ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi KaObhadiya, uYona noMika
“UMBONO kaObhadiya.” (Obhadiya 1) La ngamazwi agabul’ zigcawu encwadi kaObhadiya. Lo mprofeti akukho kwanto ayithethayo ngaye ngaphandle kokuchaza igama lakhe ethiywe ngalo le ncwadi ayibhala ngowama-607 B.C.E. Kwincwadi eyagqitywa kwiinkulungwane ezimbini ngaphambili, umprofeti uYona uchaza amava aye watyhubela kuwo kwisabelo sakhe sobuvangeli. Iminyaka engama-60 yomprofeti uObhadiya noYona, isusela kunyaka we-777 B.C.E. ukusa kowe-717 B.C.E. Ekuphela kwento asixelela yona uMika ngaye kukuba ‘ngowaseMoresheti,’ nokuba ilizwi likaYehova lafika kuye “ngemihla kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda.” (Mika 1:1) Ukuqhelana kwalo mprofeti nobomi basemaphandleni kudizwa yimizekeliso ayisebenzisayo ukuze abethelele iingongoma zesigidimi sakhe.
UEDOM “KUYA KUFUNEKA ANQUNYULWE UKUSA KWIXESHA ELINGENAMMISELO”
Mayela noEdom, uObhadiya uthi: “Ngenxa yokugonyamela umntakwenu uYakobi, uya kugutyungelwa lihlazo, yaye kuya kufuneka unqunyulwe ukusa kwixesha elingenammiselo.” Lo mprofeti usalukhumbula kakuhle ugonyamelo olwenziwe ngamaEdom nxamnye nonyana bakaYakobi—amaSirayeli. Ngowama-607 B.C.E., xa amaBhabhiloni atshabalalisa iYerusalem amaEdom ‘emela ecaleni’ aze ancedisa xa “abasemzini” babehlasela iYerusalem.—Obhadiya 10, 11.
Ngokwahlukileyo koko, indlu kaYakobi iza kukhululwa ekuthinjweni. Isiprofeto sikaObhadiya sithi: “KwiNtaba yaseZiyon kulapho baya kuba khona abo basindileyo, yaye imele ibe yinto engcwele.”—Obhadiya 17.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
5-8—Yintoni ephawulekayo xa kuthelekiswa ukutshatyalaliswa kukaEdom nokufika kwabaphangi ngobusuku nabavuni beediliya? Ukuba amasela ayeze kwaEdom, ayeza kuthabatha oko akufunayo kuphela. Ukuba kwakuze abavuni, babeza kubashiyela izityalo ezazinokubhikicwa. Esakuwa uEdom, ubutyebi bakhe buyakuphangwa bonke ‘ngawo kanye amadoda anqophisene naye’—amahlakani akhe, amaBhabhiloni.—Yeremiya 49:9, 10.
10—UEdom wayeza ‘kunqunyulwa njani ukusa kwixesha elingenammiselo’? Njengokuba kwakuxelwe kwangaphambili, isizwe sakwaEdom, esasinorhulumente nabantu ababehlala kwindawo ethile apha emhlabeni sabhanga. UKumkani uNabhonidas waseBhabhiloni wawoyisa amaEdom malunga nesiqingatha senkulungwane yesithandathu Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo. Ngenkulungwane yesine Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo kumhlaba wakwaEdom kwakuhlala amaNabataea, wona amaEdom ayehlala emazantsi elakwaYuda, ummandla waseNegebhi owabizwa ngokuba yiDuma kamva. Emva kokuba amaRoma eyitshabalalisile iYerusalem ngowama-70 C.E., isizwe sakwaEdom sabhanga.
Oko Sikufundayo:
3, 4. Ekubeni babehlala kummandla weentaba eziphakamileyo eziyimixawuka nemiwonyo eyayisenza lungakwazi ukuhlasela utshaba, le meko yabangela ukuba amaEdom acinge ukuba akhuselekile kwaye anqabisekile. Kodwa awunakubhungca kwimigwebo kaYehova.
8, 9, 15. Ubulumko namandla abantu awasayi kubakhusela ‘ngemini kaYehova.’—Yeremiya 49:7, 22.
12-14. AmaEdom angumzekelo omhle woko kuya kwenzeka kwabo bahlekisa ngabakhonzi bakaThixo xa befikelwa bubunzima. UYehova akakuthabathi lula ukuphathwa kakubi kwabantu bakhe.
17-20. Isiprofeto sokubuyiselwa esiphathelele oonyana bakaYakobi saqala ukuzaliseka xa intsalela yabathinjwa yabuyela eYerusalem ngowama-537 B.C.E. Ilizwi likaYehova lisoloko lizaliseka. Sinokuzithemba ngokupheleleyo izinto aye wazithembisa.
“ININIVE IZA KUBHUKUQWA”
Kunokuba athobela umyalelo kaThixo wokuba ‘aye eNineve isixeko esikhulu, aze abhengeze nxamnye naso’ umgwebo kaThixo, uYona uya kwelinye icala. UYehova wabangel’ ukuba kubhudle “umoya omkhulu elwandle” waze wasebenzisa ‘nentlanzi enkulu,’ ukuze imsindise, ekugqibeleni uYehova uthuma uYona kwikomkhulu laseAsiriya isihlandlo sesibini.—UYona 1:2, 4, 17.; 3:1, 2.
UYona ungena eNinive aze engafihli makhuba abhengeze isigidimi sakhe esithi: “Ziintsuku ezingamashumi amane kuphela, ibhukuqwe iNineve.” (Yona 3:4) Ukuguquka kwezinto ngenxa yokushumayela kwakhe kwamtsho “wavutha ngumsindo.” UYehova usebenzisa umthi ekuthiwa ngumhlavuthwa ukuze afundise uYona isifundo senceba.—Yona 4:1, 6.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
3:3—Ngaba ngokwenene ubukhulu beNinive babulingana “nomgama onokulingana nohambo lweentsuku ezintathu”? Ewe, kumaxesha amandulo iNinive yayiquka eminye imimandla eyayisusela eKhorsabad esemntla ukusa eNimrud [Kala] esemzantsi. Yonke le mimandla yayimile njengonxantathu iphantsi kweNinive yaye yayimalunga neekhilomitha ezili-100 ububanzi.
3:4—Ngaba uYona kwafuneka afunde ulwimi lwaseAsiriya kuqala ngaphambi kokuba ashumayele kubantu baseNinive? Mhlawumbi uYona wayesele elwazi ulwimi lwaseAsiriya, okanye wafunda ukuluthetha ngokungummangaliso. Mhlawumbi isigidimi sakhe wayesibhengeza ngesiHebhere, kukho umntu ositolikayo. Ukuba wasebenzisa le ndlela yokugqibela, amazwi akhe ayeza kubenza babenomdla ngakumbi abantu baseNinive kwisigidimi sakhe.
Oko Sikufundayo:
1:1-3. Ukwenza ezinye izinto ukuze ungabi nanxaxheba ngokuzeleyo kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi kudiza intsusa engatshongo khona. Umntu owenza loo nto osibalekayo isabelo sakhe ngokungathi kunjalo ubaleka isabelo asinikwe nguThixo.
1:1, 2; 3:10. Inceba kaYehova ayijoliswanga kuhlanga olunye, kubantu bebala elithile okanye kubantu abakhethekileyo. “UYehova ulungile kubo bonke, neenceba zakhe zikuyo yonke imisebenzi yakhe.”—INdumiso 145:9.
1:17; 2:10. Amava kaYona okuginywa yintlanzi enkulu kangangeentsuku nobusuku obuthathu ngokuprofetayo afuzisela ukufa nokuvuka kukaYesu.—Mateyu 12:39, 40; 16:21.
1:17; 2:10; 4:6. UYehova wamhlangula uYona kulwandle olulwayo. UThixo “wamisela umhlavuthwa, ukuba ube phezu kukaYona ukuze ube ngumthunzi phezu kwentloko yakhe, ukuze umhlangule kwimo yakhe eyintlekele.” Nanamhlanje abanquli bakaYehova banokukholosa ngoThixo wabo, nakububele bakhe bothando, ukuze abakhusele aze abahlangule.—INdumiso 13:5; 40:11.
2: 1, 2, 9, 10. UYehova uyayiphulaphula imithandazo nezibongozo zabakhonzi bakhe.—INdumiso 120:1; 130:1, 2.
3:8, 10. UThixo wokwenyaniso “wazisola,” okanye wayitshintsha indlela acinga ngayo nentlekele awayethethe ngayo akazange ‘ayizise.’ Ngoba? Kaloku abantu baseNinive “babebuyile endleleni yabo embi.” Ngendlela efanayo namhlanje, umgwebo oqatha kaThixo unokuphetshwa ukuba umoni ubonisa inguquko enyanisekileyo.
4:1-4. Akakho umntu onokukwazi ukulawula inceba kaThixo. Simele silumke singamgxeki uYehova xa ebonisa inceba.
4:11. Ngomonde uYehova ubangela ukuba isigidimi soBukumkani sishunyayelwe emhlabeni wonke—njengokuba wenzayo kumadoda aseNinive angama-120 000—uba novelwano ngabo “bangawaziyo konke konke umahluko phakathi kwesandla sabo sasekunene nesasekhohlo.” Ngaba asimele sibe novelwano ngabantu abakwintsimi yethu size sibe nenzondelelo ngakumbi kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nokwenza abafundi.”—2 Petros 3:9.
‘IMPANDLA YABO IZA KWENZIWA BANZI’
UMika ubhenca izono zakwaSirayeli nakwaYuda, ukuxela kwangaphambili ukutshatyalaliswa kwamakomkhulu abo kwaye uthembisa ukuba baza kubuyiswa. Isixeko saseSamariya siza ‘kwenziwa imfumba yamanxuwa asendle.’ Ngenxa yekhondo labo lokukrexeza, uSirayeli noYuda bafanele baphume ‘impandla,’ okanye ihlazo. Ekubeni beye bathunyelwa ekuthinjweni, impandla yabo iza kwenziwa banzi “njengaleyo yokhozi”—imele ukuba lixhalanga olu khozi kuthethwa ngalo apha ekubeni ililo elingenazintsiba entloko. UYehova uthembisa ukuba: “Ngokuqinisekileyo ndiya kumhlanganisa uYakobi.” (Mika 1:6, 16; 2:12) Ngenxa yeenkokeli ezonakeleyo nabaprofeti abangendawo, “neYerusalem iya kuba yimfumba nje yamanxuwa.” Kodwa uYehova uza ‘kubaqokelela ndawonye abantu bakhe.’ Nakuwe, “Bhetelehem Efrata,” kuza kuphuma “lowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli.”—Mika 3:12; 4:12; 5:2.
Ngaba uYehova akazange aqhubane kakuhle noSirayeli? Ngaba izinto awayefuna bazenze zazinzima gqitha? Nakanye. Into afuna bayenze abakhonzi bakhe kukuba ‘baqhelisele okusesikweni bathande ububele nokuthozama’ ekuhambeni noThixo wabo. (Mika 6:8) Nangona, abantu ababephila ngemihla kaMika, babonakele gqitha kangangokuba “oyena ulungileyo wabo unjengekhakakhaka, oyena uthe tye kubo mbi kunothango lwameva,” babemvisa intlungu nabani na osondela kubo. Kodwa umprofeti ubuza oku: “Ngubani na onguThixo onjengawe [Yehova]?” Kwakhona uThixo uza kubonisa inceba kubantu bakhe “uya kuziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo.”—Mika 7:4, 18, 19.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
2:12—Sazaliseka nini isiprofeto ‘sokuqokelelwa ndawonye kwabo baseleyo bakwaSirayeli’? Esi siprofeto sazaliseka okokuqala ngowama-537 B.C.E. xa intsalela yamaYuda athinjiweyo yabuyela kwilizwe lawo ivela ekuthinjweni eBhabhiloni. Kumaxesha anamhlanje, esi siprofeto sibhekisela ‘kuSirayeli kaThixo.’ (Galati 6:16) Ukususela ngowe-1919, amaKristu athanjisiweyo ebeqokelelwa “njengomhlambi phakathi kwedlelo lawo.” Ekubeni bethelelwa ‘sisihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu,’ ngokukodwa ukususela ngowe-1935, baye benza “ingxokozelo ngenxa yobuninzi babantu.” (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:16) Bonke, bakhuthaza unqulo olunyulu.
4:1-4—“Ekupheleni kwemihla,” uYehova “Uwunikela njani umgwebo phakathi kwezizwana ezininzi, aze alungelelanise imicimbi ngokuphathelele iintlanga ezinamandla ezikude”? Ibinzana elithi ‘kwizizwana ezininzi’ nelithi ‘iintlanga ezinamandla’ awabhekiseli kumaqela eentlanga okanye amaqela ezopolitiko. Kunoko la mabinzana abhekisela kubantu abaphuma kwezi ntlanga abaye baba ngabanquli bakaYehova. UYehova unikela umgwebo aze alungelelanise izinto ngengqiqo yokomoya.
Oko Sikufundayo:
1:6, 9; 3:12; 5:2. Njengokuba kwakuxelwe kwangaphambili, ikomkhulu laseSamariya latshatyalaliswa yiAsiriya ngowama-740 B.C.E.—ngoxa wayesaphila noMika. (2 Kumkani 17:5, 6) Ama-Asiriya ahlasela ada aya kufika naseYerusalem ngexesha lokulawulwa kukaHezekiya. (2 Kumkani 18:13) IYerusalem yatshatyalaliswa yimikhosi yaseBhabhiloni ngowama-607 B.C.E. (2 Kronike 36:19) Njengokuba kwakuprofetiwe, uMesiya wazalelwa “eBhetelehem Efrata.” (Mateyu 2:3-6) Alizange lisilele ilizwi likaYehova lesiprofeto.
2:1, 2. Besiya kuba sizifaka engozini ukuba besinokuthi sikhonza uThixo sibe sifuna ubutyebi kunokuba sifune “ubukumkani nobulungisa bakhe.”—Mateyu 6:33; 1 Timoti 6:9, 10.
3:1-3, 5. UYehova ulindele ukuba abantu abanembopheleleko phakathi kwabantu bakhe bazenze kakuhle izinto.
3:4. Ukuba sifuna uYehova aphendule imithandazo yethu, asimele sone okanye siphile ubomi obumbaxa.
3:8. Uthumo lwethu lokushumayela iindaba ezilungileyo, eziquka isigidimi somgwebo, sinokulwenza kuphela xa sisomelezwa nguYehova ngomoya wakhe.
5:5. Isiprofeto sikaMesiya siyasiqinisekisa ukuba xa abantu bakaThixo behlaselwa ziintshaba zabo,uYehova uya kuvelisa “abalusi abasixhenxe [abamela ukuphelela kwezinto],” ‘neendwalutho ezisibhozo’—iqela lamadoda—akwaziyo ukukhokela phakathi kwabantu bakhe.
5:7, 8. Kubantu abaninzi namhlanje abathanjiswa ‘banjengombethe ovela kuYehova’—intsikelelo evela kuThixo. Oku kubangelwa kukuba usebenzisa abathanjiswa ukuze bashumayele isigidimi soBukumkani. “Ezinye izimvu” zinceda abantu babe nolwalamano noThixo ngokuncedisa abathanjiswa kumsebenzi wokushumayela. (Yohane 10:16) Hayi indlela ekulilungelo ngayo ukuba nesabelo kulo msebenzi, obahlaziya ngokwenene abanye!
6:3, 4. Simele sixelise uYehova uThixo sibe nobubele nemfesane kwanakwabo singavisisaniyo nabo okanye ababuthathaka ngokomoya.
7:7. Ekubeni le nkqubo yezinto ingendawo isiya ekupheleni, asimele siphelelwe lithemba. Kunoko, njengoMika, kufuneka ‘sibonise isimo sengqondo sokulindela kuThixo [wethu].”
7:18, 19. Ekubeni uYehova ekulungele ukuxolela impazamo zethu, nathi simele sibaxolele abo basonayo.
Qhubeka ‘Uhamba Egameni LikaYehova’
Abo balwa noThixo nabantu bakhe ‘kuya kufuneka banqunyulwe ukusa kwixesha elingenammiselo.’ (Obhadiya 10) Noko ke, umsindo kaYehova usenokuthintelwa ukuba siyazithobela izilumkiso zobuthixo size ‘sibuye endleleni ezimbi.’ (Yona 3:10) “Ekupheleni kwemihla,” oko kukuthi “ngemihla yokugqibela,” unqulo lokwenyaniso luya kuphakanyiswa kunonqulo lobuxoki yaye abathobekileyo bayaphokoka besiya kulo. (Mika 4:1; 2 Timoti 3:1) Ngamana singazimisela ‘ukuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade.’—Mika 4:5.
Ezinjani ukubaluleka izifundo esizifunda kwincwadi kaObhadiya, uYona noMika. Nangona zabhalwa kwiminyaka engama-2 500 isigidimi sazo ‘siphilile, sinamandla,’ nanamhlanje.—Hebhere 4:12.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
UObhadiya waprofeta wathi: “[UEdom] kuya kufuneka anqunyulwe ukusa kwixesha elingenammiselo”
[Umfanekiso okwiphepha 15]
UMika ‘wayenesimo sengqondo sokulindela kuYehova,’ nawe unokuba naso
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Umsebenzi wokushumayela lilungelo elimele lixatyiswe