ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi YeNtshumayeli
“UMNTU ozelwe ngumfazi, unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka,” watsho njalo usolusapho uYobhi. (Yobhi 14:1) Kubalulekile ukuba singadlali ngobomi bethu obufutshane ngezinto ezingenamsebenzi. Simele silisebenzise entwenini ixesha lethu, amandla kunye nezinto esinazo? Ziintoni esifanele siziphephe? Amazwi obulumko akwincwadi yeBhayibhile yeNtshumayeli asinika ulwalathiso esinokuluthemba kulo mbandela. Isigidimi asidluliselayo ‘siyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo’ yaye sinokusinceda siphile ubomi obunentsingiselo.—Hebhere 4:12.
Le ncwadi yeNtshumayeli, eyabhalwa yindoda eyayidume ngobulumko, uKumkani uSolomon wamandulo wakwaSirayeli, inamacebiso esinokuwasebenzisa ngento ebaluleke ngokwenene nento engenaxabiso ebomini. Ekubeni uSolomon ethetha ngomsebenzi wokwakha awayenenxaxheba kuwo, umele ukuba le ncwadi yeNtshumayeli wayibhala emva kokuba zigqityiwe ezo zakhiwo nangaphambi kokuba aphambuke kunqulo lokwenyaniso. (Nehemiya 13:26) Oko kubangela ukuba sithi le ncwadi wayibhala ngaphambi kowe-1000 B.C.E., ngasekupheleni kolawulo lwakhe lweminyaka engama-40.
YINTONI ENGENGAWO AMAMPUNGE?
“Yonk’ into ingamampunge!” watsho njalo umhlanganisi, owabuza wenjenje: “Iyintoni ingenelo umntu ayifumanayo kuko konke ukusebenza nzima akusebenzayo phantsi kwelanga?” (INtshumayeli 1:2, 3) Ibinzana elithi ‘amampunge’ nelithi “phantsi kwelanga” kuthethwa ngawo ngokuphindaphindiweyo kwiNtshumayeli. Igama lesiHebhere elithetha ‘amampunge’ ngokuchanileyo lithetha “impefumlo” okanye “umphunga” yaye libonisa ukunqongophala, ukungabikho ngokusisigxina okanye ukungakwazi ukuhlala ixesha elide. Ibinzana elithi “phantsi kwelanga” lithetha ukuba “kulo mhlaba” okanye “kweli hlabathi.” Ngoko ke, yonke into—oko kukuthi, zonke izinto ezenziwa ngabantu ezingavumelaniyo nokuthanda kukaThixo—zingamampunge.
USolomon uthi, “Lulinde unyawo lwakho xa sukuba usiya endlwini yoThixo oyinyaniso; yaye sondela ukuze uve.” (INtshumayeli 5:1) Ukuba kunqulo lokwenyaniso lukaYehova uThixo, akungawo amampunge. Phofu ke, ukunikel’ ingqalelo kulwalamano lwethu kunye naye kukhokelela kubomi obunentsingiselo.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:4-10—Kutshiwo njani ukuba umjikelo wemvelo ‘uyindinisa’? Umhlanganisi ukhankanya kuphela izinto ezintathu ezisisiseko ezibangela ubomi emhlabeni—ilanga, umoya nomjikelo wamanzi. Enyanisweni, mininzi imijikelo yemvelo, yaye intsonkothe kakhulu. Umntu unokuchitha bonke ubomi bakhe efunda ngayo kodwa angade ayiqonde ngokupheleleyo. Ngokuqinisekileyo loo nto inokuba ‘yindinisa.’ Kwakhona kuyadandathekisa ukuthelekisa ubomi bethu obufutshane kunye nendlela ephindaphindeka ngokungapheliyo ngayo le mijikelo. Kwanemigudu eyenziweyo yokufumanisa ezinye izinto ezintsha iyindinisa. Phofu ke, nezo zinto zintsha bathi bayaziyila abantu kukusetyenziswa nje kwemigaqo eyamiselwa nguThixo oyinyaniso nawayisebenzisa ekudaleni.
2:1, 2—Kutheni ohlekayo kusithiwa ‘akanangqondo’? Ukuhleka kunokusenza sizilibale okwethutyana iingxaki esinazo, kwanokuzonwabisa kunokuzenza zibonakale zilula. Sekunjalo, ukuhleka akubuphelisi ubunzima esijamelene nabo. Yiloo nto kusithiwa ukuzonwabisa ngokuhleka ‘akunangqondo.’
3:11—Yintoni uThixo ayenze “yantle ngexesha layo”? Ezinye zezinto uYehova uThixo azenze “zantle” okanye zafaneleka yaye zaluncedo ngexesha elifanelekileyo kukudala uAdam noEva, umnqophiso womnyama, umnqophiso awawenza noAbraham, umnqophiso awawenza noDavide, ukufika kukaMesiya kunye nokubekwa kukaYesu Kristu etroneni njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. Noko ke, kukho nenye into uYehova aya kuyenza ibe ‘ntle’ kwikamva elingekude. Sinokuqiniseka ukuba ihlabathi elitsha lobulungisa liya kubakho ngexesha elifanelekileyo.—2 Petros 3:13.
3:15b—‘UThixo oyinyaniso ukufuna ngayiphi indlela oko kusukelwayo’? ‘Into esukelwayo’ isenokuba zizinto anenjongo yokuzenza uThixo. Ngoxa umjikelo ophindaphindayo wokuzala nokufa, owemfazwe noxolo unokubangela ukuba umntu azive engento yanto aze acinge ukuba ezi zinto ziya kuhlala zisenzeka, uThixo oyinyaniso unokukufuna aze akuzalisekise konke afuna ukukwenza. (INtshumayeli 3:1-10, 15a) ‘Into esukelwayo’ isenokubhekisela nakumalungisa, kuba asoloko esukelwa ngabangendawo. Kule meko, uYehova usoloko ekhangela amalungisa ukuze ‘awabonise amandla akhe.’—2 Kronike 16:9.
5:9—Kwenzeka njani ukuba ‘ingenelo yomhlaba ibe phakathi kwabo bonke’? Bonke abemi bomhlaba baxhomekeke ‘kwingenelo yomhlaba’—kwimveliso yomhlaba. Nokumkani akahlukanga nganto. Ukuze afumane isivuno, intsimi yakhe ifanele inyanyekelwe kakuhle zizicaka zakhe.
Oko Sikufundayo:
1:15. Bubudenge ukuchitha ixesha namandla uzama ukulungisa ingcinezelo nokungabikho kokusesikweni esikubonayo namhlanje. BuBukumkani bukaThixo kuphela obunokuphelisa ubungendawo.—Daniyeli 2:44.
2:4-11. Imisebenzi yenkcubeko, njengokwakha, ukwenza isitiya, umculo nokuphila ubomi obutofotofo ‘kukusukelana nomoya’ kuba zonke ezo zinto azinantsingiselo ebomini yaye azizisi ulonwabo lukanaphakade.
2:12-16. Ubulumko buluncedo kunobuyatha kuba bunokukunceda ekucombululeni ezinye zeengxaki onazo. Xa umntu esifa, ubulumko abumncedi nganto. Nokuba umntu ebedume kangakanani na ngobulumko ebenabo, ulityalwa ngokukhawuleza.
2:24; 3:12, 13, 22. Akuphosakalanga ukunandipha iziqhamo zomsebenzi wezandla zethu.
2:26. Ubulumko bukaThixo, obubangela uvuyo, bunikwa ‘umntu olungileyo phambi koYehova.’ Akunakubufumana obu bulumko ukuba akunalo ulwalamano oluhle noThixo.
3:16, 17. Akukho ngqiqweni ukulindela ukuba kuza kwenziwa okusesikweni kuyo yonke into. Kunokuba sixhalabele izinto ezenzeka ehlabathini namhlanje, sifanele silindele kuYehova alungise izinto.
4:4. Umsebenzi onzima owenziwe ngobugcisa unokwanelisa. Noko ke, ukusebenza nzima kuba nje ufuna ukodlula abanye, kukhuthaza ukhuphiswano yaye kunokubangela intiyo nekhwele. Kubulungiseleli bamaKristu simele sisebenze nzima ngenxa yeentshukumisa ezilungileyo.
4:7-12. Ukuba nolwalamano oluhle nabanye kubaluleke ngaphezu kokuba nezinto eziphathekayo yaye asifanele siluqhawule ngenxa yokusukela ubutyebi.
4:13. Ukuba kwisigxina esithile nobudala abusoloko bubangela ukuba umntu ahlonitshwe. Abo banembopheleleko bafanele benze ngobulumko.
4:15, 16. “Umntwana wesibini”—lowo ungena ezihlangwini zokumkani—kusenokwenzeka ukuba ekuqaleni ebexhaswa ngabo ‘bonke abantu ababengaphambi kwakhe,’ kodwa ‘emva koko abayi kuvuya ngaye.’ Kakade ke, ukuba ngodumileyo kuyinto nje yokwexeshana.
5:2. Imithandazo yethu ifanele icingisiswe kakuhle yaye yenziwe ngentlonelo, kungacikozwa nje.
5:3-7. Ukuzixakekisa ngokufuna izinto eziphathekayo kunokubangela ukuba ingqondo ibhadule ngezinto zokuzingca. Kunokubangela ukuba umntu angonwabi, abe nemibono ebusuku, angabi nabuthongo. Ukuthetha amazwi amaninzi kunokubangela ukuba umntu abonakale esisiyatha yaye unokwenza isibhambathiso esingacingisiswanga kakuhle phambi koThixo. ‘Ukoyika uThixo oyinyaniso’ kusibangela ukuba singenzi nanye kwezi zinto.
6:1-9. Kulunge ngantoni ukuba sisityebi, ukufumana uzuko, ukuphila ubomi obude, nkqu nokuba nentsapho enkulu ukuba akukho nanye esiyinandiphayo kwezi zinto ngenxa yeemeko? ‘Okulunge ngakumbi kukubona ngamehlo,’ okanye ukujamelana nobomi bokwenene, ‘kunokuhambahamba komphefumlo [kunokuzabalazela izinto ezinqwenelwa ngumphefumlo],’ oko kukuthi, ukuzabalazela ukwanelisa iminqweno ongenakuyifikelela. Ngoko ke, ubomi bokwenene kukuba saneliswe ‘sisixhaso nesambatho’ esinaso ngoxa sinandipha izinto ezibalulekileyo ebomini yaye sinikel’ ingqalelo ekugcineni ulwalamano olusondeleyo noYehova.—1 Timoti 6:8.
ISILULEKO ESIYA KWIZILUMKO
Sinokulilondoloza njani igama okanye udumo lwethu oluhle? Sifanele sibe njani isimo sethu sengqondo nxamnye nabalawuli abangabantu nokungekho sikweni esikubonayo? Ekubeni abafi bengazi nto, sifanele siphile ubomi obunjani? Ulutsha lunokulisebenzisa njani ixesha namandla alo ngobulumko? Icebiso elisengqiqweni lomhlanganisi kule mibandela neminye lifumaneka kwiNtshumayeli isahluko 7 ukusa kwese-12.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
7:19—Ubulumko bunamandla ngakumbi “kunamadoda alishumi asemagunyeni” ngayiphi indlela? EBhayibhileni ishumi lifuzisela ukuphelela kwezinto. USolomon uthi ukukhuselwa bubulumko kungaphezu kokulindwa kwesixeko ngawo onke amadoda angabaphumi-mkhosi.
10:2—Lithetha ntoni ibinzana elithi intliziyo yomntu ‘ingasekunene kwakhe’ okanye ‘ingasekhohlo kwakhe’? Ekubeni isandla sasekunene sibhekisela ekukholekeni, ukuthi intliziyo yomntu ingasekunene kuthetha ukuba intliziyo yakhe imshukumisela ekubeni enze okuhle. Xa ibangela ukuba umntu afune ukwenza okubi, kuthiwa ingasekhohlo.
10:15—‘Ukusebenza nzima kweziyatha kuzityhafisa’ njani? Ukuba umntu akanangqiqo, ukusebenza nzima kwakhe akuvelisi nto ilungileyo. Akaneliseki ngumsebenzi wakhe. Ukubulaleka kwakhe kuyamtyhafisa.
11:7, 8—Lithetha ukuthini eli solotya: “Kumnandi ukukhanya, yaye kulungile emehlweni ukulibona ilanga.” Ukukhanya nelanga zibangela ukuba sibunandiphe ubomi. Apha uSolomon uthi kumnandi ukuphila yaye simele sibe “nemihlali” ngaphambi kokuba siphelelwe ngamandla okwenza izinto ngenxa yemihla yobumnyama, okanye yobudala.
11:10—Kutheni “ubutsha nokuza ngobuso ebomini” kungamampunge? Ukuba ayisetyenziswa kakuhle, ingamampunge, kuba njengomphunga, imihla yobutsha ithi shwaka.
Oko Sikufundayo:
7:6. Ukuhleka ngexesha elingafanelekanga kucaphukisa njengokuqhuqhumba kwameva abaswe phantsi kwembiza. Sifanele sikulumkele ukuhleka ngexesha elingafanelekanga.
7:21, 22. Asifanele sizixhalabise ngokugqithisileyo ngezinto ezithethwayo ngathi.
8:2, 3; 10:4. Xa sigxekwa okanye silungiswa ngumphathi okanye umqeshi, ubulumko kukuba sizole. Oku kubhetele kunokuba ‘sikhawuleze sisuke ebusweni bakhe,’ oko kukuthi, sishiye loo msebenzi singacinganga.
8:8; 9:5-10, 12. Sinokufa singalindelanga kanye njengeentlanzi ezibanjiswa ngomnatha okanye njengeentaka ezibanjiswa ngesabatha. Ngaphezu koko, akakho umntu onokukuthintela ukufa, okanye onokukhululwa kutshaba ukufa. Ngenxa yoko, asifanele sidlale ngexesha. UYehova ufuna sibuxabise ubomi yaye sibunandiphe ngokusengqiqweni. Ukuze sikwazi ukwenza oku, sifanele sibeke inkonzo kaYehova kuqala ebomini bethu.
8:16, 17. Asinakuyazi yonke into ayenzileyo uThixo nayivumeleyo ukuba yenzeke eluntwini, nokuba singade sincame ubuthongo sizama ukuyazi. Ukuzikhathaza ngazo zonke izinto eziphosakeleyo ezenziwayo kuya kusenza singonwabi ebomini.
9:16-18. Ubulumko bumele buxatyiswe kwanaxa lowo unabo edelekile. Amazwi azolileyo esilumko aviwa ngakumbi kunesikhalo somntu osisiyatha.
10:1. Simele siyilumkele into esiyithethayo nesiyenzayo. Ukwenza ngobuyatha, njengokudubula komsindo, ukusebenzisa kakubi utywala isihlandlo nje esinye, okanye isiganeko esibandakanya ukuziphatha kakubi ngokwesini, kuyalonakalisa igama elihle lomntu ohlonitshiweyo.
10:5-11. Umntu ongenabuchule kwisigxina esiphakamileyo akamele amonelwe. Ukungabi nabuchule kumsebenzi nje olula kunokuba nemiphumo engathandekiyo. Kunoko, ukuhlakulela ubuchule ‘bokusebenzisa ubulumko ukuze uphumelele’ kuluncedo. Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuwenza ngobuchule umsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi!
11:1, 2. Sifanele sibe nobubele obuphuma entliziyweni. Ngaloo ndlela nathi siya kwenzelwa ububele.—Luka 6:38.
11:3-6. Iimeko ezingaqinisekanga zobomi azifanele zisenze sithandabuze.
11:9; 12:1-7. Abantu abaselula baza kuphendula kuYehova. Ngoko ke, bafanele basebenzise ixesha namandla abo enkonzweni kaThixo ngaphambi kokuba babe badala.
MASIKHOKELWE “NGAMAZWI EZILUMKO”
Sifanele siwajonge njani “amazwi ayolisayo” awayefuna ukuwafumana nokuwabhala umhlanganisi? Ngokwahlukileyo ‘kwiincwadi ezininzi’ ezibhalwe ngobulumko babantu, “amazwi ezilumko anjengeemviko, yaye kanye njengezikhonkwane ezibethelelwe zatshona banjalo abazifica ngokuqokelela izivakalisi; banikwe ngumalusi omnye.” (INtshumayeli 12:10-12) Amazwi obulumko aphuma ‘kumalusi omnye,’ uYehova, abangela ukuba sizinze ebomini.
Ukusebenzisa isiluleko sobulumko esikwincwadi yeNtshumayeli kuya kwenza ubomi bethu bube nentsingiselo yaye siya konwaba. Ngaphezu koko, siqinisekiswa ngala mazwi: “Kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo.” Ngoko ke, masizimisele ‘ukoyika uThixo oyinyaniso size sigcine imiyalelo yakhe.’—INtshumayeli 8:12; 12:13.
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Omnye wemisebenzi emihle yezandla zikaThixo uya kubonakala ngexesha elifanelekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Izipho zikaThixo ziquka ukutya, iziselo, nokubona okuhle ekusebenzeni nzima kwethu