Ningamvuleli Indawo UMtyholi
“Ningamniki thuba uMtyholi.”—EFESE 4:27, Byington.
1. Yintoni ebangela ukuba abantu abaninzi bathandabuze ukuba uMtyholi ukho?
KANGANGEENKULUNGWANE, abantu abaninzi babecinga ukuba uMtyholi sisidalwa esineempondo neempuphu ezicandekileyo, sinxibe ezibomvu yaye siphethe ifolokhwe yokufaka abantu abangendawo esihogweni somlilo. IBhayibhile ayikuxhasi oko. Noko ke, ngokungathandabuzekiyo ezo ngcamango ziphosakeleyo ziye zabangela ukuba izigidi zabantu zibuthandabuze ubukho bukaMtyholi okanye zicinge ukuba eli gama libhekisela nje kwingcinga engendawo.
2. Zithini iZibhalo ngoMtyholi?
2 IBhayibhile inikela ubungqina obucacileyo bokuba uMtyholi ukho. UYesu Kristu wambona kummandla wokomoya osemazulwini yaye ngoxa wayesemhlabeni wathetha naye. (Yobhi 1:6; Mateyu 4:4-11) Nangona iZibhalo zingalichazi elona gama lesi sidalwa somoya, zisibiza ngokuba nguMtyholi (gama elo lithetha “uMhlebi”) kuba sahleba uThixo. Sikwabizwa ngokuba nguSathana (elithetha “uMchasi”), kuba sichasa uYehova. USathana uMtyholi ubizwa ngokuba ‘yinyoka yantlandlolo,’ kuba mhlawumbi wasebenzisa inyoka xa wayekhohlisa uEva. (ISityhilelo 12:9; 1 Timoti 2:14) Ukwabizwa nangokuba ‘ngongendawo.’—Mateyu 6:13.a
3. Nguwuphi umbuzo esiza kuwuhlolisisa?
3 Njengabakhonzi bakaYehova, asifuni nakancinane ukufana noSathana, ololona tshaba luphambili lokuphela koThixo oyinyaniso. Ngoko, simele sithobele isiluleko sikampostile uPawulos, esithi: “Ningamniki thuba uMtyholi.” (Efese 4:27, Byington) Ziziphi ezinye zeempawu zikaSathana esimele singazixelisi?
Musa Ukuxelisa Umhlebi Omkhulu
4. ‘Ongendawo’ wamhleba wathini uThixo?
4 ‘Lowo ungendawo’ limfanele igama elithi uMtyholi, kuba ungumhlebi. Ukuhleba kukuthetha ubuxoki nokunyelisa omnye umntu. UThixo wathi kuAdam: “Wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Genesis 2:17) UEva wayekuxelelwe oku kodwa uMtyholi, esebenzisa inyoka wathi kuye: “Ngokuqinisekileyo anisayi kufa. Kuba uThixo uyazi ukuba mhla nithe nadla kuzo aya kuvuleka amehlo enu nize nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” (Genesis 3:4, 5) Ngaloo ndlela wayehleba uYehova uThixo!
5. Kutheni le nto uDiyotrefe wayefanele aphenduliswe ngokuhleba kwakhe?
5 Kwathiwa kumaSirayeli: “Uze ungahambi unyelisa [okanye, uhleba] phakathi kwabantu bakowenu.” (Levitikus 19:16) Umpostile uYohane wathi ngokuphathelele umntu owayehleba ngexesha lakhe: “Ndalibhalela ibandla, kodwa uDiyotrefe, othanda ukuba kwindawo yokuqala phakathi kwabo, akayamkeli ngembeko nantoni na evela kuthi. Ngoko ke, ukuba ndithe ndafika, ndiya kuyikhumbula imisebenzi yakhe aqhubeka eyenza, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo.” (3 Yohane 9, 10) UDiyotrefe wayehleba uYohane yaye wayefanele aphenduliswe ngenxa yaloo nto. Nguwuphi umKristu onokufuna ukufana noDiyotrefe, axelise uSathana umhlebi omkhulu?
6, 7. Kutheni simele sikuphephe ukuhleba abanye?
6 Abakhonzi bakaYehova badla ngokuhletywa yaye badla ngokutyholwa ngezinto ezibubuxoki. ‘Ababingeleli abaziintloko nababhali, babemmangalela kabukhali uYesu.’ (Luka 23:10) UPawulos watyholwa nguMbingeleli Omkhulu uAnaniyas nangabanye. (IZenzo 24:1-8) Yaye iBhayibhile ithi uSathana ‘ngummangaleli wabazalwana bethu, obamangalela imini nobusuku phambi koThixo wethu.’ (ISityhilelo 12:10) Abo bazalwana bethu bamangalelwa ngobuxoki, ngamaKristu athanjisiweyo aphila apha emhlabeni kule mihla yokugqibela.
7 Akukho mKristu ufanele ahlebe omnye umntu okanye amtyhole ngobuxoki. Ukanti, loo nto inokwenzeka xa sinikela ubungqina nxamnye nomnye umntu singazazi zonke iinkcukacha. Phantsi koMthetho kaMoses umntu onikela ubungqina bobuxoki ngomnye umntu wayenokubulawa. (Eksodus 20:16; Duteronomi 19:15-19) Ngapha koko, enye yezinto azithiyileyo uYehova “lingqina elixokayo elifutha ubuxoki.” (IMizekeliso 6:16-19) Ngoko ke, ngokuqinisekileyo, sifuna ukukuphepha ukuxelisa oyena mhlebi nomtyholi ophambili.
Ziphephe Iindlela Zombulali Wamandulo
8. Kunokutshiwo njani ukuba uMtyholi “wayesisibulala-mntu kwasekuqaleni”?
8 UMtyholi ngumbulali. UYesu wathi: “Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqaleni.” (Yohane 8:44) USathana waba ngumbulali ukususela kwisiganeko sokuqala sokwahlukanisa uAdam noEva noThixo. Nguye owabangela ukuba isibini sokuqala esingabantu kunye nenzala yaso sife. (Roma 5:12) Phawula ukuba esi senzo sinokunxulunyaniswa nomntu kungekhona nje ingcamango engendawo.
9. Njengoko kuboniswe kweyoku-1 kaYohane 3:15 sinokuba ngabo njani ababulali?
9 Omnye weMiyalelo Elishumi eyanikwa amaSirayeli uthi: “Uze ungabulali.” (Duteronomi 5:17) Ebhalela amaKristu, umpostile uPetros wathi: “Makungabikho namnye kuni obandezeleka ngenxa yokuba engumbulali.” (1 Petros 4:15) Ngoko, njengabakhonzi bakaYehova asinakubulala mntu. Ukanti, unetyala phambi koThixo ukuba kukho umKristu omthiyileyo yaye unqwenela nokuba afe. Umpostile uYohane wabhala wenjenje: “Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu, yaye niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi obungunaphakade obuhleliyo kuso.” (1 Yohane 3:15) AmaSirayeli anikwa lo myalelo: “Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho.” (Levitikus 19:17) Ngamana singazilungisa ngokukhawuleza iingxaki eziphakathi kwethu namanye amakholwa ukuze isibulala-mntu esinguSathana singonakalisi umanyano lwethu lobuKristu.—Luka 17:3, 4.
Yima Uqinile Nxamnye Nexoki Elikhulu
10, 11. Yintoni esimele siyenze ukuze sime siqinile nxamnye nexoki elikhulu, uSathana?
10 UMtyholi lixoki. UYesu wathi: “Xa ethetha ubuxoki, uthetha ngokotyekelo lwakhe, kuba ulixoki noyise wabo ubuxoki.” (Yohane 8:44) USathana waxokisa uEva ukanti ngokwahlukileyo koko uYesu weza emhlabeni ukuze angqinele inyaniso. (Yohane 18:37) Ukuze sime siqinile nxamnye noMtyholi njengabalandeli bakaKristu, asimele sixoke yaye asimele sikhohlise. Simele ‘sithethe inyaniso.’ (Zekariya 8:16; Efese 4:25) ‘UYehova uThixo wenyaniso’ usikelela kuphela amaNgqina akhe anyanisekileyo. Abangendawo abanalungelo lokuba ngabameli bakhe.—INdumiso 31:5; 50:16; Isaya 43:10.
11 Ukuba siyayixabisa inkululeko yokomoya esinayo nxamnye nobuxoki bukaSathana, siya kubambelela kubuKristu ‘obuyindlela yenyaniso.’ (2 Petros 2:2; Yohane 8:32) Xa zizonke iimfundiso zobuKristu ‘ziyinyaniso yeendaba ezilungileyo.’ (Galati 2:5, 14) Usindiso lwethu luxhomekeke ‘ekuqhubekeni kwethu sihamba enyanisweni’—sinamathele kuyo size sime siqinile nxamnye ‘noyise wobuxoki.’—3 Yohane 3, 4, 8.
Mxhathise Oyena Mwexuki Uphambili
12, 13. Simele sibajonge njani abawexuki?
12 Isidalwa somoya esajika saba nguMtyholi sakha sasenyanisweni ngaphambili. Kodwa uYesu wathi: ‘Asizange sime enyanisweni, kuba inyaniso ayikho kuso.’ (Yohane 8:44) Lo mwexuki uphambili uye waqhubeka echasa ‘uThixo wenyaniso.’ Amanye amaKristu enkulungwane yokuqala abanjiswa ‘ngumgibe kaMtyholi,’ aza aba ngamaxhoba akhe ngenxa yokuba wawalahlekisa aza aphambuka kwindlela yenyaniso. Ngoko uPawulos wabongoza uTimoti owayesebenza kunye naye ukuba awafundise ngobulali ukuze achache ngokomoya aze aphume emgibeni kaSathana. (2 Timoti 2:23-26) Kakade ke, kufuneka sibambelele ngokuqinileyo enyanisweni ukuze singabanjiswa ziingcamango zabawexuki.
13 Ngenxa yokuphulaphula uMtyholi nokukholelwa ubuxoki bakhe, isibini sokuqala sawexuka. Ngoko, ngaba sifanele sibaphulaphule abawexuki, sifunde iincwadi zabo okanye sijonge amajelo abo kwi-Internet? Ukuba siyamthanda uThixo nenyaniso, asiyi kuyenza loo nto. Asimele sibavumele abawexuki bangene kumakhaya ethu yaye asimele sibabulise nokubabulisa, kuba ngokwenjenjalo siya kuba ‘sinesabelo kwimisebenzi yabo engendawo.’ (2 Yohane 9-11) Ngamana asingenikezeli kumaqhinga kaMtyholi ngokushiya “indlela yenyaniso” yobuKristu size silandele abo bafundisa ubuxoki “abeza neengcamango ezonakalisayo” baze bazame ‘ukusixhaphaza ngamazwi agqwethiweyo.’—2 Petros 2:1-3, Byington.
14, 15. UPawulos wabalumkisa wathini abadala base-Efese noTimoti owayesebenza kunye naye?
14 UPawulos wathi kubadala abangamaKristu base-Efese: “Zilumkeleni nina nawo wonke umhlambi, ekuthe phakathi kwawo umoya oyingcwele wanimisela nangabaveleli, ukuba nilaluse ibandla likaThixo, elo walithenga ngegazi lowakhe uNyana. Ndiyazi ukuba emva kokumka kwam kuya kungena iingcuka ezicinezelayo phakathi kwenu yaye aziyi kuwuphatha ngemfesane umhlambi, kwaye phakathi kwenu kuya kusuka amadoda aze athethe izinto ezijijekileyo ukuze abatsale abafundi emva kwawo.” (IZenzo 20:28-30) Ekuhambeni kwexesha, abawexuki abanjalo bavela yaye ‘babethetha izinto ezijijekileyo.’
15 Malunga nowama-65 C.E., umpostile uPawulos wabongoza uTimoti ukuba ‘aliphathe ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso.’ Wahlabela mgama wathi: “Kodwa zicezele iintetho ezililize, ezihlambela oko kungcwele; kuba baya kuhambela phambili ekungabini nabuthixo, nemfundiso yabo iya kusasazeka njengesilonda esibhidlayo. UHimenayo noFileto ngabanye babo. Bona kanye aba bantu baye baphambuka enyanisweni, besithi uvuko selufikile; yaye bayalubhukuqa ukholo lwabathile.” Kwakuqalise uwexuko! UPawulos walek’ umsundulo wathi: “Noko ke, simi ngokuqinileyo isiseko sikaThixo.”—2 Timoti 2:15-19.
16. Nakuba oyena mwexuki ophambili esebenzisa amaqhinga, yintoni eye yasenza sanyaniseka kuThixo nakwiLizwi lakhe?
16 USathana uye wasebenzisa abawexuki ngenjongo yokuzama ukungcolisa unqulo lokwenyaniso kodwa uye watsho phantsi. Malunga nowe-1868, uCharles Taze Russell waqalisa ukuhlolisisa ngenyameko iimfundiso zeecawa zeNgqobhoko waza waphawula ukuba “iZibhalo zazitolikwa ngendlela engachananga.” Lo kaRussell ekunye nabanye abathandi benyaniso abambalwa baseka iklasi yezifundo zeBhayibhile ePittsburgh, ePennsylvania, eUnited States. Kwiminyaka emalunga ne-140 ukususela ngelo xesha, abakhonzi bakaYehova baye banolwazi nothando olungakumbi ngoThixo nangeLizwi lakhe. Nakuba oyena mwexuki ophambili esebenzisa amaqhinga, la maKristu athembekileyo aye ahlala enyanisekile kuYehova nakwiLizwi lakhe ngenxa yokuncedwa likhoboka elithembekileyo neliyingqondi eliphaphileyo ngokomoya.—Mateyu 24:45.
Ungaze Umvumele Umlawuli Wehlabathi Ukuba Akulawule
17-19. Yintoni ihlabathi elisemandleni kaMtyholi yaye kutheni sifanele singalithandi?
17 Enye indlela azama ukusibambisa ngayo uSathana kukusilukuhlela ukuba sithande ihlabathi—ibutho labantu abangendawo abazahlukanisileyo noThixo. UYesu wabiza uMtyholi ngokuba ‘ngumlawuli wehlabathi’ yaye wathi: “Akanandlela yakubambelela kum.” (Yohane 14:30) Ngamana asingebanjiswa nguSathana! Kakade ke, siyaqonda ukuba “ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) UMtyholi wathembisa ukunika uYesu “zonke izikumkani zehlabathi” ukuba wayenokuwexuka anqule yena—uNyana kaThixo wala wabhebhetha. (Mateyu 4:8-10) Ihlabathi elilawulwa nguSathana libathiyile abalandeli bakaKristu. (Yohane 15:18-21) Kungenxa yoko le nto umpostile uYohane wasilumkisayo ukuba singalithandi ihlabathi!
18 UYohane wabhala wathi: “Musani ukulithanda ihlabathi nezinto ezisehlabathini. Nabani na olithandayo ihlabathi, uthando lukaBawo alukho kuye; kuba konke okusehlabathini—inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi—akuphumi kuBawo, kodwa kuphuma ehlabathini. Ngapha koko, ihlabathi liyadlula nenkanuko yalo, kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.” (1 Yohane 2:15-17) Asimele silithande ihlabathi kuba indlela ekuphilwa ngayo ehlabathini inomtsalane kubantu abanesono yaye ichasene ngokupheleleyo nemilinganiselo kaYehova uThixo.
19 Kuthekani ukuba siziva silithanda eli hlabathi? Simele sithandaze kuThixo ukuze asincede silwe nokuthanda ihlabathi nenkanuko yenyama ehambisana nako. (Galati 5:16-21) Ngokuqinisekileyo, siya kuzabalazela ukuzigcina ‘singenabala kulo ihlabathi’ ukuba sihlala sikhumbula ukuba ‘imikhosi yoomoya abangendawo’ ‘ngabalawuli behlabathi’ abangabonakaliyo abalawula ibutho labantu abangendawo.—Yakobi 1:27; Efese 6:11, 12; 2 Korinte 4:4.
20. Kutheni kunokuthiwa ‘asiyonxalenye yehlabathi’?
20 Ngokuphathelele abafundi bakhe uYesu wathi: “Abayonxalenye yehlabathi, kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.” (Yohane 17:16) AmaKristu athanjisiweyo namaqabane awo azahluleleyo azabalazela ukuhlala ecocekile ngokokuziphatha nangokomoya, nokuhlala ahlukile ehlabathini. (Yohane 15:19; 17:14; Yakobi 4:4) Eli hlabathi lingendawo lisithiyile kuba sahlukile kulo yaye ‘singabashumayeli bobulungisa.’ (2 Petros 2:5) Liyinyaniso elokuba sihlala phakathi kwabantu, ekukho phakathi kwabo abahenyuzi, abakrexezi, abaphangi, abanquli-zithixo, amasela, amaxoki namanxila. (1 Korinte 5:9-11; 6:9-11; ISityhilelo 21:8) Kodwa asiphefumli “umoya wehlabathi,” kuba asilawulwa ngamandla esono.—1 Korinte 2:12.
Ningamvuleli Indawo UMtyholi
21, 22. Unokusisebenzisa njani isiluleko sikaPawulos esifumaneka kwabase-Efese 4:26, 27?
21 Kunokuba siphenjelelwe ‘ngumoya wehlabathi,’ sikhokelwa ngumoya kaThixo osenza sivelise iimpawu ezifana nothando nokuzeyisa. (Galati 5:22, 23) Ezi mpawu zisinceda ukuba sikwazi ukuxhathisa xa uMtyholi ehlasela ukholo lwethu. Ufuna ‘sivuthe ngumsindo size senze ububi,’ kodwa umoya kaThixo uyasinceda ukuba ‘siwuyeke umsindo, sishiye ingqumbo.’ (INdumiso 37:8) Liyinyaniso elokuba zinokubakho izinto ezinokusicaphukisa maxa wambi kodwa uPawulos uthi: “Qumbani, kodwa ningoni; malingatshoni ilanga nicaphukile, ningamvuleli indawo uMtyholi.”—Efese 4:26, 27.
22 Umsindo wethu unokusenza sone ukuba siqumba ixesha elide. Xa kunjalo, sinokumnik’ ithuba uMtyholi lokuba enze kubekho ukungavisisani ebandleni okanye asiphembelele kwizenzo zobungendawo. Ngenxa yoko, sifanele sizilungise ngokukhawuleza iimbambano ezikhoyo phakathi kwethu nabanye ngendlela eyamkelekileyo kuThixo. (Levitikus 19:17, 18; Mateyu 5:23, 24; 18:15, 16) Ngoko ke, masivumele umoya kaThixo usikhokele, sizeyise singaze sivumele ukucaphuka kusikhokelele ekubeni sibe nengqumbo nentiyo.
23. Yiyiphi imibuzo esiza kuyiqwalasela kwinqaku elilandelayo?
23 Siye saxubusha ngemikhwa ethile kaMtyholi esingafanele siyixelise. Kodwa abanye basenokuzibuza: Ngaba sifanele simoyike uSathana? Kutheni exhokonxa abanye ukuba batshutshise amaKristu? Yaye singakuphepha njani ukuba zizisulu zikaMtyholi?
[Umbhalo osemazantsi]
a Funda ungcelele lwamanqaku okuqala olunomxholo othi “Ngaba UMtyholi Ngumntu Wokwenene?” kwiMboniselo kaNovemba 15, 2005.
Ungaphendula Uthini?
• Kutheni singafanele sibahlebe abanye?
• Ngokuvisisana neyoku-1 kaYohane 3:15, unokukuphepha njani ukuba sisibulala-mntu?
• Sifanele sibajonge njani abawexuki yaye ngoba?
• Kutheni singafanele silithande ihlabathi?
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Asisayi kuze sivumele uMtyholi onakalise umanyano lwethu lobuKristu
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
Kwakutheni ukuze uYohane asibongoze ukuba singalithandi ihlabathi?