Zekariya
8 Laphinda lafika ilizwi likaYehova wemikhosi, lisithi: 2 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Ndiza kuzimisela kakhulu ngeZiyon,+ yaye ndiza kuzimisela ngayo ndinomsindo gqitha.’”
3 “Uthi uYehova, ‘Ndiza kubuyela eZiyon,+ ndihlale eYerusalem;+ yaye iYerusalem kuza kuthiwa sisixeko senyaniso,*+ nentaba kaYehova wemikhosi kuthiwe yintaba engcwele.’”+
4 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Amaxhego namaxhegwazana aza kuphinda ahlale kwiindawo zikawonke-wonke zaseYerusalem, ngalinye liphethe umsimelelo walo ngenxa yokwaluphala.*+ 5 Iindawo zikawonke-wonke zesixeko ziza kugcwala amakhwenkwe namantombazana adlalayo.’”+
6 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Nangona ezi zinto ziya kubonakala zingenakwenzeka kwabo bashiyekileyo kwesi sizwana ngaloo mihla, ngaba zifanele zibonakale zingenakwenzeka nakum?’ utsho uYehova wemikhosi.”
7 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Ndiza kubasindisa abantu bam kwilizwe lasempuma nelasentshona.*+ 8 Ndiza kubabuyisa, bahlale eYerusalem;+ baza kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo+ ngenyaniso* nangobulungisa.’”
9 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Mazomelele izandla zenu,*+ nina bawevayo ngoku la mazwi ephuma emlonyeni wabaprofeti,+ amazwi afana nqwa nawathethwa ngomhla ekwabekwa ngawo isiseko sendlu kaYehova wemikhosi, ukuze kwakhiwe itempile. 10 Kuba ngaphambi kwelo xesha, abantu nemfuyo babengabhatalelwa;+ kwakuyingozi nokuphuma ungena ngenxa yotshaba, kuba ndabenza abantu bajikelana.’
11 “‘Kodwa ke abashiyekileyo kwesi sizwana andizukubaphatha ngendlela endabaphatha ngayo abo bemihla yangaphambili,’+ utsho uYehova wemikhosi. 12 ‘Kuba kuza kutyalwa imbewu yoxolo; imithi yeediliya iza kuvelisa iziqhamo,+ umhlaba ube nemveliso, namazulu akhuphe umbethe wawo; yaye ndiza kuzenza zonke ezi zinto zibe lilifa labashiyekileyo kwesi sizwana.+ 13 Kanye njengokuba naba yinto yokuthukwa ziintlanga,+ ndlu kaYuda nawe ndlu kaSirayeli, ndiza kunisindisa, ibe niza kuba yintsikelelo.+ Sanukoyika.+ Mazomelele izandla zenu.’*+
14 “Kuba uthi uYehova wemikhosi, ‘“Kanye njengokuba ndandizimisele ukunizisela intlekele ngenxa yokucatshukiswa ngookhokho benu,” utsho uYehova wemikhosi, “ndaza andazisola,+ 15 ngoku ndizimisele ukuyenzela izinto ezilungileyo iYerusalem nendlu kaYuda.+ Sanukoyika!”’+
16 “‘Nazi izinto enifanele nizenze: Thethani inyaniso omnye komnye,+ nezigwebo zasezigeyithini zenu mazikhuthaze inyaniso noxolo.+ 17 Sanukucinga ukwenzelana amayelenqe ezintliziyweni zenu,+ ningathandi nasiphi na isifungo sobuxoki;+ kuba ndiyazicaphukela zonke ezi zinto,’+ utsho uYehova.”
18 Laphinda lafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi: 19 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Ukungatyi ngenyanga yesine,+ ukungatyi ngenyanga yesihlanu,+ ukungatyi ngenyanga yesixhenxe,+ nokungatyi ngenyanga yeshumi+ kuza kuba ngamaxesha okuvuya nokonwaba kwindlu kaYuda, amatheko okubhiyoza.+ Ngoko thandani inyaniso noxolo.’
20 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Kuseza kuza izizwana nabemi bezixeko ezininzi; 21 yaye abemi besinye isixeko baza kuya kwabo besinye, bathi: “Masizimiseleni siyokucenga uYehova size sifune uYehova wemikhosi. Nam ndiyahamba.”+ 22 Izizwana ezininzi neentlanga ezinamandla ziza kumfuna uYehova wemikhosi eYerusalem+ zize zimcenge uYehova.’
23 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Ngaloo mihla amadoda alishumi azo zonke iilwimi zeentlanga+ aza kusibamba, asibambe nkqi isambatho* somYuda,* esithi: “Sifuna ukuhamba nani,+ kuba sivile ukuba uThixo unani.”’”+