Duteronomi
16 “Yikhumbule inyanga ka-Abhibhi,* uze wenzele uYehova uThixo wakho iPasika,+ kuba uYehova uThixo wakho wakukhupha eYiputa ebusuku ngenyanga ka-Abhibhi.+ 2 Uze uthathe kumhlambi weegusha nakoweenkomo,+ wenzele uYehova uThixo wakho+ umbingelelo wePasika kwindawo uYehova aza kukhetha ukulibeka kuyo igama lakhe.+ 3 Xa uwutya uze ungawudibanisi nento enegwele.+ Ufanele utye isonka esingenagwele, isonka sentlungu, iintsuku ezisixhenxe, kuba waphuma ngokungxama kwilizwe laseYiputa.+ Le nto umele uyenze ukuze uhlale uyikhumbula imini owaphuma ngayo kwilizwe laseYiputa.+ 4 Kumele kungabikho gwele kuwo wonke ummandla wenu iintsuku ezisixhenxe,+ yaye inyama eniza kubingelela ngayo ngengokuhlwa yosuku lokuqala mayingagcinwa kude kuse.+ 5 Awuzukuvunyelwa ukuba wenze umbingelelo wePasika nokuba kukwesiphi na isixeko kwezo akunika zona uYehova uThixo wakho, 6 umele wenziwe kwindawo uYehova uThixo wakho akhetha ukulibeka kuyo igama lakhe. Nimele niwenze umbingelelo wePasika ngokuhlwa emva nje kokutshona kwelanga,+ ngexesha enaphuma ngalo eYiputa. 7 Nize niwupheke, niwutyele+ kuloo ndawo aza kuyikhetha uYehova uThixo wenu,+ yaye kusasa ningabuyela ezintenteni zenu. 8 Niza kutya isonka esingenagwele iintsuku ezintandathu, nize ngosuku lwesixhenxe nibe nendibano engcwele yokukhonza uYehova uThixo wenu. Nimele ningasebenzi ngolo suku.+
9 “Nize nibale iiveki ezisixhenxe. Niza kuqala ukuzibala ezi veki xa niqalisa ukufaka irhengqa, nivuna ukutya okuziinkozo.+ 10 Emva koko niza kwenzela uYehova uThixo wenu iTheko Leeveki+ ngomnikelo wenu wokuzithandela, ngokobuninzi bezinto anisikelele ngazo uYehova uThixo wenu.+ 11 Nize nivuye phambi koYehova uThixo wenu kwindawo uYehova uThixo wenu akhetha ukulibeka kuyo igama lakhe, nivuye kunye noonyana benu, iintombi zenu, amakhoboka enu, amakhobokazana enu, abaLevi abakwizixeko zenu, abantu basemzini, abantwana abangenatata* nabahlolokazi abahlala kunye nani.+ 12 Khumbulani ukuba naningamakhoboka eYiputa,+ nize niyithobele le miyalelo.
13 “Nize nenze iTheko Lamakhusi*+ iintsuku ezisixhenxe xa niqokelela ukutya ebenikubhulile, ioli newayini. 14 Yonwabani kula matheko,+ nina noonyana benu, iintombi zenu, amakhoboka enu, amakhobokazana enu, abaLevi, abantu basemzini, abantwana abangenatata nabahlolokazi, abahlala kwizixeko zenu. 15 Niza kumenzela uYehova uThixo wenu eli theko+ iintsuku ezisixhenxe kwindawo uYehova aza kuyikhetha, kuba uYehova uThixo wenu uza kunisikelela ngesivuno esikhulu anisikelele nakuyo yonke into eniyenzayo,+ ibe niza konwaba kakhulu.+
16 “Kathathu ngonyaka onke amadoda amele aye kwindawo uYehova uThixo wenu aza kuyikhetha: kwiTheko Lezonka Ezingenagwele,+ iTheko Leeveki+ neTheko Lamakhusi,*+ yaye akukho nanye emele ize kuYehova ingaphethanga nto. 17 Indoda nganye mayinikele ngokwendlela ayisikelele ngayo uYehova uThixo wenu.+
18 “Nize nikhethe iijaji+ namagosa kuzo zonke izixeko aninika zona uYehova uThixo wenu, yaye zimele zibagwebe ngobulungisa abantu. 19 Nize ningabugqwethi ubulungisa,+ nibe nomkhethe+ okanye namkele isinyobo, kuba isinyobo siyawamfamekisa amehlo ezilumko,+ sigqwethe amazwi amalungisa. 20 Eyona nto imele ibaluleke kuni bubulungisa, ubulungisa kuphela,+ ukuze niqhubeke niphila kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu.
21 “Nize ningatyali mthi oza kuba yipali engcwele*+ kufuphi nesibingelelo enisenzele uYehova uThixo wenu.
22 “Nize ningazakheli intsika engcwele,+ ngoba uYehova uThixo wenu uyayicaphukela loo nto.