INtshumayeli
7 Igama lilunge ngakumbi kuneoli elungileyo,+ yaye umhla wokufa ulunge ngaphezu komhla wokuzalwa.+ 2 Kulunge ngakumbi ukuya endlwini yokuzila kunokuya endlwini yesidlo,+ ngenxa yokuba oko kukuphela koluntu lonke; yaye ophilileyo ufanele akufake entliziyweni yakhe oku. 3 Kulunge ngakumbi ukukhathazeka kunokuhleka,+ kuba ngokusangana kobuso intliziyo ilunga ngakumbi.+ 4 Intliziyo yabazizilumko isendlwini yabazilileyo,+ kodwa intliziyo yesiyatha isendlwini yemihlali.+
5 Kulunge ngakumbi ukuva ukhalimelo lwesilumko+ kunomntu ova ingoma yabaziziyatha.+ 6 Kuba njengesandi sameva phantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesiyatha;+ kwanako oku kungamampunge. 7 Kuba ingcinezelo nje isengasiphambanisa isilumko,+ yaye isipho+ sinokuyitshabalalisa intliziyo.+
8 Kulunge ngakumbi ukuphela kombandela kunokuqalwa kwawo.+ Ulunge ngakumbi onomonde kunalowo unomoya onekratshi.+ 9 Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho,+ kuba ukucaphuka kuhlala esifubeni sabaziziyatha.+
10 Musa ukuthi: “Kutheni le nto imihla yangaphambili ibilunge ngakumbi kunale?”+ kuba asibobulumko+ ukukubuza oku.
11 Bulungile ubulumko kunye nelifa yaye buyingenelo kwabo babona ilanga.+ 12 Kuba ubulumko buyakhusela+ njengokuba nemali ikhusela;+ kodwa ingenelo yolwazi kukuba ubulumko bubagcina bephila abo banabo.+
13 Wubone umsebenzi+ woTHIXO oyinyaniso, kuba ngubani na onokukwazi ukuyenza ithi tye into ayenze yagwenxa?+ 14 Ngomhla olungileyo zingqine unokulunga,+ yaye ngomhla wentlekele bona ukuba uTHIXO oyinyaniso wenze lo kanye njengalowa,+ ukuze uluntu lungafumani nantoni na konke konke emva kwalo.+
15 Yonk’ into ndiyibonile ebudeni bemihla yam elilize.+ Kubakho ilungisa elitshabalala ebulungiseni balo,+ yaye kubekho ongendawo oqhubeka ithuba elide ebubini bakhe.+
16 Musa ukuba lilungisa kakhulu,+ yaye ungazibonakalisi usisilumko ngokugqithiseleyo.+ Yini na ukuba uziphanzise?+ 17 Musa ukuba ngongendawo kakhulu,+ yaye ungabi sisidenge.+ Yini na ukuba ufe ingekabi lixesha lakho?+ 18 Kulunge ngakumbi ukuba ubambelele koku, kodwa nakuko okuya ungasisusi isandla sakho;+ kuba owoyika uThixo uya kuphumelela kuko konke.+
19 Ubulumko bunamandla ngakumbi kwisilumko kunamadoda alishumi asemagunyeni esixekweni.+ 20 Kuba akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo angoni.+
21 Musa ukuyinikela intliziyo yakho kuwo onke amazwi abawathethayo abantu,+ ukuze ungamva ekuqalekisa+ umkhonzi wakho. 22 Kuba intliziyo yakho yazi kakuhle ukuba nawe ubaqalekise izihlandlo ezininzi abanye.+
23 Konke oku ndikuvavanye ngobulumko. Ndathi: “Ndiya kuba nobulumko.” Kodwa baba kude kum.+ 24 Oko kukhoyo kukude yaye kunzulu ngokugqithiseleyo. Ngubani na onokukufumana?+ 25 Ndajika mna, entliziyweni yam ukuze ndazi,+ ndikhangele, ndifune ubulumko+ nesizathu sezinto,+ nokuze ndazi ngobungendawo bobuyatha nobudenge bempambano;+ 26 ndaza ndafumanisa ukuba: Eyona nto ikrakra ngaphezu kokufa+ libhinqa elineminatha yokuzingela nelinentliziyo engumnatha orhuqwayo nelinezandla ezingamakhamandela.+ Ulungile phambi koTHIXO oyinyaniso lowo ulibalekayo, kodwa uyona lowo uthinjwa lilo.+
27 “Yabona! Kuko oko endiye ndakufumanisa,” utsho umhlanganisi,+ “ukuba umele udibanise enye into kunye nenye, ukuze ufikelele esigqibeni,+ 28 obuqhubeka usifuna umphefumlo wam, kodwa awasifumana. Ndifumene indoda yanye kwabaliwaka, kodwa andilifumananga+ ibhinqa phakathi kwabo bonke aba.+ 29 Yabona! Koku kuphela endikufumeneyo, kukuba uTHIXO oyinyaniso walwenza uluntu lwathi tye,+ kodwa lusuke lona lwafuna amacebo amaninzi.”+