UYehova—Lowo Womeleleyo Ngamandla
“Ngenxa yamandla amakhulu, kanjalo womelele ngamandla, akukho nanye esalayo.”—ISAYA 40:26.
1, 2. (a) Nguwuphi umthombo wamandla wendalo esixhomekeke kuwo sonke? (b) Chaza isizathu sokuba uYehova engowona Mthombo wawo onke amandla.
AMANDLA ayenye yezinto uninzi lwethu olungazise so. Ngokomzekelo, asicingi kangako ngamandla ombane asikhanyiselayo nasifudumezayo okanye esiwasebenzisa kuso nasiphi na isixhobo sombane esinaso. Kuphela kuxa umbane uye wemka ngokungalindelekanga apho siye siqonde ukuba ngaphandle kwamandla awo, izixeko zabantu beziya kuma ngxi zingasebenzi. Inxalenye enkulu yombane esixhomekeke kuwo isuka ngokungangqalanga kowona mthombo wamandla unokuthenjwa—ilanga.a Mzuzwana ngamnye lo mthombo wamandla olilanga usebenzisa iitoni ezizizigidi ezihlanu zamafutha enyukliya, uvave umhlaba ngamandla alondoloza ubomi.
2 Avela phi onke la mandla elanga? Ngubani owakha eli ziko lombane elisesibhakabhakeni? NguYehova uThixo. Xa ithetha ngaye, iNdumiso 74:16 ithi: “Nguwe owalungiselela isikhanyiso, kwanelanga.” Ewe, uYehova ungowona Mthombo wawo onke amandla, kanye njengokuba enguMthombo wabo bonke ubomi. (INdumiso 36:9) Singaze singawasi so amandla akhe. Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova uyasikhumbuza ukuba sikhangele kwindalo yakhe ekummandla ongaphandle, enjengelanga neenkwenkwezi, size sicamngce ngendlela eyadalwa ngayo. “Phakamiselani amehlo enu phezulu nize nibone. Ngubani na odale ezi zinto? NguLowo uzisa umkhosi wazo kanye ngokwenani, uzibiza nangegama xa zizonke. Ngenxa yamandla amakhulu, kanjalo womelele ngamandla, akukho nanye esalayo.”—Isaya 40:26; Yeremiya 32:17.
3. Sifanele singenelwe njani kwiimbonakaliso zamandla kaYehova?
3 Ekubeni uYehova omelele ngamandla, sinokuqiniseka ukuba ilanga liya kuqhubeka lisikhanyisela yaye lisifudumeza ukuze siphile. Noko ke, sayama ngamandla kaThixo ngesizathu esingaphezulu lee kunesokwaneliswa kweemfuno ezisisiseko zenyama. Ukuhlawulelwa kwethu esonweni nasekufeni, ithemba esinalo ngekamva, kunye nokukholosa kwethu ngoYehova konke kunxibelelene nokusebenzisa kwakhe amandla. (INdumiso 28:6-9; Isaya 50:2) IBhayibhile inemizekelo emininzi ebubungqina bamandla kaYehova okudala nawokuhlawulela, awokukhulula abantu bakhe nawokutshabalalisa iintshaba zakhe.
Amandla KaThixo Abonakala Kwindalo
4. (a) UDavide wachaphazeleka njani kukubuka isibhakabhaka ebusuku? (b) Indalo esemajukujukwini isixelela ntoni ngamandla kaThixo?
4 Umpostile uPawulos wachaza ukuba ‘amandla angunaphakade nobuThixo bakhe, aqondeka ngezinto ezenziweyo.’ (Roma 1:20) Kwiinkulungwane ezithile ngaphambilana, umdumisi uDavide, owayengumalusi, umele ukuba wayesibuka rhoqo isibhakabhaka ebusuku, ebona ukuzuka kwendalo esemajukujukwini namandla oMenzi wayo. Wabhala: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozilungiseleleyo, uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo, nonyana womntu wasemhlabeni le nto umnyamekelayo?” (INdumiso 8:3, 4) Nangona wayengenalwazi kangako ngendalo esesibhakabhakeni, uDavide waqonda ukuba wayeyinto nje engenamsebenzi xa ethelekiswa noMdali wendalo iphela esiphila kuyo. Namhlanje, izazi ngeenkwenkwezi zazi lukhulu ngobungakanani bendalo esemajukujukwini nangamandla ayilondolozayo. Ngokomzekelo, zisixelela ukuba mzuzwana ngamnye ilanga likhupha amandla alingana nawokudubula kwe-100 000 lezigidi zeemegatons zeTNT.b Lisuntswana nje laloo mandla elifikayo emhlabeni; ukanti lizanele zonke izinto eziphilayo kwisijikelezi-langa sethu. Ungalibali ke ukuba ilanga lethu aliyiyo eyona nkwenkwezi inkulu esibhakabhakeni. Ezinye iinkwenkwezi ziwavelisa ngomzuzwana nje kuphela amandla aveliswa lilanga ngosuku lonke. Khawuthelekelele nje amandla asetyenziswa nguLowo wadala indalo esesibhakabhakeni! UElihu wayechan’ ucwethe xa wathi: “USomandla, asimfumananga; uphakamile ngamandla.”—Yobhi 37:23.
5. Bubuphi ubungqina bokomelela kukaYehova esibufumana kwimisebenzi yakhe?
5 Ukuba ‘siyayiphanda imisebenzi kaThixo’ njengoko uDavide wenzayo, siya kububona kuyo yonk’ indawo ubungqina bamandla akhe—kumoya nakumaza, kwiindudumo nakwimibane, kwimilambo emikhulu nakwiintaba eziphakamileyo. (INdumiso 111:2; Yobhi 26:12-14) Ngaphezu koko, njengoko uYehova wakhumbuza uYobhi, izilwanyana ziyawangqina amandla Akhe. Phakathi kwazo kukho iBhehemote, okanye imvubu. UYehova waxelela uYobhi oku: “Amandla ayo asesinqeni sayo . . . Amathambo ayo omeleleyo anjengemivalo yentsimbi.” (Yobhi 40:15-18) Amandla awoyikekayo enqu ayesaziwa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, kwaye uDavide wathandazela ukuba asindiswe ‘emlonyeni wengonyama, nakwiimpondo zenqu.’—INdumiso 22:21; Yobhi 39:9-11.
6. Inqu ifuzisela ntoni kwiZibhalo, yaye ngoba? (Bona umbhalo osemazantsi.)
6 Ngenxa yokomelela kwayo, inkunzi isetyenziswa eBhayibhileni ukufuzisela amandla kaYehova.c Umbono kampostile uYohane wetrone kaYehova uchaza ngezidalwa ezine eziphilayo, esinye sazo esinobuso obufana nobenkunzi. (ISityhilelo 4:6, 7) Kucacile ukuba olunye kwiimpawu ezine zikaYehova ezibonakaliswa zezi kerubhi ngamandla. Ezinye luthando, ubulumko kunye nokusesikweni. Ekubeni amandla eyinkalo ebalulekileyo yobuntu bukaThixo, ukuwaqonda kakuhle amandla akhe nendlela awasebenzisa ngayo kusenza sisondele ngakumbi kuye yaye kuyasinceda sixelise umzekelo wakhe ngokuwasebenzisa kakuhle amandla esinawo.—Efese 5:1.
“UYehova Wemikhosi, Lowo Unamandla”
7. Sinokuqiniseka njani ukuba okulungileyo kuya kukoyisa okubi?
7 KwiZibhalo, uYehova ubizwa ngokuthi “nguThixo uSomandla,” isibizo esisikhumbuza ukuba asifanele siwajongele phantsi amandla akhe okanye sithandabuze ukuba unokukwazi ukuzikatyisa iintshaba zakhe. (Genesis 17:1; Eksodus 6:3) Inkqubo yezinto engendawo kaSathana isenokubonakala inqabiseke gqitha, kodwa ke emehlweni kaYehova “iintlanga zinjengethontsi e-emeleni; nanjengesuntswana lothuli ezikalini.” (Isaya 40:15) Ngenxa yaloo mandla kaThixo, alithandabuzeki elokuba ukulunga kuya kuboyisa ububi. Kweli xesha ekwesamele ubungendawo kulo, sinokuthuthuzelwa kukwazi ukuba “uYehova wemikhosi, Lowo unaMandla kaSirayeli” uya kubushenxisa ngonaphakade ubungendawo.—Isaya 1:24; INdumiso 37:9, 10.
8. Yiyiphi imikhosi yasezulwini elawulwa nguYehova, yaye abonakala njani amandla ayo?
8 Ibinzana elithi “uYehova wemikhosi,” elivela izihlandlo ezingama-285 eBhayibhileni, nalo liyasikhumbuza ngamandla kaThixo. Le “mikhosi” ekuthethwa ngayo apha yimikhosi yezidalwa zomoya ephantsi kolawulo lukaYehova. (INdumiso 103:20, 21; 148:2) Ngobusuku obunye, enye nje kwezo ngelosi yaxabela amajoni aseAsiriya ali-185 000 awayesongela iYerusalem. (2 Kumkani 19:35) Ukuba siyawagqala amandla emikhosi kaYehova yasezulwini, soze sifane sinkwantyiswe ngabachasi. Umprofeti uElisha wayengenaxhala xa wayevingcelwe ngumkhosi uphela owawumfuna apho ebekho kuba kaloku, ngokungafaniyo nomkhonzi wakhe, amehlo akhe okholo ayekwazi ukubona umkhosi omkhulu wasezulwini umxhasa.—2 Kumkani 6:15-17.
9. NjengoYesu, kutheni sifanele sibe nentembelo ekukhuselweni nguThixo?
9 NoYesu wayeqonda ukuba iingelosi ziza kumxhasa xa wayejamelene nehlokondiba elalixhobe ngamakrele nangamagqudu kumyezo waseGetsemane. Emva kokuxelela uPetros ukuba abuyisele ikrele lakhe kwindawo yalo, uYesu wamxelela ukuba, xa kuyimfuneko, wayenokucela uYise ukuba athumele ‘imikhosi yeengelosi engaphezu kweshumi elinesibini.’ (Mateyu 26:47, 52, 53) Ukuba nathi sinokuyiqonda ngokufanayo into yokuba uThixo unemikhosi yasezulwini, siya kukholosa ngokupheleleyo ngenkxaso yakhe. Umpostile uPawulos wabhala: “Sithini na, ke ngoko, kwezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na oya kuba nxamnye nathi?”—Roma 8:31.
10. UYehova uwasebenzisa ngenxa yoobani amandla akhe?
10 Ngoko sinezizathu ezininzi zokuba sikholose ngenkuselo kaYehova. Usoloko ewasebenzisela injongo entle amandla akhe yaye ewavisisanisa nezinye iimpawu zakhe—okusesikweni, ubulumko kunye nothando. (Yobhi 37:23; Yeremiya 10:12) Ngoxa abantu abanamandla bedla ngokubacinezela abantu abangamahlwempu nabathobekileyo ukuze kungenelwe bona, uYehova ‘uyasivusa eluthulini isisweli’ yaye “uphuphuma ngamandla okusindisa.” (INdumiso 113:5-7; Isaya 63:1) Njengoko waqondayo uMariya, umama onobulali nolulamileyo kaYesu, “Lowo unamandla” uwasebenzisa ngokungazingciyo amandla akhe ukuze ancede abo bamoyikayo, athobe abaziphakamisayo aze aphakamise abathobekileyo.—Luka 1:46-53.
UYehova Utyhila Amandla Akhe Kubakhonzi Bakhe
11. Bubuphi ubungqina bamandla kaThixo obabonwa ngamaSirayeli ngonyaka we-1513 B.C.E.?
11 UYehova wawabonakalisa kangangezihlandlo eziliqela amandla akhe kubakhonzi bakhe. Esinye sezo zihlandlo kukwiNtaba yeSinayi ngowe-1513 B.C.E. Ngaloo nyaka amaSirayeli ayesele ebubonile ubungqina obuchukumisayo bamandla kaThixo. Izibetho ezilishumi ezitshabalalisayo zazibonisile ukuba uYehova unamandla nokuba izithixo zaseYiputa zazingoongantweni. Kamsinya emva koko, ummangaliso wokuwela uLwandle Olubomvu nowokutshatyalaliswa komkhosi kaFaro yaba bubungqina obongezelelekileyo bokomelela kukaThixo. Kwiinyanga ezintathu kamva, kumazantsi eNtaba yeSinayi, uYehova wamema onke amaSirayeli ukuba abe ‘yinqobo kuye kwizizwana zonke.’ Nawo ke athembisa esithi: “Konke akuthethileyo uYehova sikulungele ukukwenza.” (Eksodus 19:5, 8) Emva koko, uYehova wawabonisa amandla akhe. Kwezo ndudumo nemibane ezazikhatshwa sisandi esikhulu sesigodlo, iNtaba iSinayi yayigutyungelwe ngumsi yaye inyikima. Abantu bangenwa luloyiko bemi mgama. Kodwa uMoses wabaxelela ukuba eso sihlo sifanele sibafundise ukoyika uThixo, uloyiko olwaluza kubashukumisela ekubeni bathobele uThixo wabo onamandla ancamisileyo nokuphela koyinyaniso, uYehova.—Eksodus 19:16-19; 20:18-20.
12, 13. Ziziphi iimeko ezakhokelela ekubeni uEliya ashiye isabelo sakhe, kodwa uYehova wamomeleza njani?
12 Kwiinkulungwane eziliqela kamva, ngexesha likaEliya, kwaphinda kwakho imbonakaliso yamandla kaThixo kwiNtaba iSinayi. Lo mprofeti wayesele ewabonile amandla kaThixo esebenza. Kangangeminyaka emithathu enesiqingatha, uThixo ‘wawavala amazulu’ ngenxa yokuwexuka kohlanga lwakwaSirayeli. (2 Kronike 7:13) Ebudeni baloo mbalela, uEliya wayesondliwa ngamahlungulu kwintlambo yeKeriti, kwaye kamva umgubo kunye neoli ezazisele zibuphela zomhlolokazi othile zandiswa ngokungummangaliso ukuze afumane ukutya. UYehova wada wanika uEliya amandla okuvusa unyana walo mhlolokazi. Ekugqibeleni, kwisiganeko esasibangel’ imincili esasiluvavanyo lokuba ngubani na oyena Thixo esenzeka kwiNtaba yeKarmele, kwehla umlilo uvela ezulwini waza walidla idini likaEliya. (1 Kumkani 17:4-24; 18:36-40) Noko ke, kungekudala emva koko, uEliya woyika waza wadimazeka xa uIzebhele wayemsongela ngokumbulala. (1 Kumkani 19:1-4) Wasaba kwelo lizwe, ecinga ukuba umsebenzi wakhe njengomprofeti uphelile. Ukuze amqinisekise aze amomeleze, ngobubele uYehova wambonisa ngokukhethekileyo amandla akhe.
13 Xa uEliya wayezifihle emqolombeni, wabona umbono owoyikekayo weentlobo ezintathu zamandla ezilawulwa nguYehova: umoya ovuthuza ngamandla, inyikima yaye ekugqibeleni yangumlilo. Noko ke, xa uYehova wayethetha noEliya, wathetha ‘ngelizwi elizolileyo neliphantsi.’ Wamnika umsebenzi ongakumbi ukuba awenze waza wamchazela ukuba kwakusekho abanquli bakaYehova abathembekileyo abangama-7 000 kwelo lizwe. (1 Kumkani 19:9-18) Ukuba nathi, njengoEliya, siziva sidimazekile ngenxa yokuba singasenamveliso kubulungiseleli bethu, sinokucela uYehova ukuba asiphe “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo”—amandla anokusomeleza ukuze siqhubeke sishumayela iindaba ezilungileyo singayekeleli.—2 Korinte 4:7.
Amandla KaYehova Asiqinisekisa Ngokuzaliseka Kwamadinga Akhe
14. Lityhila ntoni igama likaYehova, kwaye amandla akhe adibene njani negama lakhe?
14 Amandla kaYehova akwanxibelelene ngokusondeleyo negama lakhe nokwenziwa kokuthanda kwakhe. Eli gama likhethekileyo elithi Yehova, elithetha “Obangela Kubekho,” libonisa ukuba uzibangela ukuba abe nguMzalisekisi wamadinga. Akukho nto okanye umntu onokuthintela uThixo ekuphumezeni iinjongo zakhe, kwanokuba abo bathandabuzayo bazigqala zingenakwenzeka ezo njongo. Njengoko uYesu wayekhe waxelela abapostile bakhe, “kuThixo izinto zonke zinako ukwenzeka.”—Mateyu 19:26.
15. UAbraham noSara bakhunjuzwa njani ukuba ayikho into engaphaya kwamandla kaYehova?
15 Ngokomzekelo, uYehova wakha wathembisa uAbraham noSara esithi uza kwenza inzala yabo ibe luhlanga olukhulu. Noko ke, bahlala bengenabantwana kangangeminyaka. Babesele baluphele gqitha xa uYehova wabaxelela ukuba laa nto wayebathembise yona yayisele iza kuzalisekiswa ibe uSara wahleka. Xa yayiphendula, ingelosi yathi: “Ikho na into emnqabeleyo uYehova?” (Genesis 12:1-3; 17:4-8; 18:10-14) Kwiinkulungwane ezine kamva, xa ekugqibeleni uMoses wayihlanganisayo inzala ka-Abraham—ngoku eyayiluhlanga olukhulu—kumaThafa akwaMowabhi, wayikhumbuza ukuba uThixo wayelizalisekisile idinga lakhe. UMoses wathi: “Ukanti ke noko uyaqhubeka uphila, ngokuba [uYehova] wabathanda ookhokho bakho kangangokuba wayikhetha nembewu yabo emva kwabo waza wakukhupha eYiputa phambi kwamehlo akhe ngamandla akhe amakhulu, waza wagxotha phambi kwakho iintlanga ezinkulu nezinamandla kunawe, ukuze akungenise, akunike ilizwe lakho njengelifa njengoko kunjalo namhla.”—Duteronomi 4:37, 38.
16. Kwakutheni ukuze abaSadusi baphazamele ekuthini alukho uvuko lwabafi?
16 Kwiinkulungwane ezithile kamva, uYesu wakhalimela abaSadusi, ababengakholelwa kuvuko. Kwakutheni ukuze bangavumi ukukholelwa kwidinga elalenziwe nguThixo lokuba uza kubuyisa abafi? UYesu wabaxelela oku: “Niyaphazama, kuba ningazazi iZibhalo namandla kaThixo.” (Mateyu 22:29) IZibhalo ziyasiqinisekisa ukuba ‘bonke abo bakumangcwaba enkumbulo baya kuliva ilizwi lakhe baze baphume.’ (Yohane 5:27-29) Ukuba siyakwazi oko kuthethwa yiBhayibhile ngovuko, ukuba nentembelo kwethu kumandla kaThixo kuya kusiqinisekisa ukuba abafi baya kuvuswa. UThixo “okunene uya kuginya ukufa ngonaphakade, . . . kuba uYehova uthethile.”—Isaya 25:8.
17. Nguwuphi umhla ozayo ekuya kuthi ukukholosa ngoYehova kube yinto ebaluleke ngokukhethekileyo?
17 Kungekudala kuza kufika ixesha apho sonke kuya kufuneka sikholose ngamandla kaThixo okusindisa ngendlela ekhethekileyo. USathana uMtyholi uza kuhlasela abantu bakaThixo, abaza kubonakala bengakhuselekanga. (Hezekile 38:14-16) Uya kwandula ke uThixo abonakalise amandla akhe amakhulu ngenxa yethu, kwaye wonk’ ubani uya kunyanzeleka ukuba amazi ukuba unguYehova. (Hezekile 38:21-23) Ngoku lixesha lokuba sakhe ukholo kunye nentembelo yethu kuThixo uSomandla ukuze singagungqiswa ebudeni belo xesha lamanqam.
18. (a) Ziziphi iingenelo esizifumana ngokucamngca ngamandla kaYehova? (b) Nguwuphi umbuzo oza kuqwalaselwa kwinqaku elilandelayo?
18 Alithandabuzeki elokuba zininzi izizathu zo-kucamngca ngamandla kaYehova. Njengoko sicinga ngemisebenzi yakhe, ngokuthobeka sishukunyiselwa ukuba simdumise uMdali wethu Ozukileyo kwaye simbulele kuba esebenzisa amandla akhe ngobulumko nangothando. Soze siphazanyiswe nto xa sikholose ngoYehova wemikhosi. Ukuba nokholo kwethu kumadinga akhe akuyi kugungqiswa. Noko ke, khumbula ukuba sidalwe ngokomfanekiselo kaThixo. Ngenxa yoko, nathi sinawo amandla—nangona ke elinganiselwe. Sinokumxelisa njani uMdali wethu kwindlela esiwasebenzisa ngayo amandla ethu? Lo mba siza kuwuxubusha kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kuthiwa izimbiwa ezinjengeoli kunye namalahle—eyona mithombo yamandla ibalulekileyo kumaziko ombane—zifumana amandla avela elangeni.
b Ngokwentelekiso, eyona bhombu yenyukliya inamandla ekhe yavavanywa yayinamandla alingana nama-57 eemegatons zeTNT.
c Inqu ekuthethwa ngayo eBhayibhileni kusenokwenzeka ukuba yayiluhlobo lweenyathi ezazifumaneka eYurophu (ngesiLatini iurus). Kwiminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, ezi zilwanyana zazifumaneka eGaul (ngoku eyiFransi), kwaye uJulius Caesar wabhala wenjenje xa wayezichaza: “Ezi uri zingaphantsi nje kancinane kwiindlovu ngobukhulu, kodwa ke intsobi, umbala kunye nokumila, zifana neenkunzi zeenkomo. Indlela ezinamandla nezinamendu ngayo: enoba ungumntu okanye usisilwanyana akusindanga ukuba zikhe zakubona.”
Ngaba Unokuyiphendula Le Mibuzo?
• Indalo iwangqina njani amandla kaYehova?
• Yiyiphi imikhosi enokusetyenziswa nguYehova ukuxhasa abantu bakhe?
• Ziziphi ezinye izihlandlo apho uYehova wabonakalisa amandla akhe?
• Sisiphi isiqinisekiso esinaso sokuba uYehova uya kuwazalisekisa amadinga akhe?
[Imifanekiso ekwiphepha 10]
“Phakamiselani amehlo enu phezulu nize nibone. Ngubani na odale ezi zinto?”
[Inkcazelo]
Photo by Malin, © IAC/RGO 1991
[Imifanekiso ekwiphepha 13]
Ukucamngca ngeembonakaliso zamandla kaYehova kwakha ukholo lwethu kumadinga akhe