Ningakuhlukanisi Okubotshelelwe NguThixo Ngedyokhwe Ndawonye
“Abasebabini, kodwa banyama-nye. Ngoko ke, oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.”—MATEYU 19:6.
1, 2. Kutheni sinokuthi iZibhalo ziyavuma ukuba simele silindele ukuba izibini ezitshatileyo ziya kuba neengxaki ngamathub’ athile?
MASITHI uza kuthabatha uhambo olude ngemoto. Ngaba kuya kuvela iingxaki ezithile endleleni? Ingaba kukuziqaba intshongo emehlweni ukucinga ukuba akuyi kuvela ngxaki! Ngokomzekelo, imozulu isenokuba mbi gqitha kuze kufuneke ukuba uthi chu yaye uqhube ngononophelo. Mhlawumbi imoto yakho isenokwaphuka ungakwazi ukuyilungisa, kuze kufuneke umise endleleni ukuze ucele uncedo. Ngaba iimeko ezinjalo zifanele zikwenze ufikelele kwisigqibo sokuba wenze impazamo ngokuthabatha olo hambo uze ushiye loo moto apho endleleni? Akunjalo. Xa uthabatha uhambo olude, ulindele ukuba ziya kubakho iingxaki yaye wenza amalungiselelo okuhlangabezana nazo.
2 Kuyafana nangomtshato. Azinakungabikho iingxaki yaye ukuba isibini esiceba ukutshata sinokucinga ukuba siya kuhlala sonwabile ngalo lonke ixesha singaba siyazikhohlisa. Kweyoku-1 kwabaseKorinte 7:28, iBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba abayeni namakhosikazi baya kuba “nembandezelo enyameni yabo.” Kutheni kunjalo nje? Kungenxa yokuba abafezekanga yaye siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Timoti 3:1; Roma 3:23) Ngenxa yoko, nesibini esivanayo nesikhulileyo ngokomoya siya kuba neengxaki ngamathub’ athile.
3. (a) Abantu abaninzi ehlabathini bawugqala njani umtshato? (b) Kutheni amaKristu ezabalazela ukulondoloza imitshato yawo?
3 Kwihlabathi lanamhlanje, xa ezinye izibini zisiba nengxaki, into yokuqala ezicinga ngayo kukuqhawula umtshato. Kumazwe amaninzi, baye besanda abantu abaqhawula umtshato. Noko ke amaKristu okwenyaniso ayazicombulula iingxaki, kunokuba azibaleke. Ngoba? Ngenxa yokuba umtshato awugqala njengesipho esingcwele esivela kuYehova. Ngokuphathelele izibini ezitshatileyo, uYesu wathi: “Oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.” (Mateyu 19:6) Liyinyaniso elokuba, akusoloko kulula ukuphila ngokuvisisana naloo mlinganiselo. Ngokomzekelo, izalamane nabanye abantu—kuquka abo bacebisa ngobomi bomtshato—abangayiqondiyo imigaqo yeBhayibhile badla ngokukhuthaza izibini ukuba zahlukane okanye ziqhawule umtshato ngezizathu ezingavumelaniyo nezibhalo.a Kodwa amaKristu ayazi ukuba kubhetele ukuwulondoloza umtshato kunokungxamela ukuwuqhawula. Eneneni, kubalulekile ukuba zisuka nje sizimisele ukwenza izinto ngokuvisisana nemiyalelo kaYehova—singalandeli amacebiso abanye abantu.—IMizekeliso 14:12.
Ukoyisa Imiqobo
4, 5. (a) Ziziphi iingxaki ezinokubakho emtshatweni? (b) Kutheni imigaqo efumaneka eLizwini likaThixo isebenza kwanaxa kuvela iingxaki emtshatweni?
4 Inyaniso kukuba yonke imitshato ifuna inyameko ekhethekileyo ngamathub’ athile. Kwiimeko ezininzi, oko kuquka ukulungisa ukungavisisani okuthile. Noko ke, kweminye imitshato kusenokubakho iingxaki ezinzulu ezisongela isiseko solwalamano lomtshato. Maxa wambi kusenokufuneka nicele uncedo kumdala otshatileyo ongumKristu nonamava. Noko ke, ezi meko azithethi kuthi umtshato wenu usilele. Zibonisa nje ukubaluleka kokunamathela kwimigaqo yeBhayibhile ukuze nifumane izicombululo.
5 NjengoMdali wabantu noMsunguli welungiselelo lomtshato, uYehova ngoyena ukwaziyo oko kufunekayo ukuze umtshato uphumelele. Umbuzo nanku, Ngaba siya kusiphulaphula isiluleko esifumaneka eLizwini lakhe size sisithobele? Ngokuqinisekileyo siya kungenelwa ukuba senjenjalo. UYehova wathi kubantu bakhe bamandulo: “Owu ukuba nje kuphela okunene ubunganikela ingqalelo kwimiyalelo yam! Ngoko uxolo lwakho beluya kuba njengomlambo, nobulungisa bakho njengamaza olwandle.” (Isaya 48:18) Ukunamathela kulwalathiso lweBhayibhile kunokwenza umtshato uphumelele. Masiqale sihlolisise isiluleko seBhayibhile kumadoda.
“Qhubekani Nibathanda Abafazi Benu”
6. Sisiphi isiluleko seZibhalo esibhekiswe kumadoda?
6 Ileta kampostile uPawulos eya kwabase-Efese iqulethe imigaqo ecacileyo ebhekiswe kumadoda. UPawulos wabhala wenjenje: “Madoda, qhubekani nibathanda abafazi benu, kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla waza wazinikela ngenxa yalo. Ngale ndlela amadoda afanele abathande abafazi bawo njengemizimba yawo. Lowo umthandayo umfazi wakhe uyazithanda, kuba akukho mntu wakha wayithiya eyakhe inyama; kodwa uyayondla aze ayiphathe ngononophelo, njengoko noKristu esenjenjalo kulo ibandla. Ngoko ke, ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe njengoko ezithanda.”—Efese 5:25, 28, 29, 33.
7. (a) Yintoni efanele ibe yinxalenye yesiseko somtshato wamaKristu? (b) Amadoda anokuqhubeka njani ethanda abafazi bawo?
7 UPawulos akagubungeli zonke iingxaki ezisenokubakho phakathi kwendoda nomfazi. Kunoko, uchaza eyona nto ingundoqo ekucombululeni iingxaki nefanele isekelwe kuyo yonke imitshato yamaKristu—uthando. Eneneni, uthando lukhankanywa izihlandlo ezithandathu kwezi ndinyana zingasentla. Kwakhona, phawula ukuba uPawulos uthi kumadoda: “Qhubekani nibathanda abafazi benu.” Ngokuqinisekileyo, uPawulos wayeqonda ukuba kulula ngendoda nomfazi ukuqalisa ukuthandana, ngaphezu kokulondoloza olo thando. Kunzima nangakumbi kule ‘mihla yokugqibela’ kuba abantu abaninzi ‘bayazithanda yaye abayifuni kwaphela imvisiswano.’ (2 Timoti 3:1-3) Ezi mpawu zingathandekiyo ziyigqibile imitshato emininzi namhlanje, kodwa indoda enothando ayiyi kuvumela umoya wokuzingca weli hlabathi uphembelele iingcinga nezenzo zayo.—Roma 12:2.
Unokumnyamekela Njani Umfazi Wakho?
8, 9. Ziziphi iindlela indoda engumKristu efanele inyamekele ngazo umfazi wayo?
8 Ukuba ungumyeni ongumKristu, unokuluxhathisa njani utyekelo lokuzingca uze ubonakalise uthando olunyanisekileyo emfazini wakho? Kwileta yakhe eya kwabase-Efese ecatshulwe ngasentla, uPawulos wakhankanya izinto ezimbini ekufuneka uzenze—nyamekela iintswelo zomfazi wakho uze umphathe ngononophelo njengomzimba wakho. Unokulinyamekela njani iqabane lakho? Enye indlela kukunyamekela iintswelo zalo zokwenyama. UPawulos wabhalela uTimoti wathi: “Ngokuqinisekileyo ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe, ngokukodwa amalungu endlu yakhe, ngokuqinisekileyo ulukhanyele ukholo yaye mbi ngaphezu kongakholwayo.”—1 Timoti 5:8.
9 Noko ke, ukulungiselela ukutya, impahla nekhusi akwanele. Ngoba? Ngenxa yokuba indoda inokumnyamekela ngendlela esemagqabini umfazi wayo ngokwenyama kodwa isilele ukumnyamekela ngokweemvakalelo nangokomoya. Ukumnyamekela ngokweemvakalelo nangokomoya kubalulekile. Liyinyaniso elokuba amadoda amaninzi angamaKristu axakeke kakhulu kukunyamekela imicimbi ephathelele ibandla. Kodwa ukuba neembopheleleko ezininzi ebandleni akuthethi kuthi indoda ifanele ingaziphumezi iimbopheleleko zayo ezinikwe nguThixo njengentloko-ntsapho. (1 Timoti 3:5, 12) Ligqabaza ngokuphathelele lo mbandela, kwiminyaka ethile eyadlulayo eli phephancwadi lathi: “Ngokuvisisana nezinto ethi iBhayibhile ziyimfuneko, kunokutshiwo ukuba ‘ukwalusa kuqalisa ekhaya.’ Ukuba umdala akayikhathalele intsapho yakhe, unokukubek’ engozini ukumiselwa kwakhe.”b Ngoko ke, kubalulekile ukuba unyamekele umfazi wakho—ngokwenyama, ngokweemvakalelo yaye okona kubaluleke nangakumbi, ngokomoya.
Kuthetha Ukuthini Ukuphatha Umfazi Wakho Ngononophelo?
10. Indoda inokuyiphatha njani inkosikazi yayo ngononophelo?
10 Ukuphatha umfazi wakho ngononophelo, kuthetha ukumnyamekela ngenxa yokuba umthanda. Zininzi iindlela onokukwenza ngazo oku. Okokuqala, chitha ixesha elininzi neqabane lakho. Ukuba akuchithi xesha lininzi nomfazi wakho, uthando lwakhe lunokuncipha. Kwakhona phawula ukuba, ixesha ocinga ukuba lanele ekulichitheni nomfazi wakho, yena usenokuvakalelwa kukuba alanelanga. Asingombandela wokutsho nje ngomlomo ukuba iqabane lakho uliphatha ngononophelo. Umfazi wakho umele azive ukuba uphethwe ngononophelo. UPawulos wabhala wathi: “Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe, kodwa eyomnye umntu.” (1 Korinte 10:24) Njengomyeni onothando, ufuna ukuqiniseka ukuba uzazi kakuhle iintswelo zomfazi wakho.—Filipi 2:4.
11. Ulwalamano lwendoda noThixo nebandla lunokonakaliswa njani yindlela ephatha ngayo umfazi wayo?
11 Enye indlela yokubonisa ukuba umphatha ngononophelo umfazi wakho kukumthantamisa, ngentetho nangezenzo. (IMizekeliso 12:18) Xa wayebhalela abaseKolose uPawulos wathi: “Nina madoda, hlalani nibathanda abafazi benu, ningavuthi ngumsindo ngakubo.” (Kolose 3:19) Ngokutsho kwenye incwadi, eli binzana lokugqibela kula mazwi kaPawulos linokuguqulelwa ngokuthi “ungamphathi njengesicakakazi.” Indoda enguzwilakhe—enoba kungasese okanye phambi kwabantu—ngokuqinisekileyo ayibonakalisi ukuba imphatha ngononophelo umfazi wayo. Ukuphatha umfazi wayo gadalala kunokonakalisa ulwalamano lwayo noThixo. Umpostile uPetros wabhalela amadoda wathi: “Qhubekani nihlala [nabafazi benu] ngokokwazi, nibanika imbeko njengesitya esibuthathaka ngakumbi, esobukhomokazi, ekubeni nikwaziindlalifa kunye nabo zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.”c—1 Petros 3:7.
12. Yintoni enokufundwa yindoda engumKristu kwindlela uYesu awaliphatha ngayo ibandla lamaKristu?
12 Ungaze uluthabathe njengento engenamsebenzi uthando lomfazi wakho. Mqinisekise ukuba usamthanda. UYesu wawamisela umzekelo amadoda angamaKristu ngendlela awaliphatha ngayo ibandla lamaKristu. Wayethantamisa, enobubele yaye exolela—kwanaxa abalandeli bakhe babebonakalisa iimpawu ezingathandekiyo ngokuphindaphindiweyo. UYesu wathi kwabanye: “Yizani kum, . . . kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo, kwaye niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu.” (Mateyu 11:28, 29) Ixelisa uYesu, indoda engumKristu iphatha umfazi wayo ngendlela uYesu awaliphatha ngayo ibandla. Indoda emphatha ngononophelo umfazi wayo, ize ikubonise oko ngamazwi nangezenzo, iya kumenza ahlaziyeke ngokwenene.
Abafazi Abaphila Ngemigaqo YeBhayibhile
13. Yiyiphi imigaqo efumaneka eBhayibhileni enokunceda abafazi?
13 IBhayibhile inayo nemigaqo enokunceda abafazi. Eyabase-Efese 5:22-24, 33 ithi: “Abafazi mabathobele amadoda abo njengakuyo iNkosi, ngenxa yokuba indoda iyintloko yomfazi wayo njengokuba noKristu eyintloko yebandla, njengoko yena engumsindisi walo mzimba. Enyanisweni, njengoko ibandla limthobela uKristu, ngoko mabenjenjalo nabafazi kumadoda abo kuyo yonk’ into. . . . Ke yena umfazi, makabe nentlonelo enzulu ngendoda yakhe.”
14. Kutheni umgaqo weZibhalo ophathelele ukuthobela ungabasingeli phantsi abafazi?
14 Phawula indlela uPawulos abethelela ngayo ukuthobela nentlonelo. Umfazi ukhunjuzwa ukuba umele athobele indoda yakhe. Oku kuvisisana nelungiselelo likaThixo. Zonke izidalwa eziphilayo ezulwini nasemhlabeni zinomntu ezimele zizithobe kuye. KwanoYesu uthobela uYehova uThixo. (1 Korinte 11:3) Kakade ke, indoda esebenzisa ubuntloko bayo ngendlela efanelekileyo iya kwenza kube lula ukuba umfazi wayo ahlale eyithobela.
15. Sisiphi esinye isiluleko esibhekiswe kubafazi esifumaneka eBhayibhileni?
15 UPawulos wathi umfazi ufanele abe “nentlonelo enzulu ngendoda yakhe.” Umfazi ongumKristu ufanele abonakalise ‘umoya ozolileyo nowobulali,’ angakhuphisani nendoda yakhe okanye abe nomoya wokuzimela-geqe. (1 Petros 3:4) Umfazi ohlonela uThixo uyazibhokoxa ngenxa yentsapho yakhe yaye uzisa uzuko kwintloko yakhe. (Tito 2:4, 5) Uya kuzabalazela ukuthetha kakuhle ngendoda yakhe nto leyo eya kubangela ukuba nabanye bayihlonele. Uya kuzama nokuba izigqibo ezenzayo ziphumelele.—IMizekeliso 14:1.
16. Yintoni enokufundwa ngabafazi abangamaKristu kumzekelo kaSara noRebheka?
16 Ukuba nomoya ozolileyo nowobulali akuthethi kuthi umfazi ongumKristu akanazo izimvo okanye iingcamango zakhe azibalulekanga. Abafazi bamandulo ababehlonel’ uThixo, njengoSara noRebheka, bathetha ngezinto ezazibaxhalabisa, yaye ingxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba uYehova wavumelana nezo mbono zabo. (Genesis 21:8-12; 27:46–28:4) Nabafazi abangamaKristu banokuyichaza indlela abavakalelwa ngayo. Noko ke, bafanele bakwenze oko ngentlonelo, bangathethi ngendelelo. Baya kufumanisa ukuba amadoda abo aya kukuvuyela ukuva izimvo zabo.
Ukubaluleka Kwesivumelwano Sokuzibophelela
17, 18. Ziziphi ezinye zeendlela amadoda nabafazi abanokumelana ngazo namalinge kaSathana okutshabalalisa umtshato wabo?
17 Umtshato sisivumelwano esihlala sihleli. Ngoko ke, indoda nomfazi bafanele bazimisele ngokunyanisekileyo ukulondoloza umtshato wabo. Ukunganxibelelani kakuhle kunokubangela iingxaki ezininzi. Amaxesha amaninzi, xa kuvela iingxaki amaqabane omtshato ayayeka ukunxibelelana ize loo nto ibangele ukuba kubekho ingqumbo. Amanye amaqabane ade azame neendlela zokuphelisa ulwalamano, mhlawumbi aqalise ukuthanda omnye umntu angatshatanga naye. UYesu walumkisa wathi: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.”—Mateyu 5:28.
18 Umpostile uPawulos waluleka onke amaKristu, kuquka amaKristu atshatileyo: “Qumbani, kodwa ningoni; malingatshoni ilanga nicaphukile, ningamvuleli indawo uMtyholi.” (Efese 4:26, 27) Utshaba lwethu oluphambili, uSathana, luyancedakala xa kukho ukungavisisani okuthile phakathi kwamaKristu. Ungamvumeli aphumelele! Xa kuvela ingxaki, yenza uphando eBhayibhileni ngokuphathelele imbono kaYehova ngaloo mcimbi, usebenzisa iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni. Xubushani ngaloo nto ningavisisani ngayo ngomoya ozolileyo nangokunyanisekileyo. Sebenzisani imigaqo kaYehova eniyifundileyo. (Yakobi 1:22-25) Ngokuphathelele umtshato wenu, zimiseleni ukuqhubeka nihamba noThixo nobabini, ningavumeli nabani na okanye nantoni na ukuba yahlukanise oko akubophelele ngedyokhwe ndawonye!—Mika 6:8.
[Imibhalo esemazantsi]
a Funda ibhokisi ethi “Ukuqhawula Umtshato Nokwahlukana” kuVukani! kaFebruwari 8, 2002, iphepha 10, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.
c Ukuze ifanelekele amalungelo kwibandla lobuKristu, indoda imele ingabi ‘ngumbethi’—oko kukuthi ingabethi abanye abantu ngokoqobo okanye ibahlasele ngamazwi. Inkupho yeMboniselo kaSeptemba 1, 1990 ithi kwiphepha 25: “Indoda ayifaneleki ukuba yenza izinto ngendlela yobuthixo xa ikwenye indawo kodwa inguzwilakhe ekhaya.”—1 Timoti 3:2-5, 12.
Ngaba Usakhumbula?
• Kutheni iingxaki zinokubakho nakwimitshato yamaKristu?
• Indoda inokumnyamekela njani umfazi wayo yaye inokubonisa njani ukuba imphatha ngononophelo?
• Umfazi unokubonisa njani ukuba uyihlonela ngokunzulu indoda yakhe?
• Indoda nomfazi banokusilondoloza njani isivumelwano sabo somtshato?
[Umfanekiso okwiphepha 20]
Indoda ifanele inyamekele umfazi wayo kungekuphela nje ngokwenyama kodwa nangokomoya
[Umfanekiso okwiphepha 21]
Indoda emphatha ngononophelo umfazi wayo imenza ahlaziyeke
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Abafazi abangamaKristu bachaza izimvo zabo ngentlonelo