Levitikus
19 UYehova waphinda wathi kuMoses: 2 “Thetha kwibandla lamaSirayeli, uthi kuwo, ‘Nifanele nibe ngcwele kuba mna Yehova Thixo wenu ndingcwele.+
3 “‘Ngamnye kuni ufanele amhloniphe* umama wakhe notata wakhe,+ yaye nifanele nizigcine iisabatha zam.+ NdinguYehova uThixo wenu. 4 Sanukuphethukela kwizithixo ezingenaxabiso,+ okanye nizenzele oothixo abatyhidiweyo.+ NdinguYehova uThixo wenu.
5 “‘Xa nibingelela kuYehova umbingelelo wobuhlobo,+ nifanele niwunikele ngendlela eza kwenza uThixo avuyiswe nini.+ 6 Loo mnikelo ufanele utyiwe ngosuku obingelelwe ngalo nangemini elandelayo, kodwa into eshiyekileyo de yalusuku lwesithathu, ifanele itshiswe.+ 7 Kodwa ke, ukuba loo nto ishiyekileyo iye yatyiwa ngosuku lwesithathu, kuza kuba kwaphulwa umthetho, ibe ayizukwamkeleka. 8 Lowo uyityileyo uza kuphendula ngesiphoso sakhe kuba eyingcolisile into engcwele kaYehova, yaye loo mntu umele abulawe.
9 “‘Xa nivuna isivuno selizwe lenu, ningavuni yonke into ekupheleni kwamasimi enu, yaye ningachola-choli yonke into* eniyivunileyo.+ 10 Kwakhona, nimele ningazivuni iidiliya eziye zashiyeka, neediliya eziye zavuthuluka kumasimi enu eediliya, ningazicholi. Nifanele nizishiyele abantu abangathathi ntweni+ nomntu wasemzini. NdinguYehova uThixo wenu.
11 “‘Nize ningebi,+ ningaqhathi+ yaye ningenzelani maqhinga. 12 Nize ningafungi ngobuxoki egameni lam,+ ningcolisa igama loThixo wenu. NdinguYehova. 13 Uze ungamqhathi omnye umntu,+ yaye ufanele ungamtsotsi.+ Ufanele ungahlali kuwe ubusuku bonke kude kuse umvuzo womntu oqeshiweyo.+
14 “‘Umele ungamqalekisi umntu ongevayo yaye ungabeki phambi komntu ongaboniyo into anokukhubeka kuyo,+ ibe umele umoyike uThixo wakho.+ NdinguYehova.
15 “‘Nize ningenzi izinto ezingezozabulungisa xa nigweba. Uze ungabi namkhethe kwihlwempu, okanye ukhethe isityebi.+ Uze ugwebe ngobulungisa.
16 “‘Uze ungahambi ungcolisa igama lomntu kubantu bakowenu.+ Umele ungazami ukuthatha ubomi* bomnye umntu.*+ NdinguYehova.
17 “‘Uze ungamcaphukeli umzalwana wakho entliziyweni.+ Nakanjani ufanele umkhalimele,+ ukuze ungabi nesono kunye naye.
18 “‘Uze ungaziphindezeli+ okanye ube nenqala koonyana babantu bakowenu, yaye umele uthande omnye umntu ngendlela ozithanda ngayo nawe.+ NdinguYehova.
19 “‘Nize niyigcine imithetho yam: Umele ungenzi iintlobo ezimbini zezilwanyana zasekhaya zikhwelane. Umele ungatyali iintlobo ezimbini zembewu entsimini yakho,+ ungayinxibi nempahla eyenziwe ngeentlobo ezimbini zelaphu.+
20 “‘Ukuba indoda iye yalala nomfazi osisicakakazi esikhethelwe enye indoda, sibe singekahlawulelwa okanye singekanikwa nkululeko, mabohlwaywe. Kodwa mabangabulawa, kuba isicakakazi besingekakhululwa. 21 Indoda leyo imele ise umnikelo wayo wetyala kuYehova kumnyango wentente yokuhlangana, inkunzi yegusha yomnikelo wetyala.+ 22 Umbingeleli uza kuyihlawulela ngenkunzi yomnikelo wetyala phambi koYehova ngenxa yesono esenzileyo, yaye iza kuxolelwa ngesono esenzileyo.
23 “‘Xa nifikile elizweni nize nityale nawuphi na umthi ukuze nifumane ukutya, iziqhamo zawo mazibe zezingacocekanga* kuni, ningazityi. Anivumelekanga ukuba nizitye* kangangeminyaka emithathu. Mazingatyiwa. 24 Kodwa ngonyaka wesine zonke iziqhamo zawo ziza kuba ngcwele, yaye elo iza kuba lixesha lokuvuya phambi koYehova.+ 25 Ngonyaka wesihlanu ningazitya iziqhamo zawo ukuze nizongeze kwisivuno senu. NdinguYehova uThixo wenu.
26 “‘Nimele ningatyi nantoni na enegazi.+
“‘Nimele ningavumisi okanye nenze umlingo.+
27 “‘Nimele ningazitshevi* iituma zenu okanye nincwele iindevu zenu.+
28 “‘Nimele ningazisiki enyameni ngenxa yomntu ofileyo,*+ ningenzi nemizobo ngokuzikrwela enyameni. NdinguYehova.
29 “‘Uze ungayihlazi intombi yakho ngokuyenza ithengise ngomzimba,+ ukuze ilizwe lingangcoliswa ngabafazi abathengisa ngomzimba nangabantu abangakwazi kuziphatha.+
30 “‘Nimele nizigcine iisabatha zam,+ yaye niyihloniphe* indawo yam engcwele. NdinguYehova.
31 “‘Musani ukuphethukela emagqirheni,+ yaye ningabuzisi kwabo bachaza izinto kwangaphambili+ ukuze banganingcolisi. NdinguYehova uThixo wenu.
32 “‘Ufanele uyihloniphe ingwevu,+ ube nembeko kwindoda enkulu,+ umoyike uThixo wakho.+ NdinguYehova.
33 “‘Ukuba umntu wasemzini uhlala elizweni lenu, nize ningamphathi kakubi.+ 34 Nimele nimjonge njengenzalelwane yenu umntu wasemzini ohlala nani,+ nimthande njengokuba nizithanda, kuba nani naningabantu basemzini kwilizwe laseYiputa.+ NdinguYehova uThixo wenu.
35 “‘Nimele ningaqhathi xa nikala ubude, ubunzima okanye ubukhulu bento.+ 36 Nifanele nisebenzise izikali ezichanileyo, amatye okukala achanileyo nezikhongozelo zokukala ezichanileyo.*+ NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo kwilizwe laseYiputa. 37 Ngoko ke, nimele niyithobele imithetho yam nezigwebo zam yaye nimele niyenze.+ NdinguYehova.’”