UYehova, ‘Inqaba Yethu Ngamaxesha Okubandezeleka’
“Usindiso lwamalungisa luvela kuYehova; uyinqaba yawo ngexesha lokubandezeleka.”—INDUMISO 37:39.
1, 2. (a) Wathandazela ntoni uYesu ngokuphathelele abafundi bakhe? (b) Kuyintoni ukuthanda kukaThixo ngokuphathelele abantu bakhe?
UYEHOVA ungusomandla. Unamandla okukhusela abanquli bakhe abathembekileyo ngayo nangayiphi na indlela afuna ngayo. Angakwazi nokubasusa ngokoqobo abantu bakhe kweli hlabathi, ababeke kwindawo ekhuselekileyo nezolileyo. Kodwa ke, uYesu wathi xa wayethandazela abafundi bakhe kuYise wasezulwini: “Ndiyakucela, kungekhona ukuba ubasuse ehlabathini, kodwa ukuba ubalinde ngenxa yalowo ungendawo.”—Yohane 17:15.
2 UYehova ukhethe ukuba ‘angasisusi ehlabathini.’ Kunoko, kukuthanda kwakhe ukuba sihlale phakathi kwabantu beli hlabathi ukuze sivakalise kubo isigidimi esinik’ ithemba nesithuthuzelayo. (Roma 10:13-15) Kodwa, njengoko uYesu ebonisile emthandazweni wakhe, ngokuphila kwethu kweli hlabathi, sisesichengeni sokuhlaselwa ‘ngulowo ungendawo.’ Uluntu olungathobeliyo nemikhosi yoomoya abangendawo ibangela intlungu nokubandezeleka okukhulu, yaye namaKristu ayachaphazeleka.—1 Petros 5:9.
3. Yiyiphi imeko abajamelana nayo kwanabanquli abathembekileyo bakaYehova, kodwa lisikhuthaza njani iLizwi likaThixo?
3 Xa sithwaxwa kukubandezeleka okulolo hlobo, kuyinto yemvelo ukuziva udimazekile. (IMizekeliso 24:10) IBhayibhile ineengxelo eziliqela zabantu abathembekileyo abaye nabo badimazeka. Umdumisi uthi: “Zininzi iintlekele ezihlela olilungisa, kodwa uYehova ulihlangula kuzo zonke.” (INdumiso 34:19) Ngoko ‘kwanelungisa’ liyehlelwa zizinto ezimbi. Njengomdumisi uDavide, maxa wambi sisenokude sibe ‘ndindisholo size sityumke ngomlinganiselo ogqithiseleyo.’ (INdumiso 38:8) Kodwa kuyakhuthaza ukwazi ukuba “uYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdumiso 34:18; 94:19.
4, 5. (a) Ngokuvisisana neMizekeliso 18:10, yintoni esimele siyenze ukuze sikhuselwe nguThixo? (b) Ngawaphi amanyathelo angqalileyo esinokuwathabatha ukuze sincedwe nguThixo?
4 Ngokuvisisana nomthandazo kaYesu, eneneni uYehova usilondolozile. ‘Uyinqaba yethu ngexesha lokubandezeleka.’ (INdumiso 37:39) Incwadi yeMizekeliso nayo iyakugxininisa oko isithi: “Yinqaba eyomeleleyo igama likaYehova. Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.” (IMizekeliso 18:10) Esi sibhalo sityhila inyaniso esisiseko ngokuphathelele ukunyamekela kukaYehova izidalwa zakhe. UThixo ukhusela ngokukhethekileyo amalungisa athabatha amanyathelo okufuna inkuselo yakhe, oku komntu obalekela kwinqaba eyomeleleyo ukuze akhuseleke.
5 Xa sijamelene neengxaki ezidimazayo, sinokubalekela njani kuYehova ukuze sikhuseleke? Makhe sihlolisise amanyathelo amathathu abalulekileyo esinokuwathabatha ukuze sifumane uncedo lukaYehova. Okokuqala, simele sibhenele kuBawo wethu osezulwini ngomthandazo. Okwesibini, sifanele silandele ulwalathiso lomoya wakhe oyingcwele. Yaye okwesithathu, simele sithobele ilungiselelo likaYehova ngokuthi sinxulumane namaKristu esikhonza nawo anokusinceda ekuthomalaliseni ukudimazeka kwethu.
Amandla Omthandazo
6. AmaKristu okwenyaniso awugqala njani umthandazo?
6 Abanye oogqirha bathi umthandazo uluncedo ekunyangeni udandatheko noxinezeleko. Nangona lisenokuba yinyaniso elokuba ukuzola uze uthandaze kusenokulunciphisa uxinezeleko, kuba njalo naxa uphulaphule izandi ezithile zemvelo, okanye xa uphululwa emqolo. AmaKristu okwenyaniso akawujongeli phantsi umthandazo njengento nje ekwenza uzive unoxolo lwengqondo. Siwugqala umthandazo njengendlela yokunxibelelana ngentlonelo noMdali. Umthandazo ubandakanya uzinikelo nentembelo yethu kuThixo. Lilonke, umthandazo uyinxalenye yonqulo lwethu.
7. Kuthetha ukuthini ukuthandaza ngentembelo, yaye imithandazo enjalo isinceda njani sihlangabezane nokubandezeleka?
7 Imithandazo yethu imele ibonise ukuba sinentembelo kuYehova. Umpostile uYohane wabhala wathi: “Sinentembelo yokuba, kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, uyasiva.” (1 Yohane 5:14) UYehova, Oyena Uphakamileyo, okuphela koThixo oyinyaniso nongusomandla, unikela ingqalelo ngokukhethekileyo kwimithandazo enyanisekileyo yabanquli bakhe. Kulukhuthazo ngokwenene ukwazi ukuba uThixo wethu oluthando uyasiva xa simchazela ngezinto ezisixhalabisayo nangeengxaki zethu.—Filipi 4:6.
8. Kutheni amaKristu athembekileyo engafanele abe neentloni okanye azive engafanelekanga xa ethandaza kuYehova?
8 AmaKristu athembekileyo akafanele abe neentloni, yaye azive engafanelekanga okanye engenantembelo xa ethandaza kuYehova. Liyinyaniso elokuba, xa sidanile ngenxa yoko sikwenzileyo okanye songanyelwe ziingxaki, sisenokuba mathidala ukuthandaza kuYehova. Kwiimeko ezinjalo sifanele sikhumbule ukuba uYehova “unosizi ngabaxhwalekileyo bakhe” yaye ‘uyabathuthuzela abo badakumbileyo.’ (Isaya 49:13; 2 Korinte 7:6) Xa sisentlungwini yaye sibandezelekile, elo lelona xesha kanye esimele sithandaze ngalo ngentembelo kuBawo wethu osezulwini njengenqaba yethu.
9. Ukholo lunayiphi indima ekuthandazeni kwethu kuThixo?
9 Ukuze singenelwe ngokupheleleyo kwilungelo esinalo lomthandazo, simele sibe nokholo lokwenene. IBhayibhile ithi “lowo uzayo kuThixo umele akholwe ukuba ukho nokuba ungumvuzi wabo bamfuna ngenyameko.” (Hebhere 11:6) Ukholo lungaphezu kokukholelwa nje ukuba uThixo “ukho.” Ukholo lokwenyaniso lubandakanya ukukholelwa ngokupheleleyo ukuba uThixo unawo amandla nomnqweno wokusivuza ngokumthobela kwethu. “Amehlo kaYehova aphezu kwabo bangamalungisa, neendlebe zakhe zisingisele esikhungweni sabo.” (1 Petros 3:12) Ukuqonda kwethu ukuba uYehova usikhathalele kwenza ukuba sikuxabise ngokukhethekileyo ukuthandaza.
10. Imele ibe njani imithandazo yethu ukuze uYehova asixhase ngokomoya?
10 UYehova uyayiphulaphula imithandazo yethu xa sithandaza ngokusuk’ entliziyweni. Umdumisi wabhala wathi: “Ndibize ngentliziyo yam iphela. Ndiphendule, Yehova.” (INdumiso 119:145) Ngoko ukuthandaza kwethu asikokucengceleza nje okungasuki ntliziyweni, njengokuba kusenziwa kwiicawa ezininzi. Kodwa sithandaza ‘ngentliziyo iphela’ kuYehova, umthandazo onentsingiselo nonenjongo. Imithandazo enjalo enyanisekileyo, yenza ukuba kuthomalale ukubandezeleka ebesinako, njengoko ‘umthwalo wethu siwulahlele kuYehova.’ Yaye njengoko iBhayibhile ithembisa, ‘uya kusixhasa.’—INdumiso 55:22; 1 Petros 5:6, 7.
Umoya KaThixo Ungumncedi Wethu
11. Yiyiphi enye indlela uYehova asiphendula ngayo xa ‘siqhubeka sicela’ uncedo lwakhe?
11 UYehova akangoMphulaphuli nje kuphela wemithandazo yethu kodwa ukwanguMphenduli wayo. (INdumiso 65:2) UDavide wabhala wathi: “Ngemini yokubandezeleka kwam ndiya kubiza kuwe, kuba uya kundiphendula.” (INdumiso 86:7) Ngoko ke, uYesu wakhuthaza abafundi bakhe ukuba ‘baqhubeke becela’ uncedo lukaYehova kuba ‘uYise wasezulwini’ uya “kubanika umoya oyingcwele abo bamcelayo.” (Luka 11:9-13) Ewe, umoya osebenzayo kaThixo ungumncedi, okanye umthuthuzeli, wabantu bakhe.—Yohane 14:16.
12. Unokusinceda njani umoya kaThixo xa sisonganyelwa ziingxaki?
12 Kwanaxa sijamelene nezilingo, umoya kaThixo unokusinika “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo.” (2 Korinte 4:7) Umpostile uPawulos, owanyamezela iingcinezelo ezininzi, wathetha ngentembelo esithi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.” (Filipi 4:13) Ngokufanayo, amaKristu amaninzi namhlanje aye aziva ehlaziyekile ngokomoya yaye omelele ngokweemvakalelo emva kokuthandaza ngokunyanisekileyo. Ngokufuthi, iingxaki ezisibandezelayo zibonakala zingengomqobo emva kokuba sifumene uncedo lomoya kaThixo. Ngenxa yokomelezwa nguThixo, nathi sinokuthetha amazwi afanayo nawalo mpostile owathi: “Siyabandezelwa ngandlela zonke, kodwa asixineki ngokokude singabi nakushukuma; siyathingaza, kodwa kungekhona ngokokude singabi nayo kwaphela indlela yokuphuma; siyatshutshiswa, kodwa asishiywa enyanyeni; siphoswa phantsi, kodwa asitshatyalaliswa.”—2 Korinte 4:8, 9.
13, 14. (a) ILizwi elibhaliweyo likaYehova libe yiyo njani inqaba yethu? (b) Ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kuye kwakunceda njani wena ngokobuqu?
13 Kwakhona umoya oyingcwele uye waphefumlela waza walondoloza iLizwi elibhaliweyo likaThixo ukuze singenelwe kulo. ILizwi likaYehova libe yiyo njani inqaba yethu ebudeni bamaxesha okubandezeleka? Libe yiyo ngokuthi lisinike ubulumko nobuchule bokuqiqa. (IMizekeliso 3:21-24) IBhayibhile iqeqesha ize iphucule amandla ethu engqiqo. (Roma 12:1) Ngokulifundisisa rhoqo iLizwi likaThixo nangokulisebenzisa, ‘siqeqesha amandla ethu okuqonda ukuze akwazi ukwahlula okulungileyo nokubi.’ (Hebhere 5:14) Mhlawumbi ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile kuye kwakunceda nawe ukuba wenze izigqibo zobulumko xa ujamelene neengxaki. IBhayibhile isinika ubuqili obunokusinceda sikwazi ukucombulula iingxaki ezisibandezelayo.—IMizekeliso 1:4.
14 ILizwi likaThixo likwasomeleza nangenye indlela—ngokusinika ithemba losindiso. (Roma 15:4) IBhayibhile isixelela ukuba izinto ezimbi azisayi kuqhubeka zikho ngonaphakade. Nakuphi na ukubandezeleka esikuvayo kokomzuzwana. (2 Korinte 4:16-18) ‘Sinethemba lobomi obungunaphakade awathi uThixo, ongenakuxoka, wabuthembisa kwantlandlolo.’ (Tito 1:2) Ukuba sinemihlali ngelo themba, sihlale sikhangele phambili kwikamva uYehova alithembisileyo, sinako ukuzinyamezela iimbandezelo.—Roma 12:12; 1 Tesalonika 1:3.
Ibandla Libubungqina Bothando LukaThixo
15. AmaKristu anokuncedana njani?
15 Elinye ilungiselelo likaYehova elinokusinceda ngamaxesha okubandezeleka lulwalamano esinalo ebandleni lamaKristu. IBhayibhile ithi: “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” (IMizekeliso 17:17) ILizwi likaThixo likhuthaza bonke ebandleni ukuba babonise imbeko nothando omnye komnye. (Roma 12:10) Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Ngamnye makafune, kungekhona ingenelo yakhe, kodwa eyomnye umntu. (1 Korinte 10:24) Ukuba nesimo sengqondo esilolo hlobo kuya kusinceda ukuba sinikel’ ingqalelo kwiintswelo zabanye kunakwizilingo zethu. Xa sinceda abanye, siyonwaba size saneliseke, nto leyo eyenza ukuba singakuva ukubandezeleka kwethu.—IZenzo 20:35.
16. MKristu ngamnye unokuba lukhuthazo njani kwabanye?
16 Amadoda namabhinqa aqolileyo ngokomoya anokuba nendima ebalulekileyo ekomelezeni abanye. Ukuze abe nako ukwenjenjalo, azenza afumaneke yaye angeneke. (2 Korinte 6:11-13) Ibandla lingenelwa ngokwenene xa bonke bezinika ithuba lokuncoma abaselula, elokukhuthaza amakholwa asematsha, kwanabo badandathekileyo. (Roma 15:7) Kwakhona uthando lobuzalwana luya kusinceda siphephe ukukrokrelana. Asifanele sikhawuleze sigqibe kwelokuba ingxaki omnye anazo ziluphawu lokuba ubuthathaka ngokomoya. Ngokufanelekileyo uPawulos ubongoza amaKristu ukuba ‘ayithuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:14) IBhayibhile ibonisa ukuba kwanamaKristu athembekileyo ayabandezeleka.—IZenzo 14:15.
17. Ngawaphi amathuba esinawo okuqinisa ubuzalwana bethu bobuKristu?
17 Iintlanganiso zamaKristu zisinika ithuba elihle lokuthuthuzela nokukhuthaza abanye. (Hebhere 10:24, 25) Olu lwalamano lothando alupheleli nje kwiintlanganiso zebandla. Kunoko, abantu bakaThixo bayaqhubeka befuna amathuba okunxulumana nangamanye amaxesha. Xa kuvela iimeko ezibandezelayo, siya kuncedana ngokukhawuleza kuba sele kwakheke ubuhlobo obuqinileyo phakathi kwethu. Umpostile uPawulos wabhala wathi: ‘Makungabikho kwahlukana emzimbeni, kodwa amalungu awo afanele anyamekelane. Yaye ukuba elinye ilungu liyabandezeleka, onke amanye amalungu abandezeleka kunye nalo; okanye ukuba ilungu elithile liyazukiswa, onke amanye amalungu avuyisana nalo.’—1 Korinte 12:25, 26.
18. Luluphi utyekelo esifanele siluphephe xa sidimazekile?
18 Maxa wambi, sisenokuziva sidimazeke gqitha ukuba singaba nolwalamano namanye amaKristu. Sifanele silwe nezo mvakalelo ukuze singazibandezi intuthuzelo noncedo esinokulufumana kwabo sikholwa nabo. IBhayibhile isilumkisa isithi: “Ozahlulayo uya kufuna ulangazelelo lwakhe lokuzingca; uya kuphambuka kubo bonke ubulumko bobuqili.” (IMizekeliso 18:1) Abazalwana noodadewethu balilungiselelo likaThixo lokusinyamekela. Ukuba siyalisebenzisa elo lungiselelo lothando, siya kufumana isiqabu ngamaxesha okubandezeleka.
Hlala Unesimo Sengqondo Esikhuthazayo
19, 20. IZibhalo zisinceda njani ukuba siphephe iingcamango ezidimazayo?
19 Xa sidakumbile kuba lula ukuba neengcamango ezidimazayo. Ngokomzekelo, xa besiva ubunzima, abanye basenokuqalisa ukuyithandabuza imeko yabo yokomoya, bagqibe kwelokuba ubunzima ababuvayo bungumqondiso wokuba uThixo akakholiswa ngabo. Noko ke, khumbula ukuba uYehova akalingi namnye “ngezinto ezimbi.” (Yakobi 1:13) IBhayibhile ithi: “[UThixo] akabaxhwalekisi okanye abenze babe buhlungu ngokuphuma entliziyweni yakhe oonyana babantu.” (IZililo 3:33) Kunoko, uYehova uba buhlungu gqitha xa abakhonzi bakhe bebandezeleka.—Isaya 63:8, 9; Zekariya 2:8.
20 UYehova ‘nguYise onenceba noThixo wentuthuzelo yonke.’ (2 Korinte 1:3) Uyasinyamekela, yaye uya kusiphakamisa ngexesha elililo. (1 Petros 5:6, 7) Ukuhlala sikhumbula ukuba uThixo uyasithanda kuya kusinceda sibe nesimo sengqondo esikhuthazayo, yaye sivuye. UYakobi wabhala wathi: “Kugqaleni kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nihlangabezana nezilingo ezahlukahlukeneyo.” (Yakobi 1:2) Ngoba? Uphendula athi: “Ngenxa yokuba akuba ekholekile uya kwamkela isithsaba sobomi, awabathembisa ngaso uYehova abo baqhubeka bemthanda.”—Yakobi 1:12.
21. Bungakhathaliseki ubunzima esijamelana nabo, sisiphi isiqinisekiso uThixo asinika abo bathembekileyo kuye?
21 Njengoko uYesu wasilumkisayo, kweli hlabathi siya kuba neembandezelo. (Yohane 16:33) Kodwa iBhayibhile ithembisa ukuba akukho ‘mbandezelo okanye nkxwaleko okanye ntshutshiso okanye kulamba okanye buze okanye ngozi’ iya kusahlula eluthandweni lukaYehova naseluthandweni loNyana wakhe. (Roma 8:35, 39) Kukhuthaza gqitha ukwazi ukuba nakuphi na ukubandezeleka esijamelana nako kokwexeshana! Okwangoku, ngoxa silindele ukuphela kokubandezeleka kwabantu, uBawo wethu oluthando, uYehova, uyasilondoloza. Ukuba sibalekela kuye ukuze asikhusele, uya kuba “yindawo ephakamileyo enqabisekileyo kuye nabani na otyunyuziweyo, indawo ephakamileyo enqabisekileyo ngamaxesha okubandezeleka.”—INdumiso 9:9.
Sifunde Ntoni?
• Yintoni afanele ayilindele amaKristu ngoxa ephila kweli hlabathi lingendawo?
• Imithandazo yethu enyanisekileyo inokusiqinisa njani xa sijamelene nezilingo?
• Umoya kaThixo ungumncedi ngayiphi indlela?
• Yintoni esinokuyenza ukuze sincedane?
[Umfanekiso okwiphepha 18]
Simele simfune uYehova njengomntu obalekela kwinqaba eyomeleleyo
[Imifanekiso ekwiphepha 20]
Abo baqolileyo ngokomoya basebenzisa naliphi na ithuba elivelayo ukuze bancome baze bakhuthaze abanye