ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi Eya KwabaseRoma
MALUNGA nowama-56 C.E., ngoxa wayekuhambo lwakhe lwesithathu njengomthunywa wevangeli, umpostile uPawulos ufika kwisixeko saseKorinte. Sel’ evile ngokwahlukana kweembono phakathi kwamaKristu angamaYuda nalawo angengomaYuda eRoma. Ngenjongo yokuwamanyanisa ngokupheleleyo kuKristu, uPawulos uwabhalela ileta.
Kule leta iya kwabaseRoma, uPawulos uchaza indlela abantu abavakaliswa ngayo bengamalungisa nendlela abafanele baphile ngayo. Le leta isinika ulwazi ngoThixo nangeLizwi lakhe, igxininise kububele obungasifanelanga bukaThixo, ize isibonise ukubaluleka kwendima kaKristu kusindiso lwethu.—Heb. 4:12.
UKUVAKALISWA NJENGAMALUNGISA—NJANI?
UPawulos uthi: “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo. Kunjengesipho sesisa ukuvakaliswa kwabo bengamalungisa ngobubele obungasifanelanga [bukaThixo] ngako ukukhululwa ngentlawulelo ngoKristu Yesu.” UPawulos uphinda athi: ‘Umntu uvakaliswa elilungisa ngokholo ngaphandle kwemisebenzi yomthetho.’ (Roma 3:23, 24, 28) Ngokholo ‘kwisenzo esinye sothethelelo,’ amaKristu athanjisiweyo kwakunye namalungu ‘esihlwele esikhulu’ ‘sezinye izimvu’ ‘anokuvakaliswa engamalungisa’—ukuze lawo athanjisiweyo aphile ezulwini njengeendlalifa kunye noKristu size isihlwele esikhulu sibe ngabahlobo bakaThixo, abanethemba lokusinda “embandezelweni enkulu.”—Roma 5:18; ISityhi. 7:9, 14; Yoh. 10:16; Yak. 2:21-24; Mat. 25:46.
UPawulos uyabuza: “Ngaba siya kwenza isono ngenxa yokuba singekho phantsi komthetho kodwa siphantsi kobubele obungasifanelanga?” Kwayena uphendula ngelithi: ‘Nakanye! Ningamakhoboka, nokuba ngawesono ngokubhekisele ekufeni okanye awentobelo ngokubhekisele ebulungiseni.’ (Roma 6:15, 16) Uthi: “Ukuba nithi ngawo umoya nilubulale uqheliselo lomzimba olusa ekufeni, niza kuphila.”—Roma 8:13.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:24-32—Ngaba ngamaYuda okanye abantu beentlanga ababenemilinganiselo ewohlokileyo ekuthethwa ngayo apha? Nangona le ngcaciso yayinokubhekisela nakweliphi na iqela kula, uPawulos wayejolise kuSirayeli owexukileyo wamandulo. Nangona la maSirayeli ayeyazi imilinganiselo kaThixo yobulungisa ‘ayengakholiswa kukumgqala uThixo ngolwazi oluchanileyo.’ Ngenxa yoko ayebekek’ ityala.
3:24, 25—Kunokwenzeka njani ukuba ‘intlawulelo kaKristu Yesu’ igubungele “izono ezenzeka kwixesha elidluleyo” ngaphambi kokuba ihlawulwe? Isiprofeto sokuqala esingoMesiya esikwiGenesis 3:15, sazaliseka ngowama-33 C.E. ngokubulawelwa kukaYesu kwisibonda sentuthumbo. (Gal. 3:13, 16) Kaloku, xa uYehova wavakalisa eso siprofeto, kwakufana nokuba ixabiso lentlawulelo sele lihlawulwe, kuba ayikho into enokuthintela ukuzalisekisa kwakhe oko akuthembisileyo. Ngokusekelwe kwidini elaliza kunikelwa nguYesu Kristu, uYehova wayeza kuxolela izono zenzala ka-Adam eyayiza kubonisa ukholo kweso sithembiso. Kwakhona loo ntlawulelo yayiza kuvula ithuba lokuvuswa kwabo bafa ngaphambi kwexesha lobuKristu.—IZe. 24:15.
6:3-5—Kuthetha ntoni ukubhaptizelwa kuKristu Yesu nokubhaptizelwa ekufeni kwakhe? Xa uYehova ethambisa abalandeli bakaKristu ngomoya oyingcwele, bamanyana noYesu baze babe ngamalungu ebandla elingumzimba kaKristu, yena ayiNtloko yalo. (1 Kor. 12:12, 13, 27; Kol. 1:18) Babhaptizelwa ngolo hlobo ke kuKristu Yesu. AmaKristu athanjisiweyo aphinda ‘abhaptizelwe ekufeni kukaKristu’ kuba aphila ubomi bokuzincama yaye ancama naliphi na ithemba lokuphila ubomi obungunaphakade emhlabeni. Ngenxa yoko, ukufa kwawo kulidini, kanye njengokukaYesu, nangona okwawo kungenalo ixabiso lentlawulelo. Oku kubhaptizelwa ekufeni kukaKristu kupheleliswa xa la maKristu esifa aze avuselwe ezulwini.
7:8-11—‘Isono salifumana njani ithuba ngawo umyalelo’? UMthetho wabanceda abantu basiqonda kakuhle isono nobunzulu baso, nto leyo eyabenza bayamkela into yokuba bangaboni. Ngenxa yoMthetho batsho babona iinkalo ezininzi ababesona kuzo. Kunokutshiwo ke ukuba isono safumana ithuba ngawo uMthetho.
Oko Sikufundayo:
1:14, 15. Ziliqela izizathu zokuvakalisa iindaba ezilungileyo ngenzondelelo. Esinye sazo sikukuba sinetyala kubantu abathengwe ngegazi likaYesu yaye sinembopheleleko yokubanceda ngokomoya.
1:18-20. Abantu abangamnquliyo uThixo nabangengomalungisa ‘abanakungxengxezeleka,’ kuba iimpawu zikaThixo ezingabonakaliyo zibonakala ngokucacileyo kwindalo.
2:28; 3:1, 2; 7:6, 7. Emva kwamazwi asenokubonakala ethoba isidima samaYuda, uPawulos ulandelisa ngalawo athambileyo. Oku kusimisela umzekelo wokuyibeka ngobuchule imiba entununtunu.
3:4. Xa amazwi abantu engqubana noko kuthethwa liLizwi likaThixo, ukuthembela kwethu kwisigidimi seBhayibhile sisenza ukuthanda kukaThixo, kunokwenza ‘uThixo afunyaniswe enenyaniso.’ Ngokushumayela ngoBukumkani ngenzondelelo size senze abafundi, sinokunceda abanye bamfumanise enenyaniso uThixo.
4:9-12. Ukholo luka-Abraham lwabalelwa kuye njengobulungisa kude kudala ngaphambi kokuba aluke eneminyaka engama-99 ubudala. (Gen. 12:4; 15:6; 16:3; 17:1, 9, 10) Ngaloo ndlela, uThixo wabonisa eyona nto yenza umntu abe lilungisa phambi kwakhe.
4:18. Ithemba liyinkalo ebalulekileyo yokholo. Ukholo lwethu lusekelwe kwithemba.—Heb. 11:1.
5:18, 19. Ngokubonisa izinto afana ngazo uYesu noAdam, uPawulos uyichaza kakuhle indlela umntu omnye ‘anokunikela ngayo ngomphefumlo wakhe ukuba ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’ (Mat. 20:28) Ukuqiqa nokubetha koomofu zezona ndlela ziluncedo zokufundisa ekufuneka sizisebenzise.—1 Kor. 4:17.
7:23. Amalungu ethu omzimba anjengezandla, imilenze nolwimi ‘anokusithimbela kumthetho wesono,’ ngoko sifanele sikulumkele ukuwasebenzisa kakubi.
8:26, 27. Xa sijamelene neengxaki ezinzima de singayazi neyona nto simele siyithandazele, ‘umoya uyasibongozela.’ UYehova ‘onguMphulaphuli wemithandazo,’ uye ayamkele njengevela kuthi imithandazo efanelekileyo eseLizwini lakhe.—INdu. 65:2.
8:38, 39. Iintlekele, izidalwa zomoya ezingendawo noorhulumente babantu abanakumenza uYehova ayeke ukusithanda; bengamele basenze nathi siyeke ukumthanda.
9:22-28; 11:1, 5, 17-26. Iziprofeto ezininzi eziphathelele ukubuyiselwa kukaSirayeli zizaliseka kwibandla lamaKristu athanjisiweyo, elinamalungu ‘abizwe kungekuphela phakathi kwamaYuda kodwa kwanaphakathi kweentlanga.’
10:10, 13, 14. Ukuthanda uThixo nommelwane kunye nokholo olomeleleyo kuYehova nezithembiso zakhe kunokusikhuthaza ukuba sishumayele ngenzondelelo.
11:16-24, 33. ‘UThixo ulungelelene gqitha kububele nokuba qatha kwakhe.’ Eneneni, “nguLiwa, ugqibelele umsebenzi wakhe, ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni.”—Dut. 32:4.
UKUPHILA NGOKUVISISANA NOKUVAKALISWA SINGAMALUNGISA
UPawulos uthi: “Ngenxa yoko ndiyanibongoza ngeemfesane zikaThixo, bazalwana, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo.” (Roma 12:1) ‘Ngenxa yokuba’ amaKristu evakaliswe engamalungisa ngokholo lwawo, okulandelayo kumele kuchaphazele indlela azijonga ngayo wona, abanye abantu namagunya aseburhulumenteni.
UPawulos ubhala athi: “Ndixelela wonk’ ubani apho phakathi kwenu ukuba angazicingeli ngaphezu koko amelwe kukuzicingela ngako.” Ubongoza ngelithi: “Uthando lwenu malungabi naluhanahaniso.” (Roma 12:3, 9) “Yonke imiphefumlo mayiwathobele amagunya awongamileyo.” (Roma 13:1) Kwimiba exhomekeke kwisazela, ukhuthaza amaKristu ukuba ‘angabi sagwebana.’—Roma 14:13.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
12:20—‘Sinokuwafumba njani amalahle omlilo’ phezu kweentloko zeentshaba zethu? Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile isinyithi sasibekwa eziko kuze kubekwe amalahle ngaphezulu nangaphantsi kwaso. Ubushushu baloo malahle angaphezulu babusinyibilikisa eso sinyithi kuze kusuke bonke ubumdaka obukuso. Ngokufanayo, nathi sifumba amalahle omlilo phezu kwentloko yotshaba xa silwenzela ububele, kuba iimpawu zalo ezimbi ziyanyibilika kuze kubalasele ezo zintle.
12:21—‘Sinokuhlala njani sisoyisa ububi ngokulungileyo’? Enye indlela esikwenza ngayo oku kukuqhubeka ngaphandle koloyiko sisenza umsebenzi esiwunikwe nguThixo wokushumayela ngoBukumkani de uYehova athi kwanele.—Marko 13:10.
13:1—Kutheni kusithiwa amagunya awongamileyo “abekwe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo”? Amagunya karhulumente “abekwe nguThixo kwizikhundla zawo ezilinganiselweyo” ngengqiqo yokuba avunyelwe nguThixo ukuba alawule, yaye amanye uThixo wawazi kwangaphambili ukuba aza kulawula. Oku kucaca kakuhle kwisiprofeto seBhayibhile esiphathelele inani lamagunya ehlabathi.
Oko Sikufundayo:
12:17, 19. Xa siziphindezelela siwuthabathela ezandleni zethu umsebenzi kaYehova. Besiya kuba sinekratshi ngokwenene ukuba besiya “kubuyisela ububi ngobubi”!
14:14, 15. Asifanele sibakhubekise abazalwana bethu ngokutya okanye iziselo esibanika zona.
14:17. Isibakala sokuba uThixo uyakholiswa sithi asixhomekekanga kwizinto esizityayo nesiziselayo okanye esingazityiyo nesingaziseliyo. Kodwa, sinento yokwenza nokuba ngamalungisa, ukuba noxolo novuyo.
15:7. Simele sibamkele ngokungenakhethe ebandleni bonke abo banxanelwe inyaniso size sishumayele ngoBukumkani kubo bonke esidibana nabo.
[Imifanekiso ekwiphepha 31]
Ngaba intlawulelo inokusebenza kwizono ezenziwa ngaphambi kokuba ihlawulwe?