayo ezi ziganeko?
2 Kukunyaniseka. Lo mdala uzabalazela ukukhonza umhlambi kaThixo ngokunyaniseka; abazali baya ezintlanganisweni zebandla ngokunyaniseka; lo dade ubaxhasa ngokunyaniseka abadala. (Hebhere 10:24, 25; 13:17; 1 Petros 5:2) Ewe, kuzo zonke iinkalo zobomi, sibona abantu bakaThixo bezimisele ukukhonza nentlangano kaYehova ngokunyaniseka.
3. Kutheni kubaluleke kangaka ukuba sihlale sinyanisekile kwintlangano kaYehova yasemhlabeni?
3 Xa uYehova ephosa amehlo kweli hlabathi lonakeleyo, ukunyaniseka akubonayo kuncinane kakhulu. (Mika 7:2) Hayi indlela emele ukuba ivuya ngayo intliziyo yakhe xa ebona ukunyaniseka kwabantu bakhe! Ewe, ukunyaniseka kwakho kuyamchwayitisa. Noko ke, kuyamcaphukisa uSathana, umvukeli wantlandlolo, yaye kumngqina elixoki. (IMizekeliso 27:11; Yohane 8:44) Lindela ukuba uSathana azame ukukwenza unganyaniseki kuYehova nakwintlangano Yakhe yasemhlabeni. Makhe sihlolisise ezinye zeendlela uSathana akwenza ngazo oku. Ngaloo ndlela sinokuyibona kakuhle indlela esinokuhlala ngayo sinyanisekile de kuse esiphelweni.—2 Korinte 2:11.
Ukugxininisa Kwiimpawu Zokungafezeki Kunokusenza Singanyaniseki
4. (a) Kutheni kulula ukuba nembono engakhiyo ngabo banegunya? (b) UKora wazingqina njani enganyanisekanga kwintlangano kaYehova?
4 Xa umzalwana ekwisikhundla sembopheleleko, iintsilelo zakhe zisenokubonakala lula. Hayi indlela ekulula ngayo ukubona ‘isitroyi esikwiliso lomzalwana wakho, kodwa ungawuqwalaseli umqadi okwelakho iliso’! (Mateyu 7:1-5) Noko ke, ukugxininisa kwiintsilelo kunokuzala ukunganyaniseki. Ngokomzekelo, qwalasela umahluko owawuphakathi kukaKora noDavide. UKora wayenembopheleleko enkulu, ibe mhlawumbi wayenyanisekile kangangeminyaka emininzi, kodwa waba namabhongo. Waqalisa ukungalamkeli igunya likaMoses noAron, oomza bakhe. Nangona uMoses wayeyeyona ndoda ilulamileyo, kubonakala ukuba uKora waqalisa ukumhlab’ amadlala. Kusenokwenzeka ukuba wayezibona iintsilelo zikaMoses. Noko ke, ezo ntsilelo azizange zibe sisingxengxezo sokunganyaniseki kukaKora kwintlangano kaYehova. Watshatyalaliswa phakathi kwebandla.—Numeri 12:3; 16:11, 31-33.
5. Kutheni uDavide wayesenokuhendeka ukuba avukele uSawule?
5 Kwelinye icala, uDavide wakhonza phantsi koKumkani uSawule. Nangona wayekhe wangukumkani olungileyo, uSawule wayeguquke waba ngongendawo. UDavide wayefanele abe nokholo, ukunyamezela, nobuchule ukuze asinde kuhlaselo lukaSawule onomona. Ukanti, xa uDavide wafumana ithuba lokuziphindezelela, wathi ‘makube lee kuye ngenxa kaYehova,’ ukuba enze isenzo sokunganyaniseki kumthanjiswa kaYehova.—1 Samuweli 26:11.
6. Kwanokuba siyabubona ubuthathaka neentsilelo zabadala, yintoni esingafanele siyenze?
6 Xa abanye kwabo bakhokelayo phakathi kwethu bebonakala besenza imposiso kwizigqibo abazenzayo, bathethe amazwi arhabaxa, okanye babonakale bekhetha abathile, ngaba siya kubakhalazela, mhlawumbi sikhuthaze umoya wokuhlab’ amadlala ebandleni? Ngaba siya kuqhankqalaza ngokungayi ezintlanganisweni zamaKristu? Ngokuqinisekileyo asinakwenjenjalo! NjengoDavide, asiyi kuvumela iintsilelo zabanye zisenze singanyaniseki kuYehova nakwintlangano yakhe!—INdumiso 119:165.
7. Luluphi uqheliselo olonakeleyo olwakhulayo etempileni eYerusalem, ibe uYesu wavakalelwa njani ngaloo nto?
7 Owona mzekelo mkhulu womntu owayenyanisekile nguYesu Kristu, isiprofeto esimchaza ‘njengonyanisekileyo’ kaYehova. (INdumiso 16:10, NW) Ukusetyenziswa kakubi kwetempile eYerusalem kumele ukuba kwakubangela ukunyaniseka kube lucelomngeni. UYesu wayesazi ukuba umsebenzi wombingeleli omkhulu kunye namadini zazifuzisela ubulungiseleli bakhe nokufa kwakhe okulidini, ibe wayeyazi indlela ekwakubaluleke ngayo ukuba abantu bafunde kwezo zinto. Ngoko wayefanele ukucaphuka xa wayebona ukuba itempile yayibe ‘ngumqolomba wabaphangi.’ Ekubeni wayenegunya alinikwe nguThixo, wathabatha amanyathelo okuyicoca kangangezihlandlo ezibini.a—Mateyu 21:12, 13; Yohane 2:15-17.
8. (a) UYesu wakubonakalisa njani ukunyaniseka kwilungiselelo letempile? (b) Sinokubonisa njani ukuba siyakuxabisa ukunqula uYehova nentlangano yakhe ecocekileyo?
8 Sekunjalo, uYesu walixhasa ngokunyaniseka ilungiselelo letempile. Ukususela ebuntwaneni, wayesiya kwimithendeleko eyayisetempileni ibe wayedla ngokufundisa apho. Wada wahlawula nerhafu yetempile—nangona eneneni wayenganyanzelekanga ukuba enjenjalo. (Mateyu 17:24-27) UYesu wamncoma umhlolokazi owayelihlwempu ngokuphosa “ukuphila kwakhe kuphela” kwisikhongozelo sobuncwane. Kungekudala emva koko, uYehova wayilahla ngokusisigxina loo tempile. Kodwa ukuya kuthi ga ngelo xesha, uYesu wayenyanisekile kuyo. (Marko 12:41-44; Mateyu 23:38) Namhlanje intlangano kaThixo yasemhlabeni iphakame gqitha kunenkqubo yamaYuda netempile yayo. Kuyinyaniso ukuba ayigqibelelanga; kungoko maxa wambi kuye kwenziwe uhlengahlengiso. Kodwa ayonakalanga, yaye uYehova uThixo akayi kumisela enye endaweni yayo. Singaze sivumele naziphi na iimpawu zokungafezeki esizibona ngaphakathi kwayo zisiqumbise okanye zisishukumisele ukuba sibe nesimo sengqondo sokugxeka nesingakhiyo. Kunoko, masixelise ukunyaniseka kukaYesu Kristu.—1 Petros 2:21.
Iimpawu Zethu Zokungafezeki
9, 10. (a) USathana nenkqubo yakhe yezinto uzisebenzisa njani iimpawu zethu zokungafezeki ukuze asihendele kwihambo yokunganyaniseki? (b) Umntu owenza isono esinzulu ufanele enze ntoni?
9 USathana ukwazama ukukhuthaza ukunganyaniseki ngokusebenzisa iimpawu zethu zokungafezeki. Inkqubo yakhe yezinto isebenzisa ubuthathaka bethu, isihendela ekubeni senze izinto eziphosakeleyo emehlweni kaYehova. Okulusizi kukuba, nyaka ngamnye kukho amawaka awela ekuziphatheni okubi. Bambi bongezelela koku kunganyaniseki ngokuphila ubomi obumbaxa, beqhubeka nekhondo lokwenza ububi ngoxa bezenza ngathi bangamaKristu athembekileyo. Lisabela kungcelele lwamanqaku ephephancwadi uVukani! athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . .” oluxubusha ngalo mba, elinye ibhinqa eliselula labhala: “La manqaku ayechaza into efana twatse neyandihlelayo.” Lalizakhele ubuhlobo bangasese nolutsha olungamthandiyo uYehova. Waba yintoni umphumo? Liyabhala: “Ndaphila ubomi obuthob’ isidima, ibe ndabandakanyeka ekuziphatheni okubi ndaza ndohlwaywa. Ulwalamano lwam noYehova lonakala, ibe ndandingasathenjwa ngabazali nangabadala.”b
10 Eli bhinqa liselula lafumana uncedo kubadala laza lamkhonza ngokunyaniseka kwakhona uYehova. Noko ke, okubuhlungu kukuba abaninzi bajamelana nemiphumo emibi gqitha, ibe abanye ababuyeli kobu buhlanti. Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukunyaniseka nokuxhathisa isilingo kweli hlabathi lingendawo! Phulaphula izilumkiso ezinikelwa liphephancwadi IMboniselo noVukani! ngokuphathelele imibandela enjengokunxulumana nabantu behlabathi kunye nokuzonwabisa ngendlela ethob’ isidima. Ngamana ungakuphepha ukuwela kwihambo yokunganyaniseki. Kodwa ukuba uthi uwele kuyo, ungaze uzenze into ongeyiyo. (INdumiso 26:4) Kunoko, cela uncedo. Bakholo loo nto abazali nabadala abangamaKristu.—Yakobi 5:14.
11. Kutheni kuya kuba yinto ephosakeleyo ukuzijonga njengabantu ababi ngendlela enganiki themba, ibe nguwuphi umzekelo weBhayibhile onokusinceda silungise imbono yethu?
11 Iimpawu zethu zokungafezeki zinokusibeka engozini nangenye indlela. Bambi abenza isenzo sokungathembeki basuka bayeke ukuzama ukumkholisa uYehova. Khumbula, uDavide wenza izono ezinzulu gqitha. Kodwa, sekukudala uDavide efile, uYehova wamkhumbula njengomkhonzi othembekileyo. (Hebhere 11:32; 12:1) Kwakutheni? Kungokuba engazange ayeke ukuzama ukukholisa uYehova. IMizekeliso 24:16 ithi: “Kuba ilungisa liwa kasixhenxe, livuke.” Ngokuqinisekileyo, ukuba siwela kwizono ezincinane—ewe siphindaphinda—ngenxa yobuthathaka obuthile, sisenokuba sisengamalungisa emehlweni kaYehova ukuba siyaqhubeka ‘sivuka’—oko kukuthi, siguquka ngokunyanisekileyo size siqalise ikhondo lenkonzo yokunyaniseka kwakhona.—Thelekisa eyesi-2 Korinte 2:7.
Zilumkele Iindlela Ezichuliweyo Zokunganyaniseki!
12. Kwimeko yabaFarisi, imbono engqongqo yokunamathela emthethweni yabakhokelela njani ekubeni banganyaniseki?
12 Ukunganyaniseki kukhe kuze ngeendlela ezichuliweyo. Kusenokude kubonakale ngathi kukunyaniseka! Ngokomzekelo, abaFarisi bomhla kaYesu mhlawumbi babezicingela benyaniseke ngolona hlobo.c Kodwa babengawuboni umahluko phakathi kokunyaniseka nokuba ngumntu onamathela emithethweni eyenziwe ngabantu, kuba babengqongqo yaye begweba ngokungenalusini. (Thelekisa INtshumayeli 7:16.) Ngokwenza oku eneneni babenganyanisekanga—kubantu ababefanele babakhonze, kwinjongo yoMthetho ababezibanga bewufundisa, nakuYehova. UYesu, kwelinye icala, wayenyanisekile kwinjongo yoMthetho, owawusekelwe kuthando. Ngaloo ndlela wabakha waza wabakhuthaza abantu, kanye njengokuba iziprofeto ezingoMesiya zazixele kwangaphambili.—Isaya 42:3; 50:4; 61:1, 2.
13. (a) Abazali abangamaKristu banokunganyaniseki njani? (b) Kutheni abazali befanele bakuphephe ukuba ngqwabalala, ukugxeka okanye ukubaqeqesha ngendlela engakhiyo abantwana babo?
13 AmaKristu anegunya elithile angenelwa kakhulu kumzekelo kaYesu ngokuphathelele lo mba. Ngokomzekelo, abazali abanyanisekileyo bayazi ukuba bamele babaqeqeshe abantwana babo. (IMizekeliso 13:24) Kodwa bayaqiniseka ukuba ababacaphukisi abantwana babo ngengqeqesho eqatha edluliselwa ngomsindo okanye ngokubagxeka ngokuzingisileyo. Abantwana abavakalelwa kukuba abanakuze babakholise abazali babo okanye abavakalelwa kukuba unqulo lwabazali babo lubenza bangakhululeki yaye bathand’ ukugxeka basenokudimazeka yaye, ngenxa yoko, baphele belushiya unqulo lokwenyaniso.—Kolose 3:21.
14. Abalusi abangamaKristu banokuzingqina njani benyanisekile kumhlambi abawukhonzayo?
14 Ngokufanayo, abadala abangamaKristu nabaveleli abahambahambayo banikela ingqalelo kwiingxaki nakwiingozi ojamelana nazo umhlambi. Njengabalusi abanyanisekileyo, banikela isiluleko xa kuyimfuneko, beqiniseka kuqala ukuba bazifumene zonke izibakala baze oko bakuthethayo bakusekele ngenyameko eBhayibhileni nakwiimpapasho zoMbutho. (INdumiso 119:105; IMizekeliso 18:13) Kwakhona, bayazi ukuba izimvu zithembele kubo ukuze zifumane ukwakhiwa nokondliwa ngokomoya. Ngoko bafuna ukuxelisa uYesu Kristu, uMalusi Olungileyo. Ngokunyaniseka balungiselela izimvu iiveki neeveki kwiintlanganiso zamaKristu—abazichithachithi, kunoko, bayazakha baze bomeleze ukholo lwazo.—Mateyu 20:28; Efese 4:11, 12; Hebhere 13:20, 21.
15. Ngenkulungwane yokuqala bambi babonakalisa njani ukuba babenyaniseke kwizinto eziphosakeleyo?
15 Enye indlela echuliweyo yokunganyaniseki kukunyaniseka kwinto ephosakeleyo. Ukunyaniseka kokwenene ngokwengqiqo yeBhayibhile akusivumeli ukuba sinyaniseke kwiziqu zethu ngaphezu kokuba sinyaniseke kuYehova uThixo. AmaYuda amaninzi enkulungwane yokuqala anamathela ngenkani kuMthetho kaMoses nakwinkqubo yezinto yamaYuda. Kodwa lalifikile ixesha lokuba uYehova ashenxise iintsikelelo zakhe kolo hlanga lunemvukelo azidlulisele kuhlanga loSirayeli wokomoya. Ngokwentelekiso ambalwa gqitha awayenyanisekile kuYehova nawayamkelayo le nguqu ibalulekileyo. KwanakumaKristu okwenyaniso, bambi kwabo babeguqulela abantu ebuYudeni babegxininisa ekubuyeleni kwezo “zinto eziziziqalelo ezibuthathaka nezingento” zoMthetho kaMoses, ezazizalisekiswe ngoKristu.—Galati 4:9; 5:6-12; Filipi 3:2, 3.
16. Abakhonzi bakaYehova abanyanisekileyo basabela njani xa kukho uhlengahlengiso olufunekayo?
16 Ngokwahlukileyo koko, abantu bakaYehova bale mihla baye bazingqina benyanisekile ukutyhubela amaxesha eenguqu. Njengoko ukukhanya kwenyaniso kusanda, kubakho uhlengahlengiso olwenziwayo. (IMizekeliso 4:18) Kutshanje, “ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi” liye lasinceda salungisa indlela ebesiliqonda ngayo igama elithi ‘isizukulwana’ elisetyenziswe kuMateyu 24:34 nexesha lokugwetywa ‘kwezimvu neebhokhwe’ okukhankanywe kuMateyu 25:31-46, kwanendlela esizijonga ngayo iinkonzo ezithile zaseburhulumenteni. (Mateyu 24:45) Alithandabuzeki elokuba abanye abawexuki bebeya kuvuya ukuba uninzi lwamaNgqina kaYehova belunamathele ngokungqongqo kwindlela ebeluyiqonda ngayo loo mibandela ngaphambili luze lungavumi ukuqhubela phambili. Ayenzekanga loo nto. Ngoba? Ngenxa yokuba abantu bakaYehova banyanisekile.
17. Maxa wambi abo sibathandayo banokukuvavanya njani ukunyaniseka kwethu?
17 Noko ke, umbandela wokunyaniseka kwizinto eziphosakeleyo usenokusichaphazela ngokobuqu. Xa umhlobo osenyongweni okanye ilungu lentsapho likhetha ukuhamba ngekhondo elingqubana nemigaqo yeBhayibhile, sisenokudideka singazi emasinyaniseke kuye. Ngokuqhelekileyo, siziva sinyanisekile kumalungu entsapho. Kodwa singaze sinyaniseke kuwo ngaphezu kokuba sinyanisekile kuYehova! (Thelekisa eyoku-1 kaSamuweli 23:16-18.) Asinakubanceda abenzi bubi bafihle isono esinzulu yaye singenako kananjalo ukubaxhasa xa bengquzulana nabadala abazama ‘ukubalungisa ngokutsha ngomoya wobulali.’ (Galati 6:1) Ukwenjenjalo kukunganyaniseki kuYehova, kwintlangano yakhe nakulowo simthandayo. Ngapha koko, ukukhusela umoni kwisohlwayo esimfaneleyo, eneneni, kuthetha ukuba ngumqobo wembonakaliso yothando lukaYehova ukuze ingafikeleli kuye. (Hebhere 12:5-7) Kwakhona, khumbula ukuba “akholekile amanxeba omhlobo.” (IMizekeliso 27:6) Isiluleko esingqalileyo, esibonakalisa uthando esisekelwe kwiLizwi likaThixo sisenokumthoba othile esimthandayo owonayo, kodwa ekuhambeni kwexesha sisenokungqineka siluncedo!
Ukunyaniseka Kuyamelana Nentshutshiso
18, 19. (a) UAhabhi wayefuna ntoni kuNabhoti, ibe kutheni uNabhoti engazange avume nje? (b) Ngaba ukunyaniseka kukaNabhoti kwakufanelekile? Chaza.
18 Maxa wambi uSathana ukuhlasela ngokungqalileyo ukunyaniseka kwethu. Khawucinge ngemeko kaNabhoti. Xa uKumkani uAhabhi wamnyanzelisa ukuba athengise isidiliya sakhe, waphendula: “Makube lee kum ngenxa kaYehova, ukuba ndikunike ilifa loobawo.” (1 Kumkani 21:3) UNabhoti wayengenankani; wayebonakalisa ukunyaniseka. UMthetho kaMoses wawuyalela ukuba kungabikho namnye umSirayeli othengisa ilifa lomhlaba ngokusisigxina. (Levitikus 25:23-28) Ngokuqinisekileyo uNabhoti wayesazi ukuba lo kumkani ukhohlakeleyo wayenokumbulala, kuba uAhabhi wayesele evumele umkakhe, uIzebhele, ukuba abulale abaprofeti bakaYehova abaninzi! Sekunjalo uNabhoti wahlala eqinile.—1 Kumkani 18:4.
19 Maxa wambi ukunyaniseka kubangela ubani alahlekelwe kokuthile. UIzebhele, encediswa ‘ngamadoda athile angamatshijolo,’ watyhola uNabhoti ngesenzo solwaphulo-mthetho awayengasenzanga. Ngenxa yoko, yena noonyana bakhe babulawa. (1 Kumkani 21:7-16; 2 Kumkani 9:26) Ngaba oko kuthetha ukuba uNabhoti wayenyaniseke ngendlela engachananga? Akunjalo! UNabhoti ungomnye wamadoda namabhinqa anyanisekileyo sithetha nje “aphilayo” kwinkumbulo kaYehova, alele ngokukhuselekileyo emangcwabeni de kufike ixesha lovuko.—Luka 20:38; IZenzo 24:15.
20. Ukuba nethemba kunokusinceda njani sihlale sinyanisekile?
20 Elo lidinga eliqinisekisa abanyanisekileyo bakaYehova namhlanje. Siyazi ukuba ukunyaniseka kwethu kusenokusenza silahlekelwe lukhulu kweli hlabathi. UYesu Kristu walahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yokunyaniseka, ibe waxelela abalandeli bakhe ukuba babengayi kuphathwa bhetele kunaye. (Yohane 15:20) Njengoko ithemba awayenalo ngekamva lamomelezayo, nelethu liyasomeleza. (Hebhere 12:2) Ngaloo ndlela sinokuhlala sinyanisekile xa sijamelene nalo naluphi na uhlobo lwentshutshiso.
21. UYehova ubaqinisekisa ngantoni abanyanisekileyo bakhe?
21 Kuyinyaniso ukuba namhlanje bambalwa kuthi abafumana uvavanyo olungqalileyo lokunyaniseka. Kodwa abantu bakaThixo basenokujamelana nentshutshiso engakumbi ngaphambi kokuba isiphelo sifike. Sinokuqiniseka njani ukuba sihlala sinyanisekile? Ngokuzigcina sinyanisekile ngoku. UYehova usinike uthumo olukhulu—ukushumayela nokufundisa ngoBukumkani bakhe. Masihlale siwenza ngokunyaniseka lo msebenzi ubalulekileyo. (1 Korinte 15:58) Ukuba asizivumeli iimpawu zokungafezeki kwabantu ukuba zisenze singanyaniseki kwintlangano kaYehova yaye siyazilumkela iindlela ezichuliweyo zokunganyaniseki nokunyaniseka kwizinto eziphosakeleyo, ngoko siya kuba silulungele ngakumbi uvavanyo oluqatha lokunyaniseka kwethu. Enoba injani na imeko, sinokuhlala siqinisekile ukuba uYehova unyaniseke ngokungasileliyo kubakhonzi bakhe abanyanisekileyo. (2 Samuweli 22:26) Ewe, uya kubakhusela abanyanisekileyo bakhe!—INdumiso 97:10.
[Imibhalo esemazantsi]
a UYesu wabonakalisa inkalipho ngokuhlasela ishishini elalinengeniso ngolo hlobo. Ngokutsho komnye umbhali-mbali, irhafu yetempile kwakufuneka ihlawulwe ngohlobo oluthile lwengqekembe yamandulo yamaYuda. Ngaloo ndlela iindwendwe ezininzi ezazityelela itempile zazifanele zitshintshe imali yazo ukuze zihlawule loo rhafu. Abantu ababetshintsha imali babevunyelwa ukuba babize imalana ethile xa betshintshela abantu, ibe loo nto yayingenisa intywenka yemali.
b Bona uVukani! kaJanuwari 8, 1994; nokaFebruwari 8, 1994.
c Umanyano lwabo lwalusuka kolwamaHasidim, iqela elalivele kwiinkulungwane ngaphambili ukuze lilwe nempembelelo yamaGrike. Igama elithi Hasidim lalivela kwigama lesiHebhere elithi chasi·dhimʹ, okanye “abanyanisekileyo.” Mhlawumbi babevakalelwa kukuba xa izibhalo zithetha ‘ngabanyanisekileyo’ bakaYehova zazibhekisela kubo ngokukhethekileyo. (INdumiso 50:5, NW) Bona, kunye nabaFarisi ababalandelayo, babenenzondelelo yempambano, bezibeke ngokwabo ukuba bakhusele oko kubhalwe eMthethweni.
Ubunokuphendula Uthini?
◻ Sinokukuphepha njani ukuvumela iimpawu zokungafezeki zabanye zisikhokelele ekubeni singanyaniseki?
◻ Ziziphi iindlela ezinokuthi iimpawu zethu zokungafezeki zisikhokelele kwihambo yokunganyaniseki?
◻ Sinokuluxhathisa njani utyekelo lokunyaniseka kwizinto eziphosakeleyo?
◻ Yintoni eya kusinceda sihlale sinyanisekile kwanakumaxesha entshutshiso?
[Ibhokisi ekwiphepha 9]
Ukukhonza Ngokunyaniseka Ebheteli
“Zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangokwelungiselelo.” Loo mazwi abhalwa ngumpostile uPawulos. (1 Korinte 14:40) UPawulos wayesazi ukuba ukuze ibandla lisebenze, kwakuya kufuneka ‘ilungiselelo,’ ukuze kubekho ukulungelelana. Ngokufanayo nanamhlanje, abadala kufuneka benze izigqibo kwimibandela eluncedo, enjengokwabela amalungu ebandla kwiindawo ezahlukeneyo ekuqhutywa kuzo izifundo zencwadi, ukwenza amalungiselelo eentlanganiso zenkonzo yasentsimini, nokuhlola intsimi egutyungelwayo. Maxa wambi amalungiselelo anjalo asenokukuvavanya ukunyaniseka. Awayomiyalelo ephefumlelwe nguThixo, yaye akanakwanelisa wonke umntu.
Ngaba maxa wambi ukufumanisa kulucelomngeni ukunyaniseka kwamanye amalungiselelo aluncedo enziwa libandla lamaKristu? Ukuba kunjalo, usenokuwufumanisa uluncedo umzekelo waseBheteli. Igama elithi Bheteli, elilibinzana lesiHebhere elithetha “iNdlu kaThixo,” linikwa onke amasebe eWatch Tower Society ali-104, kuquka nekomkhulu eliseUnited States.d Abasebenzi bokuzithandela abahlala nabasebenza kwizakhiwo zaseBheteli bafuna ukuba kwezi ndawo kubonakaliswe intlonelo nokumoyika ngokunzulu uYehova. Oku kufuna ukuba ngamnye wabo anyaniseke.
Abantu abatyelele eBheteli badla ngokuncoma ucwangco nococeko abalubonayo. Abasebenzi balungelelene yaye bonwabile; intetho, isimilo kwanenkangeleko yabo ibonisa izazela eziqolileyo, neziqeqeshwe ngeBhayibhile zamaKristu. Onke amalungu entsapho yaseBheteli anamathela ngokunyaniseka kwimilinganiselo yeLizwi likaThixo.
Ukongezelela koko, iQumrhu Elilawulayo liwanika incwadana enomxholo othi Dwelling Together in Unity, ethi ngobubele ichaze amanye amalungiselelo aluncedo afunekayo ukuze intsapho engako ukuba nkulu isebenze ngaxhathalinye. (INdumiso 133:1) Ngokomzekelo, ithi gqaba-gqaba ngendlela yokuphatha igumbi, ukutya, ucoceko, isinxibo nokuzilungisa, nezinye izinto eziyeleleyo apho. Amalungu entsapho yaseBheteli awaxhasa ngokunyaniseka aze anamathele kuloo malungiselelo, kwanaxa esenokuba nokhetho olwahlukileyo. Le ncwadana awayigqali njengoludwe lwemithetho nemimiselo engqongqo, kodwa ayigqala njengolwalathiso olulungiselelwe ukukhuthaza umanyano nemvisiswano. Abaveleli banyanisekile ekugcineni le nkqubo isekelwe eBhayibhileni, ibe bayisebenzisa ngendlela eyingenelo ukuze bakhe yaye bakhuthaze intsapho yaseBheteli ukuba izingise kwinkonzo yayo engcwele yaseBheteli.
[Imibhalo esemazantsi]
d Le mizi-mveliso, iiofisi kunye nezakhiwo zokuhlala azithabatheli ndawo itempile okanye indlu kaThixo enkulu yokomoya. Itempile kaThixo yokomoya lilungiselelo lakhe lonqulo olunyulu. (Mika 4:1) Ngenxa yoko, ayipheleliselwanga kuso nasiphi na isakhiwo esisemhlabeni.
[Ibhokisi ekwiphepha 10]
Umntu Onyanisekileyo Nomntu Onamathela Ngokungqongqo Emthethweni
Emva phayaa ngowe-1916 iEncyclopædia of Religion and Ethics yathi “lo mahluko ophakathi komntu onyanisekileyo nomntu onamathela ngokungqongqo emthethweni usenokubonwa ngamaxesha onke nakwiindawo zonke.” Yachaza: “Umntu onamathela ngokungqongqo emthethweni wenza loo nto ayixelelweyo, akaphuli mithetho; ukholelwa kwinto ebhaliweyo nenokufundwa. Umntu onyanisekileyo uyakwenza oku kodwa . . . unokuthenjwa nakwizinto ezongezelelekileyo, ingqondo yakhe uyinikela ngokupheleleyo kwimbopheleleko yakhe, ulungisa isimo sakhe sengqondo ukuze sivisisane neyona njongo emele iphunyezwe.” Kamva, le ncwadi inye yathi: “Ukuba ngonyanisekileyo akupheleli ekuthobeleni imithetho. . . . Umntu onyanisekileyo wahlukile kumntu othobela imithetho kuba ukhonza ngentliziyo nangengqondo epheleleyo . . . Akazivumeli ukuba one ngokwenza, ngokungenzi okanye ngokungakhathali ngabom.”