2 Petros
3 Zintanda, le ngoku yincwadi yesibini endinibhalela yona, endithi kuyo, njengakuleyo yokuqala,+ ndivuselele amandla enu okucinga angcwengekileyo ngendlela yokunikhumbuza,+ 2 ukuze niwakhumbule amazwi awathethwa ngaphambili ngabaprofeti+ abangcwele nomyalelo weNkosi noMsindisi ngabapostile benu.+ 3 Kuba niyakwazi oku kuqala, ukuba ngemihla yokugqibela+ kuya kufika abagculeli+ nokugculela kwabo, beqhubeka ngokweminqweno yabo+ 4 baze bathi:+ “Buphi obu bukho bakhe buthenjisiweyo?+ Kuba ukususela ngomhla ookhokho bethu abalala ngawo ekufeni, zonke izinto zisaqhubeka kanye njengasekuqaleni kwendalo.”+
5 Kaloku, ngenxa yeminqweno yabo, abasiqondi isibakala sokuba, amazulu+ awabakho kwakudala, kunye nomhlaba oyimbumba ephuma emanzini+ nomi phakathi kwamanzi,+ ezo zinto zibekho ngelizwi likaThixo; 6 yaye kwangalo ihlabathi langoko latshatyalaliswa xa lakhukuliswa ngamanzi kanogumbe.+ 7 Kodwa kwangelo lizwi linye amazulu+ nomhlaba+ wangoku, zombini ziqwetyelwe umlilo+ yaye zibekelwe imini yomgwebo+ neyentshabalalo yabantu abangenabuthixo.+
8 Noko ke, mayinganisitheli, zintanda, into yokuba imini enye kuYehova injengeminyaka eliwaka neminyaka eliwaka injengemini enye.+ 9 UYehova akacothi ngokuphathelele isithembiso sakhe,+ njengoko abanye becinga njalo, kodwa unomonde kuni ngenxa yokuba akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.+ 10 Ke yona imini kaYehova+ iya kuza njengesela,+ ekuya kuthi ngayo amazulu adlule+ eqhuqhumba,+ neziqalelo ezishushu kakhulu zichithakale,+ uze wona umhlaba,+ nemisebenzi ekuwo, ibhencwe.+
11 Ekubeni ke zonke ezi zinto ziza kuchithakala, luhlobo luni lwabantu enifanele nibe lulo ngokuphathelele ihambo engcwele nezenzo zozinikelo lobuthixo, 12 nihlale nibulindile+ yaye nibukhumbula ubukho bemini kaYehova,+ ekuya kuthi ngayo amazulu atshe ngumlilo achithakale,+ neziqalelo ezishushu kakhulu zinyibilike! 13 Thina ke silindele amazulu+ amatsha nomhlaba+ omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.+
14 Ngoko ke, zintanda, ekubeni nilindele ezi zinto, yenzani unako-nako ukuze ekugqibeleni anifumane ningenabala,+ ningenasiphako yaye niseluxolweni.+ 15 Ngapha koko, wugqaleni umonde weNkosi yethu njengosindiso, kanye njengoko wanibhalelayo nomzalwana wethu oyintanda uPawulos ngokobulumko+ awabunikwayo,+ 16 ethetha ngezi zinto njengoko esenjenjalo kuzo zonke iincwadi zakhe. Noko ke, kuzo kukho izinto ezithile ekunzima ukuziqonda, ezo abangafundiswanga nabangazinzanga bazijijayo, njengoko bezenjenjalo kwanezinye iZibhalo,+ bezibizela intshabalalo.
17 Nina, ke ngoko, zintanda, ekubeni ninolu lwazi kwangaphambili,+ zilindeni ukuze ningawexulwa nani ngabantu abadelela umthetho nize niwe ekuqineni kwenu.+ 18 Kunoko, qhubekani nikhula ebubeleni obungasifanelanga naselwazini lweNkosi noMsindisi wethu uYesu Kristu.+ Kuye makubekho uzuko ngoku kuse kwimini kanaphakade.+