Eyokuqala KaYohane
2 Bantwana bam abancinci, ndinibhalela ezi zinto ukuze ningoni. Kodwa ke, ukuba kukho kuni oye wona, sinaye umncedi* olilungisa,+ uYesu Kristu,+ okunye noTata. 2 Yena ungumbingelelo+ wokuhlawulela izono zethu,+ ibe akahlawuleli ezethu zodwa, kodwa nezehlabathi lonke.+ 3 Into ebonisa ukuba siyamazi, kukuthobela imiyalelo yakhe. 4 Lowo uthi, “Ndiyamazi,” kodwa abe engayithobeli imiyalelo yakhe, ulixoki, ibe akathethi nyani. 5 Kodwa nabani na olithobelayo ilizwi lakhe, uyabonakala ukuba umthanda ngokupheleleyo uThixo.+ Yiloo nto ke eza kubonisa ukuba simanyene naye.+ 6 Umntu othi umanyene noYesu, unyanzelekile ukuba aqhubeke ephila ngendlela awayephila ngayo naye.+
7 Bazalwana endibathandayo, andinibhaleli umyalelo omtsha, kodwa ndinibhalela umyalelo omdala enawunikwa kwasekuqaleni.+ Lo myalelo lilizwi enalivayo. 8 Kwakhona, ndinibhalela umyalelo omtsha, owawuthotyelwa nguYesu, eniwuthobelayo nani, kuba ubumnyama buyadlula yaye ukukhanya kokwenene sele kukhanya.+
9 Umntu othi usekukhanyeni, kodwa abe ecaphukela+ umzalwana wakhe, usesebumnyameni nangoku.+ 10 Umntu omthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni,+ ibe akukho nto inokumkhubekisa.* 11 Kodwa lowo umcaphukelayo umzalwana wakhe usebumnyameni, ibe uhamba ebumnyameni,+ akazi nalapho aya khona,+ kuba umfanyekiswe bubumnyama.
12 Bantwana abancinci, ndinibhalela kuba izono zenu zixolelwe ngenxa yegama lakhe.+ 13 Botata, ndinibhalela kuba nimazi lowo wayekho kwasekuqaleni. Bafana, ndinibhalela kuba nimoyisile uSathana.*+ Bantwana, ndinibhalela kuba nimazi uTata.+ 14 Botata, ndinibhalela kuba nimazi lowo wayekho kwasekuqaleni. Bafana, ndinibhalela kuba nomelele,+ niligcinile ilizwi likaThixo+ yaye nimoyisile uSathana.*+
15 Sanukulithanda ihlabathi okanye izinto ezisehlabathini.+ Nabani na olithandayo ihlabathi, akamthandi uTata;+ 16 kuba yonke into esehlabathini, iminqweno yemizimba enesono,+ iminqweno yamehlo+ nokuqhayisa ngezinto onazo ebomini, akuveli kuTata, kodwa kuvela ehlabathini. 17 Ngaphezu koko, ihlabathi liyadlula nazo zonke izinto ezikulo ezinqwenelwa ngabantu,+ kodwa lowo wenza ukuthanda kukaThixo uza kuhlala ngonaphakade.+
18 Bantwana, yiyure yokugqibela, yaye njengokuba nanivile ukuba umchasi-Kristu uyeza,+ ngoku sekuvele abachasi-Kristu abaninzi.+ Yiloo nto ke esenza siqonde ukuba ngoku yiyure yokugqibela. 19 Basishiya, kuba babengengabo abethu kakade;+ kaloku ukuba babengabethu, ngebeselapha nangoku. Kodwa basishiya ukuze kucace ukuba ayinguye wonke umntu ongowethu.+ 20 Kodwa ke nina niye nathanjiswa ngulowo ungcwele,+ ibe nonke niyayazi inyaniso. 21 Andinibhaleli kuba ningayazi inyaniso,+ kodwa ndinibhalela kuba niyazi, kuba akunakubakho buxoki buvela enyanisweni.+
22 Lingakhona na ixoki elingaphezu komntu othi uYesu akanguye uKristu?+ Umntu otshoyo ungumchasi-Kristu,+ ophika uTata noNyana. 23 Wonke umntu omphikayo uNyana akamanyenanga noTata.+ Kodwa nabani na omvumayo uNyana+ umanyene noTata.+ 24 Kodwa nina, nimele niyigcine yonke into enayiva ukususela ekuqaleni.+ Ukuba niyazigcina izinto enaziva ukususela ekuqaleni, niza kuhlala nimanyene noNyana kunye noTata. 25 Ngapha koko, usithembise ubomi obungunaphakade.+
26 Ndinibhalela ezi zinto kuba kukho abantu abazama ukunilahlekisa. 27 Kodwa ke nina, njengokuba nikhethwe* nguye,+ akukho mfuneko yokuba nifundiswe nangubani na; ukukhethwa kwenu nguye kunifundisa yonke into,+ ibe yonke loo nto yinyaniso, ayibobuxoki. Ngoko ke, hlalani nimanyene naye,+ njengokuba nifundisiwe. 28 Ngoko ke, bantwana abancinci, hlalani nimanyene naye, ukuze xa ebonakaliswa sibe nenkululeko yokuthetha,+ singabi nazintloni size simshiye ngexesha lobukho bakhe. 29 Ukuba niyamazi ukuba ulilungisa, niyazi ke nokuba wonke umntu owenza izinto ezilungileyo uzelwe nguye.+