1 Timoti
5 Ungayihlabi amadlala ngokuqatha indoda enkulu.+ Kunoko, yibongoze njengoyihlo, amadodana njengabantakwenu, 2 abafazi abakhulu+ njengoonyoko, amabhinqa amancinane njengoodade wenu+ unobunyulu bonke.
3 Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngokwenene.+ 4 Kodwa ukuba umhlolokazi unabantwana okanye abazukulwana, mabafunde ukuqhelisela uzinikelo lobuthixo ekhaya+ kuqala, babuyekeze abazali+ noomawokhulu babo, kuba oko kwamkelekile emehlweni kaThixo.+ 5 Ke yena umfazi ongumhlolokazi ngenene, ongenabani,+ ithemba lakhe ulibeke kuThixo,+ ezingisa ekukhungeni nasekuthandazeni ubusuku nemini.+ 6 Kodwa lowo uzinikela kulwaneliseko lwenkanuko yenyama+ ufile+ nakuba ephila. 7 Ngoko qhubeka ubanika le miyalelo,+ ukuze bangabi nakukhalazeleka.+ 8 Ngokuqinisekileyo ukuba nabani na akabalungiseleli abo bangabakhe,+ ngokukodwa amalungu endlu yakhe,+ ngokuqinisekileyo ulukhanyele+ ukholo+ yaye mbi ngaphezu kongakholwayo.
9 Makabhalwe kuludwe lwabahlolokazi umhlolokazi ongekho ngaphantsi kwamashumi amathandathu eminyaka ubudala, ongumfazi wendoda enye,+ 10 odume ngemisebenzi emihle,+ njengokuba nengqeqesho ebantwaneni,+ ukwamkela abasemzini,+ ukuhlamba iinyawo zabangcwele,+ ukunceda abasembandezelweni,+ nokukhuthalela yonke imisebenzi elungileyo.+
11 Kodwa, bamangale abahlolokazi abancinane, kuba xa iintshukumisa zabo zesini zingene phakathi kwabo noKRISTU,+ bafuna ukutshata, 12 baze bafumane umgwebo ngenxa yokulugatya kwabo ukholo lwabo lokuqala.+ 13 Kwangaxeshanye bafunda nokungenzi nto, behamba bebutha emizini; ewe, bengapheleli nje ekungenzini nto, kodwa bahamba behleba, begxuphuleka kwimicimbi yabanye abantu,+ bethetha izinto abangafanele bazithethe. 14 Ngoko ke ndinqwenela ukuba abahlolokazi abancinane batshate,+ bazale abantwana,+ banyamekele imizi yabo, ukuze abachasi bangabi nasizathu sakutshabhisa.+ 15 Enyanisweni, abanye sele bephambukisiwe balandela uSathana. 16 Ukuba kukho umfazi okholwayo onabahlolokazi, makabancede,+ ukuze bangabi luxanduva kulo ibandla. Ngoko lona linokunceda abo bangabahlolokazi ngokwenene.+
17 Amadoda amakhulu awongamela+ ngendlela entle makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindiweyo,+ ngokukodwa lawo asebenza nzima ekuthetheni nasekufundiseni.+ 18 Kuba isibhalo sithi: “Ungayifaki isicheme inkunzi yenkomo xa ibhula ukutya okuziinkozo”;+ kanjalo: “Umsebénzi ufanelwe ngumvuzo wakhe.”+ 19 Musa ukusivuma isimangalo esinxamnye nendoda enkulu, kuphela ngaphandle kwangobungqina bamangqina amabini okanye amathathu.+ 20 Bohlwaye+ ekuhleni abantu abaqhelisela isono,+ khon’ ukuze nabanye boyike ukona.+ 21 Ndiyakuyala ngokunzulu phambi koThixo noKristu Yesu+ neengelosi ezinyuliweyo ukuba uzigcine ezi zinto, ungaqali ugwebe, ungabi namkhethe.+
22 Uze ungabeki nawuphi na umntu izandla+ ngokungxama;+ kanjalo ungabi nesabelo kwizono zabanye;+ zigcine unyulu.+
23 Musa ukuba sasela manzi, kodwa sebenzisa iwayini encinane+ ngenxa yesisu sakho nokukhathazwa kwakho yimpilo.
24 Izono zabanye abantu zibonakala ekuhleni,+ zikhokelela ngqo ekugwetyweni, kodwa ezabanye zibonakala kamva.+ 25 Ngokufanayo, nemisebenzi emihle ibonakala ekuhleni,+ kanti naleyo ingenjalo ayinakuhlala ifihlakele.+