Mateyu
27 Kwathi kwakusa, bonke ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu abantu babhunga nxamnye noYesu ukuze bambulale.+ 2 Kwaye, bakuba bembophile, bamqhuba baza bamnikela kuPilato irhuluneli.+
3 Ngoko uYudas, owamngcatshayo, ebona ukuba ugwetyelwe isohlwayo, waba nomvandedwa waza amaqhosha esilivere angamashumi amathathu+ wawabuyisela kubabingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, 4 esithi: “Ndonile ngokungcatsha igazi elinobulungisa.”+ Bathi: “Kuyini oko kuthi? Zibonele!”+ 5 Ngoko wawaphosa amaqhosha esilivere etempileni waza wemka, waya kuzixhoma.+ 6 Kodwa ababingeleli abaziintloko bawathabatha amaqhosha esilivere baza bathi: “Akukho mthethweni ukuwaphosa kwindawo engcwele yokugcina ubuncwane, ngenxa yokuba alixabiso legazi.” 7 Emva kokubhunga, bathenga ngawo intsimi yombumbi ukuze bangcwabe abasemzini. 8 Ngoko ke loo ntsimi yabizwa ngokuthi “yiNtsimi yeGazi”+ ukusa kuwo kanye lo mhla. 9 Ngoko kwazaliseka oko kwathethwa ngoYeremiya umprofeti, esithi: “Yaye bathabatha amaqhosha esilivere angamashumi amathathu,+ ixabiso awayexabisa lona umntu, lowo bambi boonyana bakaSirayeli babembekela ixabiso, 10 kwaye bawanikela ngenxa yentsimi yombumbi,+ ngokoko uYehova wandiyalela ngako.”
11 Ke kaloku uYesu wema phambi kwerhuluneli; yambuza irhuluneli isithi: “Unguye na ukumkani wamaYuda?”+ UYesu waphendula wathi: “Nawe utsho.”+ 12 Kodwa, ngoxa wayemangalelwa+ ngababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, akazange aphendule.+ 13 Wandula ke uPilato wathi kuye: “Akuziva na ukuba zininzi kwezinto abazingqinayo nxamnye nawe?”+ 14 Kanti akazange amphendule, nalinye ilizwi, kangangokuba irhuluneli yamangaliswa kakhulu.+
15 Ke kaloku umthendeleko ngomthendeleko kwakulisiko lerhuluneli ukuba ikhululele isihlwele ibanjwa esilifunayo.+ 16 Kanye ngelo xesha babenebanjwa elalidume kakubi elibizwa ngokuba nguBharabhas.+ 17 Ngoko ke xa babehlanganisene ndawonye uPilato wathi kubo: “Nguwuphi na enifuna ndinikhululele yena, uBharabhas okanye uYesu ekuthiwa nguKristu?”+ 18 Kuba wayeqonda ukuba babemnikele+ ngenxa yomona.+ 19 Ngaphezu koko, ngoxa wayehleli kwisihlalo sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi: “Musa ukuba nanto yakwenza naloo mntu ulilungisa,+ kuba ndiye ndabandezeleka kakhulu namhlanje ephupheni+ ngenxa yakhe.” 20 Kodwa ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ukuba zicele uBharabhas,+ uYesu yena atshatyalaliswe. 21 Ke kaloku irhuluneli yasabela ngokuthi kubo: “Nguwuphi na kwaba babini enifuna ndinikhululele yena?” Bathi: “NguBharabhas.”+ 22 UPilato wathi kubo: “Yintoni, ngoko, endiya kuyenza ngoYesu ekuthiwa nguKristu?” Bonke bathi: “Makabethelelwe!”+ 23 Wathi: “Yintoni embi ayenzileyo?” Ukanti baqhubeka bedanduluka ngakumbi besithi: “Makabethelelwe!”+
24 Uthe uPilato akubona ukuba akuncedi nto, kunoko kusuke kwavela isaqunge, wathabatha amanzi+ waza wahlamba izandla zakhe phambi kwesihlwele, esithi: “Ndimsulwa egazini lalo mntu. Ziboneleni ngokwenu.” 25 Baphendula ke bonke abantu bathi: “Igazi lakhe malibe phezu kwethu naphezu kwabantwana bethu.”+ 26 Ngoko wabakhululela uBharabhas, kodwa wayalela ukuba uYesu atywatyushwe+ waza wamnikela ukuba abethelelwe.+
27 Amajoni erhuluneli amthabatha uYesu amsa kwibhotwe lerhuluneli aza ahlanganisela iqela labaphumi-mkhosi liphela kuye.+ 28 Yaye amhluba, amthi wambu ngengubo yokwaleka engqombela,+ 29 kwaye aluka isithsaba sameva aza asibeka phezu kwentloko yakhe nengcongolo kwisandla sakhe sasekunene. Aguqa phambi kwakhe, ahlekisa+ ngaye, esithi: “Bhota, Kumkani wamaYuda!”+ 30 Kwaye amtshicela+ aza athabatha ingcongolo, ambetha entloko. 31 Akugqiba ukuhlekisa+ ngaye, amkhulula ingubo yokwaleka aza amthi wambu ngezambatho zakhe zangaphezulu, amqhuba ukuba aye kubethelelwa.+
32 Njengoko ayephuma afumana mntu uthile oyinzalelwane yaseKirene ogama linguSimon.+ Amkhonzisa ngokumnyanzela ukuba aphakamise isibonda sakhe sentuthumbo. 33 Yaye bakufika kwindawo ebizwa ngokuba yiGolgotha,+ oko kukuthi, iNdawo YoKakayi, 34 amnika iwayini exutywe nenyongo+ ukuba ayisele; kodwa, emva kokuba eyingcamle, wala ukusela.+ 35 Akumbethelela+ abelana ngezambatho zakhe zangaphezulu+ ngokwenza amaqashiso,+ 36 kwaye ahlala apho, amlinda. 37 Axhoma phezu kwentloko yakhe isimangalo ngokunxamnye naye, ngombhalo othi: “Lo nguYesu uKumkani wamaYuda.”+
38 Kwabethelelwa abaphangi ababini kunye naye, omnye ngasekunene kwakhe nomnye ngasekhohlo kwakhe.+ 39 Ngoko abadlulayo bamtshabhisa,+ behlunguzela+ iintloko zabo 40 besithi: “Mawo-o wena obuza kuba ngumdilizi wetempile+ nomakhi wayo ngeentsuku ezintathu, zisindise! Ukuba ungunyana kaThixo, yihla kwisibonda sentuthumbo!”+ 41 Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko kunye nababhali namadoda amakhulu bahlekisa ngaye besithi:+ 42 “Abanye wabasindisa; yena akanako ukuzisindisa! UnguKumkani+ wakwaSirayeli; makehle ngoku kwisibonda sentuthumbo yaye siya kukholelwa kuye.+ 43 Ukholose ngoThixo; makamhlangule+ ngoku ukuba uyamfuna, kuba wathi, ‘NdinguNyana kaThixo.’”+ 44 Kwanabaphangi ababebethelelwe naye bamngcikiva.+
45 Ukususela ngelixa lesithandathu ukusa phambili kwabakho ubumnyama+ elizweni lonke, de kwalilixa lesithoba.+ 46 Malunga nelixa lesithoba uYesu wamemeza ngelizwi elikhulu, esithi: “Eli, Eli, lama sabhaktani?” oko kukuthi, “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”+ 47 Bakukuva oku, abathile kwabo babemi apho bathi: “Lo mntu ubiza uEliya.”+ 48 Kwaye ngoko nangoko omnye wabo wabaleka, wathabatha imfunxa, wayithi nkxu kwiwayini emuncu+ waza wayibeka kwingcongolo, wamseza.+ 49 Kodwa abanye bathi: “Myeke njalo! Makhe sibone enoba uEliya uyeza na ukuze amsindise.”+ [[Omnye umntu wathabatha umkhonto waza wamhlaba ecaleni, kwaphuma igazi namanzi.]]+ 50 Kwakhona uYesu wadanduluka ngelizwi elikhulu, waza wawunikezela umoya wakhe.+
51 Kwaye, khangela! ikhuselo+ lengcwele lakrazuka kubini, ukusuka phezulu ukusa ezantsi,+ wanyikima umhlaba, nolwalwa lwahlukana.+ 52 Amangcwaba enkumbulo avuleka yaza imizimba emininzi yabo bangcwele babelele yavuswa, 53 (nabantu, ababephuma kumangcwaba enkumbulo emva kokuvuswa kwakhe, bangena kwisixeko esingcwele,)+ kwaye babonakala kubantu abaninzi. 54 Kodwa igosa lomkhosi nabo babekunye nalo belinde uYesu, xa babona inyikima yomhlaba nezinto ezazisenzeka, bafikelwa luloyiko olukhulu, bathi: “Ngokuqinisekileyo lo ibinguNyana kaThixo.”+
55 Kwakukho nabafazi abaninzi ababepheleke uYesu ukusuka eGalili ukuze bamlungiselele,+ bekhangele bemgama;+ 56 phakathi kwabo yayinguMariya Magadala, kwanoMariya unina kaYakobi noYose, nonina woonyana bakaZebhedi.+
57 Ke kaloku njengoko kwakungorhatya, kwafika umntu waseArimathiya owayesisityebi, ogama linguYosefu, naye ngokwakhe owaba ngumfundi kaYesu.+ 58 Lo mntu waya kuPilato waza wacela umzimba kaYesu.+ Wandula ke uPilato wayalela ukuba awunikwe.+ 59 Kwaye uYosefu wawuthabatha umzimba, wawusonga ngelinen ecocekileyo ecikizekileyo,+ 60 wawubeka kwingcwaba lakhe elitsha lenkumbulo,+ awayelimbe eliweni. Yaye, emva kokuba eqengqele ilitye elikhulu emnyangweni wengcwaba lenkumbulo, wemka.+ 61 Kodwa uMariya Magadala nomnye uMariya baqhubeka belapho, behleli phambi kwengcwaba.+
62 Ngemini elandelayo, eyayisemva kwemini yokuLungiselela,+ ababingeleli abaziintloko nabaFarisi bahlanganisana phambi koPilato, 63 besithi: “Mnumzana, siye sakhumbula ukuba elaa bhedengu ngoxa lalisaphila lathi, ‘Emva kweentsuku ezintathu+ ndiza kuvuswa.’ 64 Ngoko ke yalela ukuba linqatyiswe ingcwaba de kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze, bambe+ baze bathi ebantwini, ‘Uvusiwe kwabafileyo!’ buze obu bubhedengu bokugqibela bube bubi ngakumbi kunobokuqala.” 65 UPilato wathi kubo: “Nineqela labalindi.+ Hambani niye kulinqabisa ngokokwazi kwenu.” 66 Ngoko bahamba baza balinqabisa ingcwaba ngokutywina ilitye+ nangokuba neqela labalindi.