Isaya
53 Ngubani oye wazikholelwa izinto esizithethayo?*+
Ingubani oye wawabona amandla* kaYehova?+
2 Uza kuntshula njengesetyana+ phambi kwakhe,* njengengcambu kumhlaba ongenamanzi.
3 Wayesenyanywa futhi ephetshwa ngabantu,+
Umntu owayemele eve* iintlungu, umntu owayeqhelene nokugula.
Kwaba ngathi ubuso bakhe busithelisiwe kuthi.*
Wenyanywa yaye thina samphatha njengongabalulekanga.+
Kodwa thina sasimjonga njengoqalekisiweyo, njengobethwa nguThixo nosentlungwini.
6 Sonke siye sabhadula njengeegusha,+
Ngamnye wahamba ngeyakhe indlela,
Ibe uYehova uye wamthwalisa sonke isono sethu.+
Waziswa njengegusha esiwa ekuxhelweni,+
Njengemazi yegusha ethe cwaka phambi kwabachebi bayo,
Wayengawuvuli umlomo wakhe.+
8 Akazange agwetywe ngobulungisa,* waza wabulawa;
Ngoko ke, ngubani oza kuzixhalabisa ngeenkcukacha zesizukulwana sakhe?*
10 Kodwa yayiyinjongo kaYehova ukumtyumza,* ibe wamyeka wagula.
Ukuba wena Thixo unikela ubomi bakhe njengomnikelo wetyala,+
Uza kuyibona inzala* yakhe, uza kuyenza mide imihla yakhe,+
Yaye kuza kwenzeka ngaye ukuthanda kukaYehova.+
11 Ngenxa yentlungu yakhe engathethekiyo, uza kubona aze aneliseke.